Ucwangciso Lweveki KaFebruwari 14
IVEKI EQALA NGOFEBRUWARI 14
Ingoma 72 Nomthandazo
□ Isifundo SeBhayibhile Sebandla:
cf isahlu. 17 ¶16-20, nebhokisi ekwiphe. 181 (25 imiz.)
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: Nehemiya 9-11 (10 imiz.)
No. 1: Nehemiya 11:1-14 (4 imiz. okanye ngaphantsi)
No. 2: Ngaba UMateyu 1:23 Ubonisa Ukuba UYesu Xa Wayesemhlabeni WayenguThixo?—rs iphe. 400 ¶2-4 (5 imiz.)
No. 3: Iindlela Obubonakaliswa Ngayo Ububele Obungasifanelanga BukaThixo—1 Pet. 4:10 (5 imiz.)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
5 imiz: Izaziso.
12 imiz: Ukuncokola Nomntu Ongamaziyo. Ingxubusho esekelwe kwincwadi ethi ISikolo Sobulungiseleli, iphepha 62-64. Dlan’ indlebe nomvakalisi onobuchule bokuqalisa incoko xa enikela ubungqina obungacwangciswanga okanye kwindlu ngendlu.
18 imiz: “Ixesha LeSikhumbuzo—Ithuba Lokwandisa Inkonzo!” Intetho yemibuzo neempendulo enikelwa ngumveleli wenkonzo. Emva kokuxubusha eli nqaku, chaza amalungiselelo entlanganiso yenkonzo yasentsimini enyanga kaMatshi, Aprili, noMeyi. Cebisa indlela abanokusebenza ngayo abazalwana abaneemeko ezahlukahlukeneyo ukuze bakwazi ukuchitha iiyure ezingama-50 ngenyanga entsimini. Dlan’ indlebe nabavakalisi ababini okanye abathathu ababengoovulindlela abangabancedani ngeenyanga zeSikhumbuzo kunyaka ophelileyo nangona bexakekile okanye beneengxaki zempilo.
Ingoma 8 Nomthandazo