IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwbr17 Matshi iphe. 1-9
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela (2017)
  • Imixholwana
  • MATSHI 6-12
  • NGABA UZA KUYIHLAZIYA IMIPHEFUMLO EDANGELEYO?
  • MATSHI 13-19
  • MATSHI 20-26
  • MATSHI 27–APRILI 2
Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela (2017)
mwbr17 Matshi iphe. 1-9

Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

MATSHI 6-12

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO YEREMIYA 1-4

“Ndinawe Ukuba Ndikuhlangule”

(Yeremiya 1:6) Kodwa mna ndathi: “Awu, Nkosi enguMongami Yehova! andikwazi kuthetha, kuba ndiyinkwenkwe nje.”

w11 3/15 29 ¶4

Hlala Uphaphile, NjengoYeremiya

4 Kusenokwenzeka ukuba uYeremiya wayeneminyaka engama-25 ubudala xa wathunywa nguYehova ukuba abe ngumlindi. (Yer. 1:1, 2) Kodwa wayezibona eyinkwenkwe nje, engakufanelekeli nokuthetha namadoda amakhulu olo hlanga, amadoda awayemadala ngeminyaka nawayenegunya. (Yer. 1:6) Kwakufuneka athethe amazwi ahlabayo kwaye avakalise imigwebo eyoyikekayo, ngokukodwa kubabingeleli, abaprofeti bobuxoki, nabalawuli, kunye nabo babehamba “kwikhondo elithandwayo” baza ‘bahlala bengathembekanga.’ (Yer. 6:13; 8:5, 6) Itempile ezukileyo kaKumkani uSolomon, eyayeyona ndawo ibalulekileyo kunqulo lwenene kangangeenkulungwane ezine, yayiza kutshatyalaliswa. IYerusalem nelakwaYuda zaziya kuphanziswa, baze abemi bazo bathinjwe. Kucacile ukuba isigidimi awayesithunyiwe uYeremiya sasingxamisekile!

(Yeremiya 1:7-10) UYehova wahlabela mgama wathi kum: “Musa ukuthi, ‘Ndiyinkwenkwe nje.’ Ufanele uye kubo bonke abo ndiya kukuthuma kubo; kwaye ufanele uthethe yonk’ into endiya kukuyalela yona. 8 Musa ukoyika ngenxa yobuso babo, kuba ‘mna ndinawe ukuba ndikuhlangule,’ utsho uYehova.” 9 UYehova ke wolula isandla sakhe waza wachukumisa ngaso umlomo wam. Wandula ke uYehova wathi kum: “Yabona, ndibeke amazwi am emlonyeni wakho. 10 Khawubone, ndikumisele ngale mini ukuba ube phezu kweentlanga naphezu kwezikumkani, ukuze uncothule nokuze udilize nokuze utshabalalise nokuze uchithe, ukuze wakhe nokuze utyale.”

(Yeremiya 1:17-19) Wena ke, ufanele ubhinqe emanqeni akho, yaye umele uphakame uze uthethe kubo yonk’ into endikuyalela yona. Musa ukunkwantya ngabo, ukuze ndingakunkwantyisi phambi kwabo. 18 Namhlanje ndikwenze isixeko esinqatyisiweyo nentsika yentsimbi neendonga zobhedu nxamnye nelizwe lonke, kookumkani bakwaYuda, kwiinkosana zalo, kubabingeleli balo nasebantwini balo ilizwe. 19 Yaye ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa, kuba ‘ndinawe, ukuba ndikuhlangule,’” utsho uYehova.’”

w05 12/15 23 ¶18

Ngaba Uthobela UThixo Okanye Abantu?

18 UThixo wathi kumprofeti uYeremiya: “Mna ndinawe ukuba ndikuhlangule.” (Yeremiya 1:8) UYehova unokusihlangula njani kwintshutshiso namhlanje? Unokwenza kubekho umgwebi osesikweni njengoGamaliyeli. Okanye unokwenza ukuba igosa elikhohlakeleyo nelisichasileyo lithatyathelw’ indawo lelinye elinengqiqo. Noko ke, ngamanye amaxesha, uYehova unokuvumela abantu bakhe baqhubeke betshutshiswa. (2 Timoti 3:12) Ukuba uThixo uvumela ukuba sitshutshiswe, usoloko esinika amandla okunyamezela. (1 Korinte 10:13) Enoba uThixo uvumela ntoni, siyazi ngokuqinisekileyo ukuba umphumo uya kuba yintoni: Abo balwa nabantu bakaThixo balwa noThixo, ibe abantu abalwa noThixo abasayi kuze boyise.

jr 88 ¶14-15

“Ndiya Kuwanelisa Umphefumlo Wabo Odiniweyo”

NGABA UZA KUYIHLAZIYA IMIPHEFUMLO EDANGELEYO?

14 Kuya kusinceda gqitha ukuphawula indlela uYeremiya awakhuthazwa ngayo nendlela yena awayikhuthaza ngayo ‘imiphefumlo edangeleyo.’ (Yer. 31:25) Lo mprofeti wakhuthazwa ngokukhethekileyo nguYehova. Cinga nje indlela ubuya kukhuthazeka ngayo xa usiva uYehova esithi kuwe: “Mna ke, yabona, namhlanje ndikwenze isixeko esinqatyisiweyo . . . Ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa, kuba ‘ndinawe, ukuba ndikuhlangule,’ utsho uYehova.” (Yer. 1:18, 19) Siyaqondakala ke isizathu sokuba uYeremiya athi xa ethetha ngoYehova, “mandla am negwiba lam, nendawo yam yokusabela ngomhla wokubandezeleka.”—Yer. 16:19.

15 Kuyaphawuleka ukuba uYehova wathi kuYeremiya: “Ndinawe.” Ngaba oku kukunceda ubone into onokuyenza xa kukho umntu omaziyo ofuna ukhuthazo? Yinto eyahlukileyo ukubona ukuba umzalwana okanye udade ongumKristu okanye isalamane sifuna ukukhuthazwa; ukanti yenye into ukuthabath’ inyathelo lokumkhuthaza. Kwiimeko ezininzi eyona nto unokuyenza yileyo uThixo wayenzela uYeremiya—ukuba kunye nalowo udandathekileyo. Emva kwethuba, mkhuthaze kodwa ungamngxixhi ngamazwi. Amazwi ambalwa aya kumnceda gqitha ukuba akhethwe kakuhle yaye ayakha. Akuyomfuneko ukumcikozela. Thetha izinto eziza kumbonisa ukuba umkhathalele yaye uyamthanda. Ukwenjenjalo kunokumnceda gqitha.—Funda IMizekeliso 25:11.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Yeremiya 2:13) ‘Ngenxa yokuba kukho izinto ezimbini ezimbi abazenzileyo abantu bam: Bandishiyile mna, mthombo wamanzi aphilayo, ukuze bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angenakuqulatha manzi.’

