Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Matshi 1
“Kusenokuba nzima ukwenza okulungileyo xa abanye bezama ukusiphembelela ukuba senze okwahlukileyo. Yintoni enokusinceda singaweli kulo mgibe? [Mlinde aphendule. Emva koko funda IMizekeliso 29:25.] Eli nqaku libalaselisa izizathu ezihlanu zokoyika ukona uThixo kunomntu.” Mbonise inqaku elikwiphepha 12.
Vukani! Matshi
“Sonke siyakuxabisa ukuba nabahlobo abalungileyo. Ziziphi iimpawu ozithandayo kumhlobo? [Mlinde aphendule.] Phawula le ngcaciso ifumaneka eBhayibhileni. [Funda IMizekeliso 17:17.] Eli nqaku linamacebiso okukwazi ukukhetha abahlobo abalungileyo nawokuba ngumhlobo olungileyo kwabanye.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 18.
IMboniselo Aprili 1
“Ndinqwenela ukwazi ukuba ithini imbono yakho ngala mazwi athethwa nguYesu. [Funda uYohane 3:3.] Kutheth’ ukuthini ukuzalwa kwakhona? [Mlinde aphendule.] Ukuwaqonda ngokuchanileyo amazwi kaYesu kunokubutshintsha ubomi bethu nolindelo esinalo ngekamva. Eli phephancwadi licacisa isizathu soko.”
Vukani! Aprili
“Abantwana besikolo abaninzi baxinezelekile. Ngaba izinto zitshintshile xa kuthelekiswa nemihla yabazali babo? [Mlinde aphendule.] Ukuxinezeleka kunokubangela iingxaki. [Funda INtshumayeli 7:7a.] Eli phephancwadi lixubusha ngendlela abazali abanokunceda ngayo abaselula bamelane noxinezeleko.”