Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
Februwari 6-12
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 47-51
“Ukuthobela UYehova Kuzisa Iintsikelelo”
(Isaya 48:17) Utsho uYehova, uMhlawuleli wakho, Lowo Ungcwele kaSirayeli, ukuthi: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.
UYehova Usifundisa Ukuze Singenelwe
‘Nikelani Ingqalelo Kwimiyalelo Yam!’
18 Eqhutywa ngumoya kaYehova, umprofeti uvakalisa esithi: “INkosi enguMongami uYehova indithumile, wona kanye umoya wayo. Utsho uYehova, uMhlawuleli wakho, Lowo Ungcwele kaSirayeli, ukuthi: ‘Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.’ ” (Isaya 48:16b, 17) La mazwi othando abonisa inyameko kaYehova afanele aluqinisekise uhlanga lukaSirayeli ukuba uThixo uza kuluhlangula eBhabhiloni. UnguMhlawuleli walo. (Isaya 54:5) UYehova unomnqweno osuk’ entliziyweni wokuba amaSirayeli ahlaziye ulwalamano lwawo kunye naye aze anikele ingqalelo kwimiyalelo yakhe. Unqulo lokwenyaniso lusekelwe ekuthobeleni imiyalelo kaThixo. AmaSirayeli akanakukwazi ukuhamba ngokuthe tye ngaphandle kokuba afundiswe ‘indlela afanele ahambe ngayo.’
(Isaya 48:18) Ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho njengamaza olwandle.
UYehova Usifundisa Ukuze Singenelwe
19 Umnqweno kaYehova wokuba abantu bakhe baphephe intlekele baze banandiphe ubomi uvakaliswe kakuhle ngokuthi: “Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho njengamaza olwandle.” (Isaya 48:18) Esinjani sona ukuchukumis’ intliziyo isibongozo asenzayo uMdali ongusomandla! (Duteronomi 5:29; INdumiso 81:13) Kunokuba aye ekuthinjweni, amaSirayeli anokunandipha uxolo oluninzi njengamanzi aqukuqelela emlanjeni. (INdumiso 119:165) Izenzo zawo zobulungisa zinokuba zininzi njengamaza olwandle. (Amosi 5:24) Njengoko enomdla wokwenene kumaSirayeli, uYehova uyawabongoza, ewabonisa ngothando indlela afanele ahambe ngayo. Owu, akwaba nje ebenokuphulaphula!
(Isaya 48:19) Inzala yakho ibiya kuba njengentlabathi, kwanabo baphuma ezibilinini zakho. Belingayi kunqunyulwa okanye litshabalale igama labo phambi kwam.”
UYehova Usifundisa Ukuze Singenelwe
20 Ziziphi iintsikelelo ebeya kuzifumana uSirayeli ukuba ebeguqukile? UYehova uthi: “Inzala yakho ibiya kuba njengentlabathi, kwanabo baphuma ezibilinini zakho. Belingayi kunqunyulwa okanye litshabalale igama labo phambi kwam.” (Isaya 48:19) UYehova ukhumbuza abantu bakhe besithembiso sakhe ukuba imbewu ka-Abraham yayiza kuba ninzi, “njengeenkwenkwezi zasemazulwini nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle.” (Genesis 22:17; 32:12) Noko ke, le nzala ka-Abraham iye yavukela, ngenxa yoko ayinalo ilungelo lokufumana iintsikelelo zeso sithembiso. Eneneni, imbali yayo imbi kangangokuba ngokoMthetho kaYehova, ibifanele kukucinyw’ igama njengohlanga. (Duteronomi 28:45) Sekunjalo, uYehova akanqweneli kubatshabalalisa abantu bakhe, yaye akafuni kubashiya ngokupheleleyo..
21 Imigaqo ebalaseliswa kule ngxelo iyasebenza kubanquli bakaYehova namhlanje. UYehova unguMthombo wobomi, yaye wazi bhetele kunaye nabani na ongomnye ngendlela esifanele sibusebenzise ngayo ubomi bethu. (INdumiso 36:9) Usinike imigaqo, kungekhona ngenjongo yokusivimba ulonwabo, kodwa ukuze singenelwe. AmaKristu okwenyaniso asabela ngokuthi afune ukuyalelwa nguYehova. (Mika 4:2) Imiyalelo yakhe ikhusela imeko yethu yokomoya nolwalamano lwethu kunye naye, yaye iyasikhusela nakwimpembelelo eyonakalisayo kaSathana. Xa siyiqonda imigaqo ekwimithetho kaThixo, siyabona ukuba uYehova usifundisa ukuze sincedakale. Siyaqonda ukuba “ayinzima imiyalelo yakhe.” Yaye asiyi kunqunyulwa.—1 Yohane 2:17; 5:3.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Isaya 49:6) Kwaye wathi: “Bekungaphezu kokuba yinto engenamsebenzi ngawe ukuba ngumkhonzi wam wokuphakamisa izizwe zakwaYakobi nokuphakamisa kwanabo balondoloziweyo bakwaSirayeli. Kanjalo ndikunike ukuba ube lukhanyiselo lweentlanga, ukuze usindiso lwam luse eziphelweni zomhlaba.”
Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—II
49:6—UMesiya ululo njani “ukhanyiselo lweentlanga,” nakuba ubulungiseleli bakhe emhlabeni babupheleliselwe koonyana bakaSirayeli? Oku kunjalo ngenxa yoko kwenzekayo emva kokufa kukaYesu. UIsaya 49:6 ubhekisela kubafundi bakhe. (IZenzo 13:46, 47) Namhlanje, amaKristu athanjisiweyo, encediswa sisihlwele esikhulu, akhonza ‘njengokhanyiselo lweentlanga,’ ekhanyisela abantu “ukusa eziphelweni zomhlaba.”—Mateyu 24:14; 28:19, 20.
