Ucwangciso Lwesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Lowama-2001
Imiyalelo
Ebudeni bowama-2001 kuza kusetyenziswa olu cwangciso lulandelayo xa kuqhutywa iSiko-lo Sobulungiseleli Sobuthixo.
IINCWADI ZESIKOLO: INguquleloYehlabathi Elitsha YeZibhalo Eziingcwele [bi 12-XO], IMboniselo [w-XO], “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo” [si-XO], nethi Ukuqiqa NgeZibhalo [rs-XO] ziya kusekelwa kuzo iintetho.
Isikolo sifanele siqalise KWANGEXESHA ngengoma, umthandazo namagqabaza olwa-mkelo. Ayikho imfuneko yokuba uqale uhloli-sise ucwangciso. Njengoko umveleli wesikolo etshayelela inxalenye nganye, uya kukhankanya umbandela oza kugutyungelwa. Siqhubeka ngolu hlobo:
INTETHO YOKU-1: Imizuzu eli-15. Le ntetho ifanele isingathwe ngumdala okanye isicaka solungiselelo, yaye iya kusekelwa kwiMboniselo okanye kwincwadi ethi “Sonke Isibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo.” Xa isekelwe kwiMboniselo, le ntetho imele inikelwe njengentetho efundisayo yemizuzu eli-15 ku-ngabikho mibuzo yempinda; xa isekelwe kwethi “Sonke Isibhalo,” ifanele inikelwe njengentetho efundisayo yemizuzu eli-10 ukusa kweli-12 ilandelwe yimizuzu emi-3 ukusa kwemi-5 yemibuzo yempinda, kusetyenziswa imibuzo eshicilelweyo ekuloo mpapasho. Injongo ayifanele ibe kukugubungela nje umbandela kodwa imele ibe kukubonisa indlela ebaluleke ngayo inkcazelo exutyushwayo, kubalaseliswa oko kuya kuba luncedo ebandleni. Kufanele kuse-tyenziswe umxholo obonisiweyo.
Abazalwana ababelwe le ntetho bafanele bakuphaphele ukugcina ixesha elimisiweyo. Ku-senokunikelwa isiluleko ngasese ukuba kuyimfuneko okanye ukuba isithethi siye sakucela oko.
IIMBALASANE ZOKUFUNDWA KWEBHAYIBHILE: Imizuzu emi-6. Le imele isingathwe ngumdala okanye isicaka solungiselelo esiya kuwusebenzisa ngokuphumelelayo umbandela kwiimfuno zasekuhlaleni. Akuyomfuneko ukuba kubekho umxholo. Ayifanele ibe kukushwankathelwa nje kofundo olwabelweyo. Usenokuchaza okuqulethwe zizahluko ozabelweyo kangangemizuzwana engama-30 ukusa kwengama-60. Noko ke, injongo eyintloko kukunceda abaphulaphuli baqonde isizathu kunye nendlela exabiseke ngayo loo nkcazelo kuthi. Uya kwandula ke umveleli wesikolo ayalele abafundi ukuba baye kumagumbi abo esikolo awahlukeneyo.
INTETHO YESI-2: Imizuzu emi-5. Olu lufundo lweBhayibhile lombandela owabelweyo olu-mele lwenziwe ngumzalwana, enoba loo mfundi ukwisikolo esikhulu okanye eseqela elincinane. Ngokuqhelekileyo izabelo ezifundwayo zisoloko zizifutshane ngokwaneleyo ukuvumela amagqabaza omfundi okuvula nawokuqukumbela. Kusenokuqukwa imvelaphi engembali, intsingiselo yesiprofeto okanye yemfundiso nokusetyenziswa kwemigaqo. Zonke iindinyana ezabelweyo zifanele zifundwe ngaphandle kokunqumama. Kambe ke, xa iindinyana abelwe ukuba azifunde ziqhawuka, umfundi usenokuchaza indinyana aya kuqhubeka efunda kuyo.
INTETHO YESI-3: Imizuzu emi-5. Le iya kwabelwa udade. Umbandela wale ntetho uya ku-sekelwa kwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo. Indlela ecetywe ngayo isenokuba bubungqina obungacwangciswanga, ibuyelo, okanye isifundo seBhayibhile sekhaya, yaye abo bane-nxaxheba basenokuhlala phantsi okanye beme ngeenyawo. Umveleli wesikolo uya kuba nomdla ngokukodwa kwindlela loo mfundi awuvelisa ngayo umxholo aze ancede umninimzi aqiqe ngezo zibhalo. Umfundi owabelwe le ntetho umele akwazi ukufunda. Omnye umnce-disi uya kulungiselelwa ngumveleli wesikolo, kodwa kusenokusetyenziswa abancedisi aba-ngakumbi. Into efanele iqwalaselwe ngokuyintloko asilohlobo eza kunikelwa ngalo kodwa kukusetyenziswa ngokuphumelelayo kweBhayibhile.
