IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwbr20 Meyi iphe. 1-12
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—2020
  • Imixholwana
  • MEYI 4-10
  • Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
  • MEYI 11-17
  • MEYI 18-24
  • MEYI 25-31
Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—2020
mwbr20 Meyi iphe. 1-12

Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

MEYI 4-10

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | GENESIS 36-37

“UYosefu Wamonelwa”

(Genesis 37:3, 4) USirayeli wayemthanda uYosefu ngaphezu kwabo bonke abanye oonyana bakhe, kuba wayengunyana awayemfumene sele emdala, ibe wamenzela isambatho esikhethekileyo. 4 Xa abantakwabo babonayo ukuba utata wabo umthanda ngaphezu kwabo bonke abanye abantakwabo, bamcaphukela, abakwazi nokuthetha kakuhle naye.

w14 8/1 12-13

“Ncedani, Niliphulaphule Eli Phupha”

IBhayibhile iyaphendula: “Bakubona abantakwabo ukuba uyise wayemthanda ngaphezu kwabo bonke abantakwabo, bamthiya, baza ababa sathetha ngoxolo naye.” (Genesis 37:4) Siyaqondakala isizathu sokuba abantakwabo Yosefu babe nomona, kodwa kwakungebobulumko ukufukama ezo mvakalelo. (IMizekeliso 14:30; 27:4) Ngaba wakhe waba nomona xa omnye ehoywa okanye ewongwa ngelungelo obulincwasile? Khumbula abantakwabo Yosefu. Umona wabo wabakhokelela ekubeni benze izinto abazisolayo ngazo. Umzekelo wabo umele ukhumbuze amaKristu ukuba kububulumko ‘ukuba nemihlali kunye nabo banemihlali.’—Roma 12:15.

Ngokuqinisekileyo uYosefu wayeqonda ukuba abantakwabo bamthiyile. Ngoko ngaba wayesifihla isambatho sakhe xa ekunye nabo? Umele ukuba wayekhe ayicinge loo nto. Kodwa ke, khumbula ukuba uYakobi wamnika esi sambatho njengophawu lokuba wayekholiswa nguye yaye emthanda. UYosefu wayefuna ukumkholisa uyise, ngoko wanyaniseka waza wasinxiba eso sambatho. Umzekelo wakhe uyasinceda nathi. Nangona uBawo wethu wasezulwini engenamkhethe, maxa wambi uye akhethe abathile kubakhonzi bakhe aze abababale. Ngaphezu koko, ubayalela ukuba bahluke kweli hlabathi lonakeleyo nelingcolileyo. Ngokufanayo nesa sambatho sikaYosefu, ukuziphatha kwamaKristu okwenyaniso kuwenza ahluke kwabanye abantu. Oko kuye maxa wambi kwenze amonelwe aze athiywe ngabanye abantu. (1 Petros 4:4) Ngaba umKristu umele ayifihle into yokuba ungumkhonzi kaThixo? Akunjalo—njengokuba noYosefu engazange asifihle isambatho sakhe.—Luka 11:33.

(Genesis 37:5-9) Ethubeni uYosefu waphupha waza walibalisela abantakwabo eli phupha, baza bona bafumana isizathu esingakumbi sokumcaphukela. 6 Wathi: “Ndicela nimamele eli phupha ndiliphuphileyo. 7 Ndiphuphe sibopha izithungu entsimini, sasuka esam isithungu sema nkqo, zaza ezenu izithungu zasirhangqa, zaqubuda kwisithungu sam.” 8 Bathi abantakwabo kuye: “Ngaba nyhani uza kuzenza ukumkani wethu, usilawule?” Batsho bafumana esinye isizathu sokumcaphukela, ngenxa yamaphupha akhe nale nto wayeyithetha. 9 Emva koko waphinda waphupha, waza wabalisela abantakwabo esithi: “Ndiphinde ndaphupha. Kweli iphupha, ilanga nenyanga neenkwenkwezi eziyi-11 beziqubuda kum.”

