Isaya
46 UBhele+ ugobe phantsi,+ uNebho uyakhokhoba; izithixo zabo+ ziye zaba zezamarhamncwa nezilwanyana zasekhaya, imithwalo yabo, izinto ezithwalwayo, uxanduva kwizilwanyana ezidiniweyo. 2 Zimele zikhokhobe; zimele xa zizonke zigobe phantsi ngokufanayo; azinakukwazi nje kwaphela ukulusindisa+ uxanduva, kodwa imiphefumlo yazo imele iye ekuthinjweni.+
3 “Khaniphulaphule kum, ndlu kaYakobi, nani nonke nina baseleyo bendlu kaSirayeli,+ nina nathwalwayo ndim ukususela esiswini, nina nanithwelwe ukususela esibelekweni.+ 4 Kwanasebudaleni bukabani isekwaNdim;+ nasekubeni ubani abe yingwevu ndiya kuqhubeka ndithwele.+ Ngokuqinisekileyo mna ndiya kusebenza,+ ukuze ndithwale nokuze ndifunqule ndize ndisindise.+
5 “Niya kundifanisa+ okanye nindilinganise okanye nindithelekise nabani na ukuze sifane?+ 6 Kukho abo bakhupha into eninzi yegolide enxilini, baze ngentonga yesikali balinganise isilivere. Baqesha umnyibilikisi, enze uthixo ngayo.+ Bayaqubuda, ewe, bathoba phantsi.+ 7 Bamthwala emagxeni,+ bamfunqule baze bambeke endaweni yakhe ukuze eme ngxi. Kuloo ndawo ami kuyo akasuki.+ Umntu udanduluka kuye, kodwa akaphenduli; akamsindisi ekubandezelekeni kwakhe.+
8 “Khumbulani oku, ukuze nibe nokuqina isibindi. Kubekeleni intliziyo,+ nina banxaxhayo.+ 9 Khumbulani izinto zakuqala zexesha lakudala,+ ukuba ndinguLowo Ungokobuthixo+ yaye akakho omnye uThixo,+ okanye nabani na onjengam;+ 10 Lowo uxela ukuphela kwasekuqaleni,+ kwakudala izinto ebezingekenziwa;+ Lowo uthi, ‘Icebo lam liya kuma,+ yaye yonk’ into endiyoliswa yiyo ndiya kuyenza’;+ 11 Lowo ubiza intaka edla inyama empumalanga,+ nomntu wokuphumeza icebo lam kwilizwe elikude.+ Ndikuthethile oko; yaye ndiya kukuzisa.+ Ndikuyilile, yaye ndiya kukwenza.+
12 “Phulaphulani kum, nina bantliziyo ilukhuni,+ nina bakude nobulungisa.+ 13 Ndibusondezile ubulungisa bam.+ Abukho kude,+ nosindiso lwam aluyi kulibala.+ Yaye ndiya kunikela usindiso eZiyon, kuSirayeli ubuhle bam.”+