INTETHO YESI-4: Imizuzu emi-5. Umbandela wale ntetho uya kusekelwa kwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo. INtetho yesi-4 inokwabelwa umzalwana okanye udade. Xa yabelwe umzalwana, mayisoloko isiba yintetho kubaphulaphuli. Xa yabelwe udade, imele inikelwe ngendlela ekuboniswe ngayo kwiNtetho yesi-3.
UCWANGCISO LOKUFUNDWA KWEBHAYIBHILE: Wonk’ ubani osebandleni ukhutha-zwa ukuba ahambisane nocwangciso lweveki lokufundwa kweBhayibhile, oluthabatha malu-nga nephepha elinye ngosuku.
PHAWULA: Ukuze ufumane inkcazelo nemiyalelo eyongezelelekileyo ngokuphathelele isi-luleko, ubambo-xesha, iimpinda ezibhalwayo nokulungiselela intetho, nceda ubone iphepha 5 loBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1996.
UCWANGCISO
Jan. 1 Ukufundwa kweBhayibhile: 2 Kumkani 13-16
No. 1: Ukuxolela Kuvulela Ithuba Lokusindiswa (w99-XO 1/1 iphe. 30-1)
No. 2: 2 Kumkani 14:1-14
No. 3: Ukuqhomfa—Kutheni Kusalelwa nje? (rs-XO iphe. 302-3 isiqe. 7)
No. 4: Ukuphendula Ubani othi: ‘Ndinelungelo Lokugqiba Ngemicimbi Echaphazela OwamUmzimba’ (rs-XO iphe. 304 isiqe. 1)
Jan. 8 Ukufundwa kweBhayibhile: 2 Kumkani 17-20
No. 1: Isiluleko Ekulula Ukasamkela (w99-XO 1/15 iphe. 21-4)
No. 2: 2 Kumkani 18:1-16
No. 3: Ngaba uAdam NoEva—Babengabantu Nje Basembalini? (rs-XO iphe. 25-6 isiqe. 5)
No. 4: Ukuphendula Ubani othi: ‘Isono sika-Adam sabakho ngenxa yokuthanda kukaThixo, licebo likaThixo’ (rs-XO iphe. 27
isiqe. 1-2)
Jan. 15 Ukufundwa kweBhayibhile: 2 Kumkani 21-25
No. 1: Eyesi-2 yooKumkani—Isizathu Sokuba Ibe Yingenelo (si-XO iphe. 74 isiqe. 33-6)
No. 2: 2 Kumkani 21:1-16
No. 3: Kutheni Ukunqula Izinyanya Kulilize? (rs-XO iphe. 260-1 isiqe. 8)
No. 4: Isizathu Sokuba Unqulo Lwezinyanya Lungamkholisi UYehova UThixo (rs-XO iphe. 262 isiqe. 1-6)
Jan. 22 Ukufundwa kweBhayibhile: 1 Kronike 1-5
No. 1: Intshayelelo yeyoku-1 yeziKronike (si-XO iphe. 75-6 isiqe. 1-7)
No. 2: 1 Kronike 1:1-27
No. 3: Ngoobani AbaChasi-Kristu? (rs-XO iphe. 98-9 isiqe. 7)
No. 4: Ukuchazwa Kwabawexuki (rs-XO iphe. 379-80 isiqe. 5)
Jan. 29 Ukufiindwa kweBhayibhile: lKronike 6-10
No. 1: Indlela Okunokubonakaliswa Ngayo Ukuthobeka Kokwenene (w99-XO 2/1 iphe.6-7)
No. 2: 1 Kronike 9:1-21
No. 3: Simele Sibajonge Njani Abawexuki? (rs-XO iphe. 381)
No. 4: UKristu Akazange Alakhele KuPetros Ibandla (rs-XO iphe. 172-3)
Feb. 5 Ukufundwa kweBhayibhile: 1 Kronike 11-16
No. 1: Yiba Ngumthombo Wokhuthazo (w99-XO 2/15 iphe. 26-9)
No. 2: 1 Kronike 11:1-19
No. 3: Zaziyintoni Izitshixo Ezasetyenziswa NguPetros? (rs-XO iphe. 174-6 isiqe. 3)
No. 4: “Amalandela Abapostile” AkangomaKristu Okwenyaniso (rs-XO iphe. 176 isiqe. 4-iphe. 178 isiqe. 7)
Feb. 12 Ukufundwa kweBhayibhile: 1 Kronike 17-23
No. 1: Bhinqani Ukuthobeka Kwengqondo (w99-XO 3/1 iphe. 30-1)