(Yeremiya 2:18) Ngoku uyixhalabele ngantoni na indlela yaseYiputa ukuze usele amanzi aseShihore? Kwaye uyixhalabele ngantoni na indlela yaseAsiriya ukuze usele amanzi oMlambo?

w07 3/15 9 ¶8

Iimbalasane Zencwadi KaYeremiya

2:13, 18. AmaSirayeli angathembekanga enza izinto ezimbini ezimbi. Amshiya uYehova, umthombo othembekileyo weentsikelelo, ukhokelo nokhuseleko. Azimbela amaqula okomfuziselo ngokuzama ukwakha ubuhlobo bomkhosi neYiputa neAsiriya. Namhlanje, ukushiya uThixo oyinyaniso ngenxa yeentanda-bulumko, amabali nepolitiki zehlabathi kukushiya ‘umthombo wamanzi aphilayo’ siye ‘kumaqula aqhekekileyo.’

(Yeremiya 4:10) Ndaza ndathi: “Awu, Nkosi enguMongami Yehova! Eneneni usikhohlise ngokupheleleyo esi sizwana neYerusalem, usithi, ‘Niya kuba noxolo,’ ukanti ikrele lide lafikelela emphefumlweni.”

w07 3/15 9 ¶4

Iimbalasane Zencwadi KaYeremiya

4:10; 15:18—Kutshiwo njani ukuba uYehova wakhohlisa abantu bakhe abanemvukelo? Ngomhla kaYeremiya, kwakukho abaprofeti ‘abaprofeta ubuxoki.’ (Yeremiya 5:31; 20:6; 23:16, 17, 25-28, 32) UYehova zange abathintele ekuvakaliseni ezo zigidimi zenkohliso.

Ufundo LweBhayibhile

(Yeremiya 4:1-10) “Ukuba uthe wabuya, Sirayeli,” utsho uYehova, “wabuyela kum. Yaye ukuba uthe wazisusa izinto zakho ezilizothe ngenxa yam, uya kwandula ke ungahambi njengembacu. 2 Kwaye ukuba ngokuqinisekileyo uthe wafunga wathi, ‘Ephila nje uYehova enyanisweni, kokusesikweni nangobulungisa!’ ziya kwandula ke okunene zizisikelele ngaye iintlanga, zize ziqhayise ngaye.” 3 Kuba utsho uYehova kuwo amadoda akwaYuda nakuyo iYerusalem ukuthi: “Zilimeleni umhlaba olimekayo, ningahlwayeli phakathi kwameva. 4 Zaluseleni kuYehova, nize nisuse amajwabi eentliziyo zenu, nina madoda akwaYuda nabemi baseYerusalem; ukuze umsindo wam ungaphumi kanye njengomlilo, uze uvuthe ngokuqinisekileyo kungekho bani ongawucimayo, ngenxa yobubi bezenzo zenu.” 5 Xelani kwaYuda, nivakalise naseYerusalem, yitshoni ngokuvakalayo, nivuthele nesigodlo kulo lonke ilizwe. Memezani kakhulu nithi: “Hlanganisanani, kwaye masingene ezixekweni ezinqatyisiweyo. 6 Phakamisani umqondiso ngaseZiyon. Yenzani ilungiselelo lekhusi. Musani ukuma ngxi.” Kuba ndizisa intlekele ivela ngasemntla, ukuwa okukhulu. 7 Unyuke njengengonyama iphuma entshinyeleni yayo, yaye lowo wonakalisa iintlanga undulukile; uphumile endaweni yakhe ukuze enze ilizwe lakho libe yinto ekhwankqisayo. Izixeko zakho ziya kuwa zibe ngamanxuwa, zingabi nabemi. 8 Ngenxa yoku bhinqani amarhonya. Zibetheni izifuba nize nibhomboloze, ngenxa yokuba ukuvutha komsindo kaYehova akubuyanga kuthi. 9 “Kuya kuthi ke ngaloo mini,” utsho uYehova, “intliziyo kakumkani itshabalale, kwanentliziyo yeenkosana; yaye ngokuqinisekileyo ababingeleli baya kukhwankqiswa, nabaprofeti baya kuthi manga.” 10 Ndaza ndathi: “Awu, Nkosi enguMongami Yehova! Eneneni usikhohlise ngokupheleleyo esi sizwana neYerusalem, usithi, ‘Niya kuba noxolo,’ ukanti ikrele lide lafikelela emphefumlweni.”

MATSHI 13-19

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO YEREMIYA 5-7

“Bayeka Ukwenza Ukuthanda KukaThixo”

(Yeremiya 6:13-15) “Kuba ukususela koyena mncinane kubo ukusa koyena mkhulu kubo, wonk’ ubani uzenzela inzuzo yokungekho sikweni; nokususela kumprofeti ukusa kumbingeleli, ngamnye wenza ngobuxoki. 14 Kwaye bazama ukukuphilisa ngokulula ukuwa kwabantu bam, besithi, ‘Luxolo! Luxolo!’ kungekho luxolo. 15 Baziva beneentloni na ngenxa yokuba babenze into ecekisekayo? Phakathi kwezinye izinto, ngokuqinisekileyo abaziva beneentloni; kwaye abakhange bazive bethotyiwe. Ngoko ke baya kuwa phakathi kwabo bawayo; ngexesha endimele ndibaphendulise ngalo baya kukhubeka,” utsho uYehova.

w88 4/1 11-12 ¶7-8

UYeremiya—Umprofeti Wemigwebo KaThixo Owayengathandwa

7 UYehova walumkisa ngokuthi, “Baya kulwa nawe, bangabi nakukweyisa.” (Yeremiya 1:19) Kutheni le nto amaYuda nabalawuli bawo babeza kufuna ukulwa nalo mprofeti? Kungokuba isigidimi sakhe sasinxamnye nokungakhathali kwawo nohlobo lonqulo lwawo olwalulolwesithethe. UYeremiya wabagqogq’ iindlebe esenjenje: “Yabona, ilizwi likaYehova libe yingcikivo kubo, abalinanzile. Kuthabathela kwabancinane kuse kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kuse kumbingeleli [abo kanye babemele bagcine imilinganiselo yokuziphatha nengokomoya], bonke bephela benza ngobuxoki.”—Yeremiya 6:10, 13.

