Roma
6 Sithini na ke ngoko? Siqhubeke na nesono, ukuze ububele obungasifanelanga buphuphume?+ 2 Nakanye! Ekubeni sifile ngokubhekisele kwisono,+ singahlala njani na siphila ngokubhekisele kuso?+ 3 Okanye ngaba anazi na ukuba sonke thina sabhaptizelwayo kuKristu Yesu+ sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?+ 4 Ngoko ke sangcwatywa+ kunye naye ngokubhaptizelwa kwethu ekufeni kwakhe, ukuze, kanye njengoko uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko lukaYise,+ nathi ngokunjalo siphile ubomi obutsha.+ 5 Kuba ukuba simanyene naye ekufeni okufana nokwakhe,+ ngokuqinisekileyo siya kumanyana naye nasekuvukeni okufana nokwakhe;+ 6 ngenxa yokuba siyazi ukuba ubuntu bethu obudala babethelelwa kunye naye,+ ukuze umzimba wethu onesono wenziwe ungasebenzi,+ ukuze singabi saqhubeka singamakhoboka esono.+ 7 Kuba lowo uye wafa ugwetyelwe kwisono sakhe.+
8 Ngaphezu koko, ukuba siye safa noKristu, sikholelwa ukuba sothi kanjalo siphile naye.+ 9 Kuba siyazi ukuba uKristu, ekubeni ngoku eye wavuswa kwabafileyo,+ akasafi;+ ukufa akuseyiyo inkosi phezu kwakhe. 10 Kuba ukufa awakufayo, wakufela isono kwaba kanye;+ kodwa ubomi abuphilayo, ubuphilela uThixo.+ 11 Ngokunjalo kwanani: zibaleleni ekuthini ningabafileyo+ eneneni esonweni kodwa ningabaphilileyo+ kuThixo ngoKristu Yesu.
12 Ngoko ke musani ukusivumela isono ukuba siqhubeke silawula njengokumkani+ kwimizimba yenu efayo ukuze nithobele iminqweno yayo.+ 13 Yaye ningaqhubeki ninikela amalungu enu esonweni+ njengezixhobo zentswela-bulungisa,+ kodwa zinikeleni kuThixo njengabo baphilileyo+ bevela kwabafileyo, kwanamalungu enu kuThixo njengezixhobo+ zobulungisa. 14 Kuba isono simele singabi yinkosi phezu kwenu, ekubeni ningekho phantsi komthetho+ kodwa niphantsi kobubele obungasifanelanga.+
15 Yintoni ke elandelayo? Ngaba siya kwenza isono ngenxa yokuba singekho phantsi komthetho+ kodwa siphantsi kobubele obungasifanelanga?+ Nakanye! 16 Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye njengamakhoboka ukuze nimthobele,+ ningamakhoboka akhe ngenxa yokuba nimthobela, nokuba ngawesono+ ngokubhekisele ekufeni+ okanye awentobelo+ ngokubhekisele ebulungiseni?+ 17 Kodwa makubulelwe kuThixo ngokuba beningamakhoboka esono kodwa naluthobela ngokusuka entliziyweni olo hlobo lwemfundiso enanikelwa kulo.+ 18 Ewe, ekubeni nakhululwayo+ esonweni, niye naba ngamakhoboka+ obulungisa.+ 19 Ndithetha ngokwabantu ngenxa yobuthathaka benyama yenu:+ kuba kwanjengoko nawanikelayo amalungu enu+ njengamakhoboka okungahlambuluki+ nokuchas’ umthetho ngokubhekisele ekuchasen’ umthetho, ngokunjalo ke ngoku wanikeleni amalungu enu njengamakhoboka obulungisa ngokubhekisele kubungcwele.+ 20 Kuba xa naningamakhoboka esono,+ nanikhululekile ngokwasebulungiseni.
21 Sasiyintoni, ngoko, isiqhamo+ enanifudula nisifumana ngelo xesha? Zizinto+ ngoku enineentloni ngazo. Kuba isiphelo sezo zinto kukufa.+ 22 Noko ke, ngoku, ngenxa yokuba nikhululwe esonweni naba ngamakhoboka kaThixo,+ nifumana isiqhamo senu+ ngendlela yobungcwele, kwaye isiphelo bubomi obungunaphakade.+ 23 Kuba umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa,+ kodwa isipho+ uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade+ ngoKristu Yesu iNkosi yethu.+