No. 2: 1 Kronike 18:1-17
No. 3: Iza Kulwelwa Phi IArmagedon? (rs-XO iphe. 27-9 isiqe. 4)
No. 4: Ngoobani Yaye Yintoni Eya Kutshatyalaliswa EArmagedon? (rs-XO iphe. 29 isiqe. 5-iphe. 30 isiqe. 3)
Feb. 19 Ukufundwa kweBhayibhile: 1 Kronike 24-29
No. 1: Eyoku-1 yeziKronike—Isizathu Sokuba Ibe Yingenelo (si-XO iphe. 78-9 isiqe. 22-5)
No. 2: 1 Kronike 29:1-13
No. 3: Ngoobani Abaya Kusinda EArmagedon? (rs-XO iphe. 30 isiqe. 4-iphe. 31 isiqe. 1)
No. 4: IArmagedon—Ayikokuvukelwa Kothando LukaThixo (rs-XO iphe. 31 isiqe. 2-4)
Feb. 26 Ukufundwa kweBhayibhile: 2 Kronike 1-5
No. 1: Intshayelelo yeyesi-2 yeziKronike (si-XO iphe. 79-80 isiqe. 1-6)
No. 2: 2 Kronike 1:1-17
No. 3: Abayi Kubakho Oondilele EArmagedon (rs-XO iphe. 31 isiqe. 5-8)
No. 4: Yimpembelelo Kabani Edudulela Iintlanga Kwimeko YaseArmagedon? (rs-XO iphe. 32 isiqe. 1-2)
Mat. 5 Ukufundwa kweBhayibhile: 2 Kronike 6-9
No. 1: Musani Ukoyiswa Lixhala (w99-XO 3/15 iphe. 21-3)
No. 2: 2 Kronike 8:1-16
No. 3: Ukufanisa IBhabhiloni EkwiSityhilelo (rs-XO iphe. 61 isiqe. 1-2)
No. 4: Yintoni Eyayisaziwa Ngayo IBhabhiloni Yakudala? (rs-XO iphe. 61 isiqe. 3-iphe. 63 isiqe. 4)
Mat. 12 Ukufundwa kweBhayibhile: 2 Kronike 10 15
No. 1: Ngubani Ophembelela Indlela Ocinga Ngayo? (w99-XO 4/1 iphe. 20-2)
No. 2: 2 Kronike 10:1-16
No. 3: Isizathu Sokuba Iinkonzo Ezizibabaza ZizezamaKristu ZibeYinxalenye YeBhabhiloni Enkulu (rs-XO iphe. 63 isiqe. 5-iphe. 64 isiqe. 4)
No. 4: Isizathu Sokuba Kungxamiseke Ukuphuma KwiBhabhiloni Enkulu (rs-XO iphe. 65 isiqe. 1-6)
Mat. 19 Ukufundwa kweBhayibhile: 2 Kronike 16-20
No. 1: Khusela IntliziyoYakho KumoyaWonqulo LukaBhahali. (w99-XO 4/1 iphe. 28-31)
No. 2: 2 Kronike 16:1-14
No. 3: Oko lukuko Ubhaptizo, Nesizathu Sokuba Abakholwayo Babhaptizwe (rs-XO iphe. 66 isiqe. 1-4)
No. 4: Ubhaptizo LwamaKristu—Alwenziwa Ngokufefa, Lungenziwa Nakwiintsana (rs-XO iphe. 66 isiqe. 5-iphe. 67 isiqe. 1)
Mat. 26 Ukufundwa kweBhayibhile: 2 Kronike 21-25
No. 1: Musa Ukurhoxobisa Ukuvakalisa Uxabiso (w99-XO 4/15 iphe. 15-17)
No. 2: 2 Kronike 22:1-12
No. 3: Ubhaptizo Lwamanzi Aluzixoleli Izono (rs-XO iphe. 67 isiqe. 2-5)
No. 4: Ngoobani Ababhaptizwa Ngomoya Oyingcwele? (rs-XO iphe. 67 isiqe. 6-iphe. 69 isiqe. 2)
Apr. 2 Ukufundwa kweBhayibhile: 2 Kronike 26-29
No. 1: Ngaba UThixo Usebenzisa Iindlela “Ezigoso”? (w99-XO 5/1 iphe. 28-9)
No. 2: 2 Kronike 28:1-15
No. 3: Ukubhaptizwa Ngomlilo Akufani Nokubhaptizwa NgoMoya Oyingcwele (rs-XO iphe. 69 isiqe. 3-7)
No. 4: Izizathu Zokuba Siqwalasele IBhayibhile (rs-XO iphe. 70-2 isiqe. 1)
Apr. 9 Ukufundwa kweBhayibhile: 2 Kronike 30-33
No. 1: Abantu Bangambonga Njani UYehova UThixo? (w99-XO 5/15 iphe. 21-4)
No. 2: 2 Kronike 33:1-13