8 Kuyinyaniso ukuba, babelukhokela uhlanga ekwenzeni amadini. Babezibonakalisa ngokungathi babezinikele ngenene kunqulo lokwenyaniso, kodwa iintliziyo zabo zazingekho kulo. Kubo isithethe sasithetha okungakumbi kunehambo elungileyo. Kwangaxeshanye, iinkokeli zonqulo zamaYuda zaziluqaba ngentshongo emehlweni uhlanga ngokulenza lube nemvakalelo yobuxoki yonqabiseko, zisithi, “Luxolo, luxolo” xa kwakungekho luxolo. (Yeremiya 6:14; 8:11) Ewe, zazibenza izidenge abantu ngokubenza bakholelwe ukuba baseluxolweni noThixo. Zavakalelwa kukuba kwakungekho nto babemele kukuzikhathaza ngayo, kuba babengabantu bakaYehova ababesindisiwe, abanesixeko esingcwele netempile yaso. Kodwa ngaba leyo yayiyindlela uYehova awayeyijonga ngayo imeko?

(Yeremiya 7:1-7) Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi: 2 “Yima esangweni lendlu kaYehova, uze ulivakalise apho eli lizwi, uthi, ‘Liveni ilizwi likaYehova, nonke nina bakwaYuda, eningenayo kula masango ukuza kuqubuda kuYehova. 3 Utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi: “Lungisani iindlela zenu nezenzo zenu, yaye ndiza kunigcina nihlala kule ndawo. 4 Musani ukukholosa ngamazwi obuxoki, athi, ‘Bayiyo itempile kaYehova, itempile kaYehova, itempile kaYehova!’ 5 Kuba ukuba ngokuqinisekileyo niya kuzilungisa iindlela zenu nezenzo zenu, ukuba ngokuqinisekileyo niya kwenza okusesikweni phakathi komntu neqabane lakhe; 6 ukuba akukho mphambukeli, akukho nkwenkwe engenayise kwaye akukho mhlolokazi niya kumcinezela, negazi elimsulwa aniyi kuliphalaza kule ndawo, yaye aniyi kuhamba emva kwabanye oothixo kuze oko kube yintlekele kuni; 7 nam, ke, ngokuqinisekileyo ndiya kunigcina nihlala kule ndawo, kwilizwe endalinika ooyihlo, ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo.”’”

w88 4/1 12 ¶9-10

UYeremiya—Umprofeti Wemigwebo KaThixo Owayengathandwa

9 UYehova wayalela uYeremiya ukuba eme esangweni letempile apho wayeya kubonwa nguye wonke umntu aze adlulise isigidimi Sakhe kubanquli ababengena apho. Wayemele abaxelele oku: “Musani ukukholosa ngamazwi obuxoki, okuthi, Yitempile kaYehova, yitempile kaYehova, yitempile kaYehova yona leyo. . . . Nikholosa ngamazwi . . . angancediyo.” AmaYuda ayehamba ngokubona, kungekhona ngokholo, njengoko ayeqhayisa ngetempile. Ayesele ewalibele amazwi kaYehova esilumkiso: “Amazulu yitrone yam, ihlabathi sisihlalo seenyawo zam. Iyini na le ndlu, niya kundakhela yona?” Ngokuqinisekileyo, uYehova, iNkosi enguMongami wale ndalo iphela inkulukazi, wayengapheleliselwanga kwiindonga zetempile yabo, kungakhathaliseki enoba yayintle kangakanani na!—Yeremiya 7:1-8; Isaya 66:1.

10 UYeremiya wahlabela mgama namazwi okukhalimela ekuhleni ngokuhlabayo: “Niyeba, nincinithe, nikrexeze, nifunge ngobuxoki, niqhumisele kuBhahali, nilandele thixo bambi eningabaziyo; . . . nithi, Sihlangulwe; ukuze nenze la masikizi onke?” AmaYuda, ‘njengabantu bakaThixo abanyuliweyo,’ ayecinga ukuba wayeya kulunyamezela naluphi na uhlobo lwehambo, lo gama nje ayesizisa amadini awo etempileni. Noko ke, ukuba ayemcingela njengobawo othabatheka yiyo nayiphi na into eyenziwayo ofekethisa umntwana oliqanda nokuphela kwakhe, ayengalibonanga.—Yeremiya 7:9, 10; Eksodus 19:5, 6.

(Yeremiya 7:8-15) “Nikholosa ngamazwi obuxoki—ngokuqinisekileyo akayi kuba yingenelo konke konke. 9 Ninganako na ukuba, ukubulala nokukrexeza nokufunga ngobuxoki nokuqhumisa umbingelelo kuBhahali nokulandela abanye oothixo enaningabazi, 10 nize ke nifike nime phambi kwam kule ndlu elibiziweyo kuyo igama lam, nithi, ‘Ngokuqinisekileyo siya kuhlangulwa,’ phezu kwako nje ukwenza zonke ezi zinto zicekisekayo? 11 Ngaba le ndlu ebizwe ngegama lam iye yaba ngumqolomba nje wabaphangi emehlweni enu? Yabonani, nam ndikubonile oko,” utsho uYehova. 12 “‘Noko ke, hambani, ngoku, niye endaweni yam eyayiseShilo, apho ndalihlalisa khona igama lam ekuqaleni, nize nibone oko ndakwenzayo kuyo ngenxa yobubi babantu bam amaSirayeli. 13 Ke kaloku ngenxa yokuba niqhubeka nisenza yonke le misebenzi,’ utsho uYehova, ‘yaye ndimana ndithetha kuni, ndivuka ekuseni ndize ndithethe, kodwa anaphulaphula, kwaye ndahlala ndibiza kuni, kodwa anaphendula. 14 ndiza kwenza nakuyo indlu ebizwe ngegama lam, enikholose ngayo, nakuyo indawo endaninika yona nina nookhokho benu, kanye njengoko ndenzayo kuyo iShilo. 15 Yaye ndiza kunisusa phambi kobuso bam, kanye njengoko ndabasusayo bonke abantakwenu, inzala kaEfrayim iphela.’