(Genesis 37:11) Bammonela ke abantakwabo, kodwa utata wakhe wayigcina engqondweni le nto wayeyithetha.

w14 8/1 13 ¶2-4

“Ncedani, Niliphulaphule Eli Phupha”

La maphupha ayevela kuYehova uThixo. Ayesisiprofeto, ibe uThixo wayefuna uYosefu awachaze. Lilonke, uYosefu wayemele enze oko kwenziwa ngabo bonke abaprofeti abadlulisela izidigimi nemigwebo kaThixo kubantu bakhe ababezishiyile iindlela zakhe.

Ngobuchule, uYosefu wathi kubantakwabo: “Ncedani, niliphulaphule eli phupha ndiliphuphileyo.” Abantakwabo baliqonda elo phupha, yaye abazange balithande tu. Bathi kuye: “Ngaba ngokuqinisekileyo uza kuba ngukumkani wethu?” Le ngxelo yongezelela ithi: “Ngoko bafumana isizathu esitsha sokumthiya ngenxa yamaphupha akhe nangenxa yamazwi akhe.” Xa uYosefu wachazela uyise nabantakwabo ngephupha lesibini, basabela ngendlela efanayo. “Uyise wamkhalimela wathi kuye: ‘Liphupha lini na eli uliphuphileyo? Ngaba ngokuqinisekileyo mna kwanonyoko nabantakwenu soza siqubude kuwe na emhlabeni?’” Kodwa ke, uYakobi wakucingisisa oko. Wayeyiqonda into yokuba kothi kanti nguYehova othetha esebenzisa le nkwenkwe.—Genesis 37:6, 8, 10, 11.

UYosefu wayengenguye umkhonzi wokuqala okanye wokugqibela kaYehova ukuyalelwa ukuba achaze iziprofeto ezazingathandwa nezabenza batshutshiswa. Oyena mkhulu kubo nguYesu, yaye wathi kubalandeli bakhe: “Ukuba banditshutshisile mna, baya kunitshutshisa nani.” (Yohane 15:20) Onke amaKristu, amadala namancinane, anokufunda lukhulu kukholo nenkalipho kaYosefu oselula.

(Genesis 37:23, 24) Wathi nje akufika uYosefu kubantakwabo, bamkhulula isambatho sakhe, isambatho esikhethekileyo awayesinxibile, 24 bamthatha bamphosa emngxunyeni wamanzi. Ngelo xesha loo mngxuma wawungenanto, kungekho manzi kuwo.

(Genesis 37:28) Bathi xa bedlula oosomashishini bamaMidiyan, bamtsala uYosefu bamkhupha emngxunyeni wamanzi, baza bamthengisa kumaIshmayeli ngamaqhosha esilivere ayi-20. Wona la madoda amsa eYiputa uYosefu.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Genesis 36:1) Nantsi imbali kaEsawu, okwabizwa ngokuba nguEdom.

it-1-E 678

UEdom

(Edom) [Bomvu], AmaEdom.

UEdom yayilelinye igama awayebizwa ngalo uEsawu, iwele likaYakobi. (Gen 36:1) Wayebizwa ngolo hlobo kuba wathengisa ngelungelo awayenalo njengonyana wokuqala kuba efuna isityu esibomvu. (Gen 25:30-34) Ngokuzenzekelayo, uEsawu wazalwa ebomvu kakhulu (Gen 25:25), nakwiindawo ababehlala kuzo abazukulwana bakhe, wawukhona lo mbala.

(Genesis 37:29-32) Ethubeni, xa uRubhen wabuyela emngxunyeni wamanzi, waza wabona ukuba akakho uYosefu kuloo mngxuma, wazikrazula iimpahla zakhe. 30 Wathi xa ebuyela kubantakwabo, wakhwaza wathi: “Umntwana ulahlekile! Yho! Ndiza kuyithini na le nto?” 31 Ngoko bathatha isambatho sikaYosefu, baxhela inkunzi yebhokhwe, basithi nkxu egazini. 32 Emva koko basithumela eso sambatho sikhethekileyo kutata wabo, bathi: “Sichole esi sambatho. Khawuncede ufanise ukuba ayisosambatho sonyana wakho na esi.”

