Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
NOVEMBER 4-10
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | 1 YOHANE 1-5
“Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini”
(1 Yohane 2:15, 16) Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini. Nabani na olithandayo ihlabathi, uthando lukaBawo alukho kuye; 16 kuba konke okusehlabathini—inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini.
Bambelela Kumzekelo Owabekwa NguYesu
13 Bambi basenokuqiqa ngelithi asizizo zonke izinto ezimbi ezisehlabathini. Sekunjalo, ihlabathi nezinto zalo ezinomtsalane zinokusenza siphambuke ngokulula ekukhonzeni uYehova. Yaye akukho nto ehlabathini elungiselelwe ukusisondeza kuThixo. Ngoko ke, ukuba siyazithanda izinto ezisehlabathini, kwanezinto ezingembi, sisengozini. (1 Timoti 6:9, 10) Ngapha koko, izinto ezininzi zehlabathi ngokwenene zimbi, yaye zinokusenzakalisa. Ukuba sibukela iifilimu okanye iinkqubo zikamabonwakude ezinogonyamelo, ezibalaselisa ukuthanda izinto eziphathekayo, okanye ukuziphatha okubi ngokwesini, ezo zinto zinokwamkeleka—zide zinqweneleke. Ukuba sinxulumana nabantu abaneenjongo eziphambili zokuphucula ubomi babo okanye abafuna amathuba angakumbi ezoshishino, ezo zinto zisenokuba zezona zibalulekileyo nakuthi.—Mateyu 6:24; 1 Korinte 15:33.
(1 Yohane 2:17) Ngapha koko, ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.
Cinga Ngohlobo Lomntu Omele Ube Lulo
18 Enye into enokusinceda sixhathise ‘izinto ezisehlabathini’ kukukhumbula la mazwi aphefumlelweyo kaYohane: “Ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yoh. 2:17) Le nkqubo kaSathana ikhangeleka ngathi ayiyi ndawo yaye yeyokwenene. Kodwa ke inyaniso kukuba ngenye imini iza kuphela. Ukukhumbula ukuba ayikho into esinokuyifumana kweli hlabathi likaSathana eya kuhlala ngonaphakade, kuya kusinceda singakhohliswa yimigibe yakhe.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(1 Yohane 2:7, 8) Zintanda, ndinibhalela, kungekhona umyalelo omtsha, kodwa umyalelo omdala lowo beninawo ukususela ekuqaleni. Lo myalelo mdala lilizwi enalivayo. 8 Kwakhona, ndinibhalela umyalelo omtsha, isibakala esiyinyaniso kwimeko yakhe nakweyenu, ngenxa yokuba ubumnyama buyadlula yaye ukukhanya kokwenyaniso sele kukhanya.
Izikhumbuzo ZikaYehova Zikholosekile
14 IZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zizaliswe zizikhumbuzo zokubaluleka kokubonisa uthando phakathi kwethu. Xa wayechaza omnye weyona miyalelo mikhulu uYesu wathi: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Mat. 22:39) Ngokufanayo, uYakobi umntakwaboYesu wathi uthando ‘ngumthetho wakomkhulu.’ (Yak. 2:8) Nompostile uYohane wabhala wathi: “Zintanda, ndinibhalela, kungekhona umyalelo omtsha, kodwa umyalelo omdala lowo beninawo ukususela ekuqaleni.” (1 Yoh. 2: 7, 8) Wayebhekisela entwenini uYohane xa ethetha ‘ngomyalelo omdala’ kwakunye ‘nomyalelo omtsha’? Wayebhekisela kumyalelo wokuba sithandane. Lo myalelo ‘wawumdala’ kuba uYesu wayewunike abafundi bakhe kumashumi eminyaka ngaphambili, “ukususela ekuqaleni.” Ukanti ‘wawumtsha’ kuba kwakuza kuvela iimeko ezintsha ezaziza kufuna abafundi bakhe bazincame. Njengabafundi bakaKristu, ngaba siyazixabisa izikhumbuzo ezisinceda siphephe umoya wokuzingca ogquba kweli hlabathi, nonokusenza singamthandi ummelwane wethu?
(1 Yohane 5:16, 17) Ukuba umntu uthe wabona umzalwana wakhe esenza isono esingasingisi kufeni, makambongozele, yaye yena uya kumnika ubomi lowo wenze isono esingasingisi kufeni. Sikho ke nesono esisingisa ekufeni. Anditsho ukuthi makacelele sona. 17 Yonke intswela-bulungisa isisono; ukanti kukho isono esingasingisi kufeni
it-1-E 862 ¶5
Ukuxolela
Umntu uyakwazi ukuthandaza kuThixo aze acelele abanye abantu okanye ibandla uxolo. UMoses wayenza le nto kwisizwe sakwaSirayeli, wachaza izono zabo waza wabacelela uxolo. UYehova wawuva loo mthandazo. (Num 14:19, 20) NoSolomon, xa kwakunikelwa itempile, wamcela uYehova ukuba abaxolele abantu bakhe xa bonile baza baguquka. (1Ku 8:30, 33-40, 46-52) UEzra wazivuma phambi kwabantu izono zamaYuda abuyiselweyo. Umthandazo wakhe wakhuthaza abantu ukuba baguquke ukuze baxolelwe nguYehova. (Ezr 9:13–10:4, 10-19, 44) UYakobi wakhuthaza abo bagulayo elukholweni ukuba babize amadoda amakhulu ebandla aze wona abathandazele, ‘ukuba baye benza izono, baya kuxolelwa.’ (Yak 5:14-16) Kodwa ke kukho ‘isono esisingisa ekufeni,’ xa umntu esona umoya oyingcwele ngabom, ibe asixoleleki. UmKristu akamele abathandazele abantu abona ngabom.—1Yo 5:16; Mat 12:31; Heb 10:26, 27.
