2 Korinte
4 Ngenxa yoko, ekubeni sinobu bulungiseleli+ ngokwenceba esayenzelwayo,+ asethi mandla; 2 sisuka sizilahle izinto ezifihlakeleyo ezibangela iintloni,+ singahambi ngobuqhokolo, singalingxengi nelizwi likaThixo,+ kodwa ngokuyibonakalisa inyaniso siyazincomela kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo.+ 3 Ukuba, ke, iindaba ezilungileyo esizivakalisayo zigqutyuthelwe, zigqutyuthelwe kwabo batshabalalayo,+ 4 phakathi kwabo uthixo wale nkqubo yezinto+ aye wamfamekisa iingqondo zabangakholwayo,+ ukuze ukhanyiso+ lweendaba ezilungileyo+ ezizukileyo ezingoKRISTU, ongumfanekiso+ kaThixo, lungakhanyi.+ 5 Kuba asishumayeli ngathi ngokwethu, kodwa ngoKristu Yesu ukuba uyiNkosi,+ nokuba thina singamakhoboka enu+ ngenxa kaYesu. 6 Kuba uThixo wathi: “Ukukhanya makukhanye ebumnyameni,”+ yaye uye wakhanya ezintliziyweni zethu ukuze azikhanyisele+ ngolwazi oluzukileyo+ lukaThixo ngobuso bukaKristu.+
7 Kambe ke, obu buncwane+ sibuphethe ngezitya+ zodongwe,+ ukuze amandla+ angaphaya koko kuqhelekileyo abe ngakaThixo,+ angabi ngawethu.+ 8 Siyabandezelwa ngandlela zonke,+ kodwa asixineki ngokokude singabi nakushukuma; siyathingaza, kodwa kungekhona ngokokude singabi nayo kwaphela indlela yokuphuma;+ 9 siyatshutshiswa, kodwa asishiywa enyanyeni;+ siphoswa phantsi,+ kodwa asitshatyalaliswa.+ 10 Sisoloko sinyamezela emzimbeni wethu wonke impatho ebulalayo eyanikelwa kuYesu,+ ukuze ubomi bukaYesu bubonakaliswe kwanasemzimbeni wethu.+ 11 Kuba thina baphilayo sisoloko sisesichengeni sokufa+ ngenxa kaYesu, ukuze ubomi bukaYesu bubonakaliswe nakwinyama yethu efayo.+ 12 Ngenxa yoko kuthi kusebenza ukufa, kodwa kuni ubomi.+
13 Ke kaloku ngenxa yokuba sinomoya ofanayo wokholo njengalowo ekubhalwe ngawo kwathiwa: “Ndabonisa ukholo, ke ngoko ndathetha,”+ nathi sibonisa ukholo yaye ke ngoko siyathetha, 14 sisazi ukuba lowo wavusa uYesu uya kusivusa nathi ndawonye noYesu yaye uya kusinikela ndawonye nani.+ 15 Kuba zonke izinto zingenxa yenu,+ ukuze ububele obungasifanelanga obandiswayo buphuphume ngenxa yombulelo wabaninzi abangakumbi kuse kuzuko lukaThixo.+
16 Ngoko ke asiyeki, kodwa kwanokuba umntu esinguye ngaphandle uya esonakala, ngokuqinisekileyo umntu esinguye ngaphakathi+ wenziwa mtsha kwakhona imihla ngemihla. 17 Kuba nakuba imbandezelo iyeyokomzuzwana+ yaye incinane, isizisela uzuko olugqwese ngakumbi nangakumbi nolungunaphakade;+ 18 ngoxa siphosa amehlo ethu, kungekhona kwizinto ezibonwayo, kodwa kwizinto ezingabonwayo.+ Kuba izinto ezibonwayo zezokwexeshana,+ kodwa izinto ezingabonwayo zingunaphakade.+