IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 35:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Ngokuqinisekileyo kuya kubakho uhola wendlela+ apho; uya kubizwa ngokuba yiNdlela Yobungcwele.+ Lowo ungahlambulukanga akayi kudlula kuwo.+ Kwaye uya kuba ngowalowo uhamba endleleni, akukho zidenge ziya kubhadulela kuwo.

  • Isaya 60:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 “Akuyi kuba saviwa lugonyamelo elizweni lakho, ukuphangwa nokuwa phakathi kwemida yakho.+ Kwaye ngokuqinisekileyo uya kubiza iindonga zakho ngokuthi uSindiso+ namasango akho uthi iNdumiso.

  • Nahum 1:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 “Khangela! Iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo ezintabeni, lowo uvakalisa uxolo.+ Owu Yuda, bhiyozela imithendeleko yakho.+ Fezekisa izibhambathiso zakho;+ ngenxa yokuba akuyi kuphinde kudlule kuwe umntu olitshivela kwakhona.+ Uya kunqunyulwa ngokupheleleyo.”+

  • Zekariya 14:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Zonke iimbiza zokupheka ezinemilomo ebanzi eYerusalem nakwaYuda zimele zibe yinto engcwele kaYehova wemikhosi, nabo bonke ababingelelayo bamele bafike baze bathabathe kuzo, bapheke ngazo.+ Akuyi kuba sabakho mKanan+ endlwini kaYehova wemikhosi ngaloo mini.”+

  • ISityhilelo 21:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Akukho nanye into engengcwele okanye umntu owenza into elizothe+ nolixoki+ oya kungena kuso;+ kuphela ngabo babhaliweyo kumsongo wobomi weMvana abaya kungena.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share