Ufundo LweBhayibhile
(1 Yohane 1:1–2:6) Oko kwaye kukho ukususela ekuqaleni, esiye sakuva, sakubona ngamehlo ethu, sakukhangela ngocoselelo saza sakuva nangezandla zethu, okuphathelele ilizwi lobomi, 2 (ewe, ubomi babonakaliswa, yaye sibonile ibe sinikela nobungqina sikwanixelela ngobomi obungunaphakade obabukuYise baza babonakaliswa kuthi,) 3 kona oko siye sakubona saza sakuva sikwanixelela ngako, ukuze nani nabelane nathi kuko. Ngapha koko, koku kwabelana kwethu sikunye noBawo noNyana wakhe uYesu Kristu. 4 Yaye ngoko sizibhala ezi zinto ukuze uvuyo lwethu lupheleliswe. 5 Yaye esi sisigidimi esiye sasiva kuye ibe sinazisa sona, sokuba uThixo ukukukhanya yaye akukho bumnyama konke konke ngokumanyene naye. 6 Ukuba sithi: “Sinobudlelane naye,” ukanti siqhubeka sihamba ebumnyameni, siyaxoka yaye asiyiqheliseli inyaniso. 7 Noko ke, ukuba sihamba ekukhanyeni njengoko yena ngokwakhe esekukhanyeni, soba sinokwabelana omnye nomnye, lithi negazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulule kuso sonke isono. 8 Ukuba sithi: “Asinasono,” siyazikhohlisa yaye inyaniso ayikho kuthi. 9 Ukuba siyazivuma izono zethu, uthembekile yaye ulilungisa ukuba asixolele izono zethu aze asihlambulule kuyo yonke intswela-bulungisa. 10 Ukuba sithi: “Asonanga,” simenza ixoki, yaye ilizwi lakhe alikho kuthi.
2 Bantwana bam abancinane, ndinibhalela ezi zinto ukuze ningenzi sono. Ukanti, ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa. 2 Yena ungumbingelelo wokucamagushela izono zethu, kanti kungekhona ezethu kuphela kodwa kwanezehlabathi liphela. 3 Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siqhubeke siyigcina imiyalelo yakhe. 4 Lowo uthi: “Ndiyamazi,” kodwa angayigcini imiyalelo yakhe, ulixoki, yaye inyaniso ayikho kuloo mntu. 5 Kodwa nabani na othi aligcine ilizwi lakhe, eneneni uthando lukaThixo lwenziwe lwagqibelela kuloo mntu. Yiyo ke leyo indlela esiya kwazi ngayo ukuba simanyene naye. 6 Lowo uthi uhleli emanyene naye ubophelelekile ukuba naye ngokwakhe aqhubeke ehamba kanye njengoko yena lowo wahambayo.
NOVEMBA 11-17
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | 2 YOHANE 1–YUDE
“Simele Sikulwele Ukuhlala Enyanisweni”
(Yude 3) Zintanda, nakuba bendisenza wonke umgudu wokunibhalela ngalo usindiso esabelana ngalo, ndikufumanise kuyimfuneko ukunibhalela ndinibongoza ukuba nilulwele nzima ukholo olwanikelwa kwaba kanye kwabo bangcwele.
“Qhubekani Nizuza Amandla ENkosini”
8 Siyawazi amaqhinga kaSathana kuba achaziwe eZibhalweni. (2 Korinte 2:11) Xa wayelinga indoda elilungisa uYobhi, uMtyholi wasebenzisa iingxaki zezoqoqosho, ukufelwa ngabo abathandayo, inkcaso entsatsheni, ukugula, nokugxekwa ngobuxoki ngabo babezenza abahlobo bakhe. UYobhi wadandatheka waza wavakalelwa kukuba wayelahliwe nguThixo. (Yobhi 10:1, 2) Nangona uSathana esenokungazibangeli ngokungqalileyo iingxaki ezinjalo namhlanje, kodwa ziyawachaphazela amaKristu amaninzi, yaye uMtyholi usenokubusebenzisela ukufeza iinjongo zakhe.
