Kwenzeka Ntoni Kwimibutho Yokucel’ Amalizo?
EMVA kokuhlaselwa kwesiXeko saseNew York naseWashington, D.C., ngoSeptemba 11, 2001, abantu benza umgudu oncomekayo ukunceda amaxhoba esi sihelegu. Imibutho yokucel’ amalizo yayiphuphuma yiminikelo eyimali ezii-R23,7 zamawaka ezigidi ukunceda iintsapho zabo babengamaxhoba. Bothuswe yindlela eyayinkulu ngayo le ntlekele, abantu kuyo yonke indawo babefuna ukunceda.
Noko ke, izinto zakhawuleza zajika xa kwavakala amarhe okuba imibutho ethile emikhulu yokucel’ amalizo yayizityela le mali. Abantu babecaphuke ngeyona ndlela xa beva ukuba omnye umbutho wokucel’ amalizo wawuzimisele ukugodla phantse isiqingatha see-R4,8 zamawaka ezigidi ukuze wenze enye into ngaso. Nangona kamva lo mbutho warhoxa kwesi sigqibo waza wacel’ uxolo, enye intatheli yathi: “Abagxeki bakujonga oku njengento eshiywe lixesha nenganelanga ukuba ingenza abantu baphinde babe nentembelo” ababenayo ngaphambi kolu hlaselo. Kuthekani ngawe? Ngaba mvanje akusenantembelo ingako kwimibutho yokucel’ amalizo?
Ngaba Kuluncedo Okanye Yinkcitho?
Ngokuqhelekileyo ukunikela kwimibutho yokucel’ amalizo kujongwa njengento elungileyo. Sekunjalo, asingabo bonke abantu abakujonga ngaloo ndlela. Ngaphezu kweminyaka engama-200 eyadlulayo, uSamuel Johnson, umbhali wezincoko oliNgesi, wathi: “Xa uhlawula abasebenzi uyaqiniseka ukuba wenza okulungileyo, njengoko ubanika umvuzo womsebenzi wabo, kunaxa uphisa nje ngemali yakho kule mibutho yokucel’ amalizo.” Bambi namhlanje bavakalelwa ngendlela efanayo, yaye iingxelo ezingokutyiwa nokusetyenziswa kakubi kweminikelo yimibutho yokucel’ amalizo zenza abantu baphelelwe yintembelo kuyo. Cinga ngale mizekelo mibini yakutshanje.
Umphathi wombutho wecawa wokucel’ amalizo eSan Francisco wagxothwa emva kokufunyaniswa ukuba imali yokuhlawula utyando lwakhe lokuzenza mhle netyala elizii-R4 400 ngeveki lokutya kwiindawo zokutyela lalihlawulwa ngulo mbutho kangangeminyaka emibini. EBritani, abaququzeleli benkqubo kamabonwakude ephambili yokucel’ amalizo baphoxeka xa kwafunyaniswa ukuba kwimali engangee-R92 zezigidi, eyayithunyelwe ukuze incedise ekwakheni iindawo zokugcina iinkedama eRomania, kwakwakhiwe kuphela izindlu ezikumgangatho ophantsi ezili-12, yaye izigidi ezininzi zeerandi zazingaziwa ukuba zitshone phi na. Iingxelo ezimbi njengezi ziye ngokufanelekileyo zabangela abo banikela ngemali balumka ngakumbi ngobungakanani bemali abayinikelayo kwanokuba bayinikela kubani.
Enoba Ufanele Unikele Okanye Unganikeli
Noko ke, bekuya kuba yinto embi ukuba ngenxa yezenzo zabantu okanye imibutho nje embalwa besiya kuphelelwa yinkxalabo enzulu neyothando ngabanye. IBhayibhile ithi: “Unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu lulo olu: ukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo, nokuzigcina ungenabala kulo ihlabathi.” (Yakobi 1:27) Ewe, ukunceda amahlwempu nababandezelekileyo kuyinxalenye ebalulekileyo yobuKristu.
Sekunjalo, unokuzibuza, ‘Ngaba ndifanele ndiqhubeke ndinikela kwimibutho yokucel’ amalizo, okanye ndifanele nje ndizame ukunceda abantu abathile ngokubanika izipho?’ UThixo ulindele ukuba sibaphe njani abanye? Inqaku elilandelayo liya kuphendula le mibuzo.