Imbewu Kufuneka Inkcenkceshelwe Ukuze Ikhule
1. Yintoni efanele inkcenkceshelwe ukuze ikhule?
1 Imbewu etyaliweyo kufuneka inkcenkceshelwe ukuze ikhule. Kunjalo nangembewu yenyaniso ekufuneka ityalwe ezintliziyweni zabantu abakwintsimi yethu. (1 Kor. 3:6) Simele siyinkcenkceshele le mbewu yokomfuziselo ngokwenza amabuyelo sisebenzisa iLizwi likaThixo ukuba sifuna intshule, ikhule ize ibe nemiphumo.
2. Sinokuwuhlakulela njani umdla wokuphinda sibuyele kutyelelo olulandelayo?
2 Buza Umbuzo: Xa ulungiselela intshayelelo yakho, kutheni ungalungiseleli umbuzo obangel’ umdla ukuze uwuphendule xa ubuyela? Wubuze xa niqukumbela, uze wenze amalungiselelo aqinisekileyo okubuyela. Abaninzi baye bakhethe umbandela othile okwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ukuze bakwazi ukubonisa indlela yokuqhuba isifundo seBhayibhile.
3. Yiyiphi inkcazelo onokuyibhala ukuze ugcine ingxelo yomntu onomdla?
3 Gcina Ingxelo: Wakuba uphumile nje apho, gcina ingxelo yoko benithethe ngako. Bhala igama laloo mntu neadresi yakhe. Ukuba kunokwenza kungakuhle ukubhala umhla nexesha enithethe ngalo, oko benithetha ngako noncwadi omnike lona. Ngaba uye waluchaza unqulo lwakhe? Ngaba unayo intsapho? Ngaba uzichazile izinto anomdla kuzo nezimxhalabisayo? Inkcazelo elolu hlobo iya kukunceda ukwazi ukuthetha naye kwithuba elilandelayo. Kwakhona xa nivumelene ukuba uza kubuyela uzokuphendula umbuzo kubhale phantsi oko.
4. Kutheni sifanele sizingise xa sibuyela kubantu abanomdla?
4 Zingisa: USathana akasoze aphumle kwimigudu yakhe de abe ‘ulithathile ilizwi’ ebelityaliwe entliziyweni yomntu. (Marko 4:14, 15) Ngoko ke, unganikezeli xa ungamfumani lowo ubonise umdla ekhayeni lakhe. Ngaba ungamthumelela ileta okanye ushiye iphetshana emnyango? Omnye uvulindlela waqalisa isifundo nelinye ibhinqa esemnyango kodwa akazange aphinde alifumane, walithumela ileta. Xa lo dade walifumanayo eli bhinqa, lachaza indlela eliwuxabisa ngayo umdla oboniswe kulo. Njengoko sinkcenkceshela imbewu yenyaniso, siya kufumana uvuyo njengoko siyibona ihluma, ikhulela ekuqoleni ize ‘ithwale isiqhamo ngokuphindwe kangangamashumi amathathu namashumi amathandathu nekhulu.’—Marko 4:20.