(Isaya 50:1) Utsho uYehova ukuthi: “Siphi na, ke, isiqinisekiso soqhawulo-mtshato sikanyoko endamndululayo? Okanye nguwuphi na kubabolekisi bam endithengise ngani kuye? Khangelani! Ngenxa yeziphoso zenu nithengisiwe, nangenxa yokunxaxha kwenu unyoko uye wandululwa.
it-1 643 ¶4-5
Uqhawulo-mtshato
Uqhawulo-mtshato lokomfuziselo. Umtshato kuthethwa ngawo ngendlela efuziselayo eZibhalweni. (Isa 54:1, 5, 6; 62:1-6) Kuthethwa ngendlela efuziselayo nangoqhawulo-mtshato, okanye ukundulula umfazi.—Yer 3:8.
Ubukumkani bakwaYuda babhukuqwa yaza iYerusalem yatshatyalaliswa ngo-607 B.C.E., abantu bayo bathinjelwa eBhabhiloni. Kwiminyaka engaphambi koko, uYehova waprofeta wathi kumaYuda awayeza kuthinjwa: “Siphi na, ke, isiqinisekiso soqhawulo-mtshato sikanyoko endamndululayo?” (Isa 50:1) Unyoko wawo wandululwa ngesizathu, kungekhona ngenxa yokuba uYehova wayewaphulile umnqophiso waza waqalisa ukuqhawula umtshato naye, kodwa kwakungenxa yezinto ezingafanelekanga awayezenza nxamnye nomnqophiso woMthetho. Intsalela yamaSirayeli yaguquka yaza yathandazela ukuba iphinde ibe nobuhlobo nendoda yayo uYehova ezweni layo. UYehova ngenxa yegama lakhe, ngo-537 B.C.E ekupheleni konyaka we-70 besekuthinjweni wababuyisela abantu bakhe ezweni labo njengoko wayethembisile.—Nd 137:1-9; funda indawo ethi, MARRIAGE.
Ufundo LweBhayibhile
(Isaya 51:12-23) “Mna ndinguLowo unithuthuzelayo. Kutheni na ke usoyika umntu ofayo nje, unyana womntu oya kwenziwa abe njengengca eluhlaza? 13 Ngaba umlibele na uYehova uMenzi wakho, Lowo waneka amazulu nobeka isiseko somhlaba? ukuze woyike rhoqo imini iphela ngenxa yomsindo walowo ukurhangqileyo, ngokungathi wayebekelwe ukukonakalisa? Yaye uphi na umsindo walowo ukurhangqileyo? 14 Ngokuqinisekileyo lowo ugoba esemixokelelwaneni uya kukhululwa ngokukhawuleza, ukuze angayi ekufeni emhadini nokuze angasweli isonka sakhe. 15 Kodwa mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo uzamazamisa ulwandle ukuze amaza alo agqume. Igama lakhe nguYehova wemikhosi. 16 Kwaye ndiya kuwabeka amazwi am emlonyeni wakho, ndikugubungele ngokuqinisekileyo ngesithunzi sesandla sam, ukuze ndityale amazulu ndize ndibeke isiseko somhlaba nakwiZiyon ndithi, ‘Ningabantu bam.’ 17 Vuka, vuka, sukuma Yerusalem, wena uyiseleyo esandleni sikaYehova indebe yomsindo wakhe. Usele indebe engenamqheba, indebe ebangela ukuhexa, uyifincile. 18 Akukho namnye omkhaphileyo kubo bonke oonyana abazeleyo, kungekho namnye ombambe ngesandla kubo bonke oonyana abakhulisileyo. 19 Uya kwehlelwa zizinto ezimbini. Ngubani na oya kuvelana nawe? Ukuphangwa nokuwa, nokulamba nekrele! Ngubani na oya kukuthuthuzela? 20 Oonyana bakho bawe isiduli. Balele phantsi emantloko ezitrato zonke njengezimvu zasendle ezisemnatheni, njengabo bonganyelwe ngumsindo kaYehova, kukukhalima koThixo wakho.” 21 Ngoko ke khawuncede uphulaphule oku, mfazi uxhwalekileyo nonxilileyo, kodwa kungengayo iwayini. 22 Itsho iNkosi, uYehova, uThixo wakho kanye, osukuzana nabantu bakhe, ukuthi: “Khangela! Ndiza kuyithabatha esandleni sakho indebe ebangela ukuhexa. Indebe engenamqheba, indebe yam yomsindo—akuyi kuphinda usele kuyo kwakhona. 23 Yaye ndiza kuyibeka esandleni sabo bakucaphukisayo, abo bathe emphefumlweni wakho, ‘Qubuda ukuze siwele,’ waza wena wawenza umhlana wakho waba njengomhlaba, nanjengestrato sabo bawelayo.”
FEBRUWARI 13-19
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 52-57
“UKristu Waphathwa Kakubi Ngenxa Yethu”
(Isaya 53:3-5) Wayedeliwe yaye ephetshwa ngabantu, umntu weentlungu noqheleneyo nesifo. Kwaye kwakungathi ngulowo kusitheliswa ubuso bakhe kuthi. Wayedeliwe, yaye thina samphatha njengongabalulekanga. 4 Eneneni yena wathwala izifo zethu; wathwala kwaneentlungu zethu. Kodwa thina samgqala engokhathazwayo, engobethwa nguThixo noxhwalekileyo. 5 Kodwa wahlatywa ngenxa yokunxaxha kwethu; watyunyuzwa ngenxa yeziphoso zethu. Wabethwa ukuze sibe noxolo, yaye ngamanxeba akhe siye saphiliswa.
Umkhonzi KaYehova—“Wahlatywa Ngenxa Yokunxaxha Kwethu”
“Wayedeliwe” Yaye ‘Ephathwa Njengongabalulekanga’
3 Funda uIsaya 53:3. Cinga nje ukuba kwakuthetha ntoni kuNyana okuphela kozelweyo kaThixo ukuncama uvuyo lokukhonza ecaleni kukaYise, eze emhlabeni ukuze anikele ngobomi bakhe njengedini lokusindisa uluntu kwisono nokufa! (Fil. 2:5-8) Idini lakhe laliza kubangela ukuba zixolelwe ngokwenene izono, nto leyo eyafuziselwa ngamadini ezilwanyana awayenikelwa kuMthetho kaMoses. (Heb. 10:1-4) Ngenxa yoko, kwakulindeleke ukuba amaYuda amamkele aze amhlonele, kuba kakade ayelindele uMesiya. (Yoh. 6:14) Kunoko, uKristu ‘wadelwa waza waphathwa njengongabalulekanga’ ngamaYuda njengoko uIsaya waprofetayo. Umpostile uYohane wathi: “Weza kwikhaya lakhe, kodwa abantu bakowabo abamamkelanga.” (Yoh. 1:11) Umpostile uPetros wathi kumaYuda: “UThixo wookhokho bethu, umzukisile uMkhonzi wakhe, uYesu, lowo nina namnikelayo naza namkhanyela phambi kobuso bukaPilato, xa wayegqibe kwelokuba amkhulule. Ewe, namkhanyela lowo ungcwele nolilungisa.”—IZe. 3:13, 14.