jr 21 ¶12

Ukukhonza “Ekupheleni Kwemihla”

12 Ekuqaleni kokulawula kukaYehoyakim, uYehova waxelela uYeremiya ukuba aye etempileni aze awakhalimele ngokuphandle amaYuda ngenxa yobungendawo bawo. AmaYuda ayecinga ukuba ekubeni kukho itempile kaYehova, ayekhuselekile. Sekunjalo, ukuba ayengayeki “ukuba, ukubulala nokukrexeza nokufunga ngobuxoki nokuqhumisa umbingelelo kuBhahali nokulandela abanye oothixo,” uYehova wayeza kuyishiya loo tempile yakhe. Wayeza kwenza okufanayo nakubahanahanisi ababenqula kuyo, kanye njengokuba washiya umnquba owawuseShilo ngemihla yoMbingeleli Omkhulu uEli. Ilizwe lakwaYuda laliza “kuba yindawo ephanzileyo.” (Yer. 7:1-15, 34; 26:1-6) Cinga ngesibindi ekwakufuneka uYeremiya abe naso ukuze akwazi ukuvakalisa eso sigidimi! Umele ukuba wasivakalisa esidlangalaleni phambi kwabantu abakwizikhundla eziphezulu nabahlonelwayo. Namhlanje, kukho abazalwana noodade abavakalelwa kukuba nabo bamele babe nesibindi ukuze bashumayele esitratweni okanye kubantu abazizityebi nababalulekileyo. Kuyo yonke loo nto, sinokuqiniseka ngoku: UThixo uyasixhasa, kanye njengokuba wenzayo kuYeremiya.—Heb. 10:39; 13:6.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Yeremiya 6:16) Utsho uYehova ukuthi: “Yimani ngxi ezindleleni, nize nibone, nibuzise ngeendlela zakudala, apho ngoku, ikhoyo indlela elungileyo; nize nihambe kuyo, niyifumanele ukonwaba imiphefumlo yenu.” Kodwa bathi: “Asizi kuhamba.”

w05 11/1 23 ¶11

Ngaba Uya Kuhamba NoThixo?

11 Ngaba siyalivumela iLizwi likaThixo lisikhokele ngokupheleleyo? Ingantle into yokuba simane sizihlolisise ngokunyanisekileyo. Qwalasela indinyana eya kusinceda ekwenzeni oko: “Utsho uYehova ukuthi: ‘Yimani ngxi ezindleleni, nize nibone, nibuzise ngeendlela zakudala, apho ngoku, ikhoyo indlela elungileyo; nize nihambe kuyo, niyifumanele ukonwaba imiphefumlo yenu.’” (Yeremiya 6:16) La mazwi asenokusikhumbuza ngomhambi oma ekudibaneni kweendlela aze abuzise ngaleyo amele ahambe ngayo. Ngengqiqo yokomoya, abantu bakaYehova ababenemvukelo kwaSirayeli babemele benze oko. Kwakufuneka bafune ‘iindlela zakudala.’ “Indlela elungileyo” yayiyindlela ababehamba ngayo ooyisemkhulu, indlela olwathi olo hlanga ngobudenge lwaphambuka kuyo. Okubuhlungu kukuba, uSirayeli akazange asinanze esi sikhumbuzo sikaYehova sothando. Le ndinyana ihlabela mgama ithi: “Kodwa bathi: ‘Asizi kuhamba.’” Noko ke, kule mihla, abantu bakaThixo baye basabela ngendlela eyahlukileyo kweso siluleko.

(Yeremiya 6:22, 23) Utsho uYehova ukuthi: “Khangela! Kuya kuphuma isizwana kwilizwe lasemntla, kuvuswe uhlanga olukhulu luvela kweyona mimandla ithe qelele yomhlaba. 23 Baya kubamba isaphetha nentshuntshe. Bakhohlakele, yaye abayi kuba nalusizi. Ilizwi labo liya kugquma njengolwandle, kwaye baya kukhwela amahashe. Baya kuma ngokolungelelwano lwedabi njengendoda yemfazwe nxamnye nawe, ntombi yaseZiyon.”

w88 4/1 13 ¶15

UYeremiya—Umprofeti Wemigwebo KaThixo Owayengathandwa

UYuda Uyavuna

15 Malunga nowama-632 B.C.E., iAsiriya yayiwele kumaKaledi namaMedi, yaye iYiputa yayenziwe igunya elincinane elalilawula umzantsi welakwaYuda. Into eyayisisisongelo sokwenene kuYuda luhlaselo olwaluza kuza luvela ngasentla. Ngaloo ndlela, uYeremiya wayemele axelele amaYuda akowabo iindaba ezimbi! “Yabona, kuza abantu bevela ezweni lasentla . . . bazizijorha, abanamfesane; . . . bexhobe njengendoda yokulwa, ukukurhintyela wena, ntombi enguZiyon.” Igunya lehlabathi elalilawula ngelo xesha yayiyiBhabhiloni. Laliza kuba sisixhobo sikaThixo sokohlwaya uYuda ongenalukholo.—Yeremiya 6:22, 23; 25:8, 9.

Ufundo LweBhayibhile

(Yeremiya 5:26–6:5) Kuba phakathi kwabantu bam kufunyenwe abantu abangendawo. Bahleli beqondele, bebuthumile njengababambisi beentaka. Babeke isibatha esonakalisayo. Babambisa abantu. 27 Njengendlwane izele zizidalwa eziphaphazelayo, ngokunjalo nezindlu zabo zizele yinkohliso. Kungenxa yoko le nto beye baba bakhulu kwaye bezuza ubutyebi. 28 Batyebile; bayakhazimla. Baphuphuma izinto ezimbi. Ityala abaligwebi, kwanetyala lenkwenkwe engenayise, ukuze baphumelele; netyala lamahlwempu abaligwebi.’” 29 “Ndifanele ndingabaphendulisi na ngenxa yezi zinto,” utsho uYehova, “okanye kuhlanga olunjengolu umphefumlo wam ufanele ungaziphindezeleli na? 30 Benza izinto ezikhwankqisayo neziqhiphula umbilini, kulo ilizwe: 31 Abaprofeti okunene baprofeta ubuxoki; ke bona ababingeleli, bahamba besoyisa ngokwamandla abo. Kwaye abantu bam bathande ngaloo ndlela; yaye niya kwenza ntoni na ekupheleni kwako oku?”

