Intlungu Engathethekiyo KaMaggy Nokusikelelwa Kwam
ULwesibini, Meyi 2, 1995, wawuyimini yokuzalwa kwentombi yam neyokufa komfazi wam. Okubuhlungu kukuba, uMaggy akazange ayibone intombi yakhe. Ngoku ithemba endinalo lelokuba ndazise uTamara kunina xa evuswa.
EMVA kweminyaka eli-16 sitshatile, umfazi wam, uMaggy, waxelelwa ngugqirha wakhe ukuba wayenomhlaza wamabele yaye wayeza kuphila nje iinyanga ezimbalwa. Oko kwenzeka kwiminyaka emihlanu eyadlulayo. Endikubulelayo kukuba, uMaggy wayesempilweni ebudeni beminyaka yokugqibela yobomi bakhe. Kuphela kuxa wayesele eza kufa apho iintlungu zabonakala zingenakunyamezeleka.
Ngenxa yobunzulu bomhlaza awayenawo, oogqirha bathi kwakungayi kuba lula ukuba akhulelwe. Ngoko unokuthelekelela indlela esothuka ngayo xa ebudeni bokuxilongwa rhoqo ngomatshini oyi-ultrasound ukukhangela ubungakanani bomhlaza awayenawo, babona umntwana esibelekweni sakhe! Yayiyintombazana. UMaggy wayeneenyanga ezine ezinesiqingatha ekhulelwe. Wavuya kakhulu kuba waba nethemba lokuba ngumama okwesihlandlo sokuqala.
UMaggy wakwenza konke awayenako ukuze aqiniseke ukuba umntwana wayeza kuzalwa esempilweni. Waqiniseka ukuba wayesitya ukutya okusempilweni, yaye kwanasebudeni beeveki ezimbini zokugqibela zobomi bakhe xa wayethuthunjelwa ziintlungu, wayesela iipilisi ezidambisa iintlungu kuphela xa iintlungu zimongamela.
Ukusikelelwa Ngomntwana Osempilweni
NgoMgqibelo, Aprili 29, uMaggy wabethelwa yintliziyo ngamandla yaye wathi: “Ndicinga ukuba ndiza kufa.” Ndahlala naye impela veki yonke. Emva kokuba ndibize ugqirha ngoMvulo, ngokukhawuleza ndamsa esibhedlele eMontreal, eKhanada, kufuphi nekhaya lethu eSt. Jérôme.
Malunga neye-5:30 ngentsasa elandelayo, umongikazi wangena egumbini likaMaggy yaye waphawula ukuba wayedakumbile. Kubonakala ukuba, wayehlaselwa yintliziyo. Ngokukhawuleza kwabizwa ugqirha owayekwigumbi elilandelayo. Nangona uMaggy wafayo, abezonyango bakwazi ukumsindisa umntwana wethu. UTamara wazalwa eneenyanga ezimbini ezinesiqingatha ngaphambi kwexesha yaye wayenobunzima obuziikhilogram ezisisi-1,1.
Ekubeni umlinganiselo wegazi kaTamara wawuphantsi gqitha, oogqirha bafuna ukumtofela igazi. Noko ke, kunoku bakhuthazwa ukuba basebenzise incindi yedlala ebizwa ngokuba yierythropoietin. Bakwenza oko, yaye xa oku kusetyenziswa kolu nyango kwaphumelelayo ekwandiseni umlinganiselo wakhe wegazi, umongikazi wathi: “Kutheni bengasebenzisi oko kubo bonke abantwana?”
UTamara wayenazo nezinye iingxaki ngenxa yokuzalwa kwakhe ngaphambi kwexesha, kodwa zonke zanyangwa. Enyanisweni, xa uGqr. Watters, isazi ngezifo zemithambo-luvo, kamva wamxilonga, wathi kumongikazi: “Ndicinga ukuba undinike omnye umntwana ndimxilonge; lo ukhangeleka esempilweni ngokwenene kum.”