4 UIsaya waphinda waprofeta wathi uYesu wayemele ‘aqhelane nesifo.’ Ebudeni bobulungiseleli bakhe, ngokuqinisekileyo uYesu wayekhe adinwe, kodwa ayikho indawo ethi wakha wagula. (Yoh. 4:6) Noko ke, waqhelana nezifo zabo wayeshumayela kubo. Wasikwa yimfesane ngabo waza wanyanga abaninzi kubo. (Marko 1:32-34) Ngaloo ndlela uYesu wazalisekisa esi siprofeto: “Eneneni yena wathwala izifo zethu; wathwala kwaneentlungu zethu.”—Isa. 53:4a; Mat. 8:16, 17.
Wayengathi ‘Ubethwe NguThixo’
5 Funda uIsaya 53:4b. Abantu abaninzi ababephila ngexesha likaYesu abazange basiqonde isizathu sokuba abandezeleke aze afe. Babecinga ukuba wohlwaywa nguThixo, ngokungathi umbetha ngesifo esoyikekayo. (Mat. 27:38-44) AmaYuda atyhola uYesu ngokuba ngumnyelisi. (Marko 14:61-64; Yoh. 10:33) Kambe ke, uYesu wayengengomoni, engenguye nomnyelisi. UYesu wayemthanda gqitha uYise, yaye enye into eyongezelela ekubandezelekeni kwalo Mkhonzi kaYehova kukutyholwa ngokuba ngumnyelisi aze abulawelwe loo nto. Nakuba kwakunjalo wayekulungele ukuzithoba ekwenzeni ukuthanda kukaYehova.—Mat. 26:39.
(Isaya 53:7, 8) Wabandezeleka kakhulu, wazivumela waxhwaleka; ukanti wayengawuvuli umlomo wakhe. Waziswa kanye njengemvu esiwa ekuxhelweni; nanjengemazi yegusha eye yasisimumu phambi kwabachebi bayo, naye wayengawuvuli umlomo wakhe. 8 Uthatyathiwe ngenxa yothintelo nomgwebo; yaye ngubani na oya kuzixhalabisa ngeenkcukacha zesizukulwana sakhe? Kuba wahlukaniswa nelizwe labaphilileyo. Wafumana umvumbo ngenxa yokunxaxha kwabantu bakowethu.
Umkhonzi KaYehova—“Wahlatywa Ngenxa Yokunxaxha Kwethu”
“Waziswa Kanye Njengemvu Esiwa Ekuxhelweni”
10 Funda uIsaya 53:7, 8. Xa uYohane uMbhaptizi wabona uYesu esiza, wathi: “Yabonani, iMvana kaThixo esusa isono sehlabathi!” (Yoh. 1:29) Kusenokwenzeka ukuba ngokubhekisela kuYesu njengeMvana, uYohane wayecinga ngala mazwi kaIsaya: “Waziswa kanye njengemvu esiwa ekuxhelweni.” (Isa. 53:7) UIsaya waprofeta wathi: “Wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni.” (Isa. 53:12) Okubangel’ umdla kukuba, ngobusuku awasungula ngabo iSikhumbuzo sokufa kwakhe, uYesu wanika abapostile bakhe abathembekileyo abali-11 indebe yewayini waza wathi: “Oku kuthetha ‘igazi lam lomnqophiso,’ eliza kuphalala ngenxa yabaninzi ukuze kuxolelwe izono.”—Mat. 26:28.
(Isaya 53:11, 12) Ngenxa yenkathazo yomphefumlo wakhe uya kubona, uya kwaneliswa. Ngolwazi lwakhe lowo ulilungisa, umkhonzi wam, uya kubazisela ukuma kobulungisa abantu abaninzi; neziphoso zabo uya kuzithwala. 12 Ngenxa yeso sizathu ndiya kumahlulela isahlulo phakathi kwabaninzi, yaye uya kwahlulelana ngexhoba nabo banamandla, ngenxa yokuba wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni, wabalelwa kwabanxaxhayo; kwaye yena wathwala isono sabantu abaninzi, yaye wabathethelela abo banxaxhayo.
Umkhonzi KaYehova—“Wahlatywa Ngenxa Yokunxaxha Kwethu”
UMkhonzi Ubazisela “Ukuma Kobulungisa Abantu Abaninzi”
13 Funda uIsaya 53:11, 12. UYehova wathi ngoMkhonzi wakhe onyuliweyo: “Lowo ulilungisa, umkhonzi wam, uya kubazisela ukuma kobulungisa abantu abaninzi.” Wayeza kukwenza njani oko? Xa iqukumbela, indinyana 12 isikrobisa kwimpendulo yalo mbuzo. “Yaye [uMkhonzi] wabathethelela abo banxaxhayo.” Yonke inzala ka-Adam izalwa ingaboni, ‘abanxaxhayo,’ ibe ngenxa yoko ifumana “umvuzo isono esiwuhlawulayo,” ukufa. (Roma 5:12; 6:23) Ukuxolelana kukaYehova nabantu abanesono kubalulekile. Isahluko 53 sesiprofeto sikaIsaya siyichaza kakuhle indlela uYesu ‘awabathethelela’ ngayo abantu abanesono xa sisithi: “Wabethwa ukuze sibe noxolo, yaye ngamanxeba akhe siye saphiliswa.”—Isa. 53:5.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Isaya 54:1) “Memelela ngovuyo, wena mfazi uludlolo olungazaliyo! Chwayita umemelele ngovuyo uze udanduluke kabukhali, wena ungazange ube nenimba, kuba baninzi oonyana bophanzileyo kunoonyana bomfazi onendoda,” utsho uYehova.
