Ukutyelela Kumasimi Eebhanana
NGUMBHALI KAVUKANI! EMZANTSI AFRIKA
KUDALA ndizithanda iibhanana. Ndicinga ukuba baninzi abantu abazithandayo. Iibhanana azikho mnandi nje kuphela kodwa zinentaphane yeevithamini, iimineral nentswane. Ngaba ungathanda ukwazi okungakumbi ngesi siqhamo sinezondlo? Kutshanje, omnye umfama kunye nenkosikazi yakhe bandibonise indlela emangalisayo ezikhula ngayo iibhanana.
Ifama kaTony noMarie (eboniswe ngasentla) ikwiPhondo laseLimpopo eMzantsi Afrika, kummandla ekuthiwa yiLevubu. Batyala izinto ezahlukahlukeneyo kwifama yabo eziihektare ezingama-55. Kodwa eyona nto bayityala kakhulu ziibhanana. UTony angathanda ukusichazela okungakumbi ngesi siqhamo sithandwayo.
Umhlaba Nemozulu Efanelekileyo
UTony uthi: “Owona mhlaba ulungele ibhanana ngumhlaba onodongwe oluninzi yaye umele ungabi nasanti okanye urhexe oluninzi. Ufanele ube nzulu yaye ukwazi ukufunxa amanzi amaninzi. Iibhanana zichuma gqitha kwiindawo ezingenaqabaka. Zikhula kakuhle kwiindawo ezishushu kakhulu. Iqondo lobushushu laseLevubu lidla ngokuba phakathi kwe-12 nama-35 ngokukaCelsius.” Xa ndimbuza ngokuna kwemvula, uTony uphendule wathi: “Iibhanana ziyachuma kwindawo esoloko isina imvula okanye xa zinkcenkceshelwa rhoqo ngeveki.”
Isityalo sebhanana sisenokukhangeleka njengomthi, kodwa isikhondo saso asilokhuni kodwa ludiza olukhulu. Eneneni ibhanana ludiza olukhulu, kungekhona umthi. Esona siqu sayo sikhula ngaphantsi komhlaba yaye sibizwa ngokuba yirhizome. Iingcambu namagqabi zikhula kwirhizome, yaye ekugqibeleni kuntshula intyatyambo enkulu emfusa. Nezityalo ezitsha zintshula kwirhizome.
Isityalo sebhanana sikhula ngokwamanqanaba amathathu, amafama alapho abiza la manqanaba ngokuthi “ngumakhulu, intombi nomzukulwana.” (Bona umfanekiso.) ‘Umakhulu’ uthwala isiqhamo kulo nyaka, ibe ‘yintombi’ kunyaka olandelayo, ize ibe ‘ngumzukulwana’ kunyaka wesithathu. ‘Abazukulwana’ bakhula babe baninzi ecaleni ‘kukanina.’ Ezi “ntsana” zithi zakukhula zifikelele emadolweni zithenwe kuze kushiywe ezo kubonakala ukuba zinokuthwala isiqhamo.
Kuntshula intyatyambo enkulu emfusa isuka kwirhizome engaphantsi komhlaba ize ibe sisipha seebhanana. Ekugqibeleni le ntyatyambo ithi gqi phakathi kwamagqabi amabini aphezulu ize ijinge. Ithi yakubuna, kuwe amagqabi kuze kuvele izipha ezili-10 ukusa kwezili-15 yaye kumntu ongenalwazi ezi zipha zidla ngokukhangeleka ngathi zijonge ezantsi! Kwisipha ngasinye kudla ngokubakho iibhanana ezingama-20 okanye ngaphezulu, ezidla ngokubizwa ngokuba yiminwe.