No. 3: Ubungqina Bukalsaya NoYeremiya Bokuphefumlelwa KweBhayibhile (rs-XO iphe. 72 isiqe. 2-iphe. 73 isiqe. 2)
No. 4: Ukuzaliseka Kweziprofeto ZikaYesu Kububungqina Bokuphefumlelwa KweBhayibhile (rs-XO iphe. 73 isiqe. 3-iphe. 74 isiqe. 1)
Apr. 16 Ukufundwa kweBhayibhile: 2 Kronike 34-36
No. 1: Eyesi-2 YeziKronike—Isizathu Sokuba Ibe Yingenelo (si-XO iphe. 84 isiqe. 34-6)
No. 2: 2 Kronike 36:1-16
No. 3: IBhayibhile Inengqiqo Ngokwenzululwazi (rs-XO iphe.74 isiqe. 2-iphe.76 isiqe. 3)
No. 4: aUkusabela Kumazwi Okuchasa IBhayibhile (rs-XO iphe. 76 isiqe. 4-iphe. 80 isiqe. 1)
Apr. 23 Ukufundwa kweBhayibhile: Ezra 1-6
No. 1: Intshayelelo YekaEzra Nesizathu Sokuba Ibe Yingenelo (si-XO iphe. 85 isiqe. 1-7; iphe. 87 isiqe. 14-18)
No. 2: Ezra 4:1-16
No. 3: Kutheni AmaKristu EngayibhiyozeIi Imihla Yokuzalwa? (rs-XO iphe. 128-30 isiqe. 2)
No. 4: Kutheni AmaKristu Ekhwebuka Egazini? (rs-XO iphe. 119-21 isiqe. 2)
Apr. 30 Impinda Ebhalwayo. Ukufundwa kweBhayibhile: Ezra 7-10
Meyi 7 Ukufundwa kweBhayibhile: Nehemiya 1-5
No. 1: IntshayeleloYekaNehemiya (si-XO iphe. 88 isiqe. 1-5)
No. 2: Nehemiya 1:1-11
No. 3: Kutheni AmaKristu Engalwamkeli Utofelo-gazi? (rs-XO iphe. 121 isiqe. 3-iphe. 122 isiqe. 3)
No. 4: bUkusabela Kwizityholo Eziphathelele Utofelo-gazi (rs-XO iphe. 123 isiqe. 1-iphe. 125 isiqe. 1)
Meyi 14 Ukufundwa kweBhayibhile: Nehemiya 6-9
No. 1: Ibandla LamaKristu Ngumthombo Woncedo Olomelezayo (w99-XO 5/15 iphe. 25-8)
No. 2: Nehemiya 9:1-15
No. 3: Kuthetha Ukuthini Ukuzalwa Ngokutsha? (rs-XO iphe. 418-9 isiqe. 7)
No. 4: Ukusindiswa Akuxhomekekanga ‘Ekubeni Ube Uzalwe Ngokutsha’ (rs-XO iphe. 419 isiqe. 8-iphe. 421 isiqe. 1)
Meyi 21 Ukufundwa kweBhayibhile: Nehemiya 10-13
No. 1: EkaNehemiya—Isizathu Sokuba Ibe Yingenelo (si-XO iphe. 90-1 isiqe. 16-19)
No. 2: Nehemiya 12:27-43
No. 3: cUkusabela Kwimbono Zokuzalwa Ngokutsha (rs-XO iphe. 421 isiqe. 3-iphe. 422 isiqe. 2)
No. 4: Ukuvuma Izono Kubefundisi—Kutheni Kungekho NgokweZibhalo? (rs-XO iphe. 375-6 isiqe. 3)
Meyi 28 Ukufundwa kweBhayibhile: Estere 1-4
No. 1: IntshayeleloYekaEstere (si-XO iphe. 91-2 isiqe. 1-6)
No. 2: Estere 1:1-15
No. 3: Ukuxela Izono Ezinxamnye NoThixo Nabantu (rs-XO iphe. 377 isiqe. 3-iphe. 378 isiqe. 3)
No. 4: Kutheni Izono Ezinzulu Zifanele Zixelwe Kubadala? (rs-XO iphe. 378 isiqe. 4-8)
Juni 4 Ukufundwa kweBhayibhile: Estere 5-10
No. 1: EkaEstere—Isizathu Sokuba Ibe Yingenelo (si-XO iphe. 94 isiqe. 16-18)
No. 2: Estere 5:1-14
No. 3: Kutheni Kusengqiqweni Ukukholelwa Endalweni? (rs-XO iphe. 99-101 isiqe. 2)
No. 4: Ukuqonda Ingxelo Yendalo YeBhayibhile (rs-XO iphe. 101 isiqe. 3-iphe. 103 isiqe. 4)
Juni 11 Ukufundwa kweBhayibhile: Yobhi 1-7
No. 1: IntshayeleloYekaYobhi (si-XO iphe. 95-6 isiqe. 1-6)
No. 2: Yobhi 1:6-22
