Bazinikela Ngokuvumayo E-Ecuador
UMZALWANA oselula waseItali wayexakiwe. Wayesandul’ ukuphumelela emagqabini kumabanga aphakamileyo yaye izalamane zakhe nootitshala zazimbongoza ukuba aqhubeke nemfundo enomsila. Noko ke, uBruno wayengenaminyaka mininzi ezahlulele kuYehova, yaye wathembisa ukubeka ukuthanda kukaThixo kwindawo yokuqala kubomi bakhe. Wakhetha ntoni? Uthi: “Ndathandaza kuYehova ndimxelela ukuba ndifuna ukwenza ngokuvisisana nokuzahlulela kwam ndize ndimbeke kwindawo yokuqala. Kodwa ngokunyaniseka ndamxelela nokuba, ndizimisele ukuxakeka zizinto ezahlukahlukeneyo kwinkonzo yakhe, yaye andifuni ubomi bam bube yindinisa.”
Kwiminyaka embalwa emva koko, uBruno waya e-Ecuador, kuMzantsi Merika. Uthi: “UYehova wawuphendula umthandazo wam ngendlela endingazange ndiyilindele.” Wafika wamangaliswa e-Ecuador, kuba kwakukho ulutsha oluninzi olwalufudukele kwelo lizwe ngenjongo yokukhonza uYehova ixesha elizeleyo.
ULUTSHA ‘OLUVAVANYA UYEHOVA’
Njengamanye amawakawaka olutsha olusehlabathini lonke, uBruno wamkela esi simemo sikaYehova: “Khanincede, nindivavanye, . . . enoba andiyi kunivulela kusini na amasango ezikhukula emazulwini ndize okunene ndiqongqothele phezu kwenu intsikelelo.” (Mal. 3:10) Kuba luthanda uThixo, olu lutsha lwagqiba ekubeni ‘lumvavanye uYehova’ ngokunikela ngokuvumayo ngexesha, amandla nobuncwane balo, ukuze luxhase izilangazelelo zakhe kwilizwe elinemfuneko enkulu yabavakalisi boBukumkani.
Akubi kudala befikile kwisabelo sabo esitsha, aba basebenzi bazimiseleyo babone ukuba “isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa.” (Mat. 9:37) Ngokomzekelo, uJaqueline waseJamani, enemincili walibhalela oku isebe lase-Ecuador: “Sekudlule nje iminyaka emibini kuphela ndilapha e-Ecuador kodwa ndinezifundo zeBhayibhile ezili-13, yaye ezine kuzo zibakho rhoqo kwiintlanganiso. Kundivuyisa ngokwenene oko!” UChantal waseKhanada uthi: “Ngowama-2008, ndafudukela kwenye indawo ekunxweme lwase-Ecuador eyayinebandla elinye. Ngoku kukho amabandla amathathu noovulindlela abangaphezu kwama-30 kuloo mmandla. Ayikho into eyodlula ukubona abantu abatsha abaninzi kangaka besenza inkqubela!” Waleka ngelithi: “Ndisandul’ ukufudukela kwisixeko esikwiimitha ezingama-2 743 phezulu kwiiNtaba zeAndes. Esi sixeko sinabemi abangaphezu kwama-75 000 kodwa sinebandla elinye kuphela. Ichume ngokwenene le ntsimi! Ndisebenza kamnandi ngokwenene kubulungiseleli bam.”
UCELOMNGENI
Kambe ke, ukukhonza kwilizwe lasemzini kuba nocelomngeni. Eneneni, olunye ulutsha luye lwajamelana nemiqobo ngaphambi kokufudukela kwamanye amazwe. UKayla, waseUnited States, uthi: “Ndandidinyazwa zizinto ezithethwa ngabazalwana bebandla endisuka kulo, beneenjongo ezintle phofu. Yayingavakali kubo into yokuba ndiye kuba nguvulindlela kwelinye ilizwe. Ndandingaqiniseki maxa wambi enoba ndenze isigqibo esisiso kusini na.” Sekunjalo, uKayla wagqiba kwelokuba uza kufuduka. Uthi: “Ukuthandaza izihlandlo eziliqela kuYehova nokuncokola nabazalwana noodade abaqolileyo kwandinceda ndabona ukuba uYehova uyawusikelela umoya wokuzincama.”
Abantu abaninzi baye bahlangabezane nomqobo wokufunda ulwimi olutsha. USiobhan, waseIreland, uthi: “Eyona nto yayinzima kum kukungakwazi ukuthetha nabantu. Kwafuneka ndifunde ukuba nomonde, ndizimisele ukufunda ulwimi lwalapho ndize ndizihleke xa ndiphazama.” UAnna wase-Estonia ulebela ngelithi: “Ukuqhelana nobushushu balapho, uthuli oluninzi nokungabikho kwamanzi okuhlamba ashushu kwakungeyonto xa kuthelekiswa nokufunda iSpanish. Ndandikhe ndifune ukunikezela. Kwafuneka ndifunde ukunikela ingqalelo kwinkqubela endiyenzayo kunokuhlalela ukucinga ngeempazamo zam.”
Asinakululibala ucelomngeni lokukhumbula ikhaya. UJonathan waseUnited States uthi: “Akuzange kube kudala ndifikile apho ndandisiya khona ndadimazeka ngenxa yokuba kude kwintsapho nabahlobo bam. Kodwa into eyandinceda ndahlangabezana naloo nto kukuzimisela ukufunda iBhayibhile ndize ndixakeke kubulungiseleli. Ukusebenza kamnandi entsimini nabahlobo abatsha endabafumana ebandleni kwakhawuleza kwandinceda ndonwaba.”