6 Ngenani ekhusini, nina nyana bakaBhenjamin, nisuke phakathi kweYerusalem; naseTekowa vuthelani isigodlo. Naphezu kweBhete-hakerem phakamisani umqondiso womlilo; ngenxa yokuba nijongene nentlekele evela ngasemntla, ukuwa okukhulu. 2 Intombi yaseZiyon ifana nomfazi obukekayo nokhuliswe ephethwe ethe-ethe. 3 Beza kuyo abalusi nemihlambi yabo. Bamisa iintente zabo nxamnye naye macala onke. Badla ngamnye inxalenye yakhe. 4 Bangcwalise imfazwe nxamnye nayo: “Vukani, masinyuke emini emaqanda!”“Yeha ke thina, kuba imini ithambekile, kuba amathunzi okuhlwa ayoluka!” 5 “Vukani, masinyuke ebudeni bobusuku size sizonakalise iinqaba zayo zokuhlala.”

MATSHI 20-26

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO YEREMIYA 8-11

“Abantu Banokuphumelela Kuphela Ukuba Bakhokelwa NguYehova”

(Yeremiya 10:2-5) Utsho uYehova ukuthi: “Musani ukufunda indlela yeentlanga konke konke, ningankwantyiswa nayimiqondiso yasemazulwini, ngenxa yokuba iintlanga ziyankwantyiswa yiyo. 3 Amasiko ezizwana angumphunga nje, kuba izithixo zazo zingumthi nje ogawulwa ehlathini, umsebenzi wezandla zengcibi ngenkxola. 4 Zizenza zihle ngesilivere nangegolide. Zizibethelela ngezikhonkwane nangezando, ukuze zingahexi. 5 Zinjengonomgogwana kwintsimi yekomkomere, yaye azinakuthetha. Zimele zithwalwe, kuba azikwazi kuhamba. Musa ukuzoyika, kuba azinakwenza nto iyintlekele yaye, ngaphezu koko, azinako ukwenza nakuphi na okulungileyo.”

(Yeremiya 10:14, 15) Wonke umntu uziphethe ngokungenangqiqo engenakwazi. Wonke umnyibilikisi ngokuqinisekileyo uya kuziva eneentloni ngenxa yemifanekiso eqingqiweyo; kuba imifanekiso yakhe etyhidiweyo ibubuxoki, yaye akukho moya kuyo. 15 Ingamampunge, iyintlekisa. Ngexesha lokunikelwa kwayo ingqalelo iya kutshabalala.

it-1-E 555

Ikomkomere

Iintsika, iipali okanye ezinye izinto zazibekwa emasimini ukuze izilwanyana zoyike ukusondela, umprofeti uYeremiya wafanisa imifanekiso eyayenziwe ziintlanga ezikhonza izithixo ‘nonomgogwana okwintsimi yekomkomere.’—Yer 10:5.

(Yeremiya 10:6, 7) Akukho namnye unjengawe, Yehova. Umkhulu, negama lakho likhulu ngamandla. 7 Ngubani na ofanele angakoyiki, Kumkani weentlanga, kuba kukufanele oko; ngenxa yokuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga naphakathi kwezikumkani zazo zonke akukho namnye unjengawe.

(Yeremiya 10:10-13) Kodwa uYehova enyanisweni nguThixo. UnguThixo ophilayo noKumkani ukusa kwixesha elingenammiselo. Ngenxa yokucaphuka kwakhe umhlaba uya kunyikima, kwaye akukho zintlanga ziya kuma ngaphantsi kwesiqalekiso sakhe. 11 Niya kutsho kubo ukuthi: “Oothixo abangawenzanga amazulu nomhlaba ngabo abaya kutshabalala emhlabeni naphantsi kwamazulu la.” 12 Yena nguMenzi womhlaba ngamandla akhe, Lowo umisela ngokuqinileyo ilizwe elinemveliso ngobulumko, naLowo wolula amazulu ngokuqonda kwakhe. 13 Ngelizwi lakhe ukhupha ingxokozelo yamanzi emazulwini, yaye ubangela umphunga unyuke uvela esiphelweni somhlaba. Imvula uyenzele imijelo, kwaye uvelisa umoya koovimba bakhe.

w04 10/1 11 ¶10

Ngoobani Abazukisa UThixo Namhlanje?

10 Enoba ukhangela esibhakabhakeni okanye kwindalo elapha emhlabeni, kukho ubungqina obucacileyo bokuba uMdali ukho. (Yeremiya 10:12) Sifanele sivumelane ngokunyanisekileyo nezidalwa ezisezulwini ezadanduluka zathi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” (ISityhilelo 4:11) Sekunjalo, izazinzulu ezininzi azibuboni ubungqina bokuba kukho uMdali ‘ngamehlo eentliziyo zazo,’ nangona zisenokumangaliswa yindlela ezidalwe ngayo izinto ezizibona ngamehlo enyama. (Efese 1:18) Oku sinokukuzekelisa ngale ndlela: Ukubuka ubuhle nendlela indalo eyilwe ngayo size singavumi ukuba kukho uMyili Omkhulu akunangqiqo njengokubuka umfanekiso omhle gqitha size kwangaxeshanye silikhanyele elokuba kukho umntu oye wazoba loo mfanekiso mhle kangako. Akumangalisi ke ngoko ukuba abo bangafuniyo ukukholelwa kuThixo kusithiwa ‘abanakuzingxengxezela’!

(Yeremiya 10:21-23) Kuba abalusi baziphethe ngokungenangqiqo, kwaye abamfunanga uYehova. Kungenxa yoko le nto bengenzanga ngengqiqo, yaye zonke izilwanyana zabo ezisemadlelweni zichithachithekile.” 22 Phulaphula! Ingxelo! Nantso ifikile, kwanesandi esikhulu sentshukumo evela kwilizwe lasemntla, ukuze kwenziwe izixeko zakwaYuda zibe yinkangala ephanzileyo, isikhundla soodyakalashe. 23 Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.

w15 9/1 15 ¶1

Ngaba Uziva Uphoxiwe NguThixo?