No. 3: Kutheni Ukuhlonelwa Komnqamlezo Kungekho NgokweZibhalo? (rs-XO iphe. 247 isiqe. 3-iphe. 248 isiqe. 4)
No. 4: Kutheni Abantu Besifa? (rs-XO iphe. 104-5 isiqe. 6)
Juni 18 Ukufundwa kweBhayibhile: Yobhi 8-14
No. 1: USawule—Isitya Esinyulelwe YiNkosi (w99-XO 5/15 iphe. 29-31)
No. 2: Yobhi 8:1-22
No. 3: Baphi Abafi, yaye Injani Imeko Yabo? (rs-XO iphe. 105 isiqe. 7-iphe. 107 isiqe. 4)
No. 4: Kutheni AmaNgqina KaYehova Engenanxaxheba Kumasiko Ezithethe Zokuzila? (rs-XO iphe. 108 isiqe. 1-iphe. 109 isiqe. 1)
Juni 25 Ukufundwa kweBhayibhile: Yobhi 15-21
No. 1: UThixo Akacothi Ngokuphathelele Isithembiso Sakhe (w99-XO 6/1 iphe. 4-7)
No. 2: Yobhi 17:1-16
No. 3: dUkuphendula Iimbono Ezingachananga Ngokuphathelele Ukufa (rs-XO iphe. 109 isiqe. 2-4)
No. 4: Amaphupha: Aphefumlelweyo Nangaphefumlelwanga (rs-XO iphe. 292-4 isiqe. 4)
Julayi 2 Ukufundwa kweBhayibhile: Yobhi 22-29
No. 1: NgabaUfaneleUbe Nembono Ephangaleleyo? (w99-XO 6/15 iphe. 10-13)
No. 2: Yobhi 27:1-23
No. 3: Iziyobisi—Xa Zisalelwa KumaKristu (rs-XO iphe.407-8 isiqe. 3)
No. 4: Isizathu Sokuba AmaKristu Angawusebenzisi Umya (rs-XO iphe. 408 isiqe. 4-iphe. 409 isiqe. 3)
Julayi 9 Ukufundwa kweBhayibhile: Yobhi 30-35
No. 1: Isizathu Sokuba Usithembe Isiprofeto SeBhayibhile (w99-XO 7/15 iphe. 4-8)
No. 2: Yobhi 31:1-22
No. 3: Kutheni AmaKristu Eliphepha Icuba? (rs-XO iphe.410 isiqe. 1-iphe. 411 isiqe. 5)
No. 4: Ukoyisa Imikhwa Emibi—Njani? (rs-XO iphe.412 isiqe. 1-4)
Julayi 16 Ukufundwa kweBhayibhile: Yobhi 36-42
No. 1: EkaYobhi—Isizathu Sokuba IbeYingenelo (si-XO iphe. 100 isiqe. 39-43)
No. 2: Yobhi 36:1-22
No. 3: Iintlanga Aziyi Kuyiphazamisa Injongo KaThixo Ngokuphathelele Umhlaba (rs-XO iphe. 191-2 isiqe. 2)
No. 4: Ngaba UYehova Uya Kuwutshabalalisa Ngomililo Umhlaba? (rs-XO iphe. 192 isiqe. 3-iphe. 193 isiqe. 5)
Julayi 23 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 1-10
No. 1: Intshayelelo YeeNdumiso—Icandelo 1 (si-XO iphe. 101 isiqe. 1-5)
No. 2: INdumiso 3:1-4:8
No. 3: Amalungu EYerusalem Entsha Akayi Kubuyela Emhlabeni Emva Kokuba Betshatyalalisiwe Abangendawo (rs-XO iphe. 194 isiqe. 1-2)
No. 4: Ngaba Injongo KaThixo Yantlandlolo Ngomhlaba Iguqukile? (rs-XO iphe. 195)
Julayi 30 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 11-18
No. 1: Intshayelelo YeeNdumiso—Icandelo 2 (si-XO iphe. 102 isiqe. 6-11)
No. 2: INdumiso 11:1-13:6
No. 3: Singabakhuthaza Njani Abo Bagulayo? (rs-XO iphe. 168)
No. 4: Singabakhuthaza Njani Abo Basentlungwini Yokufelwa (rs-XO iphe. 169 isiqe. 1-5)
Aga. 6 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 19-26
No. 1: Unxibelelwano Olufanelekileyo—Undoqo Emtshatweni Ophumelelayo (w99-XO 7/15 iphe. 21-3)
No. 2: INdumiso 20:1-21:13
No. 3: Ukhuthazo Kubantu Abajamelene Nentshutshiso Ngenxa Yokwenza Ukuthanda KukaThixo (rs-XO iphe.169 isiqe. 6-iphe. 170 isiqe. 2)