‘Isiganeko Esingumfuziselo’ Esibalulekileyo Kuthi
Yena ke uSara ‘ongumfazi okhululekileyo,’ nonyana wakhe uIsake, babefuzisela bani? UPawulos wabonisa ukuba uSara ‘owayengumfazi oludlolo,’ wayefuzisela umfazi kaThixo, oyintlangano yakhe yasezulwini. Lo mfazi wasezulwini wayeludlolo ngengqiqo yokuba ngaphambi kokuza kukaYesu emhlabeni, lo mfazi wayengenabo “abantwana” abathanjiswe ngomoya emhlabeni. (Galati 4:27; Isaya 54:1-6) Noko ke, ngePentekoste yowama-33 C.E. kwathululwa umoya oyingcwele kumadoda namabhinqa aliqela, aza ngaloo ndlela azalwa ngokutsha njengabantwana balo mfazi wasezulwini. Abantwana abaveliswa yile ntlangano baba ngoonyana bakaThixo baza baba ziindlalifa kunye noYesu Kristu ngaphantsi komnqophiso omtsha. (Roma 8:15-17) Omnye waba bantwana, umpostile uPawulos, wabhala wathi: “IYerusalem ephezulu ikhululekile, yaye inguma wethu.”—Galati 4:26.
(Isaya 57:15) Kuba utsho Ophezulu naLowo Uphakamileyo, ohlala ngonaphakade nogama lakhe lingcwele, ukuthi: “Ndihlala kwindawo ephakamileyo nakwindawo engcwele, kanjalo nakotyumkileyo nonomoya othobekileyo, ukuvuselela umoya wabo bathobekileyo nokuvuselela intliziyo yabo batyumkileyo.
Hlakulela Ukuthobeka Ngokunyanisekileyo
Owona Mzekelo Wokuthobeka
3 UYehova mkhulu yaye uphakame ngendlela engenakuphengululeka, kodwa “amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.” (2 Kronike 16:9) Yintoni ayenzayo xa efumana abanquli bakhe abathobekileyo benomoya otyumkileyo ngenxa yezilingo ezahlukahlukeneyo? Ngokungathi, ‘uhleli’ nabo usebenzisa umoya wakhe oyingcwele “ukuvuselela umoya wabo bathobekileyo nokuvuselela intliziyo yabo batyumkileyo.” (Isaya 57:15) Ngoko, abanquli bakhe abavuselelweyo batsho baqale apho bebeyeke khona ukumkhonza ngovuyo. Okunjani kona ukuthobeka okuboniswa nguThixo!
Ufundo LweBhayibhile
(Isaya 57:1-11) Ilungisa litshabalele, kodwa akukho bani ukuthabathela ntliziyweni oko. Nabantu bobubele bothando bahlangiselwa ekufeni, ngoxa kungekho bani uqondayo ukuba ukususwa kwelungisa kungenxa yentlekele. 2 Lingena eluxolweni; bayaphumla kwiimandlalo zabo, ngamnye ohamba ngokuthe tye. 3 “Ke nina, sondelani apha, nina bonyana betolakazi, imbewu yomntu okrexezayo neyomfazi ongunongogo: 4 Nichwayitela bani na? Niyivulela bani na ibe banzi imilomo yenu, ning’ong’oza nje? Aningobantwana bokreqo na, imbewu yobuxoki, 5 abo bavutha yinkanuko phakathi kwemithi emikhulu, phantsi kwayo yonke imithi enabileyo, nibulala ngogonyamelo abantwana ezintlanjeni phantsi kweemfanta zengxondorha? 6 Isahlulo sakho sasisematyeni agudileyo entlambo. Wona ayeliqashiso lakho. Ngaphezu koko, wawathululela umnikelo othululwayo, wanikela kuwo isipho. Ndiya kuzithuthuzela na ngezi zinto? 7 Entabeni ende nephakamileyo wabeka umandlalo wakho. Wenyukela apho ukuya kunikela umbingelelo. 8 Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi. Kuba wathi ungaphandle kwam wazityhila waza wenyuka; wawenza banzi umandlalo wakho. Kwaye wena wazenzela umnqophiso kunye nabo. Wathanda umandlalo kunye nabo. Wabona ilungu lobudoda. 9 Wehla waya kuMeleki uneoli, waza wazenzela izithambiso ezininzi. Kwaye waqhubeka uthumela kude abathunywa bakho, ngokokuze uyithobele eShiyol imicimbi. 10 Uye wabulaleka ngobuninzi beendlela zakho. Akuthanga, ‘Akukho themba!’ Ufumene ukuvuseleleka kwamandla akho. Kungenxa yoko le nto ungagulanga. 11 Wothuke ngabani na waza waqalisa ukoyika, ngokokuze uxoke nje? Kodwa asindim omkhumbuleyo. Akukho nto uyithabathele entliziyweni yakho. Andizange ndihlale ndithe cwaka na, ndikufihlile oku? Ngoko ubungoyiki nam lo.
FEBRUWARI 20-26
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISAYA 58-62
“Bhengeza Unyaka Wenkoliseko KaYehova”
(Isaya 61:1, 2) Umoya weNkosi enguMongami uYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba uYehova undithambisele ukushumayela iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo. Undithumele ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukubhengeza inkululeko kwabo bathinjweyo nokuvulwa kwamehlo amabanjwa, 2 ukubhengeza unyaka wenkoliseko kaYehova nomhla wempindezelo kaThixo wethu; ukuthuthuzela bonke abazilileyo,
Ukuhluma Kobulungisa EZiyon
“Unyaka Wenkoliseko”
4 UIsaya ubhala esithi: “Umoya weNkosi enguMongami uYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba uYehova undithambisele ukushumayela iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo. Undithumele ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukubhengeza inkululeko kwabo bathinjiweyo nokuvulwa kwamehlo amabanjwa.” (Isaya 61:1) Ngubani lo uthunywe ukuba avakalise iindaba ezilungileyo? Kunokwenzeka ukuba, okokuqala nguIsaya, ophefumlelwe nguThixo ukuba abhalele abathinjwa baseBhabhiloni iindaba ezilungileyo. Kodwa ke, uYesu walatha kweyona nzaliseko ibalulekileyo xa wawabhekisa kuye uqobo la mazwi kaIsaya. (Luka 4:16-21) Ewe, uYesu wathunywa ukuba avakalise iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo, yaye ukuze afeze oko wathanjiswa ngomoya oyingcwele ekubhaptizweni kwakhe.—Mateyu 3:16, 17.