it-1-E 561-562

Ukugada

Xa umalusi esithi uza kwalusa imfuyo, loo nto yayibonisa ukuba uvuma ngokusemthethweni ukuba uza kuyigada loo mfuyo. Wayethembisa umntu wayo ukuba ayizukulamba ibe ayizukubiwa, ukuba enye yezo zinto yenzekile, wayemqinisekisa ukuba uza kubhatala. Kodwa ke lo mthetho wawungambek’ ityala umalusi xa kwenzeke into ebingaphezu kwamandla akhe, njengaxa imfuyo ityiwe sisilwanyana sasendle. Ukuze umalusi angabi natyala, kwakufuneka anike umntu wemfuyo ubungqina boko kwenzekileyo, njengesikhumba esinegazi seso silwanyana sihlaselweyo. Umntu waloo mfuyo wayefanele athi unogada akanatyala xa ebona obo bungqina.

Lo mthetho wawusebenza kuyo yonke into egcinisiweyo, nakwiintsapho. Ngokomzekelo, ngokomthetho unyana omdala wayefana nokuba ungunogada woobhuti noosisi bakhe abancinci. Yiloo nto uRubhen ongunyana omdala wayenexhala xa abantakwabo bathetha ngokubulala uYosefu kwiGenesis 37:18-30. “Wathi: ‘Masingambulali.’ . . . ‘Sanukuchitha gazi. . . . ningamenzakalisi.’ Eyona nto wayeyifuna yayikukumhlangula kubo aze ambuyisele kutata wakhe.” Ibe uRubhen xa wabona ukuba akakho uYosefu, waba nexhala kakhulu “wazikrazula iimpahla zakhe,” wakhwaza wathi: “Umntwana ulahlekile! Yho! Ndiza kuyithini na le nto?” Wayesazi ukuba nguye osenokuba netyala ngokulahleka kukaYosefu. Ukuze bangabi sengxakini, yena nabantakwabo benza ubungqina bobuxoki ukuze kubonakale ngathi uYosefu utyiwe sisilwanyana sasendle. Bathatha isambatho sikaYosefu basithi nkxu egazini lebhokhwe. Basithumela kuYakobi utata wabo ongusolusapho owayeza kubagweba. Wathi uRubhen akanatyala kuba ebona isambatho sikaYosefu esinegazi, wacinga ukuba uYosefu ufile.—Gen 37:31-33.

Ufundo LweBhayibhile

(Genesis 36:1-19) Nantsi imbali kaEsawu, okwabizwa ngokuba nguEdom. 2 UEsawu wabathatha ezintombini zakwaKanan abafazi bakhe: UAda intombi kaElon umHiti, u-Oholibhama intombi ka-Anahi, umzukulwana kaTsibheyon umHivi, 3 noBhasemati, intombi kaIshmayeli, udadeboNebhayoti. 4 UAda wazalela uEsawu uElifazi, waza uBhasemati wazala uRehuweli, 5 yena uOholibhama wazala uYewushe, uYalam noKora. Aba ngoonyana bakaEsawu awabazalelwa elizweni lakwaKanan. 6 Emva koko uEsawu wabathatha abafazi bakhe, oonyana bakhe, iintombi zakhe, bonke abantu bendlu yakhe, umhlambi wakhe, yonke enye imfuyo yakhe nabo bonke ubutyebi awayebuqwebe elizweni lakwaKanan, waya kwelinye elizwe elikude kuYakobi umntakwabo. 7 Kaloku izinto zabo zaba ninzi kakhulu ukuba bangahlala ndawonye yaye ilizwe ababehlala kulo lalingasaboneli ngenxa yemihlambi yabo. 8 Ngoko uEsawu wahlala kummandla weentaba wakwaSehire. UEsawu lo nguEdom. 9 Le yimbali kaEsawu utata wamaEdom owayehlala kummandla weentaba wakwaSehire. 10 Nanga amagama oonyana bakaEsawu: NguElifazi unyana ka-Ada, umfazi kaEsawu, noRehuweli unyana kaBhasemati, umfazi kaEsawu. 11 Oonyana bakaElifazi nguTeman, uOmare, uTsefo, uGatam noKenazi. 12 UTimna waba ngomnye umfazi kaElifazi, unyana kaEsawu. Ekuhambeni kwexesha wazalela uElifazi uAmaleki. Abo ke ngoonyana baka-Ada, umfazi kaEsawu. 13 Aba ngoonyana bakaRehuweli: NguNahati, uZera, uShamaha noMiza. Abo ke yayingoonyana bakaBhasemati, umfazi kaEsawu. 14 Aba yayingoonyana bakaOholibhama intombi ka-Anahi, umzukulwana kaTsibheyon, umfazi kaEsawu, awabazalela uEsawu: nguYewushe, uYalam noKora. 15 Ezi ziinkosi zoonyana bakaEsawu: Oonyana bakaElifazi, izibulo likaEsawu: YiNkosi uTeman, iNkosi uOmare, iNkosi uTsefo, iNkosi uKenazi, 16 iNkosi uKora, iNkosi uGatam neNkosi uAmaleki. Ezi ziinkosi ezaphuma kuElifazi elizweni lakwaEdom. Abo ke ngoonyana baka-Ada. 17 Aba ngoonyana bakaRehuweli, unyana kaEsawu: INkosi uNahati, iNkosi uZera, iNkosi uShamaha neNkosi uMiza. Ezi ziinkosi ezaphuma kuRehuweli elizweni lakwaEdom. Abo ke ngoonyana bakaBhasemati, umfazi kaEsawu. 18 Aba ke ngoonyana bakaOholibhama, umfazi kaEsawu: INkosi uYewushe, iNkosi uYalam neNkosi uKora. Ezi ziinkosi ezaphuma kuOholibhama, intombi ka-Anahi, umfazi kaEsawu. 19 Abo ke ngoonyana bakaEsawu neenkosi ezaphuma kubo. NguEdom ke lowo.