No. 4: Unokubakhuthaza Njani Abo Badandathekileyo Ngenxa Yokungabikho Kokusesikweni? (rs-XO iphe. 170 isiqe. 3-iphe. 170 isiqe. 6)
Aga. 13 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 27-34
No. 1: UFilipu—Umhambisi Wevangeli Onenzondelelo (w99-XO 7/15 iphe. 24-5)
No. 2: INdumiso 28:1-29:11
No. 3: Bangakhuthazwa Njani Abo Bacinezelwa Ziingxaki Zoqoqosho? (rs-XO iphe. 171 isiqe. 1-5)
No. 4: Ukhuthazo Kubantu Abadinyazwe Ziintsilelo Zabo (rs-XO iphe. 171 isiqe. 6-9)
Aga. 20 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 35-39
No. 1: Ingcinezelo Yoontanga Ngaba Isenokuba Yingenelo Kuwe? (w99-XO 8/1 iphe. 22-5)
No. 2: INdumiso 38:1-22
No. 3: Indaleko—Ingxubakaxaka Kwezenzululwazi (rs-XO iphe. 204-5 isiqe. 3)
No. 4: Indaleko, Ingxelo Yeefosili Nokuba Sengqiqweni (rs-XO iphe. 205 isiqe. 4-iphe. 208 isiqe. 5)
Aga. 27 Impinda Ebhalwayo. Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 40-47
Sept. 3 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 48-55
No. 1: Wulawule Umsindo Wakho Ungakukhubekisi (w99-XO 8/15 iphe. 8-9)
No. 2: INdumiso 49:1-20
No. 3: eUkusabela Kwizityholo Zabo Bakholelwa Kwindaleko (rs-XO iphe. 208 isiqe. 6-iphe. 211 isiqe. 2)
No. 4: Kutheni Abantu Abaninzi bengenalukholo? (rs-XO iphe. 164-5 isiqe. 3)
Sept. 10 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 56-65
No. 1: Ngaba UMtyholi Uyasigulisa? (w99-XO 9/1 iphe. 4-7)
No. 2: INdumiso 59:1-17
No. 3: Umntu Angaluzuza Njani Ukholo? (rs-XO iphe. 166 isiqe. 1-4)
No. 4: Ukuba Nokholo Kwithemba Lenkqubo Entsha Yobulungisa Olungqinwe Ngemisebenzi (rs-XO iphe. 166 isiqe. 6-iphe. 167 isiqe. 4)
Sept. 17 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 66-71
No. 1: Khetha “Isahlulo Esilungileyo” (w99-XO 9/1 iphe. 30-1)
No. 2: INdumiso 69:1-19
No. 3: Banokufaniswa Njani Abaprofeti Bobuxoki? (rs-XO iphe. 294-5 isiqe. 6)
No. 4: Abaprofeti Bokwenyaniso Babengasoloko Beyiqonda Indlela Nexesha Eziza kwenzeka Ngalo Izinto Ezixelwe Kusengaphambili (rs-XO iphe. 296 isiqe. 1-6)
Sept. 24 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 72-77
No. 1: Kutheni Umele Uzigcine Izithembiso Zakho? (w99-XO 9/15 iphe. 8-11)
No. 2: INdumiso 73:1-24
No. 3: Izigidimi Zomprofeti Wokwenyaniso Zikhuthaza Unqulo Lokwenyaniso (rs-XO iphe. 296 isiqe. 7-iphe. 297 isiqe 1)
No. 4: Abaprofeti Bokwenyaniso Banokuqondwa Ngeziqhamo Abazivelisayo (rs-XO iphe. 297 isiqe. 2-iphe. 298 isiqe. 4)
Okt. 1 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 78-81
No. 1: Zuza Ubulumko Uze Wamkele Uqeqesho (w99-XO 9/15 iphe. 12-15)
No. 2: INdumiso 78:1-22
No. 3: Indlela Yokusabela Kwabo Bathi Singabaprofeti Bobuxoki (rs-XO iphe. 299 isiqe. 1-3)