(Isaya 61:3, 4) Ukwabela abo bakhedamileyo eZiyon, ukubanika isigqubuthelo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yokugcoba esikhundleni sokuzila, ingubo yokwaleka yendumiso esikhundleni somoya odakumbileyo; yaye baya kubizwa ngokuba yimithi emikhulu yobulungisa, oko kutyalwe nguYehova, ukuze yena ahombe. 4 Baya kuzakha iindawo ekudala ziphanzile; baya kuvusa neendawo ezichithekileyo zamaxesha angaphambili, yaye ngokuqinisekileyo baya kuzihlaziya izixeko eziphanzisiweyo, iindawo ezichithakeleyo kwizizukulwana ngezizukulwana.
Ukuhluma Kobulungisa EZiyon
13 Ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E. ukusa phambili, uThixo watyala eminye “imithi emikhulu yobulungisa”—amaKristu athanjisiweyo anenkalipho—eluhlanga lwakhe olutsha ‘loSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16) Ebudeni beenkulungwane, le “mithi” iye yaba li-144 000, elivelise iziqhamo zobulungisa zokuhombisa, okanye zokuzukisa uYehova uThixo. (ISityhilelo 14:3) Eyokugqibela yale “mithi” mikhulu gqitha iye yachuma ngeminyaka esusela kowe-1919, xa uYehova wahlaziya abaseleyo boSirayeli kaThixo kwimeko yabo yokungenzi nto okwexeshana. Ngokubanika intabalala yamanzi okomoya, uYehova uye wavelisa ihlathi lobulungisa, lemithi evelisa iziqhamo.—Isaya 27:6.
14 Ebalaselisa umsebenzi wale “mithi,” uIsaya uhlabela mgama esithi: “Baya kuzakha iindawo ekudala ziphanzile; baya kuvusa neendawo ezichithekileyo zamaxesha angaphambili, yaye ngokuqinisekileyo baya kuzihlaziya izixeko eziphanzisiweyo, iindawo ezichithakeleyo kwizizukulwana ngezizukulwana.” (Isaya 61:4) Ngokomyalelo kaKumkani uKoreshi wasePersi, amaYuda athembekileyo awabuyayo eBhabhiloni ayakha kwakhona iYerusalem netempile yayo, eyayiphanzisiwe kangangexesha elide. Olu hlaziyo lwaluza kwenzeka nakwiminyaka esemva kowama-33 C.E. nesemva kowe-1919.
15 Ngowama-33 C.E., abafundi bakaYesu baba buhlungu gqitha ngenxa yokubanjwa, ukugwetywa nokubulawa kwakhe. (Mateyu 26:31) Noko ke, imeko yabo yatshintsha xa wabonakalayo kubo emva kokuvuka kwakhe. Yaye bakuba bethululelwe umoya oyingcwele, baxakeka ngumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo, “eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Ngaloo ndlela baqalisa ukubuyisela unqulo olunyulu. Ngokufanayo, ukususela ngowe-1919 uYesu Kristu wabangela ukuba intsalela yabazalwana bakhe abathanjisiweyo yakhe kwakhona “iindawo ezichithakeleyo kwizizukulwana ngezizukulwana.” Kangangeenkulungwane abefundisi beNgqobhoko baye basilela ukudlulisela ulwazi ngoYehova, baza endaweni yoko bafundisa izithethe zabantu neemfundiso ezingezozaZibhalo. AmaKristu athanjisiweyo aye asusa emabandleni awo lonke uqheliselo lonqulo lobuxoki ukuze ukuhlaziywa konqulo lokwenyaniso kuqhubele phambili. Yaye aye aqalisa iphulo elikhulu lokunikela ubungqina ehlabathini lonke.—Marko 13:10.
(Isaya 61:5, 6) “Baya kuma abasemzini baluse imihlambi yenu, abolunye uhlanga babe ngabalimi benu nabasebenzi-zidiliya benu. 6 Nina ke, niya kubizwa ngokuba ngababingeleli bakaYehova; kuya kuthiwa ningabalungiseleli bakaThixo wethu. Niya kudla ubuncwane beentlanga, kwaye niya kuthetha ngochulumanco nizizukise ngazo.
‘Abemi Bokwexeshana’ Banqula Kunye Ngomanyano
5 Kwelinye icala, abantu banokubhekisela kwisahluko 61 sencwadi kaIsaya esithetha ngesiprofeto esizaliseka kwibandla lamaKristu. Indinyana 6 yeso sahluko ithetha ngabo baya kukhonza ‘njengababingeleli bakaYehova.’ Noko ke, indinyana 5, ithetha ‘ngabolunye uhlanga’ ababeza kusebenzisana nabo ‘babingeleli.’ Kuthetha ntoni oku?
6 Aba ‘babingeleli bakaYehova’ ngamaKristu athanjisiweyo anesabelo “kuvuko lokuqala” naya “kuba ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, balawule njengookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.” (ISityhi. 20:6) Ukongezelela, kukho amaKristu amaninzi athembekileyo anethemba lokuphila emhlabeni. Nangona aba besebenzisana ngokusondeleyo nabo banethemba lokuphila ezulwini, ngendlela efuziselayo bangabolunye uhlanga. Bayakuvuyela ukuxhasa nokusebenza ‘nababingeleli bakaYehova,’ ‘njengabalimi nabasebenzi-zidiliya,’ ngokungathi kunjalo. Ngokwenene bancedisa ekuhlakuleleni isiqhamo sokomoya ukuze kuzukiswe uThixo, yaye bafundisa nabanye abantu. Abathanjiswa ‘nezinye izimvu’ balusa ngothando abantu abanyanisekileyo, abanomdla wokukhonza uThixo ngonaphakade.—Yoh. 10:16.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Isaya 60:17) Esikhundleni sobhedu ndiya kuzisa igolide, esikhundleni sentsimbi ndizise isilivere, esikhundleni somthi ubhedu, esikhundleni samatye intsimbi; yaye ndiya kumisela uxolo lube ngabaveleli bakho nobulungisa bube ngabaphathi bakho.