Imeko yabantu emaxongo emhlabeni ibubungqina obungenakuphikiswa bokuba ulawulo lwabantu lusilele ngokulusizi. Oorhulumente abohlulekanga nje ekuziseni uxolo, ukhuseleko, nolonwabo kuphela, baye bonakalisa nomhlaba ngendlela engathethekiyo. Oku kungqina indlela ayinyaniso ngayo amazwi eBhayibhile athi: “Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Lulawulo lukaThixo kuphela olunokuzisela abantu uxolo, ulonwabo nempumelelo ehlala ihleli, kuba wabadala enaloo njongo kakade kwasekuqaleni.—Isaya 45:18.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Yeremiya 9:24) “Kodwa lowo uzigwagwisayo makazigwagwise ngenxa yale nto kanye, yokuba enokuqiqa kwanolwazi ngam, lokuba ndinguYehova, Lowo ubonakalisa ububele bothando, okusesikweni nobulungisa emhlabeni; kuba ndiyoliswa zezo zinto,” utsho uYehova.

w13 1/15 20 ¶16

Hlala Usondele KuYehova

16 Akukho nto iphosakeleyo ngokuzingca ngenxa yokuba unelunda. Ngokomzekelo, simele sizingce ngokuba ngamaNgqina kaYehova. (Yer. 9:24) Xa sinelunda sitsho senze izigqibo ezifanelekileyo zokubambelela kwimilinganiselo ephakamileyo kaThixo. Kodwa simele silumke singazingci ngokuziphakamisa kuba oko kuya kusahlukanisa noYehova.—INdu. 138:6; Roma 12:3.

(Yeremiya 11:10) Babuyele kwiziphoso zookhokho babo, ababa ngabokuqala, ukwala ukuthobela amazwi am, kodwa besuka balandela abanye oothixo ukuze babakhonze. Indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ziwaphule umnqophiso wam endawenzayo nookhokho babo.

w07 3/15 9 ¶2

Iimbalasane Zencwadi KaYeremiya

3:11-22; 11:10-12, 17—Kwakutheni ukuze uYeremiya aquke ubukumkani bezizwe ezilishumi basemntla kwizibhengezo zakhe, ngoxa iSamariya yayisele yawayo ngowama-740 B.C.E.? Kaloku ngokutshabalalisa iYerusalem ngowama-607 B.C.E. uYehova wayebonisa isohlwayo sakhe kulo lonke uhlanga lakwaSirayeli, kungekhona kuYuda kuphela. (Hezekile 9:9, 10) Ngapha koko, nasemva kokuwa kwabo kwahlala kukho ithemba lokuvuselelwa kobo bukumkani bezizwe ezilishumi eYerusalem, kuba izigidimi zabaprofeti bakaThixo zaqhubeka ziquka amaSirayeli.

Ufundo LweBhayibhile

(Yeremiya 11:6-16) UYehova wahlabela mgama wathi kum: “Bhengeza la mazwi ezixekweni zakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem, usithi, ‘Waveni amazwi alo mnqophiso, niwenze. 7 Kuba ndabaluleka ngokunzulu ookhokho benu ngemini yokubakhupha kwam kwilizwe laseYiputa kude kuse kule mini, ndivuka ekuseni, ndibaluleka, ndisithi: “Thobelani ilizwi lam.” 8 Kodwa abazange baphulaphule okanye bathobe indlebe yabo, kodwa bahamba ngamnye ngobulukhuni bentliziyo yabo embi; yaye ngoko ndabazisela onke amazwi alo mnqophiso endabayalela ukuba bawenze, kodwa abawenza.’” 9 Ngapha koko, uYehova wathi kum: “Kufunyenwe iyelenqe phakathi kwabantu bakwaYuda naphakathi kwabemi baseYerusalem. 10 Babuyele kwiziphoso zookhokho babo, ababa ngabokuqala, ukwala ukuthobela amazwi am, kodwa besuka balandela abanye oothixo ukuze babakhonze. Indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ziwaphule umnqophiso wam endawenzayo nookhokho babo. 11 Ngoko ke utsho uYehova ukuthi: “Yabona, ndibazisela intlekele abangayi kukwazi ukuphuma kuyo; yaye ngokuqinisekileyo baya kumemeza kum becela uncedo, kodwa andiyi kubaphulaphula. 12 Kwaye izixeko zakwaYuda nabemi baseYerusalem kuya kufuneka bahambe baze bamemeze becela uncedo koothixo abaqhumisela kubo umbingelelo, kodwa ngokuqinisekileyo abangayi kubasindisa ngexesha lentlekele yabo. 13 Kuba oothixo bakho baninzi njengezixeko zakho, Yuda; kwaye yona into eziintloni niyibekele izibingelelo ezininzi njengezitrato zaseYerusalem, izibingelelo zokuqhumisela imibingelelo kaBhahali.’ 14 “Wena ke, musa ukusithandazela esi sizwana, yaye musa ukusiphakamisela isikhalo sokubongoza okanye umthandazo, kuba ndiya kube ndingaphulaphulanga ngexesha lokumemeza kwaso kum ngokubhekisele kwintlekele yaso. 15 “Inamsebenzi mni na intanda yam endlwini yam, ukuze abaninzi baso benze le nto, icebo lobubi? Yaye ngenyama engcwele baya kuyidlulisa na kuwe, xa intlekele yakho ifika? Uya kugcoba na ngelo xesha? 16 UYehova ubize igama lakho ngokuthi, ‘Umnquma onabileyo, onesiqhamo esihle noyimpuluswa.’ Ngesandi sokugquma okukhulu, uwutshise ngomlilo, yaye bawaphule amasebe awo.