9 Ziye zanda kakhulu iingozi zokomoya kule mihla yesiphelo. Kwihlabathi esiphila kulo abantu baxabise kakhulu izinto eziphathekayo kunezokomoya. Amajelo osasazo athe gqolo ebonisa ukuziphatha okubi ngokwesini njengento ezisa ulonwabo kunentlungu. Yaye abantu abaninzi ‘bathanda iziyolo kunokuba bathande uThixo.’ (2 Timoti 3:1-5) Le ngcamango inokusiphazamisa ngokomoya ngaphandle kokuba ‘silulwela nzima ukholo.’—Yude 3.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Yude 4) Isizathu sam sikukuba abantu abathile bathwethwele ngaphakathi abo kwakudala babemiselwe lo mgwebo ziZibhalo, abantu abangenabuthixo, bebujika ububele obungasifanelanga boThixo wethu bube sisingxengxezo sehambo evakalala yaye bemkhanyela okuphela koMnini neNkosi yethu, uYesu Kristu.
(Yude 12) Bona balulwalwa olufihlakele phantsi kwamanzi emathekweni enu othando xa besezidlweni kunye nani; bangabalusi abazondla ngaphandle koloyiko; bangamafu angenamanzi aphehluzeliswa yimimoya; bayimithi engathwali siqhamo nkqu nasekwindla, efe kabini yaza yancothulwa;
it-2-E 279
Amatheko Othando
IBhayibhile ayisicaciseli ngala matheko othando okanye isichazele ukuba ayesenziwa kangakanani. (Yude 12) INkosi uYesu Kristu nabapostile bakhe abazange bathi mawenziwe la matheko ibe umntu wayezikhethela ukuba awenze okanye angawenzi. Abanye bathi la matheko ayesenziwa ngamaKristu anemali okanye anezinto aze ameme amanye amaKristu asokolayo. Kwakusibakho abantwana abangenatata, abahlolokazi, izityebi, namahlwempu baze bonke bonwabe kunye njengabazalwana.
it-2-E 816
Ilitye
Elinye igama lesiGrike elinguspi·lasʹ likwathetha ilitye elifihlakele phantsi kwamanzi. UYude wenza umzekelo ngeli litye xa ethetha ngamadoda aze ebandleni kuba ezokumosha. Kanye njengokuba amatye eyingozi kwinqanawa, la madoda ayingozi ebandleni. Uthi ngala madoda: ‘Bona balulwalwa okanye amatye afihlakele phantsi kwamanzi emathekweni enu othando xa besezidlweni kunye nani.’—Yude 12.
(Yude 14, 15) Kambe ke, uEnoki, ongowesixhenxe ukususela kuAdam, waprofeta ngabo, esithi: “Khangela! UYehova weza enamashumi amawaka akhe angcwele, 15 ukuza kuphumeza umgwebo nxamnye nabo bonke, nokuza kubafumanisa benetyala bonke abangenabuthixo ngokuphathelele zonke izenzo zabo ezingezozabuthixo abazenzayo ngendlela engeyoyabuthixo, nangokuphathelele zonke izinto ezothusayo aboni abangenabuthixo abazithetha nxamnye naye.”
“Wayemkholisa UThixo”
Sasithetha ngantoni isiprofeto sikaEnoki? Sasisithi: “Khangela! UYehova weza enamashumi amawaka akhe angcwele, ukuza kuphumeza umgwebo nxamnye nabo bonke, nokuza kubafumanisa benetyala bonke abangenabuthixo ngokuphathelele zonke izenzo zabo ezingezozabuthixo abazenzayo ngendlela engeyoyabuthixo, nangokuphathelele zonke izinto ezothusayo aboni abangenabuthixo abazithetha nxamnye naye.” (Yude 14, 15) Mhlawumbi uyaphawula ukuba uEnoki uthetha ngathi yinto eseyenzekile le. Le yindlela ezabhalwa ngayo nezinye iziprofeto ezininzi ezalandelayo. Eyona nto ithethwayo yile: Lo mprofeti uqinisekile ukuba iza kwenzeka le nto, ngoko uyithetha ngathi seyenzekile!—Isaya 46:10.
“Wayemkholisa UThixo”
Ukholo awayenalo uEnoki lunokusenza sizibuze ukuba ihlabathi silibona ngendlela alibona ngayo na uThixo. Umgwebo owachazwa nguEnoki usenjalo nakubantu bale mihla. Njengokuba wayetshilo uEnoki, uYehova wazisa uNogumbe kubantu bomhla kaNowa ababesenza izinto ezingezozabuthixo. Loo ntshabalalo yabonisa indlela eza kwenzeka ngayo intshabalalo enkulu ezayo. (Mateyu 24:38, 39; 2 Petros 2:4-6) Namhlanje, uThixo kunye namashumi amawaka akhe angcwele balungele ukuzisa umgwebo wobulungisa kwabo benza izinto ezingezozabuthixo. Ngamnye kuthi kufuneka ahlale ecingisisa ngesilumkiso sikaEnoki aze axelele nabanye ngaso. Iintsapho zethu nabahlobo basenokungavumelani nathi. Ngamanye amaxesha sisenokuziva singamalolo. UYehova akazange amlahle uEnoki; ibe akayi kubalahla nabakhonzi bakhe abathembekileyo namhlanje!
