Bethelela Ithemba Lobomi Obungunaphakade Kwabanye
1 Nangona Umntu Eye Wazama Iindlela Zokuthoba Isantya Sokwaluphala Aze Andise Ixesha Aliphilayo, Ukwaluphala Nokufa Akuphepheki. Hayi Indlela Esinombulelo Ngayo Ngenxa Yokuba Ibhayibhile Isichazela Isizathu Sokuba Umntu Esaluphala Aze Afe, Kwakunye Nendlela Imiphumo Emibi Yokwaluphala Eya Kupheliswa Ngayo Kuze Kutshayelwe Ukufa. Ezi Nyaniso Zichazwe Ngendlela Eyeyisayo Kwincwadi Ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Le Ncwadi Iyiphendula Ngokucacileyo Imibuzo Enzima Ephathelele Ubomi Nokufa, Isalathisela Umfundi Kwixesha Laxa Iparadesi Iya Kube Ibuyiselwe.
2 Ngomatshi Siza Kuhambisa Incwadi Ethi Ulwazi Sinosukelo Lokuqalisa Izifundo Zebhayibhile Zamakhaya. (Mat. 28:19, 20) Emva Koko Siya Kubuyela Kubo Bonke Ababonakalise Umdla Kwisigidimi Sobukumkani. Ngale Ndlela Sinokubethelela Ithemba Lobomi Obungunaphakade Kwabanye. (Tito 1:2) Ukuze Wenze Oku Uya Kuwafumanisa Eluncedo La Macebiso Alandelayo.
3 Xa usenza utyelelo lokuqala, usenokubuza lo mbuzo:
◼ “Ngaba wakha wazibuza ngesizathu sokuba abantu balangazelele ubomi obude? [Vumela impendulo.] AmaBhuda, amaHindu, amaKristu, amaSilamsi, nezinye iinkonzo zonke zinethemba lobomi emva kokufa.” Tyhila isahluko 6 sencwadi ethi Ulwazi esinomxholo othi, “Kutheni Sisaluphala Size Sife?,” uze ufunde isiqendu 3. Mncede aqiqe usebenzisa izibhalo ezicatshulwe apho. Ubhekisela kwimibuzo emininzi esekupheleni kwesiqendu, buza umninimzi ukuba angathanda kusini na ukuzikhangelela iimpendulo ngokwakhe. Ukuba uyavuma, qhubeka uxubusha naye iziqendu ezimbalwa ezilandelayo. Sele siqalisiwe isifundo! Mshiyele incwadi ngomnikelo wee-R4,00 uze wenze amalungiselelo okubuyela ukuze uxubushe iimpendulo, kucetyiswa ukuba ukwenze oko kwisithuba sosuku okanye kwiintsuku ezimbini.
4 Xa ubuyela apho ubuhambise khona incwadi ethi “Ulwazi,” usenokuthi:
◼ “Ndibuyile ukuze siqwalasele imibuzo emibini ephathelele ukufa esiyishiye ingekaphendulwa.” Khumbuza umninimzi ngale mibuzo. Emva koko xubusha inkcazelo ekwisahluko 6 phantsi komxholwana othi “Iyelenqe Elingendawo.” Ngokuxhomekeka kwiimeko, qhubeka nesifundo okanye usebenzise umbuzo osekugqibeleni kwisiqendu 7 ukuze ubeke isiseko sokubuya kwakhona. Yenza amalungiselelo aqinisekileyo okubuyela. Nika umninimzi isimemo uze uthi gqaba-gqaba ngokufutshane ngendlela eziqhutywa ngayo iintlanganiso. Mmeme ngokufudumeleyo ukuba abekho kuzo.
5 Xa ukwindlu ngendlu okanye unikela ubungqina obungacwangciswanga, usenokuqalisa incoko ngokuthi:
◼ “Ngaba wakha wazibuza ngoko ikamva lisifumbathele kona kwanomhlaba? [Vumela impendulo.] IBhayibhile ilishwankathela ngegama elinye ikamva—iParadesi! Ithi ekuqaleni, uThixo wenza inxalenye yomhlaba yaba yiparadesi entle apho wabeka khona isibini esingabantu awayesidalile. Sasiza kuzalisa umhlaba, siwuguqula ngokuthe ngcembe ukuba ube yiparadesi. Phawula le nkcazelo yendlela owawumele ube yiyo.” Tyhila incwadi ethi Ulwazi kwiphepha 8, uze ufunde isiqendu 9 phantsi komxholwana othi “Ubomi eParadesi.” Emva koko xubusha iingongoma ezikwisiqendu 10 uze ufunde isibhalo esibonisiweyo, uIsaya 55:10, 11. Cela ukuqhubeka nale ngxubusho ingendlela obuya kuba yiyo ubomi kwiParadesi ebuyiselweyo nokugubungela isiqendu 11-16 ngaxeshanye. Mshiyele le ncwadi ngomnikelo wee-R4,00. Mkhuthaze lo mntu ukuba azifundele uze wenze amalungiselelo okubuya nize nixubushe.
6 Ukuba isifundo asikhange siqaliswe kutyelelo lokuqala, usenokuzama ukwenjenjalo xa ubuyela ngokuthi:
◼ “Njengoko siye saxubusha kwincoko yethu yexesha elidluleyo, injongo kaThixo kukuba wonke umhlaba uguqulelwe ekubeni yiparadesi. Oko kuphakamisa lo mbuzo, Iya kuba njani iParadesi?” Tyhila incwadi Ulwazi kwisahluko 1 uze ufundisise isiqendu 11-16 phantsi komxholwana othi “Ubomi KwiParadesi Ebuyiselweyo.” Emva koko mbonise umfanekiso okwiphepha 4-5 uze ubuze lo mntu enoba ebengathanda kusini na ukuphila kwindawo entle ngolo hlobo. Emva koko funda isivakalisi sokuqala sesiqendu 17 kwiphepha 10. Ngokuxhomekeka kwiimeko, usenokuqhubeka nesifundo okanye umxelele ukuba xa uphinda ubuya uya kumxelela oko kufunekayo ukuze umntu aphile kwiParadesi ebuyiselweyo. Mshiyele isimemo, umchazele ucwangciso lweentlanganiso uze ummeme ngokufudumeleyo lo mntu ukuba abekho kwiHolo yoBukumkani.
7 Incwadi ethi Ulwazi isisixhobo esibalaseleyo esinokusisebenzisa ekutyhileleni abanye ‘ngobomi obungunaphakade’ obuthenjiswe nguThixo. Ukuqhuba kwakho izifundo zeBhayibhile zamakhaya kunokubethelela kubo eli themba lizukileyo liphefumlelwe nguThixo “ongenakuxoka.”