MATSHI 27–APRILI 2

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO YEREMIYA 12-16

“AmaSirayeli Amlibala UYehova”

(Yeremiya 13:1-5) Utsho uYehova kum ukuthi: “Hamba, uzithengele ibhanti lelinen uze ulibhinqe esinqeni sakho, kodwa lingaze lidibane namanzi.” 2 Ngoko ndalifumana ibhanti elo ngokwelizwi likaYehova ndaza ndalibhinqa esinqeni sam. 3 Yaye ilizwi likaYehova lafika kum isihlandlo sesibini, lisithi: 4 “Thabatha ibhanti olifumeneyo, elisesinqeni sakho, uze usuke, uye kumEfrate, ulifihle apho kwimfanta yengxondorha.” 5 Ngoko ndahamba ndaza ndalifihla kumEfrate, kanye njengoko uYehova wayendiyalele.

jr 51 ¶17

Lumkela Intliziyo Ekhohlisayo

17 Isabelo sikaYeremiya sasiquka ukuthobela ulwalathiso lukaThixo. Ukuba wawunguYeremiya, ngaba wawuza kulwamkela olo lwalathiso? Ngesinye isihlandlo uYehova waxelela uYeremiya ukuba afune ibhanti lelinen aze alinxibe. Emva koko, wamyalela ukuba aye kumEfrate. Ukuba ujonga imaphu, uya kubona ukuba oko kwakuthetha ukuba uza kuhamba umgama oziikhilomitha ezingama-500. Akufika apho, kwakufuneka afihle elo bhanti kwimfanta yengxondorha aze abuyele eYerusalem. Kamva uThixo waphinda wathi makaye kulithabatha elo bhanti. (Funda uYeremiya 13:1-9.) Uwonke umgama awawuhambayo uYeremiya umalunga neekhilomitha ezili-1 900. Abahlalutyi beBhayibhile abakholelwa ukuba wahamba umgama omde kangako, owawuza kuthabatha iinyanga. (Ezra 7:9) Sekunjalo, yiloo nto uThixo awayithethayo waza uYeremiya wayenza.

(Yeremiya 13:6, 7) Kodwa kwathi ekupheleni kwemihla emininzi uYehova wathi kum: “Suka, uye kumEfrate uze uthabathe ibhanti endakuyalela ukuba ulifihle khona.” 7 Ngako oko ndaya kumEfrate ndaza ndemba ndalithabatha ibhanti kuloo ndawo ndandilifihle kuyo, yaye, khangela! ibhanti lalonakele; lalingafanelekelanga nantoni na.

jr 52 ¶18

Lumkela Intliziyo Ekhohlisayo

18 Khawube nomfanekiso-ngqondweni walo mprofeti etyhutyha iintaba zakwaYuda esiya kutsho kwintlango yomEfrate—kuxhomekeka kwindlela awayehamba kuyo. Wahamba wonke loo mgama ukuze nje afihle ibhanti lelinen. Ukungabikho kwakhe ixesha elide kumele ukuba kwabangela abamelwane bafune ukwazi apho aye khona. Wabuya ephaca engenalo nelo bhanti. Emva koko uThixo wamxelela ukuba aphinde ahambe loo mgama mde aye kulilanda, nakuba lalisele ligugile yaye ‘lingafanelekelanga nantoni na.’ Khawuthelekelele indlela ekwakunokuba lula ngayo ukucinga ngale ndlela: ‘Ngoku sekwanele. Ndisakwenzela ntoni ngoku oku?’ Sekunjalo, ekubeni wayexonxwe nguThixo, akazange acinge ngolo hlobo. Kunokuba akhalaze, wenza ngokomyalelo kaThixo.

(Yeremiya 13:8-11) Ngoko kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 9 “Utsho uYehova ukuthi, ‘Ndiya kulenjenjalo ukulonakalisa ikratshi lakwaYuda nekratshi elikhulu leYerusalem. 10 Aba bantu banobubi nabalayo ukuthobela amazwi am, abahamba ngobulukhuni bentliziyo yabo nabaqhubeka belandela abanye oothixo ukuze babakhonze nokuze baqubude kubo, baya kuba kanye njengeli bhanti elingafanelekelanga nto.’ 11 ‘Kuba kanye njengoko ibhanti linamathela esinqeni somntu, ngokunjalo indlu kaSirayeli iphela nendlu kaYuda iphela ndazinamathelisa kum,’ utsho uYehova, ‘ukuze babe ngabantu bam negama nendumiso nento entle; kodwa abazange bathobele.’

jr 52 ¶19-20

Lumkela Intliziyo Ekhohlisayo

19 UThixo wamxelela isizathu sako konke oku xa ebuya kuhambo lwesibini. Oku kwamlungiselela ukuba akwazi ukudlulisela esi sigidimi sinamandla: “Aba bantu banobubi nabalayo ukuthobela amazwi am, abahamba ngobulukhuni bentliziyo yabo nabaqhubeka belandela abanye oothixo ukuze babakhonze nokuze baqubude kubo, baya kuba kanye njengeli bhanti elingafanelekelanga nto.” (Yer. 13:10) Imangalisa ngokwenene indlela uYehova abafundisa ngayo abantu bakhe. Ukuthobela kukaYeremiya uYehova ngokusuka entliziyweni kuloo nto yayibonakala ingenamsebenzi kwaba nendima enkulu kwimigudu yakhe yokufikelela iintliziyo zabantu.—Yer. 13:11.

20 Namhlanje amaKristu akacelwa ukuba ahambe umgama oziikhilomitha ukuze uThixo awafundise okuthile. Kodwa ngaba ihambo yakho njengomKristu inokubangela ukuba abamelwane okanye izinxulumani zakho zimangaliswe okanye zikugxeke? Isenokuba yindlela onxiba nozilungisa ngayo, imfundo nomsebenzi owukhethayo, okanye indlela ozijonga ngayo iziselo ezinxilisayo. Ngaba uya kuzimisela ukuthobela ulwalathiso lukaThixo njengoYeremiya? Ukhetho olwenzayo ngenxa yokuba uvumela intliziyo yakho ixonxwe nguThixo lunokubangela ukuba unikele ubungqina obucokisekileyo. Noko ke, nguwe oya kungenelwa ngokuthobela ulwalathiso lukaYehova oluseLizwini lakhe nokwamkela ulwalathiso alunikela ngodidi lomkhonzi othembekileyo. Kunokuba ukhokelwe yintliziyo ekhohlisayo, unokufana noYeremiya. Ngoko ke, zimisele ukuxonxwa nguThixo; mvumele akwenze isitya esibekekileyo anokusisebenzisa ngonaphakade.

it-1-E 1121 ¶2

Isinqe

UYehova wathi indlu kaSirayeli nendlu kaYuda zinjengebhanti elisesinqeni sakhe kuba wayeyisondeze kuye ukuze imdumise ize ibe yinto entle kuye. (Yer 13:11) Isiprofeto sichaza uYesu Kristu njengolawula ngobulungisa njengebhanti esinqeni sakhe. Oku kuthetha ukuba onke amandla kaYesu Kristu asebenza ngobulungisa nokuthembeka. Njengebhanti elikwaziyo ukuxhasa, ubulungisa bumnika amandla okuba nguMgwebi onyulwe nguYehova.—Isa 11:1, 5.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Yeremiya 12:1, 2) Ulilungisa, Yehova, xa ndimangala kuwe, eneneni naxa ndithetha nawe ngomgwebo. Kutheni na iphumelele indlela yabangendawo, bonke abo benza ngobuqhophololo ingabo abangakhathazekanga? 2 Ubatyalile; bamile ingcambu. Bahambela phambili; bavelisa nesiqhamo. Ukufuphi emlonyeni wabo, kodwa ukude nezintso zabo.