Olunye ucelomngeni kukuphila kwiimeko ezahlukileyo kwezo uziqhelileyo. UBeau, waseKhanada uthi: “Kumazwe esivela kuwo, sizithatha lula iinkonzo eziqhelekileyo njengombane namanzi acocekileyo. Kodwa apha azisoloko zikho ezi zinto.” Ubuhlwempu, iinkonzo zothutho ezingekho mgangathweni, nokungafundi kuxhaphakile kumazwe amaninzi asakhasayo. UInes waseOstriya uncedwa kukujonga iimpawu ezintle zabantu belizwe akulo. Uthi: “Banobubele ebantwini, bazolile, bayakuthanda ukunceda yaye bathobekile. Ngaphezulu, bakuthanda gqitha ukufunda ngoThixo.”
‘UKUSIKELELWA KUDE KUNGASWELEKI NTO’
Ngoxa lonke olu lutsha lukhonza e-Ecuador luye lwancama izinto ezithile, lufumanise ukuba uYehova ‘wenze ngaphezu koko lukucelayo nolukuthelekelelayo.’ (Efe. 3:20) Ngokwenene, luvakalelwa kukuba luye ‘lwasikelelwa de akwasweleka nto.’ (Mal. 3:10) Khawuve indlela oluvakalelwa ngayo ngobulungiseleli balo:
UBruno: “Inkonzo yam ndiyiqalise apha e-Ecuador kummandla omhle kunene weAmazon. Kamva ndaya kuncedisa xa kwakusandiswa iofisi yesebe yase-Ecuador. Ngoku ndikhonza eBheteli. Ngoxa ndandiseseItali, ndakhetha ukubeka uYehova kwindawo yokuqala yaye uyakwanelisa ukunqwenela kwam ubomi obumnandi kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zenkonzo yakhe.”
UBeau: “Ndiye ndanolwalamano olusondeleyo noYehova ngenxa yokuba e-Ecuador ndiyakwazi ukuchitha ixesha lam lonke ekwenzeni izinto zokomoya. Kwangaxeshanye, ndiye ndasikelelwa nangokuya kwiindawo ezintle—nto leyo ebekukudala ndiyibawela.”
UAnna: “Andizange ndiyicinge into yokuba, ndingathi ndingatshatanga ndiphile njengomthunywa wevangeli. Kodwa ngoku ndiyaqonda ukuba loo nto inokwenzeka. Ngenxa yokusikelelwa nguYehova, ndonwabe gqitha njengoko ndisenza abantu abafundi, ndisakha iiHolo ZoBukumkani yaye ndifumana abahlobo abatsha.”
UElke: “Ndisesekhaya eOstriya, ndandidla ngokuthandaza kuYehova, ndicela isifundo seBhayibhile nokuba nje sinye. Ngoku ndinezifundo zeBhayibhile ezili-15! Ukubona izifundo ezonwabileyo nezenza inkqubela kundanelisa gqitha.”
UJoel: “Kumnandi gqitha ukuya kukhonza uYehova kwindawo ongayaziyo. Ufunda ukuthembela ngakumbi kuye, yaye kuvuyisa ngokwenene ukumbona esikelela imigudu oyenzayo! Ekhaya kuseUnited States yaye kunyaka wam wokuqala ndilapha, iqela endilikhonzayo liye lenyuka lisuka kubavakalisi abathandathu ukuya kutsho kwabangama-21. ESikhumbuzweni besili-110.”
KUTHEKANI NGATHI?
Bazalwana noodade abaselula, ngaba iimeko zenu ziyanivumela ukuba nikhonze kwilizwe elifuna abavakalisi boBukumkani abangakumbi? Kakade ke, ukwenza isigqibo esibaluleke ngolo hlobo kufuna ukuba ucebe kakuhle. Eyona nto ibaluleke kakhulu, kukumthanda ngokwenene uYehova nommelwane wakho ukuze ukulungele ukufuduka. Ukuba unolo thando yaye uyafaneleka, zingisa emthandazweni uze uthethe noYehova ngalo mba wokukhonza kwelinye ilizwe. Ngaphezu koko, thetha nabazali bakho abangamaKristu ngokuphathelele umnqweno onawo. Unokugqiba kwelokuba ube negalelo kule nkonzo ingcwele, imnandi neyanelisayo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]
“Ukuthandaza izihlandlo eziliqela kuYehova nokuncokola nabazalwana noodade abaqolileyo kwandinceda ndabona ukuba uYehova uyawusikelela umoya wokuzincama.”—UKayla waseUnited States
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 6]
Indlela yokulungiselela ukukhonza kwelinye ilizwe
• Kuthande ngokwenene ukufundisisa
• Funda UBulungiseleli Bethu BoBukumkani, buka-Agasti 2011, iphepha 4-6
• Thetha nabo baye bakhonza kwelinye ilizwe
• Phanda ngezithethe nembali yelo lizwe
• Funda izinto ezisisiseko zolwimi lwelo lizwe
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 6]
Abanye abakhonza kumazwe asemzini baye bazixhasa ngemali . . .
• ngokusebenza iinyanga ezimbalwa nyaka ngamnye kumazwe akomawabo
• ngokuqeshisa ngezindlu zabo, amagumbi abo, okanye amashishini
• ngokusebenza kwi-Intanethi
[Imifanekiso ekwiphepha 4, 5]
1 UJaqueline waseJamani
2 UBruno waseItali
3 UBeau waseKhanada
4 USiobhan waseIreland
5 UJoel waseUnited States
6 UJonathan waseUnited States
7 UAnna wase-Estonia
8 UElke waseOstriya
9 UChantal waseKhanada
10 UInes waseOstriya