MEYI 11-17

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | GENESIS 38-39

“UYehova Zange Amlahle UYosefu”

(Genesis 39:1) Ngoku uYosefu wayesiwe eYiputa, waza umYiputa onguPotifare, igosa lasebukhosini likaFaro, umphathi woonogada, wamthenga kumaIshmayeli awayemse apho.

w14 11/1 12 ¶4-5

“Ndingathini Ukwenza Obu Bubi Bukhulu Kangaka?”

“Ke kaloku uYosefu, wehliselwa eYiputa, waza uPotifare, igosa lenkundla kaFaro, intloko yamafanankosi, umYiputa, wamthenga esandleni samaIshmayeli awayemhlisele khona.” (Genesis 39:1) Ngaloo mazwi ambalwa, eli bali leBhayibhile lisenza sibone indlela ekufanele ukuba waziva ethotywe ngayo lo mfanyana xa wayephinda ethengiswa. Wayeyinto nje enokuthengiswa! Khawumbone uYosefu elandela emva kwenkosi yakhe, igosa lenkundla elingumYiputa, bedlula kwizitrato zesixeko ezineemarike neziphithizelayo, besiya kwikhaya lakhe elitsha.

Ikhaya? Le ndawo yayingafani kwaphela nekhaya awayesuka kulo. Kaloku yena wakhulela kwintsapho eyayihlala kwiintente, neyayisoloko ifuduka, isalusa iigusha. Apha, amaYiputa afana noPotifare ayehlala kumapomakazi ezindlu ezipeyintwe ngemibala-bala egqamileyo. Abembi bezinto zakudala bathi amaYiputa amandulo ayethanda iigadi ezibiyelweyo, ezinamachibi acwengileyo, neziyokozela imithi, iingcongolo, iinyibiba kunye nezinye izityalo ezikhula emanzini. Ezinye izindlu zaziba segadini, zibe neveranda ukuze bakwazi ukunandipha impepho, zineefestile eziphezulu ukuze zingene umoya, zinamagumbi amaninzi, amanye awo ingawokutyela, amanye ingawabasebenzi.

(Genesis 39:12-14) Ngoko wamthi nqaku ngesambatho sakhe, wathi: “Ndilale!” Kodwa wasishiya isambatho sakhe apho esandleni sakhe waza wabaleka waphuma. 13 Uthe lo mfazi akubona ukuba uYosefu ushiye isambatho sakhe waza wabaleka, 14 wakhalela amadoda endlu yakhe esithi: “Jongani! Usizisele lo mHebhere ukuba asenze intlekisa. Uze kum ukuze andilale, kodwa ndasithula phezulu isikhalo.

