Ucwangciso Lweveki KaNovemba 4
IVEKI EQALA NGONOVEMBA 4
Ingoma 116 Nomthandazo
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
jl Isifundo 3-4 (imiz. 30)
□ ISikolo SoBulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile:Tito 1–Filemon (imiz. 10)
No. 1: Tito 2:1-15 (imiz. 4 okanye ngaphantsi)
No. 2: Ngaba Kufuneka Ungene Kwinkonzo Ethile?—rs iphe. 253 ¶1–5 (imiz. 5)
No. 3: Kutheni Singafanele ‘Sinikele Ingqalelo Kumabali Obuxoki’—1 Tim. 1:3, 4; 2 Tim. 4:3, 4 (imiz. 5)
□ Intlanganiso Yenkonzo:
Imiz 10: Amacebiso Okuhambisa Amaphephancwadi NgoNovemba. Ingxubusho esekelwe kule mibuzo ilandelayo: Xa imeko zivuma, kutheni sifanele sihambise iimagazini ngeempelaveki ebudeni bephulo lokuhambisa iKingdom News No. 38? Ngawaphi amathuba amahle okwenza oko? Sinokuthini ukuze sihambise iimagazini emva kokuhambisa iKingdom News? Bonisa indlela enokuhanjiswa ngayo imagazini nganye kunye neKingdom News No. 38.
Imiz 10: Iimfuno zebandla.
Imiz 10: ILizwi LikaThixo Linamandla. (Heb. 4:12) Ingxubusho esekelwe kwiNcwadi Yonyaka Yowama 2013 iphepha 57, isiqendu 1, ukusa kwiphepha 59, isiqendu 3. Cela abaphulaphuli bachaze izifundo abaye bazifumana.
Ingoma 114 Nomthandazo