Ukujamelana Nokufa Nokuchacha Emva Koko
Ukubukela uMaggy esifa kwakubuhlungu kum. Ndaziva ndingeloncedo kwaphela. Kwakunzima gqitha ukuthetha ngokufa kukaMaggy. Kodwa ndathetha xa abazalwana noodade abangamaKristu babeze esibhedlele. Intlungu yayisiya idamba njengoko ndandiqhubeka ndithetha ngayo. Nanini na ndifunda inqaku elikwiMboniselo okanye kuVukani! elindichaphazela ngokukhethekileyo, ndiyibeka ecaleni kwithala lam leencwadi ndize ndiyithabathe ndiyifunde xa kukho imfuneko.
Olunye ucelomngeni yayikukufika ekhaya ndifikele endlwini engenamntu. Kunzima ukujamelana nobulolo. Oku kusandifikela ngamaxesha athile, nangona ndingenelwa kakhulu kubuhlobo bobuKristu obakhayo. Sasisoloko sisenza izinto kunye noMaggy, yaye sithetha ngengxaki endandiza kuba nayo yobulolo. Wayefuna nditshate kwakhona. Kodwa, izinto azilula kangako.
Inkxaso Evela KumaKristu Esikunye Nawo
Andazi ukuba ngendenza ntoni ngaphandle kwenkxaso yeKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele (HLC [Hospital Liaison Committee]) yasekuhlaleni yamaNgqina kaYehova. Ngentsasa awafa ngayo uMaggy, iNgqina elaziwayo elililungu leHLC lalilapho esibhedlele yaye landinika uncedo endandilufuna.
Abasebenzi basesibhedlele babechukumisekile kakhulu ngoncedo endandilufumana kwibandla lethu lamaKristu eSt. Jérôme kwanamanye amabandla alo ngingqi. Ngobusuku okwaziswa ngabo ukufa kukaMaggy kwiintlanganiso zethu zamaKristu, abahlobo abanothando abangaphezu kwama-20 basabela ngokunikela uncedo. Ngokwenene bandixhasa ngendlela engathethekiyo.
Abahlobo bandilungiselela ukutya; icandelo lesikhenkcisi kwifriji yam lalizele kangangeenyanga. Intsapho yakowethu nabazalwana noodade abangamaKristu banceda kakhulu ekundifuneleni iimpahla zentombi yam. Bandizisela izinto ezininzi kakhulu yaye ndandingenandawo yokuzigcina zonke.
Ulonwabo Ngoku Namathemba Ngekamva
UTamara undinceda ndikwazi ukulibala ngokulahlekelwa okungaka. Ndimthanda gqitha. Suku ngalunye xa ndimbulisa “ngomolo” ndidlamkile, uye ancume, aqalise “ukuthetha,” aze awangawangise iingalo nemilenze, echwayitile.
Njengesazinzulu esisafundayo, ndikhangele phambili ekumfunquleni uTamara ndize ndimbeke ethangeni lam ndimnike iteleskopu yam ajonge kuyo imimangaliso yezulu yoMenzi wethu Ozukileyo, uYehova. Ukucinga ngobomi obungapheliyo eParadesi esemhlabeni ngumthombo wokwenene wokhuthazo. Yaye ukwazi ukuba le yinto enokwenzeka kuTamara kundenza ndivuye ngakumbi.—INdumiso 37:9-11, 29.
Xa ndicinga ngeziganeko zeminyaka emihlanu edluleyo, ndingazichaza njengezibuhlungu nezivuyisayo. Ndifunde okuninzi ngam nangobomi. Ngomdla ndikhangele phambili kwikamva iBhayibhile elichaza ngokuthi, “ukufa akusayi kubakho, kungasayi kubakho kukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:3, 4.
Ngoko, eluvukweni, uMaggy uya kukwazi ukuphefumla ngaphandle kweentlungu. Ngaphezu koko, ithemba elomeleleyo nomnqweno endinawo kukuba ndibe lapho ndazise uTamara kuMaggy, ukuze abone intombazana eselula awayenzela lukhulu.—Ngokubaliswa nguLorne Wilkins.
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Ndikunye nomfazi wam
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Intombazana yethu, uTamara