Mateyu
28 Emva kwesabatha, xa kwakuqalisa ukukhanya ngosuku lokuqala lweveki, uMariya Magadala nomnye uMariya beza kubona ingcwaba.+
2 Kwaye, phawula! kwabakho inyikima enkulu yomhlaba; kuba kwakuhle ingelosi kaYehova ezulwini, yaliqengqa ilitye lesuka, yaza yahlala phezu kwalo.+ 3 Imbonakalo yayo yangaphandle yayinjengombane,+ yaye isinxibo sayo sasimhlophe njengekhephu.+ 4 Ewe, ngokoyika yona abalindi bangcangcazela baza baba njengabantu abafileyo.
5 Yaphendula ke ingelosi+ yathi kubafazi abo: “Musani ukoyika, kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu+ obebethelelwe. 6 Akakho apha, kuba uvusiwe,+ njengoko wayetshilo. Yizani, nibone indawo abelele kuyo. 7 Yaye hambani ngokukhawuleza nize nixelele abafundi bakhe ukuba uvusiwe+ kwabafileyo, kwaye, khangelani! uhamba phambi kwenu ukuya eGalili;+ niya kumbona apho. Khangelani! ndinixelele.”+
8 Ngokukhawuleza bemka kwingcwaba lenkumbulo, benoloyiko novuyo olukhulu, babaleka ukuya kuxela kubafundi bakhe.+ 9 Yaye, khangela! uYesu wabahlangabeza waza wathi: “Bhotani!” Basondela baza bambamba ezinyaweni yaye baqubuda kuye. 10 Ngoko uYesu wathi kubo: “Musani ukuba noloyiko! Hambani, niye kuxela kubazalwana bam,+ ukuze bahambe baye eGalili; yaye baya kundibona apho.”
11 Ngoxa babesendleleni, khangela! bambi beqela labalindi+ baya esixekweni baza baxela kubabingeleli abaziintloko zonke izinto ezenzekileyo. 12 Kwaye emva kokuba behlanganisene namadoda amakhulu baza baceba, banika amajoni inani elilingeneyo lamaqhosha esilivere+ 13 baza bathi: “Yithini, ‘Abafundi bakhe+ bezile ebusuku baza bamba ngoxa besilele.’ 14 Yaye ukuba oku kuye kwafikelela ezindlebeni zerhuluneli, siza kuyeyisela size sinikhulule ekukhathazekeni.” 15 Ngoko awathabatha amaqhosha esilivere aza enza njengoko eyalelwe; yaye elo lizwi liye lasasazeka phakathi kwamaYuda ukuza kuthi ga kanye kulo mhla.
16 Noko ke, abafundi abalishumi elinanye baya eGalili+ entabeni apho uYesu wayebalungiselele khona, 17 kwaye xa bambonayo baqubuda, kodwa bambi bathandabuza.+ 18 Yaye uYesu wasondela waza wathetha kubo, esithi: “Linikwe mna lonke igunya+ ezulwini nasemhlabeni. 19 Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi+ abantu beentlanga zonke,+ nibabhaptiza+ egameni loYise+ neloNyana+ nelomoya oyingcwele,+ 20 nibafundisa+ ukuba bazigcine+ zonke izinto endiniyalele zona.+ Yaye, khangelani! ndinani+ yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.”+