Zimiseleni Ukuphucula IParadesi Yokomoya
14 Amagqala amaninzi akumabandla ethu aye azibonela kusenziwa utshintsho oluye lwayihombisa nangakumbi inxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova. Asakhumbula ngokuya amabandla ayesakhokelwa sisicaka sebandla kunokuba ibe liqumrhu labadala, amazwe enesicaka sesebe kunokuba abe neKomiti Yesebe, kwaye ingumongameli weWatch Tower Society owalathisa umsebenzi kunokuba ibe liQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova. Nangona bonke aba bazalwana babenamasekela athembekileyo, yayiba ngumntu omnye owenza izigqibo emabandleni, kwiiofisi zamasebe, nakwikomkhulu lehlabathi. Emva ko-1970, yatshintsha loo nto yaza yangamaqela abadala anikwa imbopheleleko yokwenza izigqibo kunokuba ibe yindoda enye.
15 Kutheni olu tshintsho luye lwayinceda intlangano? Kungokuba belusekelwe kwiZibhalo. Kunokuba ibe ngumntu omnye owenza zonke izigqibo, intlangano izuza kwiimpawu ezintle zabo bonke abadala, okanye “izipho ezingabantu,” abalungiselelwe nguYehova.—Efe. 4:8; IMize. 24:6.
16 Cinga nangotshintsho oluye lwenziwa kutshanje kuncwadi lwethu. Kumnandi ukuhambisa uncwadi oluluncedo nolubangel’ umdla entsimini. Kanti sisebenzisa izixhobo zale mihla ukuze sishumayele iindaba ezilungileyo. Ngokomzekelo, iwebhsayithi ethi jw.org inceda abantu abangakumbi ngezinto abazidingayo. Lonke olu tshintsho lwenziweyo lusibonisa indlela uYehova anomdla ngayo kubantu nokuba uyabathanda.
17 Siyalubulela notshintsho olwenziwe kwiintlanganiso zethu ukuze sikwazi ukuba nonqulo lwentsapho okanye isifundo sobuqu. Sibamba ngazibini nangotshintsho olwenziwe kwiindibano zethu ezinkulu nezincinane. Zibonakala ziphucuka unyaka nonyaka! Enye into esiyivuyelayo luqeqesho esilufumana kwizikolo zeBhayibhile ezininzi. Kuzo zonke ezi zinto, izicacele into yokuba nguYehova owalathisa intlangano yakhe nokuba usaqhubeka eyihombisa nangakumbi iparadesi yokomoya!
(Isaya 61:8, 9) Kuba mna, Yehova, ndithanda okusesikweni, ndikuthiyile ukuphanga kunye nentswela-bulungisa. Yaye ndiza kubanika umvuzo wabo ngenyaniso, nomnqophiso ohlala ngokungenammiselo ndiya kuwenza kubo. 9 Nenzala yabo okunene iya kwaziwa naphakathi kweentlanga, nabaphuma kubo phakathi kwezizwana. Bonke abababonayo baya kubaqonda, ukuba bayinzala ayisikeleleyo uYehova.”
Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—II
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
61:8, 9—Uyintoni ‘umnqophiso ohlala ngokungenammiselo,’ ibe ngoobani ‘inzala’? Lo ngumnqophiso omtsha uYehova aye wawenza namaKristu athanjisiweyo. ‘Inzala’ ‘zezinye izimvu’—izigidi ezamkela isigidimi sawo.—Yohane 10:16.
Ufundo LweBhayibhile
(Isaya 62:1-12) Ngenxa yeZiyon andiyi kuthi cwaka, nangenxa yeYerusalem andiyi kuzola de ubulungisa bayo buphume njengokuqaqamba, nosindiso lwayo njengesikhuni somlilo esivuthayo. 2 “Kwaye ngokuqinisekileyo iintlanga ziya kububona ubulungisa bakho, mfazindini, nookumkani bonke babubone ubuqaqawuli bakho. Yaye okunene uya kubizwa ngegama elitsha, elo liya kutyunjwa ngumlomo kaYehova. 3 Uya kuba sisithsaba sobuhle esandleni sikaYehova, nonkontsho lobukumkani entendeni kaThixo wakho. 4 Akuyi kuba sathiwa kuwe ungumfazi oshiywe ngokupheleleyo; nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa liphanzile; kodwa wena uya kubizwa ngokuthi Oluyolo Lwam Lukuye, nelizwe lakho ngokuthi nguMfazi onoMnini wakhe. Kuba uYehova uya kube eyoliswa nguwe, nelizwe lakho liya kuba lelomnini othile njengomfazi. 5 Kuba kanye njengoko umfana esenza intombi enyulu ibe ngumfazi wakhe, oonyana bakho baya kukwenza umfazi. Nangokugcoba komyeni ngenxa yomtshakazi wakhe, uThixo wakho uya kugcoba ngenxa yakho. 6 Ndimisele abalindi phezu kweendonga zakho, Yerusalem. Imini yonke nobusuku bonke, rhoqo, mabangathi cwaka.“Nina nikhankanya uYehova, musani ukuthula, 7 kwaye ningamniki ukuthula ade ayizinzise ngokuqinileyo, ewe, ade ayimise iYerusalem ibe yindumiso emhlabeni.” 8 UYehova ufunge isandla sakhe sasekunene nengalo yakhe eyomeleleyo wathi: “Andisayi kuba sazinika iintshaba zakho ukudla kwakho okuziinkozo ukuba ibe kukudla kuzo, nabasemzini abayi kuyisela iwayini yakho entsha, obulaleke ngayo. 9 Kodwa bona kanye abo bayihlanganisileyo baya kukudla, yaye ngokuqinisekileyo baya kumdumisa uYehova; baze abo bayiqokelelayo bayisele ezintendelezweni zam ezingcwele.” 10 Phumani, phumani ngamasango. Hlahlani indlela yabantu. Fumbani, fumbani uhola wendlela. Susani amatye kuyo. Phakamiselani izizwana umqondiso. 11 Khangela! UYehova uvakalise oku nakwezona nxalenye zithe qelele zomhlaba: “Yithini kwintombi yaseZiyon, ‘Khangela! Usindiso lwakho luyeza. Khangela! Umvuzo awunikelayo unaye, nentlawulo ayihlawulayo iphambi kwakhe.’ ” 12 Ngokuqinisekileyo abantu baya kubabiza ngokuba ngabantu abangcwele, abo bahlawulelweyo nguYehova; yaye wena uya kubizwa ngokuba ungoFuniweyo, isiXeko Esingashiywanga Ngokupheleleyo.
