Luka
13 Kanye ngelo xesha kwakukho abathile abamxelela ngamaGalili+ agazi lawo uPilato wayelixube nemibingelelo yawo. 2 Ngoko ekuphenduleni wathi kubo: “Ngaba nicinga ukuba la maGalili ayengaboni ababi ngakumbi+ kunawo onke amanye amaGalili ngenxa yokuba eye abandezelwa zezi zinto? 3 Eneneni, ndithi kuni, akunjalo; kodwa, ukuba anithanga niguquke, notshatyalaliswa ngokunjalo nani nonke.+ 4 Okanye abo balishumi elinesibhozo abawelwa yinqaba eSilowam, bafa, ngaba nicinga ukuba babenetyala ngakumbi kunabo bonke abanye abantu abangabemi eYerusalem? 5 Eneneni, ndithi kuni, akunjalo; kodwa, ukuba anithanga niguquke, notshatyalaliswa nonke ngendlela efanayo.”+
6 Wandula ke wahlabela mgama wabenzela lo mzekeliso: “Umntu othile wayenomkhiwane utyalwe esidiliyeni sakhe,+ yaye weza efuna isiqhamo kuwo,+ kodwa akafumana nasinye.+ 7 Ngoko wathi kumsebénzi-sidiliya, ‘Yiminyaka emithathu+ ndisiza kufuna isiqhamo kulo mkhiwane, kodwa andifumananga nasinye. Wugawule!+ Yini na ukuba ude uphuthise umhlaba?’ 8 Ekuphenduleni wathi kuye, ‘Nkosi, wuyeke+ kwanakulo nyaka, ndide ndimbe ndiwujikeleze ndize ndifake umgquba; 9 yaye ukuba ngoko uvelisa isiqhamo kwixesha elizayo kuhle yaye kulungile; kodwa ukuba akunjalo, wogawulwa.’”+
10 Ke kaloku wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu ngesabatha. 11 Yaye, khangela! umfazi obenomoya+ wobuthathaka kangangeminyaka elishumi elinesibhozo, kwaye wayegobile, engakwazi ukuma nkqo konke konke. 12 Akumbona uYesu, wathetha naye wathi kuye: “Mfazindini, ukhululiwe+ kubuthathaka bakho.” 13 Wambeka izandla; woluleka ngephanyazo,+ waza wamzukisa uThixo. 14 Kodwa lona igosa elongamelayo kwindlu yesikhungu, licaphukile kuba uYesu ephilisa ngesabatha, lathi kwisihlwele: “Zintandathu iintsuku ekufanele kusetyenzwe ngazo;+ yizani ngazo, ngoko, niphiliswe, kungekhona ngomhla wesabatha.”+ 15 Noko ke, iNkosi yaliphendula yathi: “Bahanahanisindini,+ akathi na ngamnye wenu ngesabatha ayikhulule inkunzi yakhe yenkomo okanye iesile lakhe esitalini aze aliqhube ukuya kuliseza?+ 16 Bekungamfanelanga na, ngoko, lo mfazi oyintombi ka-Abraham,+ nalowo uSathana ebembophile, khangela! iminyaka elishumi elinesibhozo, ukuba akhululwe kulo mxokelelwane ngomhla wesabatha?” 17 Akuba etshilo, bonke abachasi bakhe baba neentloni;+ kodwa sonke isihlwele saba nemihlali ngazo zonke izinto ezizukileyo awayezenza.+
18 Ngoko ke wahlabela mgama wathi: “Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo, yaye ndiya kubuthelekisa nantoni na?+ 19 Bufana nokhozo lwemostade awaluthabathayo umntu waza walufaka emyezweni wakhe, lwakhula lwaba ngumthi, zaza iintaka zezulu+ zahlala emasebeni awo.”+
20 Yaye kwakhona wathi: “Ndiya kubuthelekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? 21 Bufana negwele, awalithabathayo umfazi walifihla kwimilinganiselo emikhulu emithathu yomgubo yade yabiliswa intlama iphela.”+
22 Yaye wahamba etyhutyha izixeko ngezixeko needolophana ngeedolophana, efundisa kwaye eqhubeka nohambo lwakhe oluya eYerusalem.+ 23 Ke kaloku umntu othile wathi kuye: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?”+ Wathi kubo: 24 “Zibhokoxeni+ ngamandla ukungena ngomnyango omxinwa,+ kuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena kodwa bangakwazi,+ 25 xa eye kwaoko umnini-ndlu wasukuma waza walutshixa ucango, nize nime ngaphandle ninkqonkqoze elucangweni, nisithi, ‘Mnumzana, sivulele.’+ Kodwa ekuphenduleni uya kuthi kuni, ‘Andinazi apho nivela khona.’+ 26 Niya kwandula ke nithi, ‘Sadla saza sasela phambi kwakho, yaye wafundisa kwiindlela zethu eziphangaleleyo.’+ 27 Kodwa uya kuthetha athi kuni, ‘Andinazi apho nivela khona. Mkani kum, nonke nina basebenzi bentswela-bulungisa!’+ 28 Apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo enu,+ xa nibona uAbraham noIsake noYakobi nabo bonke abaprofeti ebukumkanini bukaThixo,+ kodwa nina niphoselwe ngaphandle. 29 Ngapha koko, abantu baya kuza bevela kwimimandla yasempumalanga nasentshonalanga, nasemntla nasemzantsi,+ yaye baya kungqendeva etafileni ebukumkanini bukaThixo.+ 30 Yaye, khangela! kukho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala, kukho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.”+
31 Kanye ngelo lixa kweza abaFarisi abathile, besithi kuye: “Phuma umke apha, kuba uHerode ufuna ukukubulala.” 32 Yaye wathi kubo: “Hambani nithi kuloo mpungutye,+ ‘Khangela! Ndikhupha iidemon yaye ndiyaphilisa namhlanje nangomso, kwaye ngomhla wesithathu ndiya kube ndigqibile.’+ 33 Noko ke, ndimele ndihambe namhlanje nangomso nangomsomnye, kuba akufanelekanga ngomprofeti ukuba atshabalale ngaphandle kweYerusalem.+ 34 Yerusalem, Yerusalem, mbulali+ wabaprofeti nomxulubi+ wabo bathunyelwe kuyo—kufuthi kangakanani na ndifune ukubahlanganisela ndawonye abantwana bakho ngohlobo isikhukukazi esihlanganisa ngalo amantshontsho aso ngaphantsi kwamaphiko aso,+ kodwa anakufuna oko!+ 35 Khangelani! Indlu yenu+ ishiyelwa kuni. Ndithi kuni, Anisayi kuze nindibone nide nithi, ‘Usikelelwe lowo uzayo egameni likaYehova!’”+