No. 4: UThixo Akalimiseli Kwangaphambili Ixesha Aya Kufa Ngalo Umntu (rs-XO iphe. 322 isiqe. 1-3)
Okt. 8 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 82-89
No. 1: UTimoti—“Umntwana Wokwenene Elukholweni” (w99-XO 9/15 iphe. 29-31)
No. 2: INdumiso 88:1-18
No. 3: Asiyiyo Yonke Into Eyenzekayo Ekukuthanda KukaThixo (rs-XO iphe. 322 isiqe. 4-iphe. 324 isiqe. 1)
No. 4: UThixo Akazi Kusengaphambili Aze Amisele Yonke Into (rs-XO iphe. 324 isiqe. 2-4)
Okt. 15 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 90-98
No. 1: Ukomelezelwa Ukuthi Hayi Kwisenzo Sobubi (w99-XO 10/1 iphe. 28-31)
No. 2: INdumiso 90:1-17
No. 3: Ubuchule BukaThixo Bokwazi Kusengaphambili Nobokumisela Iziganeko (rs-XO iphe. 325 isiqe. 1-4)
No. 4: Kwakutheni UkuzeUThixo Angasebenzisi Ukwazi Kwakhe Kusengaphambili Ngokuphathelele UAdam (rs-XO iphe. 325 isiqe. 5-iphe. 326 isiqe. 2)
Okt. 22 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 99-105
No. 1: Ukufunda Indlela Ebalaseleyo Yothando (w 99-XO 10/15 iphe. 8-11)
No. 2: INdumiso 103:1-22
No. 3: UThixo Akazange Abamisele Kusengaphambili UYakobi, UEsawu Okanye UYudas (rs-XO iphe. 326 isiqe. 3-iphe. 327 isiqe. 2)
No. 4: Kungayiphi Endlela Elathi Ibandla LamaKristu Lamiselwa Ngayo Kusengaphambili? (rs-XO iphe. 327 isiqe. 3-4)
Okt. 29 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 106-109
No. 1: “UYehova Upha Ubulumko” (w99-XO 11/15 iphe. 24-7)
No. 2: INdumiso 107:1-19
No. 3: Yintoni Imbono YeBhayibhile Ngokuvumisa Ngeenkwenkwezi? (rs-XO iphe. 328 isiqe. 1-iphe. 329 isiqe. 2)
No. 4: Ziziphi Izizathu Ezisengqiqweni Zokukholelwa KuThixo? (rs-XO iphe. 350-1 isiqe. 4)
Nov. 5 Ukumndwa kweBhayibhile: INdumiso 110-118
No. 1: IApocalypse—Ngaba Ifanele Yoyikwe Okanye Inike Ithemba? (w99-XO 12/1 iphe. 5-8)
No. 2: INdumiso 112:1-113:9
No. 3: Ubungendawo Nobunzima Abungqini Ukungabikho KukaThixo (rs-XO iphe. 351 isiqe. 5-iphe. 352 isiqe. 1)
No. 4: UThixo Ngumntu Wokwenene Oneemvakalelo (rs-XO iphe. 352 isiqe. 2-iphe. 353 isiqe. 2)
Nov. 12 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 119
No. 1: Musa Ukuvumela Amandla Akho Abe Bubuthathaka (w99-XO 12/1 iphe. 26-9)
No. 2: INdumiso 119:1-24
No. 3: UThixo Akanasiqalo (rs-XO iphe. 353 isiqe. 3-6)
No. 4: Kubalulekile Ukusebenzisa Igama LikaThixo Ukuze Usindiswe (rs-XO iphe. 354 isiqe. 1-4)
Nov. 19 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 120-137
No. 1: IiNdumiso—Isizathu Sokuba Zibe Yingenelo—Icandelo 1 (si-XO iphe.104-5 isiqe. 23-7)
No. 2: INdumiso 120:1-122:9
No. 3: Ngaba Zonke Iinkonzo Zilungile? (rs-XO iphe. 354 isiqe. 5-8)
No. 4: Luhlobo Luni ‘LoThixo’ UYesu Alulo? (rs-XO iphe. 354 isiqe. 9-iphepha 355 isiqe. 1)
Nov. 26 Ukufundwa kweBhayibhile: INdumiso 138-150