FEBRUWARI 27–MATSHI 5
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 63-66
“Amazulu Amatsha Nomhlaba Omtsha Aya Kubangela Imincili”
(Isaya 65:17) Kuba yabona, ndidala amazulu amatsha nomhlaba omtsha; kwaye izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.
‘Vuyani Ngonaphakade Koko Ndikudalayo’
23 Incwadi yeSityhilelo ichaza umbono umpostile uYohane awawubonayo wemini ezayo kaYehova, yokushenxiswa kwale nkqubo yezinto. Emva koko, uSathana uza kuvalelwa enzonzobileni. (ISityhilelo 19:11–20:3) Emva kwaloo nkcazelo, uYohane uphinda amazwi kaIsaya, ngokuthi: “Ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha.” Iindinyana ezilandelayo zengxelo yalo mbono uzukileyo zichaza ngexesha uYehova uThixo eya kuziphucula ngalo ngokupheleleyo iimeko zalo mhlaba. (ISityhilelo 21:1, 3-5) Ngokucacileyo, isithembiso esikuIsaya ‘samazulu amatsha nomhlaba omtsha’ siza kuzaliseka ngokuzukileyo kwihlabathi elitsha likaThixo! Phantsi korhulumente omtsha wasemazulwini, ibutho labantu elitsha lasemhlabeni liya kunandipha iparadesi yokomoya neyokoqobo. Ngokwenene siyakhuthaza isithembiso sokuba “izinto zangaphambili [ukugula, ukubandezeleka, nabanye ooyeha abathwaxa abantu] aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.” Nantoni na esisenokuyikhumbula ngelo xesha ayisayi kusizisela intlungu edandathekisa abaninzi namhlanje.
(Isaya 65:18, 19) Kodwa gcobani nize nivuye ngonaphakade koko ndikudalayo. Kuba yabona, ndidala iYerusalem ukuba ibe ngunobangela wovuyo nabantu bayo unobangela wokugcoba. 19 Ndiza kuvuya ngeYerusalem, ndigcobe ngabantu bam; yaye asisayi kuphinda siviwe kuyo isandi sokulila okanye isandi sesikhalo esilusizi.”
‘Vuyani Ngonaphakade Koko Ndikudalayo’
25 Nanamhlanje uYehova uyenza ‘iYerusalem ibe ngunobangela wovuyo.’ Njani? Njengoko sele sibonile, amazulu amatsha awabakho ngowe-1914 ekugqibeleni aza kuquka abalawuli abali-144 000, abaza kuba nesabelo kurhulumente wasezulwini. Achazwa esiprofetweni ngokuba ‘yiYerusalem Entsha.’ (ISityhilelo 21:2) Yile Yerusalem Entsha abhekisela kuyo uThixo ngokuthi: “Yabona, ndidala iYerusalem ukuba ibe ngunobangela wovuyo nabantu bayo unobangela wokugcoba.” UThixo uza kuyisebenzisa iYerusalem Entsha ukuthulula iintsikelelo ezininzi kuluntu oluthobelayo. Asisayi kuphinda siviwe isandi sokulila okanye isikhalo esilusizi, kuba uYehova uya kuzanelisa “izicelo zentliziyo [yethu].”—INdumiso 37:3, 4.
(Isaya 65:21-23) Ngokuqinisekileyo baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. 22 Abayi kwakha kuhlale abanye; abayi kutyala kudle abanye. Kuba njengemihla yomthi iya kuba njalo imihla yabantu bam; nomsebenzi wezandla zabanyuliweyo bam baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo. 23 Abayi kubulalekela ilize, bengayi kuzalela ukuphazamiseka; ngenxa yokuba bayinzala eyenziwe ngabasikelelweyo bakaYehova, nabaphume kubo bakunye nabo.
Kuza Kubakho Uxolo Iminyaka Eliwaka—Nangaphezulu!
‘BAYA KWAKHA IZINDLU BAZE BATYALE IZIDILIYA’
4 Bonke abantu bayakunqwenela ukuba nezindlu zabo, indawo abaza kuziva bona neentsapho zabo bekhuselekile kuyo. Noko ke, kweli xesha siphila kulo kunzima ukuba nezindlu ezifanelekileyo. Abantu bahlala kwizixeko ezixineneyo. Abaninzi bahlala ematyotyombeni. Kubo ukuba nendlu kuliphupha nje.
5 Xa sele kulawula uBukumkani, wonke umntu uya kuba nendlu yakhe, kuba uIsaya waprofeta wathi: “Ngokuqinisekileyo baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo.” (Isa. 65:21) Kodwa ukuba nezindlu zethu asikokuphela kwethemba esinalo. Ngapha koko, abanye abantu nanamhlanje banazo izindlu, abanye ke bade babe nawo namapomakazi. Kodwa sisoloko sinexhala lokuba singaphulukana nezo zindlu ngenxa yokungabi namali yakuzihlawula okanye ngenxa yokuqhekezelwa yimigewu. Zonke izinto ziya kwahluka ngokupheleleyo eBukumkanini! Umprofeti uMika wabhala wathi: “Baya kuhlala, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo.”—Mika 4:4.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Isaya 63:5) Ndaqhubeka ndikhangela, kodwa kwakungekho mncedi; yaye ndaqalisa ukuzibonakalisa ndikhwankqisiwe, kodwa kwakungekho bani unikela inkxaso. Ngoko ingalo yam yandisindisa, nomsindo wam wandixhasa.
Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—II
63:5— UThixo uxhaswa njani ngumsindo wakhe? Umsindo kaThixo yimvakalelo elawulekayo—umsindo wobulungisa. Umsindo wakhe uyamxhasa uze umenze agwebe ngobulungisa.
(Isaya 64:8) Ngoku ke, Yehova, wena unguBawo. Siludongwe, yaye wena unguMbumbi wethu; thina sonke singumsebenzi wesandla sakho.
Vumela Ingqeqesho KaYehova Ikubumbe
INDLELA UMBUMBI ASEBENZISA NGAYO IGUNYA LAKHE
3 Xa ezekelisa echaza igunya analo uYehova phezu komntu nesizwe, uIsaya 64:8 uthi: “Ngoku ke, Yehova, wena unguBawo. Siludongwe, yaye wena unguMbumbi wethu; thina sonke singumsebenzi wesandla sakho.” Umbumbi unegunya elipheleleyo lokubumba udongwe lube yile nto afuna lube yiyo. Udongwe alunakumxelela nento le. Unjalo ke nomntu kuThixo. Umntu akanalungelo lakuphikisana noThixo kanye njengokuba udongwe lungenakuxelela umbumbi into amakayenze.—Funda uYeremiya 18:1-6.
4 UYehova wabumba uSirayeli wamandulo kanye njengombumbi kudongwe. Kodwa yena wahluke gqitha emntwini. Umbumbi unokwenza naluphi na uhlobo lwesitya aza kukwazi ukusenza ngodongwe. UYehova akanyanzelisi abumbe abantu okanye izizwe ezithile zibe zezilungileyo ngoxa esenza ezinye zibe zezingendawo. UYehova usinike isipho esixabiseke gqitha—inkululeko yokuzikhethela. Akasebenzisi igunya lakhe elongamileyo kakubi ukuze asinyanzele enyhasha esi sipho sakhe. Abantu bayazikhethela ukubunjwa nguMdali, uYehova.—Funda uYeremiya 18:7-10.
5 Kuthekani ukuba abantu bayala ukubunjwa ngulo Mbumbi, Mkhulu? Uye alisebenzise njani igunya lakhe? Cinga ngoko kwenziwa kudongwe xa lungabumbeki lwenze oko kufunwa ngumbumbi. Kaloku, umbumbi usenokugqiba ekubeni enze enye into ngalo, okanye alulahle! Ngokuqhelekileyo, udongwe luba yingxaki xa umbumbi engakhange alulungise kakuhle. Kodwa soze abe njalo uYehova, uMbumbi wethu. (Dut. 32:4) Xa umntu engabumbeki esandleni sikaYehova sukube ikuye ingxaki. Indlela uYehova asebenzisa ngayo igunya lakhe ekubumbeni umntu ixhomekeka kwindlela abasabela ngayo. Abamthobelayo, baba yile nto kanye ayifunayo. Ngokomzekelo, amaKristu athanjisiweyo ‘azizitya zenceba’ eziye zabunjwa zaba ‘zizitya zomsebenzi obekekileyo.’ Kodwa abo bangamthobeliyo, baba ‘zizitya zengqumbo ezenziwe zafanelekela intshabalalo.’—Roma 9:19-23.
Ufundo LweBhayibhile
(Isaya 63:1-10) Ngubani na lo uzayo evela kwaEdom, lo unezambatho ezinemibala eqaqambileyo evela eBhotsera, lo ubekekileyo ngesinxibo sakhe, uhamba ngamandla amakhulu?“Ndim, Lowo uthetha ngobulungisa, Lowo uphuphuma ngamandla okusindisa.” 2 Kutheni na sabomvu isinxibo sakho, nezambatho zakho zanjengezalowo uxovula isixovulelo sewayini? 3 “Umkhumbi wewayini ndiwunyathele ndedwa, ngoxa kwakungekho mntu ukunye nam kwizizwana. Ndazixovula ndinomsindo, yaye ndazinyathela ngobushushu bam. Negazi lazo elitsazayo lazitshiza izambatho zam, yaye ndisingcolise sonke isinxibo sam. 4 Kuba imini yempindezelo isentliziyweni yam, nonyaka wabo ndibahlawuleleyo ufikile. 5 I Ndaqhubeka ndikhangela, kodwa kwakungekho mncedi; yaye ndaqalisa ukuzibonakalisa ndikhwankqisiwe, kodwa kwakungekho bani unikela inkxaso. Ngoko ingalo yam yandisindisa, nomsindo wam wandixhasa. 6 I Ndazinyathela izizwana ngomsindo, kwaye ndabanxilisa ngobushushu bam ndaza ndalihlisela emhlabeni igazi labo elitsazayo.” 7 Ndiya kukhankanya ububele bothando bukaYehova, iindumiso zikaYehova, ngako konke oko uYehova asenzele kona, kwanobuninzi bokulunga kwakhe kwindlu kaSirayeli asenzele yona ngokweenceba zakhe nangokobuninzi bobubele bakhe bothando. 8 Waza wahlabela mgama wathi: “Ngokuqinisekileyo bangabantu bam, oonyana abangayi kuba bubuxoki.” Ngoko waba nguMsindisi wabo. 9 Ebudeni bokubandezeleka kwabo konke wabandezeleka. Yaye umthunywa wakhe wobuqu wabasindisa. Ngothando lwakhe nangemfesane yakhe wabahlawulela, waza waqalisa ukubaphakamisa nokubathwala yonke imihla yakudala. 10 Kodwa bona bavukela baza bawenza buhlungu umoya wakhe oyingcwele. Ke kaloku watshintsha waba lutshaba lwabo; yena walwa imfazwe nabo.