IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/92 iphe. 8
  • Lungiselela Intshumayelo Yakho KaFebruwari

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Lungiselela Intshumayelo Yakho KaFebruwari
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuqalisa Incoko Xa Ubuyela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Buyela Ukuze Uncede Abantu Bafunde Ngoko Banokukwenza Ukuze Baphile Ngonaphakade
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Bonke Mabazi Ukuba Unqabiseko Lwehlabathi Lonke Lusondele
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Ebudeni BukaDisemba
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 2/92 iphe. 8

Lungiselela Intshumayelo Yakho KaFebruwari

1 Ebudeni bukaFebruwari, sinikela nayiphi na kwezi ncwadi zilandelayo ezinamaphepha ali-192 ngexabiso le-R1,00: ‘Injongo Kanaphakade’ KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ukuphulaphula Kumfundisi Omkhulu nethi Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo. Nayiphi na kwezi mpapasho zintle inokusetyenziswa ukunikela iindaba ezilungileyo ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngokungathandabuzekiyo uya kukufumanisa kuluncedo ukufunda nokusebenzisa enye okanye zonke iintshumayelo ezilandelayo ezicetyisiweyo.

2 Umhlaba—Ikhaya Lomntu Likanaphakade: Ukuba ufuna ukuqalisa incoko nabantu abanenkxalabo ngalo mhlaba nemeko-bume yawo, zama ukusebenzisa umxholo othi “Umhlaba Uya Kuhlala Ukho Ngonaphakade Njengekhaya Loluntu.” Lo mxholo ubanzi ngokwaneleyo ukuba uthimbe ingqalelo yabantu abalithandayo ilungiselelo lobukho beentsapho, abathanda indalo neengcali ngemeko-bume. Isibhalo esinokusetyenziswa yiNtshumayeli 1:4. Usenokwandula ke utsalel’ ingqalelo yomninimzi kwisiqendu 1-3 kwiphepha 5 lencwadi Iindaba Ezilungileyo.

3 Emva kokuzazisa, usenokuthi:

◼ “Ngokufutshane ndityelele apha ukuze ndincokole nawe ngombandela oxhalabise uninzi lwethu. Umhlaba likhaya lethu, yaye ngokungathandabuzekiyo nawe uyixhalabele indlela owonakaliswa ngayo. Izazinzulu neengcali ngemeko-bume zihlala zisilumkisa ngelithi ukuba siyaqhubeka siwungcolisa, umhlaba awuyi kukwazi ukubaxhasa abo bahlala kuwo. Ngaba kukho sicombululo sithile usibonayo sale ngxaki? [Khawunqumame ukuze umninimzi aphendule ukuba unqwenela ukwenjenjalo.] Ngokufutshane nje, ndithanda ukukubonisa oko iBhayibhile ikuthethayo kwiNtshumayeli 1:4 ngekamva lalo mhlaba.” Sifunde esi sibhalo, uze umbonise oko kuthethwa kwisiqendu 5 nesesi-6 kwiphepha 7 lencwadi Iindaba Ezilungileyo.

4 Ubungendawo Buza Kushenxiswa: Ukuze uvuse umdla ebantwini abakhathazekileyo ngenxa yolwaphulo-mthetho, ugonyamelo nemfazwe, usenokuthanda ukuncokola nabo ngomxholo othi “Ubungendawo Buza Kushenxiswa Ukuze Abo Bathanda UThixo Banandiphe Ubomi Noxolo.” INdumiso 37:9-11 itsho njalo, ibe oku kucacisiwe kwincwadi Iindaba Ezilungileyo, iphepha 8-9.

5 Ngemva kokuzazisa njengesiqhelo, usenokuthi:

◼ “Ngaba ucinga ukuba liya kuze lifike ixesha laxa kungasayi kufuneka ukuba silwisane nolwaphulo-mthetho nogonyamelo? [Mvumele umninimzi aphendule.] IBhayibhile isixelela ngesicombululo esihlala sihleli apha kwiNdumiso 37:9-11.” Sifunde esi sibhalo uze utyhile kwiphepha 8-9 lencwadi Iindaba Ezilungileyo uze ufunde iinxalenye ozikhethileyo kwisiqendu 6 nakwesesi-7.

6 Ithemba Lovuko: Ekubeni ngathuba lithile ngamnye eye walahlekelwa ngumntu amthandayo ngokufa, kunokuba yinto ethuthuzelayo ukuqalisa incoko ngomxholo othi “Ulawulo LoBukumkani Luya Kubuyisela Ebomini Abafileyo Esibathandayo Kwiimeko ZeParadisi.” Usenokusebenzisa uYohane 5:28, 29 okanye uLuka 23:43 uze umbonise oko kuthethwayo kumbandela nakwisibhalo esikwincwadi Iindaba Ezilungileyo, iphepha 151, isiqendu 1 nakwiphepha 186, isiqendu 8.

7 Usenokuqalisa incoko yakho ngentshayelelo yesibini kwiphepha 13 lencwadi “Ukuqiqa” uze ke uthi:

◼ “Ngamathuba athile inkoliso yethu iyacinga ngabo sibathandayo abasishiyileyo ngokufa. Kodwa ngaba unoluvo lokuba sisenokubabona kwakhona? [Nika umninimzi ithuba lokuvakalisa izimvo zakhe.] Abantu abaninzi esithetha nabo bayakhwankqiswa kukuva oko iLizwi likaThixo likuthembisayo nakukuba eli themba liza kuzaliseka kanye apha emhlabeni. Phawula eli dinga leBhayibhile eliku- . . . ” Sebenzisa uYohane 5:28, 29 okanye uLuka 23:43, uze udibanise noko kuthethwa kwincwadi Iindaba Ezilungileyo, iphepha 151, isiqendu 1 nakwiphepha 186, isiqendu 8.

8 Lungiselela uze usebenzise enye okanye zonke ezi ntshumayelo kule nyanga. Akufanele kube nzima ukufumana iingcaphulo nemifanekiso efanelekileyo kuyo nayiphi na impapasho oyisebenzisayo. Ukuba akukho mdla ungako ubonakaliswayo, nikela iphecana elithetha ngombandela ebenincokola ngawo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share