Ufundo LweBhayibhile
(2 Yohane 1-13) Indoda enkulu, kwinenekazi elinyuliweyo nakubantwana balo, endibathanda ngokwenene, yaye ingendim ndedwa, kodwa kwanabo bonke abo baye bafikelela ekuyazini inyaniso, 2 ngenxa yenyaniso ehleliyo kuthi, neya kuba kuthi ngonaphakade. 3 Kuya kubakho kuthi ububele obungasifanelanga, inceba noxolo oluvela kuThixo uBawo nakuYesu Kristu uNyana kaBawo, ngenyaniso nothando. 4 Ndibe nemihlali kakhulu ndakufumanisa ukuba abathile kubantwana bakho bahamba enyanisweni, kanye njengoko samkela umyalelo kuBawo. 5 Ngoku ke ndiyakucela, nenekazi, njengomntu okubhalela, kungekhona umyalelo omtsha, kodwa lowo sasinawo ukususela ekuqaleni, ukuba sithandane. 6 Yaye oku koko luthetha kona uthando, ukuba siqhubeke sihamba ngokuvumelana nemiyalelo yakhe. Nguwo lo umyalelo, njengoko nevayo kwasekuqaleni, ukuba nifanele nihambe kuwo. 7 Kuba kungene abakhohlisi abaninzi ehlabathini, abangavumiyo ukuba uYesu Kristu weza esenyameni. Abantu abanjalo ngabakhohlisi nabachasi-Kristu. 8 Lumkani ke, ukuba ningaphulukani nento ebeniyisebenzela, kodwa zabalazelani ukuzuza umvuzo opheleleyo. 9 Lowo ugqithayo, ungahlaliyo kwimfundiso kaKRISTU akanaThixo. Ke yena ohlalayo kule mfundiso umanyene noYise kunye noNyana. 10 Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, ningaze nimamkele emakhayeni enu okanye nimbulise. 11 Kuba lowo umbulisayo unesabelo kwimisebenzi yakhe engendawo. 12 Nangona ndinezinto ezininzi zokunibhalela, andinqweneli kwenjenjalo ngephepha neinki, kodwa ndithemba ukuza kuni nokuthetha nani ubuso ngobuso, ukuze uvuyo lwenu lupheleliswe. 13 Bayakubulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo.
NOVEMBA 18-24
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISITYHILELO 1–3
“Ndiyazazi Izenzo Zakho”
(ISityhilelo 1:20) Yona ke imfihlelo engcwele yeenkwenkwezi ezisixhenxe owazibonayo esandleni sam sasekunene, neyeziphatho zezibane zegolide ezisixhenxe yile: Iinkwenkwezi ezisixhenxe zithetha iingelosi zamabandla asixhenxe, yaye iziphatho zezibane ezisixhenxe zithetha amabandla asixhenxe.
Ubonisa Umoya Onjani?
8 Ukuze siwuphephe loo moya, masikhumbule ukuba iBhayibhile ithi, uYesu ‘uneenkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe.’ Ezi ‘nkwenkwezi’ zimela abaveleli abathanjisiweyo yaye ukongezelela zimela bonke abaveleli abasemabandleni. UYesu unokuzalathisa ‘iinkwenkwezi’ ezisesandleni sakhe nangayiphi na indlela avakalelwa ukuba ifanelekile. (ISityhi. 1:16, 20) NjengeNtloko yebandla lamaKristu, uYesu ulilawula ngokupheleleyo iqumrhu labadala. Ukuba umdala okweli qumrhu kufuneka elungisiwe, Lowo ‘unamehlo enjengedangatye lomlilo’ uya kuqiniseka ukuba loo nto yenzeka ngexesha nangendlela yakhe. (ISityhi. 1:14) Okwangoku, masiqhubeke sibathobela abo bamiselwe ngomoya oyingcwele, kuba uPawulos wabhala wathi: “Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu nize nibalulamele, kuba bahlala beyilindile imiphefumlo yenu njengabo baya kuphendula; ukuze bakwenze oku ngovuyo kungekhona ngokuncwina, kuba oko kungenza umonakalo kuni.”—Heb. 13:17.
(ISityhilelo 2:1, 2) “Ingelosi yebandla elise-Efese yibhalele uthi: Utsho lowo ubambe iinkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe sasekunene, lowo uhamba phakathi kweziphatho zezibane zegolide ezisixhenxe, ukuthi, 2 ‘Ndiyazazi izenzo zakho, nokusebenza nonyamezelo lwakho, nokuba akunako ukubathwala abantu ababi, nokuba wabavavanya abo bathi bangabapostile, kodwa bengengabo, waza wabafumana bengamaxoki.