Ixesha Lokuvuna
Emva kokuba kuphume intyatyambo emfusa, ibhanana inokuvunwa emva kweenyanga ezintathu ukusa kwezintandathu kuxhomekeka kwixesha evele ngalo enyakeni. Ibhanana ivunwa ngoxa isenombala oluhlaza, kodwa oko kwenziwa xa sele ingqukuva. Ngokuqhelekileyo isipha sazo sidla ngokuba nobunzima obuziikhilogram ezingama-35. Xa zivunwa iibhanana zigqunywa ngeplastiki kusenzelwa ukuba zingacumki endleleni xa zisisiwa kwindawo eziza kupakishwa kuyo. Kule ndawo, izipha ziyasikwa kushiywe iibhanana ezintathu okanye ezintandathu zize emva koko zifakwe umxube wokuzithintela zingangundi.
EMzantsi Afrika, iibhanana zifakwa kwiibhokisi ezinemingxuma eziqatywe iwax zize zisiwe kwigumbi ezivuthiselwa kulo. Kweli gumbi kufakwa iethylene ukuze zivuthwe ngokukhawuleza.a Ezi bhokisi zigcinwa kweli gumbi linobushushu obulingeneyo kangangosuku okanye iintsuku ezimbini zize emva koko ziye kuthengiswa.
Ngeliqhulayo, uTony uthi: “Mhlawumbi ndenziwa kukuba ndingummi walapha, kodwa ndicinga ukuba iibhanana zaseLevubu zezona zimnandi, ngenxa yomhlaba ezikhula kuwo. Okubuhlungu kukuba, sikude gqitha nesixeko esithumela impahla kumazwe angaphandle, yaye ngenxa yoko iibhanana zalapha zifunyanwa ngabantu beli lizwe kuphela.”
Ziluncedo Empilweni
Iibhanana zinepotassium eninzi. Kwinqaku elithetha ngeebhanana, iphephancwadi iHealth lithi: “Imiphumo yophando ibonisa ukuba ipotassium iqinisa amathambo yaye inciphisa amathuba okuhlaselwa yihigh blood pressure nestroke.” Eli phephancwadi longezelela lithi: “Iibhanana zinefolate enceda umntu ukuba abeleke ngaphandle kwengxaki, uvithamini B ofuneka ngamandla kumntu okhulelweyo okanye osexabisweni lokufumana abantwana.” Ibhanana inazo nezinye iimineral ezibalulekileyo, ezifana nemagnesium, ebangela ukuba icalcium ingene emathanjeni ukuze omelele.
Ibhanana ineprotini enee-amino acid ezili-18, nezinye izakha-mzimba ezibalulekileyo ezifunwa ngumzimba. Ibhanana inama-22 ekhulwini eecarbohydrate ezinika umntu amandla ngokukhawuleza ngenxa yokuba ibhanana icolwa lula ngumzimba. Echwayitile uMarie uthi: “Kwiibhanana, ufumana uvithamini A, B, no-C. Enye into ephawulekayo kukuba iibhanana zibangela umntu angatyi kakhulu, kuba umntu akafane atye iibhanana ezininzi ngaxeshanye.” Ngoko ke, kutheni ungakhe uyingcamle—uya kuyinandipha kuba ivuzis’ amathe!
[Umbhalo osemazantsi]
a Kwanaxa iibhanana zingafakwanga kwigumbi eline-ethylene, zikhupha le gesi ibangela ukuba zivuthwe. Ngoko ke, enye indlela yokwenza iibhanana eziluhlaza zivuthwe kukufaka iibhanana ezimbalwa ezivuthiweyo phakathi kwazo.
[Umzobo/Umfanekiso okwiphepha 26]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Igqabi
Intyatyambo/iibhanana
Udiza olukhulu
Umhlaba
Irhizome
Ingcambu
[Inkcazelo]
Sketch: Based on drawing from The Complete Encyclopedia of Illustration/J. G. Heck
[Umzobo/Umfanekiso okwiphepha 27]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Umakhulu
Intombi
Umzukulwana
[Imifanekiso ekwiphepha 27]
Intyatyambo enkulu emfusa eba sisipha seebhanana ekugqibeleni
[Inkcazelo]
Photo by Kazuo Yamasaki
[Imifanekiso ekwiphepha 28]
Ixesha Lokuvuna (ngasekhohlo); izityalo ezisakhulayo (ngasentla)