Ngaba Ukholosa NgoThixo Wokwenene?
Iintlola zazikuhambo olwagunyaziswa yiAmerican Museum of Natural History lokuhlola ilizwe laseArctic elabonwa ngumhloli wamazwe uRobert E. Peary kwiminyaka enokuba sixhenxe ngaphambilana, ngowe-1906.
UKUSUSELA eCape Colgate kummandla ongasekupheleni emntla-ntshona womNtla Merika, uPeary waphawula oko kwakubonakala kuziinduli ezimhlophe kummandla othe qelele. Lo mmandla wawuthiya ngokuba yiCrocker Land, igama lomnye wabo babemxhasa ngemali. Hayi indlela amele ukuba achulumanca ngayo amalungu ohambo olwalandelayo xa ngaphambilana abona ummandla oneenduli, iintlambo neenduli eziphakamileyo ezigqunywe likhephu! Kodwa kungekudala aqonda ukuba ayengaboni nto ngaphandle nje kommandla osithabazi weArctic. Oko wayekubona kwamkhohlisa uPeary, yaye wayesele echithe ixesha, amandla nemali ukuze bahlole into engekhoyo.
Namhlanje, abantu abaninzi banikela ngexesha koothixo abakholelwa ukuba ngabokwenene. Ngemihla yabapostile bakaYesu, kwakunqulwa oothixo abanjalo abanjengoHermes noZeyus. (IZenzo 14:11, 12) Namhlanje, bafikelela kwizigidi oothixo abanqulwa ngamaShinto, amaHindu nezinye iinkonzo zehlabathi. Eneneni, kunjengokuba iBhayibhile isitsho, “kukho ‘oothixo’ abaninzi ‘neenkosi’ ezininzi.” (1 Korinte 8:5, 6) Ngaba bonke aba thixo ngabokwenene?
Oothixo ‘Abangenako Ukusindisa’
Ngokomzekelo, khawucinge ngokusetyenziswa kwemifanekiso nemiqondiso kunqulo. Kwabo bakholosa ngezo zinto nabasebenzisa zona xa bethandaza, izithixo zibonakala zingabasindisi abanamandla angaphaya kwawomntu anokuvuza abantu okanye abasindise kwingozi. Kodwa ngaba zinokusindisa ngokwenene? Ngokuphathelele izinto ezinjalo, umdumisi wavuma: “Izithixo zeentlanga yisilivere negolide, umsebenzi wezandla zomntu wasemhlabeni. Zinomlomo, kodwa azithethi; zinamehlo, kodwa aziboni; zineendlebe, kodwa aziva. Akukho moya emlonyeni wazo.” Eneneni, zingoothixo ‘abangenako ukusindisa.’—INdumiso 135:15-17; Isaya 45:20.
Kuyinyaniso ukuba, abo benza izithixo bazukisa umsebenzi wezandla zabo ngokuthi ziyaphila yaye zinamandla. Yaye abo banqula izithixo bakholosa ngazo. Umprofeti uIsaya wathi: “Bamthwala emagxeni, bamfunqule baze bambeke endaweni yakhe ukuze eme ngxi.” Wongezelela esithi: “Kuloo ndawo ami kuyo akasuki. Umntu udanduluka kuye, kodwa akaphenduli; akamsindisi ekubandezelekeni kwakhe.” (Isaya 46:7) Inyaniso ikukuba isithixo asiphili enoba abo bakholose ngaso bakholelwa ngokunzulu kangakanani na kuso. Imifanekiso enjalo eqingqiweyo netyhidiweyo ‘ingoothixo abangenaxabiso.’—Habhakuki 2:18.
Ukunqula, ukuhlonela, nokuthanda abantu bezolonwabo, abezemidlalo, abeenkqubo zobupolitika neenkokeli ezithile zonqulo nazo zizinto eziqhelekileyo namhlanje. Ngaphezu koko, imali inguthixo kwabaninzi. Kwimeko nganye, ezi zithixo zimela iimpawu nemilinganiselo ezingenayo. Azikwazi yaye azinako ukunikela konke okulindelwe ngabo bazinqulayo. Ngokomzekelo, ubutyebi bunokubonakala busisicombululo seengxaki ezininzi, kodwa amandla obutyebi ayakhohlisa. (Marko 4:19) Omnye umphengululi wabuza: “Sinokusicacisa njani isibakala sokuba into enqwenelwa kangaka ngabantu abaninzi, nekukholelwa ukuba iluhlobo oluthile lukazifo-zonke, ithi xa ifunyenwe ibe nemiphumo eyahlukahlukeneyo esusela kudano ukusa kwintlungu?” Ewe, ukusukela ubutyebi kusenokufuna ukuba umntu ancame izinto ezixabisekileyo, ezinjengempilo entle, ubomi bentsapho obanelisayo, abahlobo abasenyongweni okanye ulwalamano oluxabisekileyo noMdali. Uthixo wakhe kuphela nje ‘usisithixo esingenanyaniso’!—Yona 2:8.
“Akuzange Kubekho Uphendulayo”
Kububuyatha ukuthi into engeyonto yokwenene yinto yokwenene. Ngemihla yomprofeti uEliya abanquli bakathixo uBhahali bakufunda kabuhlungu oku. Babekholelwa ngokuqinileyo ukuba uBhahali wayenamandla okubangela umlilo uvele ezulwini uze udle idini lesilwanyana. Enyanisweni, “baqhubeka bebiza egameni likaBhahali ukususela kusasa de kwayimini enkulu, besithi: ‘Owu Bhahali, siphendule!’” Ngaba uBhahali wayeneendlebe ezinokuva nomlomo wokuthetha? Le ngxelo iqhubeka isithi: “Akuzange kubekho lizwi, yaye akuzange kubekho uphendulayo.” Eneneni, “akuzange kunikelwe ngqalelo.” (1 Kumkani 18:26, 29) UBhahali wayengeyonto yokwenene, engaphili yaye engenamandla okwenza nto.
Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba simazi kwaye sinqule uThixo wokwenene! Kodwa ungubani? Yaye kunokwenzeka njani ukuba singenelwe xa sikholosa ngaye?
[Imifanekiso ekwiphepha 3]
Iqabane likaPeary, uEgingwah, likhangela elundini phayaa lifuna umhlaba
URobert E. Peary
[Inkcazelo]
Egingwah: From the book The North Pole: Its Discovery in 1909 Under the Auspices of the Peary Arctic Club, 1910; Robert E. Peary: NOAA
[Imifanekiso ekwiphepha 4]
Abaninzi bakhohliswa koko kunqulwa leli hlabathi