IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/12 iphe. 3
  • The Wonders of Creation Reveal God’s Glory

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • The Wonders of Creation Reveal God’s Glory
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokufunda Nezinye Izinto NgoYehova Kwindalo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Ngaba Uyazibona Iimpawu ZikaThixo Ezingenakubonwa?
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2019
  • Fundisa Abantwana Bakho NgoYehova Kwindalo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Izinto Ezidaliweyo Zibonisa Ukuba UThixo Uyasithanda
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2021
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
km 3/12 iphe. 3

The Wonders of Creation Reveal God’s Glory

Abantu abaninzi bayakuthanda ukubuka indalo. Kodwa bambalwa abaqondayo ukuba ukubukela indalo kusityhilela okuninzi ngeengcinga zoMdali wethu Ozukileyo. (Roma 1:20) Mandulo, uDavide wafunda ngoYehova kwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo. Kodwa waphinda waba ngathi uyambona waza wasondela kuye xa wayebukele indalo yakhe. (INdu. 8:3, 4) Ividiyo ethi The Wonders of Creation Reveal God’s Glory inceda thina, abantwana bethu kunye nezifundo zeBhayibhile ukuze sifunde okungakumbi ngenye yendalo kaYehova, sibone iimpawu nobuntu boMdali wethu Ozukileyo size sisondele kuye. Emva kokuyibukela, zama ukuphendula le mibuzo ilandelayo.

(1) Ubukhulu nokulungelelana kwendalo ebonakalayo kukunceda njani ukuze umazi nangakumbi uYehova? (Isa. 40:26) (2) Xa sijonge amanzi, sifunda ntoni ngoMenzi wawo? (ISityhi. 14:7) (3) Ubukhulu bomhlaba nokusondela kwawo elangeni kububonisa njani ubulumko bukaYehova? (4) Ibaluleke ngantoni inyanga? (INdu. 89:37) (5) UYehova ubenze njani abantu ukuze babunandiphe ubomi? (6) Yintoni i-DNA? (INdu. 139:16) (7) Bahluke njani abantu kuyo yonke indalo kaYehova esemhlabeni? (Gen. 1:26) (8) Yintoni oyilinde ngamehlo abomvu kwihlabathi elitsha?

Ezinye Izinto Eziboniswa Kule Vidiyo: (9)  Ivela phi imibala? (10) Umthi ukwazi njani ukufunxa amanzi ade aye kufika nakwawona magqabi aphezulu nangona oko kuphikisana nomthetho womxhuzulane? (11) Amanzi abaluleke ngantoni emizimbeni yethu? (12) Chaza umzekelo wentsebenziswano ekhoyo phakathi kwezinto eziphilayo. (13) Izinto eziphilayo zazi njani ukuba zifanele zisebenzisane? (14) Yintoni “igolden angle,” yaye ibonakala njani kwindalo?

“Qwalaselani Ngenyameko” Imisebenzi KaYehova: UYesu wasikhuthaza ukuba ‘siqwalasele ngenyameko iintaka zezulu’ size sifunde ‘nakwiinyibiba zasendle.’ (Mat. 6:26, 28) Oku kunokusenza sibe nokholo nangakumbi, simthembe uMdali size sibuqonde nangakumbi ubulumko, amandla akhe okusindisa kunye nothando lukaYehova. Kunokuba uzixakekise ngokubuka izinto zeli hlabathi, ziphe ithuba lokubuka indalo emangalisayo kaYehova, uze ucamngce ngoko isixelela kona ngoThixo wethu.—INdu. 19:1.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share