(Yeremiya 12:14) Utsho uYehova nxamnye nabo bonke abamelwane bam abanobubi abachukumisa ilifa endalinika abantu bam amaSirayeli ukuba balidle, ukuthi: “Yabona, ndiyabancothula emhlabeni wabo; nendlu kaYuda ndiya kuyincothula phakathi kwabo.

jr 118 ¶11

Ngaba Yonk’ Imihla Uyazibuza, “Uphi Na UYehova?”

11 UYeremiya wayekhathazeka gqitha xa ebona abangendawo bephumelela. (Funda uYeremiya 12:1, 3.) Nakuba wayengakuthandabuzi ukulunga kukaYehova, lo mprofeti wafuna impendulo ‘kwisimangalo’ sakhe. Ukuthetha kwakhe ngokungqalileyo noThixo, kwakubonisa ulwalamano oluhle ababenalo, kanye njengolo lomntwana noyise. Ekuphela kwento uYeremiya awayengayiqondi sisizathu sokuba izinto ziwahambele kakuhle amaYuda amaninzi ngoxa engendawo. Ngaba uYeremiya wayifumana impendulo eyanelisayo? UYehova wamqinisekisa ukuba wayeza kubusiphula neengcambu ubungendawo. (Yer. 12:14) Njengokuba uYeremiya wayebona indlela ezenzeka ngayo izinto awayezithandazela, umele ukuba wakubona ukuba sesikweni kukaThixo. Oko kumele ukuba kwamenza waqinisa ngakumbi ekuthandazeni kuYise.

(Yeremiya 15:17) Andihlalanga phantsi kwiqela lamakholwane abo baqhulayo baze baqalise ukugcoba. Ngenxa yesandla sakho ndihleli phantsi ndedwa, kuba undizalise ngesiqalekiso.

w04 5/1 12 ¶16

Yiba Nesibindi NjengoYeremiya

Masiluphaphele Unxulumano Lwethu

16 UYeremiya usixelela ngenye into eyamnceda wanesibindi. Wathi: “Andihlalanga phantsi kwiqela lamakholwane abo baqhulayo baze baqalise ukugcoba. Ngenxa yesandla sakho ndihleli phantsi ndedwa, kuba undizalise ngesiqalekiso.” (Yeremiya 15:17) UYeremiya wayekhetha ukuba yedwa kunokuphenjelelwa ngabahlobo ababi. Nathi sizijonga izinto ngendlela efanayo namhlanje. Singaze sisilibale isilumkiso sompostile uPawulos esithi “unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo,” kwanemikhwa elungileyo ekudala sinayo kangangeminyaka emininzi.—1 Korinte 15:33.

Ufundo LweBhayibhile

(Yeremiya 13:15-27) “Yivani nize nibeke indlebe. Musani ukuba nekratshi, kuba uYehova uthethile. 16 Mzukiseni uYehova uThixo wenu, ngaphambi kokuba abangele ubumnyama naphambi kokuba iinyawo zenu zibetheke olunye kolunye ezintabeni ngongcwalazi. Ngokuqinisekileyo ke niya kuba nethemba lokukhanya, yaye okunene uya kwenza ithunzi elimnyama; uya kulijika libe sisithokothoko. 17 Ukuba anithanga nikuve oko, uya kulila umphefumlo wam kwiindawo ezifihlakeleyo ngenxa yekratshi lenu yaye ngokuqinisekileyo uya kuntywizisa iinyembezi; neliso lam liya kuhla iinyembezi, ngenxa yokuba umhlambi kaYehova uya kube uthinjiwe. 18 “Yithi kukumkani nakwinenekazi, ‘Hlalani ngokuzithoba, kuba ngokuqinisekileyo isithsaba senu sobuhle siya kuhla ezintlokweni zenu.’ 19 Izixeko zasemzantsi zivaliwe, ukuze kungabikho bani uzivulayo. UYuda wonke usiwe ekuthinjweni. Uthinjiwe wonke ephela. 20 “Phakamisa amehlo akho uze ubone abo bavela emntla. Uphi na umhlambi lowo akunika wona, umhlambi wakho omhle? 21 Uya kuthini na xa lowo ephethulela ingqalelo yakhe kuwe, xa wena ubafundise kanye ecaleni kwakho njengabahlobo abasenyongweni kwasekuqaleni? Ayiyi kukubamba na inimba, njengaleyo yomfazi ozalayo? 22 Naxa uya kuthi entliziyweni yakho,‘Kutheni na ndisehlelwa zezi zinto nje?’ ngenxa yobuninzi beziphoso zakho imibhinqo yakho ihlutyiwe; izithende zakho ziphethwe ngogonyamelo. 23 “UmKushi unokulutshintsha na ulusu lwakhe? okanye ihlosi amabala alo? Nani ngokwenu ningakwazi ukwenza okulungileyo, nina bantu bafundiswe ukwenza okubi. 24 Ngoko ndiya kubachithachitha njengeendiza ezidlula nomoya wasentlango. 25 Liqashiso lakho elo, isahlulo osilinganiselweyo sivela kum,” utsho uYehova, “ngenxa yokuba undilibele kwaye uhlala ukholosa ngobuxoki. 26 Nam ndiya kuyiphakamisela ebusweni bakho imibhinqo yakho, kwaye ngokuqinisekileyo liya kubonwa ihlazo lakho, 27 izenzo zakho zokukrexeza nokukhala kwakho, ihambo yakho evakalala yobunongogo. Ezindulini, endle, ndizibonile izinto zakho ezilizothe. Yeha ke wena, Yerusalem! Akunakuhlambuluka—emva kwethuba elingakanani na?”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share