UYehova Usilondolozela Usindiso
11 Kumbono obhalwe kwiSityhilelo isahluko 2 nesesi-3, uYesu Kristu oseluzukweni uhlola amabandla asixhenxe aseAsia Minor. Lo mbono utyhila ukuba, uKristu ubona zonke iimeko zala mabandla. Kwezinye iimeko, ude akhankanye abantu ngabanye ngamagama yaye kwimeko nganye, uyancoma aze anikele isilulelo esifanelekileyo. Kuthetha ntoni oku? Kwinzaliseko yalo mbono, la mabandla asixhenxe amela amaKristu athanjisiweyo emva kowe-1914, yaye isiluleko esinikelwa kumabandla asixhenxe siyasebenza nakuwo onke amabandla abantu bakaThixo emhlabeni namhlanje. Ngenxa yoko, kufanelekile ukugqiba kwelokuba uYehova ukhokela abantu bakhe esebenzisa uNyana wakhe. Lunokusinceda njani olo khokelo?
Ukuhambisana Nentlangano kaYehova
20 Ukuze sihambisane nentlangano kaYehova ehambela phambili kufuneka siqonde indima kaYesu Kristu ayabelwe nguThixo ‘njengentloko yebandla.’ (Efese 5:22, 23) Okunye esikuphawulayo, nguIsaya 55:4, apho sixelelwa oku: “Khangelani! [Mna Yehova] ndimnike ukuba abe lingqina kumaqela eentlanga, inkokeli nomphathi wamaqela eentlanga.” Ngokuqinisekileyo uYesu uyakwazi ukukhokela. Uyazazi nezimvu zakhe nezenzo zazo. Eneneni, xa wayehlola amabandla asixhenxe aseAsia Minor, izihlandlo ezihlanu wathi: “Ndiyazazi izenzo zakho.” (ISityhilelo 2:2, 19; 3:1, 8, 15) UYesu uyazazi neentswelo zethu, njengoYise, uYehova. Ngaphambi kokuba enze uMthandazo Ongumzekelo, uYesu wathi: “UThixo uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekamceli.”—Mateyu 6:8-13.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(ISityhilelo 1:7) Khangela! Uza ngamafu, yaye onke amehlo aya kumbona, nabo bamhlabayo; zize zonke izizwe zomhlaba zizimbambazele zisentlungwini ngenxa yakhe. Ewe, Amen.
UBukumkani BukaThixo Buphelisa Iintshaba Zabo
10 Kuvakaliswa umgwebo. Zonke iintshaba zoBukumkani bukaThixo ziya kunyanzeleka ukuba zibukele isiganeko esiya kuzenza zigcume nangakumbi. UYesu uthi: ‘Ziya kumbona uNyana womntu esiza emafini enamandla amakhulu nobuqaqawuli.’ (Marko 13:26) Ukubonakaliswa kwala mandla amangalisayo kuya kuba bubungqina bokuba uYesu uze kugweba. Kwakwesi siprofeto singemihla yokugqibela, uYesu usichazela ngeenkcukacha zomgwebo oza kwenzeka kwesi sithuba. Ezi nkcukacha siziva kumzekeliso wezimvu neebhokhwe. (Funda uMateyu 25:31-33, 46) Abaxhasi boBukumkani bukaThixo baza kugwetywa ‘njengezimvu’ baze ‘baphakamise iintloko zabo,’ beqonda ukuba ‘iyasondela intlangulo yabo.’ (Luka 21:28) Kodwa bona abachasi boBukumkani, baza kugwetywa ‘njengeebhokhwe’ baze ‘bazimbambazele besentlungwini,’ beqonda ukuba ‘intshabalalo engunaphakade’ ibalindile.—Mat. 24:30; ISityhi. 1:7.
(ISityhilelo 2:7) Lowo unendlebe makakuve oko ukutshoyo umoya kuwo amabandla: Lowo woyisayo ndiza kumnika ukuba adle kuwo umthi wobomi, okwiparadesi kaThixo.’
Iimbalasane Zencwadi YeSityhilelo—I
2:7—Iyintoni ‘iparadesi kaThixo’? Ekubeni la mazwi ebhekiselwa kumaKristu athanjisiweyo, kumele ukuba iparadesi ekuthethwa ngayo apha ibhekisela kummandla wasezulwini ofana neparadesi, apho uThixo akhoyo. Abathanjiswa abathembekileyo baya kuvuzwa ngokutya ‘kumthi wobomi.’ Abasayi kuphinda bafe.—1 Kor. 15:53.
