IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/05 iphe. 4
  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
km 8/05 iphe. 4

Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiveki eqala ngoAgasti 29, 2005. Umveleli wesikolo uya kuqhuba impinda yemizuzu engama-30 esekelwe kumbandela wezabelo zeveki esusela kuJulayi 4 ukusa kuAgasti 29, 2005. [Isaziso: Kwimibuzo engenazimbekiselo, kuya kufuneka uzenzele uphando ukuze ufumane iimpendulo.—Bona incwadi ethi ISikolo Sobulungiseleli, iphe. 36-7.]

UPHAWU LWENTETHO

1. Xa sithetha nabanye ngethemba lethu, sinokwenza njani ukuba ‘ingqiqo yethu yazeke ebantwini bonke,’ yaye kutheni oko kubalulekile nje? (Fil. 4:5; Yak. 3:17) [be-XO iphe. 251 isiqe. 1-3, ibhokisi]

2. Ukwazi ukuba sifanele siyekelele nini kunokusinceda njani sikwazi ukuqhubana kakuhle nabanye? [be-XO iphe. 253 isiqe. 1-2]

3. Kutheni ukuyisebenzisa kakuhle imibuzo kubalulekile xa sinceda umntu ukuba aqiqe ngombandela othile? [be-XO iphe. 253 isiqe. 3-4]

4. Ziziphi izibakala ezifanele ziqwalaselwe ukuze sisebenzise ukweyisela? [be-XO iphe. 255 isiqe. 1-4, ibhokisi; iphe. 256 isiqe. 1, ibhokisi]

5. Yintoni esifanele siyikhumbule xa sigqiba kwelokuba sisebenzise ubungqina obongezelelekileyo ukuze sixhase ukuba sengqiqweni kweZibhalo? [be-XO iphe. 256 isiqe. 3-5, ibhokisi]

ISABELO 1

6. Bubuphi ubungqina obucacileyo bokuba uYesu wakha waphila embalini? [w03-XO 6/15 iphe. 4-7]

7. “Umlomo wabathe tye ubahlangula” ngayiphi indlela, yaye indlu yamalungisa ‘iqhubeka njani imile’? (IMize. 12:6, 7) [w03-XO 1/15 iphe. 30 isiqe. 1-3]

8. Ekubeni iBhayibhile ingabhalwanga njengencwadi enemithetho engqongqo, ‘sinokukuqonda njani oko kukuko ukuthanda kukaYehova’? (Efe. 5:17) [w03-XO 12/1 iphe. 21 isiqe. 3–iphe. 22 isiqe. 3]

9. Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile enokunceda ubani ahlangabezane nobuhlwempu okanye iimeko ezingentle zoqoqosho xa isetyenziswa? [w03-XO 8/1 iphe. 5 isiqe. 2-5]

10. Umzekelo kaYehova wokupha ngesisa ufanele usichaphazele njani? (Mat. 10:8) [w03-XO 8/1 iphe. 20-2]

UFUNDO LWEBHAYIBHILE LWEEVEKI NGEEVEKI

11. Kumasango etempile eyakhiwa nguSolomon, zazifuzisela ntoni iintsika ezimbini ezazibizwa ngokuba nguYakin noBhohazi? (1 Kum. 7:15-22)

12. Nguwuphi umsebenzi wokwakha wale mihla ofana nalowo wenziwa nguSolomon iminyaka engama-20 esakha “indlu kaYehova nendlu kakumkani”? (1 Kum. 9:10)

13. Sifunda ntoni kukungathobeli ‘kwendoda kaThixo’? (1 Kum. 13:1-25)

14. UKumkani uAsa wakwaYuda wayibonisa njani inkalipho, yaye sinokufunda ntoni kumzekelo wakhe? (1 Kum. 15:11-13)

15. Oko kwenzeka kuKumkani uAhabhi noNabhoti kunokuyibonisa njani ingozi yokuzisizela? (1 Kum. 21:1-16)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share