2 Korinte
13 Esi sisihlandlo sesithathu+ ndisiza kuni. “Wonke umbandela umele umiselwe ngomlomo wamangqina amabini okanye amathathu.”+ 2 Ndandikhe ndatsho ngaphambili yaye, ngokungathi ndikho okwesihlandlo sesibini ndiyaphinda ndithi kwabo bonileyo ngaphambili nakubo bonke abanye, ukuba ndikhe ndeza kwakhona andiyi kubaconga,+ 3 ekubeni nifuna ubungqina bokuthetha kukaKristu kum,+ uKristu ongekho buthathaka kuni kodwa onamandla phakathi kwenu. 4 Eneneni, wabethelelwa+ ngenxa yobuthathaka,+ kodwa uyaphila ngenxa yamandla kaThixo.+ Enyanisweni, sibuthathaka kunye naye, kodwa siya kuphila ndawonye naye+ ngenxa yamandla kaThixo+ kuni.
5 Hlalani nizivavanya enoba niselukholweni kusini na, hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.+ Okanye aniqondi na ukuba uYesu Kristu umanyene nani?+ Ngaphandle kokuba anikholekanga. 6 Eneneni ndiyathemba ukuba niya kwazi ukuba thina asingabo abangakholekanga.
7 Ke kaloku siyathandaza+ kuThixo ukuba ningenzi nto imbi, kungekuko ukuze sibonakale sikholekile thina, kodwa ukuze nina nenze oko kuhle, nakuba thina sisenokubonakala singabangakholekanga. 8 Kuba asinakwenza nto nxamnye nenyaniso, kodwa kuphela sinokwenza okuvumelana nenyaniso.+ 9 Ngokuqinisekileyo siba nemihlali xa sukuba sibuthathaka kodwa nina ninamandla;+ yaye sithandazela+ ukuba nilungiswe. 10 Kungenxa yoko le nto ndibhala ezi zinto ngoxa ndingekho, ukuze, xa ndikho, ndinganiphathi ngokuqatha+ ngokwegunya endalinikwa yiNkosi, ukuba ndakhe,+ ndingachithi.
11 Okokugqibela, bazalwana, qhubekani ninemihlali, nilungiswa, nithuthuzelwa,+ nicinga ngokuvumelanayo,+ nihlala ngoxolo;+ yaye uTHIXO wothando nowoxolo+ uya kuba kunye nani. 12 Bulisanani ngolwango olungcwele.+ 13 Bayanibulisa bonke abangcwele.
14 Ububele obungasifanelanga beNkosi uYesu Kristu nothando lukaThixo nokwabelana kumoya oyingcwele makube nani nonke.+