Ufundo LweBhayibhile
(ISityhilelo 1:1-11) Isityhilelo ngoYesu Kristu, uThixo awamnika sona, ukuba abonise amakhoboka akhe izinto ezimele zenzeke kamsinya. Yaye wathumela ingelosi yakhe waza ngayo wasinikela ngemiqondiso kwikhoboka lakhe uYohane, 2 owanikela ubungqina kwilizwi uThixo awalinikelayo nakubungqina uYesu Kristu awabunikelayo, kwanakuzo zonke izinto awazibonayo. 3 Unoyolo lowo uwafunda ngokuvakalayo nabo bawevayo amazwi esi siprofeto, nabazigcinayo izinto ezibhaliweyo kuso; kuba ixesha elimisiweyo likufuphi. 4 UYohane kumabandla asixhenxe akwisithili saseAsiya:Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo oluvela “kuLowo ukhoyo nowayekho nozayo,” nakubo oomoya abasixhenxe abaphambi kwetrone yakhe, 5 nakuYesu Kristu, “iNgqina Elithembekileyo,” “Izibulo kwabafileyo,” “noMlawuli wookumkani bomhlaba.”Kulowo usithandayo nowasikhululayo kwizono zethu ngegazi lakhe— 6 yaye wasenza ukuba sibe bubukumkani, ababingeleli kuThixo wakhe noYise—ewe, kuye makubekho uzuko namandla ngonaphakade. Amen. 7 Khangela! Uza ngamafu, yaye onke amehlo aya kumbona, nabo bamhlabayo; zize zonke izizwe zomhlaba zizimbambazele zisentlungwini ngenxa yakhe. Ewe, Amen. 8 “NdinguAlfa no-Omega,” utsho uYehova uThixo, “Lowo ukhoyo nowayekho nozayo, uSomandla.” 9 Mna Yohane, umzalwana wenu nonesabelo kunye nani kwimbandezelo nobukumkani nonyamezelo kunye noYesu, ndaba kwisiqithi esibizwa ngokuba yiPatmos ngenxa yokuthetha ngoThixo nokunikela ubungqina ngoYesu. 10 Ngempefumlelo ndaba kwimini yeNkosi, yaye ndeva emva kwam ilizwi elinamandla njengelexilongo, 11 lisithi: “Oko ukubonayo kubhale emsongweni uze ukuthumele kumabandla asixhenxe, e-Efese naseSmirna nasePergamo naseTiyatira naseSardesi naseFiladelfi naseLawodike.”
NOVEMBA 25–DISEMBA 1
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISITYHILELO 4–6
“Abakhweli Bamahashe Abane”
(ISityhilelo 6:2) Yaye khangela! ndabona nalo ihashe elimhlophe; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesaphetha; yaye wanikwa isithsaba, waza waphuma esoyisa nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe..
Abakhweli Bamahashe Abane Ngoobani?
Ngubani okhwele ihashe elimhlophe? IBhayibhile kwincwadi yeSityhilelo isinceda simazi ukuba ngubani, ithi “nguLizwi likaThixo.” (ISityhilelo 19:11-13) Kaloku, nguYesu Kristu ochazwa njengoLizwi kuba usisithethi sikaThixo. (Yohane 1:1, 14) Ukwabizwa ngokuba ‘nguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi’ kuze kuthiwe “nguThembekile, nguNyaniso.” (ISityhilelo 19:16) Kucacile ukuba ungukumkani owoyisayo ibe igunya lakhe akalisebenzisi kakubi. Sekunjalo, kukho eminye imibuzo.
wp17.3 4 ¶5
Abakhweli Bamahashe Abane Ngoobani?
Abakhweli bamahashe baqalisa nini ukuwaphalisa? UYesu, umkhweli wokuqala, uqalisa ukuphalisa ihashe akufumana isithsaba. (ISityhilelo 6:2) Wasifumana nini ke isithsaba waza waba nguKumkani ezulwini? Akazange asifumane zisuka nje, akubuyela ezulwini. IBhayibhile ithi wafika walinda. (Hebhere 10:12, 13) UYesu waxelela abalandeli bakhe izinto ababeza kubona ngazo xa lifikile elo xesha yaye eqalisa ukulawula ezulwini. Wathi xa eqalisa ukulawula, iimeko zehlabathi zaziya kutshintsha ngokukhawuleza. Kwakuza kubakho iimfazwe, ukunqaba kokutya nezifo ezibulalayo. (Mateyu 24:3, 7; Luka 21:10, 11) Emva kweMfazwe Yehlabathi Yokuqala eyaqalisa ngo-1914, kwacaca ukuba lifikile ixesha lobunzima, iBhayibhile elibiza ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’—2 Timoti 3:1-5.
(ISityhilelo 6:4-6) Kwaphuma elinye ihashe elimbala ubumlilorha; lowo wayehleli phezu kwalo wanikwa ukuba asuse uxolo emhlabeni ukuze babulalane ngogonyamelo; wanikwa nekrele elikhulu. 5 Xa yalivulayo elesithathu itywina, ndeva isidalwa esiphilayo sesithathu sisithi: “Yiza!” Yaye khangela! ndabona nalo ihashe elimnyama; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesikali esandleni sakhe. 6 Ndaza ndeva ilizwi ngokungathi kuphakathi kwezidalwa eziphilayo ezine lisithi: “Ilitha yengqolowa iya kubiza idenariyo, neelitha ezintathu zerhasi zibize idenariyo; ioli yomnquma newayini uze ungayonakalisi.”
Abakhweli Bamahashe Abane Ngoobani?
Umkhweli walo umela imfazwe. Phawula ukuba ususa uxolo kungekuphela nje kwizizwe ezithile kodwa emhlabeni wonke. Ngo-1914, kwabakho imfazwe yehlabathi lonke, into engazange ibekho ngaphambili. Kwalandela imfazwe yehlabathi yesibini, eyonakalisa nangakumbi kuneyokuqala. Kuqikelelwa ukuba bangaphezu kwezigidi eziyi-100 abantu abaye babulawa ziimfazwe ukususela ngo-1914! Abanye abantu abaninzi baye bangxwelerheka kabuhlungu.
wp17.3 5 ¶4-5
Abakhweli Bamahashe Abane Ngoobani?