(Genesis 39:20) Ngoko inkosi kaYosefu yamthatha yamfaka ejele, apho kwakuvalelwa amabanjwa kakumkani, waza wahlala apho.

w14 11/1 14-15

“Ndingathini Ukwenza Obu Bubi Bukhulu Kangaka?”

Asinalwazi lungako ngeentolongo zaseYiputa zelo xesha. Kodwa amabhodlo aye afunyanwa ngabembi bezinto zakudala, abonisa ukuba iintolongo zelo xesha zaziziinqaba ezinkulu ezinezisele ezingaphantsi komhlaba. Kamva uYosefu wazichaza ezo ntolongo ngokuthi ‘ngumhadi,’ nto leyo ebonisa ukuba zaziyindawo yesithokothoko sobumnyama nenganiki themba. (Genesis 40:15) Incwadi yeNdumiso ichaza ukuba uYosefu wathuthunjiswa, isithi: “Bazixhwalekisa iinyawo zakhe ngamakhamandela, umphefumlo wakhe waba sezintsimbini.” (INdumiso 105:17, 18) AmaYiputa ayedla ngokuzibophelela ngasemva ngamakhamandela iingalo zamabanjwa; amanye ayefakwa intsimbi emqaleni. Enjani yona ukuba gadalala impatho awayifumanayo uYosefu—nangona kwakungekho kwanto iphosakeleyo wayenzayo!

Okubuhlungu nangakumbi kukuba, le yayingeyompatho nje yokwexeshana. IBhayibhile ithi uYosefu “wahlala apho endlwini yentolongo.” Wachitha iminyaka kuloo ndawo yoyikekayo! Ibe uYosefu wayengathembi ukuba wayeya kuze akhululwe. Njengoko kwakugqitha iiveki, kwalandela iinyanga ekobo bugxwayiba, yintoni eyamncedayo ukuba angaphelelwa lithemba?

IBhayibhile isiqinisekisa ngokuthi: “UYehova waqhubeka enoYosefu waza wamenzela ububele bothando.” (Genesis 39:21) Akukho zindonga zantolongo, namakhamandela, nazisele zimnyama ezinokuthintela uYehova ukuba angakwazi ukubonisa uthando kubakhonzi bakhe. (Roma 8:38, 39) UYosefu umel’ ukuba wayethandaza rhoqo, ephalaza imbilini yakhe ‘kuThixo wentuthuzelo yonke,’ nto leyo eyayimnceda ukuba ahlale enoxolo yaye ezolile. (2 Korinte 1:3, 4; Filipi 4:6, 7) Yintoni enye uYehova awamenzela yona uYosefu? Sifunda ukuba wamenza “wakholeka emehlweni egosa eliyintloko lendlu yentolongo.”

(Genesis 39:21-23) Kodwa ke uYehova akazange amshiye uYosefu, embonisa uthando olungagungqiyo waza wamenza wathandwa ligosa eliyintloko lejele. 22 Ngoko igosa eliyintloko lejele labeka uYosefu ukuba aphathe onke amabanjwa, ibe yonke into awayeyenza apho, yayijongwe nguye. 23 Igosa eliyintloko lasejele lalingazikhathazi ngayo nantoni na eyayiphethwe nguYosefu, kuba uYehova wayekunye noYosefu ibe uYehova wayesenza yonke into awayeyenza iphumelele.

w14 11/1 15 ¶2

“Ndingathini Ukwenza Obu Bubi Bukhulu Kangaka?”

IBhayibhile isiqinisekisa ngokuthi: “UYehova waqhubeka enoYosefu waza wamenzela ububele bothando.” (Genesis 39:21) Akukho zindonga zantolongo, namakhamandela, nazisele zimnyama ezinokuthintela uYehova ukuba angakwazi ukubonisa uthando kubakhonzi bakhe. (Roma 8:38, 39) UYosefu umel’ ukuba wayethandaza rhoqo, ephalaza imbilini yakhe ‘kuThixo wentuthuzelo yonke,’ nto leyo eyayimnceda ukuba ahlale enoxolo yaye ezolile. (2 Korinte 1:3, 4; Filipi 4:6, 7) Yintoni enye uYehova awamenzela yona uYosefu? Sifunda ukuba wamenza “wakholeka emehlweni egosa eliyintloko lendlu yentolongo.”