No. 1: IiNdumiso—Isizathu Sokuba Zibe Yingenelo—Icandelo 2 (si-XO iphe. 105-6 isiqe. 28-32)
No. 2: INdumiso 139:1-24
No. 3: fUkusabela Kwinkcaso Yokungakholelwa KuThixo (rs-XO iphe. 355 isiqe. 2-iphe. 356 isiqe. 3)
No. 4: Isizathu Sokuba Abantu Bengakhange Bakwazi Ukumisela Urhulumente Osesikweni (rs-XO iphe. 305 isiqe. 1-6)
Dis. 3 Ukufiindwa kweBhayibhile: IMizekeliso 1-7
No. 1: Intshayelelo YeMizekeliso—Icandelo 1 (si-XO iphe. 106-7 isiqe. 1-5)
No. 2: IMizekeliso 4:1-27
No. 3: Isizathu Sokuba Imigudu Yabantu Yokuzisa Isiqabu Ingenakuphumelela (rs-XO iphe. 306 isiqe. 1-6)
No. 4: UBukumkani BukaThbeo Kuphela Kwesicombululo Kwimfuno Zokwenene Zoluntu (rs-XO iphe. 307 isiqe. 1-5)
Dis. 10 Ukufundwa kweBhayibhile: IMizekeliso 8-13 Ingoma 51
No. 1: Intshayelelo YeMizekeliso—Icandelo 2 (si-XO iphe. 107-8 isiqe. 6-11)
No. 2: IMizekeliso 13:1-25
No. 3: Iziprofeto ZeBhayibhile Zingqineke Zinokuthenjwa Ngokupheleleyo (rs-XO iphe. 308 isiqe. 1-4)
No. 4: Ukuphilisa Okungummangaliso Namhlanje Akwenziwa Ngomoya KaThixo (rs-XO iphe. 288 isiqe. 1-4)
Dis. 17 Ukufundwa kweBhayibhile: IMizekeliso 14-19
No. 1: IMizekeliso—Isizathu Sokuba Ibe Yingenelo—Icandelo 1 (si-XO iphe. 109-10 isiqe. 19-28)
No. 2: IMizekeliso 16:1-25
No. 3: Umahluko Phakathi Kweendlela Zokuphilisa ZikaYesu Nabapostile Bakhe Nezo Zanamhlanje (rs-XO iphe. 288 isiqe. 5-iphe. 289 isiqe. 3)
No. 4: Indlela Afaniswa Ngayo AmaKristu Okwenyaniso Namhlanje (rs-XO iphe. 289 isiqe. 4-iphe. 290 isiqe. 3)
Dis. 24 Ukufundwa kwcBhayibhile: IMizekeliso 20-25
No. 1: IMizekeliso—Isizathu Sokuba Ibe Yingenelo—Icandelo 2 (si-XO iphe. 110-11 isiqe. 29-38)
No. 2: IMizekeliso 20:1-30
No. 3: Isizathu Sokuba Kubekho Izipho Zokuphilisa Kwinkulungwane Yokuqala (rs-XO iphe. 290 isiqe. 4-iphe. 291 isiqe. 3)
No. 4: Liliphi Ithemba Elikhoyo Lokuphiliswa Ngokwenene Kwalo Lonke Uluntu? (rs-XO iphe. 291 isiqe. 4-iphe. 292 isiqe. 2.)
Dis. 31 Impinda Ebhalwayo. Ukufundwa kweBhayibhile:IMizekeliso 26-31
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngokuvuma kwexesha, hlolisisa indlela yokusabela kwizityholo, inkcaso nezinye izinto eziya kuhlangabezana neemfuno zentsimi.
b Ngokuvuma kwexesha, hlolisisa indlela yokusabela kwizityholo, inkcaso nezinye izinto eziya kuhlangabezana neemfuno zentsimi.
c Ngokuvuma kwexesha, hlolisisa indlela yokusabela kwizityholo, inkcaso nezinye izinto eziya kuhlangabezana neemfuno zentsimi.
d Ngokuvuma kwexesha, hlolisisa indlela yokusabela kwizityholo, inkcaso nezinye izinto eziya kuhlangabezana neemfuno zentsimi.
e Ngokuvuma kwexesha, hlolisisa indlela yokusabela kwizityholo, inkcaso nezinye izinto eziya kuhlangabezana neemfuno zentsimi.
f Ngokuvuma kwexesha, hlolisisa indlela yokusabela kwizityholo, inkcaso nezinye izinto eziya kuhlangabezana neemfuno zentsimi.