“Khangela! ndabona nalo ihashe elimnyama; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesikali esandleni sakhe. Ndaza ndeva ilizwi ngokungathi kuphakathi kwezidalwa eziphilayo ezine lisithi: ‘Ilitha yengqolowa iya kubiza idenariyo, neelitha ezintathu zerhasi zibize idenariyo; ioli yomnquma newayini uze ungayonakalisi.’”—ISityhilelo 6:5, 6.
Umkhweli weli ihashe umela indlala. Sibona ukutya kunqabe kangangokuba ilitha yengqolowa ibiza idenariyo, imali eyayifunyanwa ngumntu xa esebenze imini yonke ngenkulungwane yokuqala! (Mateyu 20:2) Kwale mali yayinokuthenga iilitha ezintathu zerhasi, ukutya okuziinkozo okwakujongelwa phantsi kunengqolowa. Ngaba oko kutya kwakunokuyanela intsapho enkulu? Ngoko abantu kuthiwa mababophe ibhanti nkqu nakukutya okuxhaphakileyo, ngelo xesha okwakufaniswa neoli yomnquma newayini.
(ISityhilelo 6:8) Yaye khangela! nalo ihashe eliluthuthu; lowo wayehleli phezu kwalo wayenguKufa igama lakhe. Kwaye iHadesi yayimlandela ngokusondeleyo. Banikwa igunya phezu kwenxalenye yesine yomhlaba, lokubulala ngekrele elide nangokunqongophala kokutya nangesibetho esibulalayo nangamarhamncwa omhlaba.
wp17.3 5 ¶8-10
Abakhweli Bamahashe Abane Ngoobani?
Umkhweli wehashe lesine umela ukufa okubangelwa zizifo nezinye izinto. Emva ko-1914, umbathalala wabulala amashumi ezigidi zabantu. Kusenokwenzeka ukuba abantu abazizigidi eziyi-500 baye bosulelwa sesi sifo. Loo nto ithetha ukuba umntu omnye kwabathathu ababephila ngelo xesha wayenesi sifo!
Umbathalala wawungeyonto xa uthelekiswa nezalandelayo. Abaphandi baqikelela ukuba bangamakhulu ezigidi abantu ababulawa yingqakaqha (smallpox) kwiminyaka yoo-1900. Namhlanje, izigidi zabantu zibulawa yi-AIDS, i-TB, nesifo seengcongconi, nangona oogqirha bebila besoma besenza uphando.
Enoba kungenxa yeemfazwe, indlala nezifo ezibulalayo, kuyafiwa qha. Ingcwaba liqhubeka liqokelela ngokungenalusizi konke nje okuphambi kwalo.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(ISityhilelo 4:4) Yaye itrone ijikelezwe ziitrone ezingamashumi amabini anesine, kwaye kwezi trone ndabona kuhleli abadala abangamashumi amabini anesine bembethe izambatho zangaphezulu ezimhlophe, ibe ezintlokweni zabo izizithsaba zegolide.
(ISityhilelo 4:6) Naphambi kwetrone kukho, ngokungathi kunjalo, ulwandle olubuglasi lunjengekristale. Phakathi kwetrone nangokujikeleze itrone kukho izidalwa eziphilayo ezine ezizele ngamehlo ngaphambili nangasemva.
Ukuzuka Kwetrone KaYehova Yasezulwini
8 UYohane wayesazi ukuba ababingeleli babemiselwe ukukhonza kumnquba wamandulo. Ngoko kusenokuba wamangaliswa xa wayebona oko akuchaza ngokulandelayo: “Yaye itrone ijikelezwe ziitrone ezingamashumi amabini anesine, kwaye kwezi trone ndabona kuhleli abadala abangamashumi amabini anesine bembethe izambatho zangaphezulu ezimhlophe, ibe ezintlokweni zabo izizithsaba zegolide.” (ISityhilelo 4:4) Ewe, endaweni yokuba kubekho ababingeleli, kukho abadala abangama-24, abahleli ezitroneni baza bathwala izithsaba njengookumkani. Ngoobani aba badala? Ngabathanjiswa bebandla lamaKristu, abavusiweyo nabakwisigxina sasezulwini abasithenjiswa nguYehova. Sikwazi njani oko?
