Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo
Phawula: UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buya kuba nocwangciso lweNtlanganiso Yenkonzo lwazo zonke iiveki zeenyanga zendibano. Amabandla anokwenza uhlengahlengiso olufunekayo ukuze bonke baye kwiNdibano YeSithili ‘Yokuthobela UThixo.’ Xa kuyimfuneko, kwiNtlanganiso Yenkonzo yokugqibela ngaphambi kwendibano yenzani impinda yemizuzu eli-15 yamacebiso akwisihlomelo sale nyanga asebenzayo ebandleni lenu. Kwisithuba senyanga okanye seenyanga ezimbini emva kwendibano, sebenzisani imizuzu eli-15 ukuya kwengama-20 kwiNtlanganiso Yenkonzo (mhlawumbi kwixesha elabelwe iimfuno zasekuhlaleni) ukuze kwenziwe impinda yezinto ezikhethekileyo abavakalisi abazizuze kwindibano nabaye bazifumanisa ziluncedo kwinkonzo yasentsimini. Le nxalenye ikhethekileyo yeNtlanganiso Yenkonzo iya kusinika ithuba lokuchaza indlela esikusebenzisa ngayo oko sikufunde kwindibano nendlela okuye kwasinceda ngayo ukuba siphumelele entsimini.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 10
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Xubushani amalungiselelo okuya kumhlaba ongabelwanga bani ngempela-veki ka-Oktobha 29, 30, 2005. Bakhuthaze ukuba bonke babe nenxaxheba. IZaziso Ezikhethiweyo ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 12 (ukuba ayafaneleka kwintsimi yenu) bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaOktobha 15 noVukani! kaNovemba 8. Emva komboniso, balaselisa iinkalo ezibalulekileyo kuloo mboniso. Ukongezelela, nikela ingqalelo kwamanye amanqaku akwezo nkupho anokubangela umdla kubantu basekuhlaleni.
15 imiz: Ngaba Ukwenza Umkhwa Ukufunda? Ingxubusho nabaphulaphuli esekelwe kwincwadi yeSikolo Sobulungiseleli, kwiphepha 21-6. Yintoni enokuqukwa kucwangciso lwethu lokufunda? (iphe. 21, ibhokisi) Kutheni kubalulekile ukuba sifunde iincwadi esizilungiselelweyo? (iphe. 23, isiqe. 2) Yintoni enokusinceda sikwazi ukufunda rhoqo? (iphe. 26, isiqe. 3-4) Unokuzibekela njani ixesha lokufunda IMboniselo noVukani!? Uye wangenelwa njani koku?
20 imiz: “Qhubeka Uthetha Ilizwi LikaThixo Ngenkalipho.”a Cela abaphulaphuli bachaze iimeko ezinokwenza kube nzima ukuba nenkalipho yokunikela ubungqina. Yintoni ebancedileyo ukuze bahlangabezane noku?
Ingoma 78 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 17
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Iindaba Zobuthixo. Usebenzisa icandelo 3 lesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaSeptemba 2005, yenza impinda ngengongoma enye okanye ezimbini ngendlela ephumelelayo yokusebenzisa iZibhalo xa siqhuba izifundo zeBhayibhile.
15 imiz: “Ngaba Uyazisebenzisa Izimemo?” Intetho nengxubusho nabaphulaphuli. Cela abaphulaphuli bachaze impumelelo abaye baba nayo ekusebenziseni izimemo. Quka umboniso omfutshane womvakalisi omemela umntu onomdla kwiintlanganiso esebenzisa isimemo.
20 imiz: “Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokuba Nobubele.”b Cela abaphulaphuli ukuba bachaze iindlela esinokubonisa ngazo ububele kwabanye xa sishumayela entsimini. Ezinye iindlela esinokubonakalisa ngazo ububele kwabo sishumayela kubo ziza kuchazwa kwiinkupho ezilandelayo zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
Ingoma 2 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 24
15 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Funda ingxelo yemali neeleta zeminikelo. Usebenzisa ezinye kwiintshumayelo ezicetyisiweyo kwisihlomelo senkupho kaJanuwari 2005 yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani okanye enye indlela efanelekileyo kwintsimi yenu, yiba nomboniso wendlela yokutshayelela incwadi ehanjiswa ngoNovemba.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2005, iphe. 8, isiqe. 5.
30 imiz: “Dumisani UYehova Phakathi Kwebandla Elikhulu.”c Ifanele inikelwe ngunobhala webandla. Chaza indibano elabelwe kuyo ibandla lenu. Iziqendu ezinamanani zifanele zixutyushwe njengeSifundo SeMboniselo. Yabela umntu oza kufunda iziqendu. Xubusha ibhokisi ethi “Izinto Esifanele Sizikhumbule Ngendibano.”
Ingoma 153 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 31
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khumbuza abavakalisi ukuba bafake iingxelo zabo zenkonzo yasentsimini zikaOktobha. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 12 (ukuba ayasebenza kwintsimi yenu), yiba nomboniso ngendlela yokuhambisa IMboniselo kaNovemba 1 noVukani! kaNovemba 8. Komnye wale miboniso, lungiselela ukubuyela ngokunikela ingqalelo kwibhokisi ethi “Kwinkupho Yethu Elandelayo.”—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1998, iphe. 12, isiqe. 7-8.
15 imiz: Hlakulela Umdla Ngomzila Wamaphephancwadi. Intetho nengxubusho nabaphulaphuli esekelwe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMeyi 2005, iphepha 8. Sinokuwuqalisa njani umzila wamaphephancwadi? (isiqe. 1) Sinokulungiselela njani ukuxubusha isibhalo esinye? (isiqe. 3) Kutheni sifanele senze ngakumbi kunokufunda nje eso sibhalo sisikhethileyo? (isiqe. 4) Umzila wamaphephancwadi unokuba sisifundo seBhayibhile njani? (isiqe. 5) Quka umboniso womvakalisi exubusha isibhalo esinye nomntu okumzila wamaphephancwadi.
20 imiz: Ulutsha Oluqinisekileyo Kodwa Lunentlonelo. Intetho enikelwa ngumdala esekelwe kwiMboniselo kaSeptemba 15, 2002, kwiphepha 23-24, phantsi komxholwana othi “Ngentlonelo Musa Ukuba Nenxaxheba.” Lungiselela kusengaphambili ukuba umntu oselula okanye ababini bachaze iingxaki abaye bajamelana nazo esikolweni noko kuye kwabanceda ukuba bahlangabezane nazo ngokuphumelelayo.
Ingoma 222 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 7
5 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.
20 imiz: Phucula Indlela Oyinikela Ngayo Ingqalelo Kwiintlanganiso. Intetho nengxubusho nabaphulaphuli esekelwe kwiMboniselo kaSeptemba 15, 2002, kwiphepha 12-13, isiqendu 11-14. Yenza impinda ngamacebiso anikelwe apho, uze ucele abaphulaphuli bachaze izinto eziye zabanceda ukuze bakwazi ukuzuza ngokupheleleyo kwiintlanganiso zebandla.
20 imiz: “Funda Ubuchule Bokuqiqa Nabanye.”d Khetha abavakalisi abaza kuchaza indlela abaye bakwazi ngayo ukuqiqa nabantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo kwintsimi yasekuhlaleni.
Ingoma 50 nomthandazo wokuqukumbela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
d Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.