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Genesis 38:9, 10) UOnan wayesazi ukuba loo nzala yayingazukuba yeyakhe. Ngoko wabelana ngesondo nomfazi womntakwabo, kodwa wawachithela emhlabeni amadlozi akhe ukuze angamniki nzala umntakwabo. 10 UYehova akazange ayithande into awayenzayo, ngoko naye wambulala.

it-2-E 555

UOnan

(Onan) [lisuka kwigama elithetha “amandla okuvelisa inzala; amandla amakhulu”].

Wayengunyana kaYuda wesibini kwintombi kaShuwa umKanan. (Gen 38:2-4; 1Kr 2:3) UEre, unyana kaYuda wokuqala, wabulawa nguYehova ngenxa yokwenza izinto ezimbi engekabi nanyana. UYuda wathi kuOnan makenze umtshato wongeno noTamare umfazi kaEre. Ukuba uTamare wayezala unyana, ilifa laliza kuya kuye njengendlalifa kaEre kuba wayengazukwaziwa njengonyana kaOnan. Kodwa, ukuba uOnan noTamare zange bazale unyana, ilifa laliza kuba lelikaOnan. UOnan walala noTamare waza “wawachithela emhlabeni amadlozi akhe” endaweni yokuba awanike yena. UOnan wayengaphululi amaphambili ngoba iBhayibhile ithi ‘wayesabelana ngesondo nomfazi womntakwabo.’ Kuyabonakala ukuba uOnan wenza ngabom ukuba angachitheli amadlozi akhe kumalungu okuzala kaTamare. UYehova wambulala no-Onan engekabinabantwana, kuba zange amthobele utata wakhe, wayebawa kwaye zange alihloniphe ilungiselelo elingcwele lomtshato.—Genesis 38:6-10; 46:12; Numeri 26:19.

(Genesis 38:15-18) Uthe uYuda akumbona, ngoko nangoko wacinga ukuba ngumfazi othengisa ngomzimba, kuba wayezogqume ubuso. 16 Wathi cebu endleleni waya kuye, wathi: “Khawundivumele ndabelane nawe ngesondo,” kuba wayengazi ukuba ngumolokazana wakhe. Yena wathi: “Uza kundinika ntoni ngokwabelana nam ngesondo?” 17 UYuda wathi: “Ndiza kukuthumelela itakane lebhokhwe endilithathe kumhlambi wam.” Yena wathi: “Uza kundinika ntoni ke eza kuba sisibambiso, de ulithumele?” 18 UYuda wathi: “Ufuna isibambiso esinjani?” UTamare wathi: “Iringi yakho yokubeka isitampu, intambo yakho nentonga yakho esesandleni sakho.” Wamnika ezo zinto, waza ke wabelana naye ngesondo, wammithisa.

w04 1/15 30 ¶4-5

Imibuzo Evela Kubafundi

UYuda wona kuba akazange amnikele kuTamare unyana wakhe uShela njengokuba wayethembisile. Kwakhona waba neentlobano zesini nebhinqa awayecinga ukuba lingunongogo wasetempileni. Oku kwakuchasene nenjongo kaThixo yokuba umntu abe neentlobano zesini nomntu atshate naye kuphela. (Genesis 2:24) Eyona nyaniso kukuba uYuda akazange abe neentlobano zesini nehenyukazi. Kunoko, yena engaqondi wenza oko kwakufanele kwenziwe ngunyana wakhe uShela, umtshato wongeno waza ke waba nguyise wenzala esemthethweni.

Kwelakhe icala uTamare, ukuba neentlobano zesini kwakhe noYuda yayingekuko ukukrexeza. Oonyana bakhe abangamawele babengagqalwa njengoonyana bobuhenyu. Xa uBhohazi waseBhetelehem wathabatha umMowabhikazi uRute ngomtshato wongeno, amadoda amakhulu aseBhetelehem athetha kakuhle ngonyana kaTamare, uPeretse esithi kuBhohazi: “Yanga indlu yakho ingaba njengekaPeretse, uTamare awamzalela uYuda, kwinzala aya kukunika yona uYehova ngalo mfazana.” (Rute 4:12) Kwakhona uPeretse ukho kuluhlu lookhokho bakaYesu Kristu.—Mateyu 1:1-3; Luka 3:23-33.

