Genesis 18:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Ngenxa yoko uYehova wathi: “Isikhalo sokumangalelwa kweSodom neGomora sikhulu,+ ewe, nesono sazo sinzima kakhulu.+ Genesis 19:24 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 24 Waza uYehova wanisa isalfure nomlilo ovela kuYehova, emazulwini, phezu kweSodom naphezu kweGomora.+ Duteronomi 29:23 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 23 isalfure netyuwa,+ nokutsha,+ ilizwe liphela lingahlwayelwa, lingahlumi nto, lingantshuli tyani, njengokubhuqwa kweSodom neGomora,+ iAdima+ neTsebhoyim,+ awazibhukuqayo uYehova ngomsindo wakhe nangengqumbo yakhe;+ Duteronomi 32:32 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 32 Kuba umdiliya wazo ngowomdiliya waseSodomYaye ngowamasimi aseGomora.+Iidiliya zazo ziidiliya zetyhefu,Izihloko zazo ziyakrakra.+ Isaya 1:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Liveni ilizwi likaYehova,+ nina bozwilakhe+ baseSodom.+ Wubekeleni indlebe umthetho kaThixo wethu, nina bantu baseGomora. Isaya 3:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Yona kanye imbonakalo yobuso babo okunene iyangqina nxamnye nabo,+ bayasixela isono sabo njengeso seSodom.+ Abasifihlanga. Yeha ke umphefumlo wabo! Kuba bazabele intlekele bona ngokwabo.+ Yeremiya 23:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Nakubaprofeti baseYerusalem ndibone izinto eziqhiphula umbilini,+ ukukrexeza+ nokuhamba ebuxokini;+ yaye bomeleze izandla zabenzi bobubi ukuze bangabuyi,+ ngamnye ebubini bakhe. Kum bonke baye banjengeSodom,+ nabemi bayo banjengeGomora.”+ Yuda 7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Kananjalo iSodom neGomora nezixeko ezazingakuzo,+ emva kokuba nazo ngohlobo olufanayo nabangaphambili zahenyuza ngokugqithiseleyo zaza zalandela inyama ngokuchasene nemvelo,+ zibekwe phambi kwethu njengomzekelo+ osisilumkiso ngokuva isohlwayo sesigwebo somlilo ongunaphakade.+
20 Ngenxa yoko uYehova wathi: “Isikhalo sokumangalelwa kweSodom neGomora sikhulu,+ ewe, nesono sazo sinzima kakhulu.+
24 Waza uYehova wanisa isalfure nomlilo ovela kuYehova, emazulwini, phezu kweSodom naphezu kweGomora.+
23 isalfure netyuwa,+ nokutsha,+ ilizwe liphela lingahlwayelwa, lingahlumi nto, lingantshuli tyani, njengokubhuqwa kweSodom neGomora,+ iAdima+ neTsebhoyim,+ awazibhukuqayo uYehova ngomsindo wakhe nangengqumbo yakhe;+
32 Kuba umdiliya wazo ngowomdiliya waseSodomYaye ngowamasimi aseGomora.+Iidiliya zazo ziidiliya zetyhefu,Izihloko zazo ziyakrakra.+
10 Liveni ilizwi likaYehova,+ nina bozwilakhe+ baseSodom.+ Wubekeleni indlebe umthetho kaThixo wethu, nina bantu baseGomora.
9 Yona kanye imbonakalo yobuso babo okunene iyangqina nxamnye nabo,+ bayasixela isono sabo njengeso seSodom.+ Abasifihlanga. Yeha ke umphefumlo wabo! Kuba bazabele intlekele bona ngokwabo.+
14 Nakubaprofeti baseYerusalem ndibone izinto eziqhiphula umbilini,+ ukukrexeza+ nokuhamba ebuxokini;+ yaye bomeleze izandla zabenzi bobubi ukuze bangabuyi,+ ngamnye ebubini bakhe. Kum bonke baye banjengeSodom,+ nabemi bayo banjengeGomora.”+
7 Kananjalo iSodom neGomora nezixeko ezazingakuzo,+ emva kokuba nazo ngohlobo olufanayo nabangaphambili zahenyuza ngokugqithiseleyo zaza zalandela inyama ngokuchasene nemvelo,+ zibekwe phambi kwethu njengomzekelo+ osisilumkiso ngokuva isohlwayo sesigwebo somlilo ongunaphakade.+