Isaya 21:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Ke, nako kusiza amadoda ngenqwelo yokulwa, inesipani samahashe emfazwe!”+ Wathetha wathi: “Iwile! IBhabhiloni iwile,+ nayo yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyaphulele emhlabeni!”+ Yeremiya 51:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Ngequbuliso iBhabhiloni iwile, kangangokuba yaphukile.+ Bhombolozani ngenxa yayo.+ Thabathelani intlungu yayo+ ibhalsam. Mhlawumbi isenokuphiliswa.” Yeremiya 51:31 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 31 “Enye imbaleki iyabaleka ihlangabeza enye imbaleki, nomnye oza nengxelo uhlangabeza omnye oza nengxelo,+ ukuza kuxela kukumkani waseBhabhiloni ukuba isixeko sakhe sithinjiwe kwiziphelo zonke,+ Yeremiya 51:39 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 39 “Bakuba beshushu ndiya kubabekela izidlo zabo, ndibanxilise, ukuze bagcobe;+ baze balale ubuthongo obungenammiselo, abangayi kuvuka kubo,”+ utsho uYehova. Yeremiya 51:57 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 57 Ndiza kuzinxilisa iinkosana zayo nezilumko zayo,+ iirhuluneli zayo namasekela-baphathi bayo namadoda ayo anamandla, kwaye bamele balale ubuthongo obungenammiselo,+ abangayi kuvuka kubo,” utsho uKumkani,+ ogama lakhe linguYehova wemikhosi.+
9 Ke, nako kusiza amadoda ngenqwelo yokulwa, inesipani samahashe emfazwe!”+ Wathetha wathi: “Iwile! IBhabhiloni iwile,+ nayo yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyaphulele emhlabeni!”+
8 Ngequbuliso iBhabhiloni iwile, kangangokuba yaphukile.+ Bhombolozani ngenxa yayo.+ Thabathelani intlungu yayo+ ibhalsam. Mhlawumbi isenokuphiliswa.”
31 “Enye imbaleki iyabaleka ihlangabeza enye imbaleki, nomnye oza nengxelo uhlangabeza omnye oza nengxelo,+ ukuza kuxela kukumkani waseBhabhiloni ukuba isixeko sakhe sithinjiwe kwiziphelo zonke,+
39 “Bakuba beshushu ndiya kubabekela izidlo zabo, ndibanxilise, ukuze bagcobe;+ baze balale ubuthongo obungenammiselo, abangayi kuvuka kubo,”+ utsho uYehova.
57 Ndiza kuzinxilisa iinkosana zayo nezilumko zayo,+ iirhuluneli zayo namasekela-baphathi bayo namadoda ayo anamandla, kwaye bamele balale ubuthongo obungenammiselo,+ abangayi kuvuka kubo,” utsho uKumkani,+ ogama lakhe linguYehova wemikhosi.+