INtshumayeli
12 Ke kaloku, khumbula uMdali wakho Ozukileyo+ ngemihla yobufana bakho,+ ngaphambi kokuba ifike imihla yentlekele,+ okanye ifike iminyaka oya kuthi ngayo: “Ayindiyolisi”;+ 2 ngaphambi kokuba ilanga nokukhanya nenyanga neenkwenkwezi zibe mnyama,+ namafu engekabuyi, kuze kulandele izantyalantyala zemvula; 3 mhla lowo abaya kungcangcazela ngawo abagcini bendlu,+ agobe amadoda anamandla,+ baze bayeke ukusebenza abafazi abasilayo+ ngenxa yokuba bembalwa, namanenekazi abona ngeefestile+ afumanise kumnyama; 4 zize zivalwe iingcango ngasesitratweni,+ xa isandi selitye lokusila sivakala kancinane,+ yaye ubani evuswa sisandi sentaka, yaye zonke iintombi zengoma zivakala kancinane.+ 5 Bayayoyika into ephakamileyo, nasendleleni bayankwantya. Yaye umthi wom-amangile uthwala iintyatyambo,+ nentethe iyazirhuqa, lize ligqabhuke iqunube, ngenxa yokuba umntu ehamba esiya endlwini yakhe ehlala ihleli+ nabenza isijwili bejikeleza isitrato;+ 6 phambi kokuba intambo yesilivere ishenxiswe, sityunyuzwe+ isitya segolide, ize yaphulwe ingqayi emthonjeni, lityunyuzwe nevili lamanzi equleni. 7 Ngoko uthuli lubuyela emhlabeni+ njengoko lwalunjalo nomoya+ ubuyele kuTHIXO oyinyaniso+ owawunikayo.+
8 “Amampunge awo amampunge!” utsho umhlanganisi,+ “Yonk’ into ingamampunge.”+
9 Ngaphandle kwesibakala sokuba umhlanganisi esisilumko,+ wafundisa abantu ukwazi ngokuqhubekayo,+ yaye waphonononga waza wafuna ngokucokisekileyo,+ ukuze alungelelanise imizekeliso emininzi.+ 10 Umhlanganisi wafuna ukufumana amazwi ayolisayo+ nokubhala amazwi achanileyo enyaniso.+
11 Amazwi ezilumko anjengeemviko,+ yaye kanye njengezikhonkwane ezibethelelwe zatshona+ banjalo abazifica ngokuqokelela izivakalisi; banikwe ngumalusi omnye.+ 12 Ngokubhekisele kuyo nantoni na enye ngaphandle koku, nyana wam, lumka: Ukwenza iincwadi ezininzi akupheli, yaye ukuzinikela kakhulu kuzo kudinisa inyama.+
13 Ukuqosheliswa kombandela, emva kokuba yonk’ into iviwe, naku: Yoyika uTHIXO oyinyaniso+ uze ugcine imiyalelo yakhe.+ Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu. 14 Kuba uTHIXO oyinyaniso uya kuzisa ekugwetyweni lonke uhlobo lomsebenzi ngokuphathelele yonke into efihlakeleyo, enoba ilungile okanye imbi.+