Iziqulatho
Oktobha 15, 2011
Uhlelo Lokufundisa
AMANQAKU AZA KUFUNDWA NGEVEKI:
KaNovemba 28, 2011–Disemba 4, 2011
Ngaba Indlela Ozihlaziya Ngayo Iyingenelo?
IPHEPHA 8
IINGOMA EMAZISETYENZISWE: 70, 74
KaDisemba 5-11, 2011
Isiluleko Sobulumko Esiphathelele Ukutshata Nokungatshati
IPHEPHA 13
IINGOMA EMAZISETYENZISWE: 85, 36
KaDisemba 12-18, 2011
Thembela KuYehova, “UThixo Wentuthuzelo Yonke”
IPHEPHA 23
IINGOMA EMAZISETYENZISWE: 75, 115
KaDisemba 19-25, 2011
‘Thuthuzela Bonke Abazilileyo’
IPHEPHA 27
IINGOMA EMAZISETYENZISWE: 68, 42
Injongo Yamanqaku Aza Kufundwa
INQAKU ELIZA KUFUNDWA 1 IPHEPHA 8-12
Naphi na apho sihlala khona, ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kuya kusinceda sikhethe iindlela zokuzihlaziya eziya kuba yingenelo. Eli nqaku liza kuthetha ngendlela esinokuluhlola ngayo ukhetho lwethu lokuzihlaziya.
INQAKU ELIZA KUFUNDWA 2 IPHEPHA 13-17
Isigqibo somntu sokutshata nokungatshati asichaphazeli ubomi bakhe kuphela kodwa nolwalamano lwakhe noYehova. Eli nqaku liza kubonisa indlela abakhonzi bakaThixo, abangatshatanga nabatshatileyo, abanokusisebenzisa ngayo isiluleko seBhayibhile esikweyoku-1 kwabaseKorinte isahluko 7 ukuze kungenelwe bona kweli xesha libalulekileyo lobomi.
AMANQAKU AZA KUFUNDWA 3, 4 IPHEPHA 23-31
Kule mihla yokugqibela, zininzi iimeko ezixinezelayo ezehlela abakhonzi bakaYehova nabanye abantu. Ziziphi ezinye zezi meko? Inokufunyanwa phi intuthuzelo? La manqaku mabini abonisa indlela uYehova namaNgqina akhe ababathuthuzela ngayo abantu kula maxesha azele ziinkathazo.
KWAKULE NKUPHO
3 “Hlalani Nilindile”—Kutheni Kubalulekile Nje?
18 Ukukhonza UYehova Bekusoloko Kuyinto Endiyithandayo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
Globe: Courtesy of Replogle Globes