Ukuzuka Kwetrone KaYehova Yasezulwini
19 Zifanekisela ntoni ezi zidalwa? Umbono owabhalwa ngomnye umprofeti, onguHezekile, uyasinceda ukuba sifumane impendulo. UHezekile wabona uYehova ehleli kwinqwelo yokulwa yasezulwini, eyayiphelekwa zizidalwa eziphilayo ezineempawu ezifana nezo zichazwe nguYohane. (Hezekile 1:5-11, 22-28) Kamva, kwakhona uHezekile wayibona loo trone iyinqwelo yokulwa ilandelwa zizidalwa eziphilayo. Noko ke, ngeli thuba wathi ezi zidalwa ziphilayo ziziikerubhi. (Hezekile 10:9-15) Izidalwa eziphilayo ezine ezibonwa nguYohane zifanele ukuba zimela iikerubhi ezininzi zikaThixo—izidalwa ezikwisigxina esiphezulu kwintlangano Yakhe yokomoya. UYohane wayengayi kucinga ukuba kungumnqa ukubona iikerubhi zimi kufutshane kangaka kuYehova, ekubeni kwilungiselelo lamandulo lomnquba, kwakubonakaliswe iikerubhi ezimbini zegolide ngaphezulu kwityeya yomnqophiso, tyeya leyo eyayimela itrone kaYehova. Phakathi kwezi kerubhi, ilizwi likaYehova lalikhupha imiyalelo eyayisiya eluhlangeni.—Eksodus 25:22; INdumiso 80:1.
(ISityhilelo 5:5) Kodwa omnye wabadala uthi kum: “Musa ukulila. Khangela! INgonyama yesizwe sikaYuda, ingcambu kaDavide, yoyisile, ikufanele ukuwuvula umsongo namatywina awo asixhenxe.”
“Khangela! Ingonyama Yesizwe SikaYuda”
5 Ingonyama yaziwa ngokuba nenkalipho. Ngaba wakha wajongana ubuso ngobuso nenkunzi yengonyama? Ukuba wakha wajongana nayo, imele ukuba ngokuqinisekileyo yayivalelwe ngaphaya kocingo. Sekunjalo, zimele ukuba zathi xhungu kancinane izibilini zakho. Xa ujongene ubuso ngobuso nesi silwanyana sinamandla, akuyicingi nokuyicinga into yokuba singaze soyike ngokoyikiswa. IBhayibhile ithi ‘ingonyama yeyona inamandla phakathi kwezilo yaye ayibuyi mva kuzo zonke.’ (IMizekeliso 30:30) Injalo ke kanye inkalipho kaKristu.
6 Makhe sixubushe iindlela ezintathu uYesu awabonisa ngazo inkalipho efana neyengonyama: ekumeleni inyaniso, ekumeleni okusesikweni, nasekuxhathiseni inkcaso. Yaye siza kubona indlela nathi esinokumxelisa ngayo uYesu ekuboniseni inkalipho—enoba singamakroti okanye amagwala ngemvelo.
Ufundo LweBhayibhile
(ISityhilelo 4:1-11) Emva kwezi zinto ndabona, yaye, khangela! umnyango ovulekileyo ezulwini, nelizwi lokuqala endalivayo lalingathi lelexilongo, lithetha nam, lisithi: “Nyukela apha, ndikubonise izinto ezimele zenzeke.” 2 Emva kwezi zinto ngoko nangoko ndaba kumandla omoya: yaye, khangela! nantso itrone imi endaweni yayo ezulwini, kukho ohleliyo etroneni leyo. 3 Yaye lowo uhleliyo, ngembonakalo, unjengelitye leyaspisi nelitye elimbala ubomvu elixabisekileyo, itrone ijikelezwe ngumnyama onjenge-emeraldi ngembonakalo. 4 Yaye itrone ijikelezwe ziitrone ezingamashumi amabini anesine, kwaye kwezi trone ndabona kuhleli abadala abangamashumi amabini anesine bembethe izambatho zangaphezulu ezimhlophe, ibe ezintlokweni zabo izizithsaba zegolide. 5 Apho etroneni kuphuma imibane namazwi neendudumo; yaye kukho izibane ezisixhenxe zomlilo zivutha phambi kwetrone, zona zithetha oomoya abasixhenxe bakaThixo. 6 Naphambi kwetrone kukho, ngokungathi kunjalo, ulwandle olubuglasi lunjengekristale.Phakathi kwetrone nangokujikeleze itrone kukho izidalwa eziphilayo ezine ezizele ngamehlo ngaphambili nangasemva. 7 Esokuqala isidalwa esiphilayo sinjengengonyama, esesibini isidalwa esiphilayo sinjengethole lenkomo eliyinkunzi, esesithathu isidalwa esiphilayo sinobuso obunjengobomntu, yaye esesine isidalwa esiphilayo sinjengokhozi oluphaphazelayo. 8 Zona ke izidalwa eziphilayo ezine, ngasinye sazo sinamaphiko amathandathu; zizele ngamehlo azijikelezileyo nangaphantsi. Kwaye aziphumli imini nobusuku njengoko zisithi: “Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova uThixo, uSomandla, lowo wayekho nokhoyo nozayo.” 9 Xa sukuba izidalwa eziphilayo zinikela uzuko nembeko nombulelo kuLowo uhleli etroneni, Lowo uphila ngonaphakade kanaphakade, 10 abadala abangamashumi amabini anesine bawa phantsi phambi kwaLowo uhleli etroneni, bamnqule Lowo uphila ngonaphakade kanaphakade, baze baphose izithsaba zabo phambi kwetrone, besithi: 11 “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.”