Kolose
1 UPawulos, umpostile kaKristu Yesu ngokuthanda kukaThixo,+ noTimoti+ umzalwana wethu, 2 babhalela abangcwele nabazalwana abathembekileyo ngokumanyene+ noKristu eKolose:
Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu.+
3 Sisoloko simbulela+ uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Kristu xa sinithandazela,+ 4 ekubeni sevayo ngokholo lwenu kuKristu Yesu nothando eninalo ngabo bonke abangcwele+ 5 ngenxa yethemba+ enilibekelweyo emazulwini.+ Eli themba naliva ngaphambili ngokuxelwa kwenyaniso yeendaba ezilungileyo+ 6 eziye zabakho kuni, kwananjengoko zivelisa isiqhamo+ yaye zisanda+ kulo lonke ihlabathi+ kanye njengoko zisenza kwanaphakathi kwenu, kususela ngemini enabuvayo naza nabazi ngokuchanileyo ububele obungasifanelanga+ bukaThixo ngenyaniso.+ 7 Oko nakufunda kuEpafra+ ikhoboka elilidlelane lethu eliyintanda, ongumlungiseleli othembekileyo kaKRISTU ngenxa yethu, 8 nowasityhilela uthando lwenu+ lokomoya.
9 Kungenxa yoko le nto nathi, kususela kwimini esakuvayo oko, singayekanga ukunithandazela+ nokunicelela ukuba nizaliswe ngolwazi oluchanileyo+ lokuthanda kwakhe kubulumko bonke+ nokuqiqa kokomoya,+ 10 ukuze nihambe ngokumfaneleyo+ uYehova+ nize nimkholise ngokupheleleyo njengoko niqhubeka nivelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo+ lusanda nolwazi lwenu oluchanileyo+ ngoThixo, 11 nisomelezwa ngawo onke amandla ukusa kumkhamo wamandla akhe azukileyo+ khon’ ukuze ninyamezele+ ngokupheleleyo nize nizeke kade umsindo ninovuyo, 12 nimbulela uBawo onenze nakufanela ukuba nenxaxheba kwilifa+ labangcwele+ ekukhanyeni.+
13 Wasihlangula kwigunya+ lobumnyama waza wasifudusela+ kubukumkani+ boNyana wothando lwakhe,+ 14 ekuthe ngaye sakukhululwa ngentlawulelo, saxolelwa izono zethu.+ 15 Ungumfanekiso+ kaThixo ongabonakaliyo,+ izibulo+ kwindalo yonke; 16 ngenxa yokuba zadalwa ngaye+ zonke ezinye izinto emazulwini nasemhlabeni, izinto ezibonakalayo nezinto ezingabonakaliyo, kungakhathaliseki enoba ziitrone okanye ubukhosi okanye oorhulumente okanye amagunya.+ Zonke ezinye izinto zidalwe ngaye+ yaye zidalelwe yena. 17 Kanjalo, ungaphambi kwazo zonke ezinye izinto+ yaye zenziwa zabakho ngaye zonke ezinye izinto,+ 18 kwaye uyintloko yomzimba, olibandla.+ Usisiqalo, izibulo kwabafileyo,+ ukuze abe ngowokuqala+ kwizinto zonke; 19 ngenxa yokuba uThixo wakubona kulungile ukuba konke ukuzala+ kuhlale kuye, 20 nokuba ngaye aphinde axolelanise+ kuye ngokwakhe zonke ezinye izinto+ ngokwenza uxolo+ ngegazi+ awaliphalaza kwisibonda sentuthumbo,+ kungakhathaliseki enoba zizinto ezisemhlabeni okanye izinto ezisemazulwini.
21 Eneneni, nina enanikhe nangabahlukanisiweyo+ neentshaba ngenxa yokuba iingqondo zenu zazikwimisebenzi engendawo,+ 22 uye ngoku waphinda wanixolelanisa+ ngomzimba wenyama walowo ngako ukufa kwakhe,+ ukuze anizise ningcwele yaye ningenasiphako+ kwaye ningamangaleleki+ phambi kwakhe, 23 ukuba nje, kambe ke, niyaqhubeka elukholweni,+ nimiselwe kwisiseko+ yaye niqinile+ ibe ningashenxiswa kwithemba lezo ndaba zilungileyo nazivayo,+ nezathi zashunyayelwa+ kwindalo yonke+ ephantsi kwezulu. Mna Pawulos ndaba ngumlungiseleli wezi ndaba zilungileyo.+
24 Ngoku ndinemihlali ngokubandezeleka kwam ngenxa yenu,+ kuba ngale ndlela, ndizalisa oko kusileleyo kwiimbandezelo+ zikaKRISTU enyameni yam ngenxa yomzimba wakhe, olibandla.+ 25 Ndenziwa umlungiseleli+ weli bandla nguThixo owandinika ubugosa+ ngenxa yezilangazelelo zenu ukuze ndilishumayele ilizwi likaThixo ngokupheleleyo, 26 imfihlelo engcwele+ eyayifihliwe ukususela kwiinkqubo zezinto zexesha elidluleyo+ nokususela kwizizukulwana ezidluleyo. Kodwa ngoku ibonakalisiwe+ kwabo bangcwele bakhe, 27 athe uThixo wakholiswa kukubazisa oko bukuko ubutyebi obuzukileyo+ bale mfihlelo ingcwele+ phakathi kweentlanga. InguKristu+ ngokumanyene nani, ithemba lozuko lwakhe.+ 28 Nguye esimvakalisayo,+ siluleka wonke umntu yaye sifundisa wonke umntu ngabo bonke ubulumko,+ ukuze sinikele wonke umntu ephelele+ ngokumanyene noKristu. 29 Ngenxa yoku ndisebenza nzima ngenene, ndizibhokoxa+ ngokuvumelana nokusebenza+ kwakhe okusebenzayo kum ngamandla.+