Yobhi
12 Waza waphendula uYobhi wathi:
4 Ndiyintlekisa kwidlelane lam,+
Lowo ubiza uThixo ukuba amphendule.+
Oyintlekisa ngulowo ulilungisa, ungasolekiyo.
5 Kwiingcamango zakhe, lowo ungakhathaliyo ukudelile ukuphelelwa;+
Kulungiselelwe abo baneenyawo ezixengaxengayo.+
6 Iintente zabaphangi azikhathazwa,+
Yaye abo bacaphukisa uThixo banokhuseleko
Lwalowo uzise uthixo esandleni sakhe.+
7 Noko ke, khawuncede, ubuze izilwanyana zasekhaya, zikuyalele;+
Kwanezidalwa ezinamaphiko zezulu, zikuxelele.+
8 Okanye bonakalisa ukuxhalaba kwakho emhlabeni, uze wona ukuyalele;+
Yaye iintlanzi zolwandle+ ziya kukuvakalisa kuwe.
9 Ngubani na phakathi kwazo zonke ezi ongazi kakuhle
Ukuba sisandla sikaYehova esenze oku,+
10 Osesandleni sakhe umphefumlo+ wakhe wonk’ ubani ophilayo
Nomoya wayo yonke inyama yabantu?+
16 Akuye amandla nobulumko bobuqili;+
Ngowakhe lowo wenza impazamo nalowo ulahlekisayo;+
17 Wenza abacebisi bahambe benganxibanga ezinyaweni,+
Yaye uphambanisa abagwebi.
19 Ababingeleli ubahambisa benganxibanga ezinyaweni,+
Aze abo bahleli ngokusisigxina ababhukuqe;+
20 Ususa intetho kwabo bathembekileyo,
Aze ingqiqo yamadoda amadala ayisuse;
21 Uphalazela izidwangube ngendelelo,+
Aze umbhinqo wabo banamandla awenze buthathaka;
22 Utyhila izinto ezinzulu ezisebumnyameni,+
Yaye uzisa ekukhanyeni ithunzi elimnyama;
23 Esenza iintlanga zikhule kakhulu, ukuze azitshabalalise;+
Esasaza iintlanga, ukuze azikhokelele kude;
24 Ususa intliziyo yabaziintloko ebantwini belizwe,
Ukuze abenze babhadule endaweni engenanto,+ apho kungekho ndlela khona.