Ufundo LweBhayibhile

(Genesis 38:1-19) Ngelo xesha uYuda wemka kubantakwabo, wayokumisa intente yakhe kufuphi noHira, umfo ongumAdulam. 2 Apho uYuda wabona uShuwa, intombi yomKanan. Wayithatha yaba ngumfazi wakhe, wabelana nayo ngesondo, 3 yaza yakhulelwa. Ethubeni yazala unyana waza uYuda wamthiya igama elinguEre. 4 Yaphinda yakhulelwa yazala unyana, yamthiya igama elinguOnan. 5 Kwakhona yazala unyana, yamthiya igama elinguShela. WayeseAkezibhi ngexesha lokubeleka kwayo. 6 Ekuhambeni kwexesha uYuda wathathela izibulo lakhe uEre umfazi, igama lakhe inguTamare. 7 Kodwa uEre izibulo likaYuda, wenza ububi emehlweni kaYehova, waza uYehova wambulala. 8 Akubona loo nto, uYuda wathi kuOnan: “Yabelana ngesondo nomfazi womntakwenu, wenze umtshato wongeno naye, ukuze uvelisele umntakwenu inzala.” 9 UOnan wayesazi ukuba loo nzala yayingazukuba yeyakhe. Ngoko wabelana ngesondo nomfazi womntakwabo, kodwa wawachithela emhlabeni amadlozi akhe ukuze angamniki nzala umntakwabo. 10 UYehova akazange ayithande into awayenzayo, ngoko naye wambulala. 11 UYuda wathi kuTamare umolokazana wakhe: “Hlala ungumhlolokazi endlini katata wakho ade uShela unyana wam akhule,” kuba wayezixelele oku: ‘Naye usenokufa njengabantakwabo.’ Ngoko uTamare wemka wayokuhlala endlini katata wakhe. 12 Ekuhambeni kwexesha, umfazi kaYuda, oyintombi kaShuwa wafa. UYuda wahlala ezilile lonke ixesha lokuzila, emva koko wenyuka waya kubachebi beegusha zakhe eTimna, yena noHira isihlobo sakhe esingumAdulam. 13 Kwathiwa kuTamare: “Nanko utatazala wakho enyuka eyokucheba iigusha zakhe eTimna.” 14 Akuyiva loo nto, wazikhulula iimpahla zakhe zokuzila, wazogquma ubuso, wahlala ngakwigeyithi yase-Enayim, engakwindlela eya eTimna. Kaloku wabona ukuba uShela ukhulile kodwa akakanikelwa kuye abe ngumfazi wakhe. 15 Uthe uYuda akumbona, ngoko nangoko wacinga ukuba ngumfazi othengisa ngomzimba, kuba wayezogqume ubuso. 16 Wathi cebu endleleni waya kuye, wathi: “Khawundivumele ndabelane nawe ngesondo,” kuba wayengazi ukuba ngumolokazana wakhe. Yena wathi: “Uza kundinika ntoni ngokwabelana nam ngesondo?” 17 UYuda wathi: “Ndiza kukuthumelela itakane lebhokhwe endilithathe kumhlambi wam.” Yena wathi: “Uza kundinika ntoni ke eza kuba sisibambiso, de ulithumele?” 18 UYuda wathi: “Ufuna isibambiso esinjani?” UTamare wathi: “Iringi yakho yokubeka isitampu, intambo yakho nentonga yakho esesandleni sakho.” Wamnika ezo zinto, waza ke wabelana naye ngesondo, wammithisa. 19 Emva koko uTamare waphakama wemka, wazikhulula izinto ebezogqume ngazo waza wanxiba iimpahla zakhe zokuzila.

MEYI 18-24

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | GENESIS 40-41

“UYehova Usindisa UYosefu”

(Genesis 41:9-13) Ngoko umphathi wabangcamli wathetha noFaro, esithi: “Ndiyazivuma izono zam namhlanje. 10 Izicaka zikaFaro zamcaphukisa. Ngoko wandiphosa ejele, endlini yomphathi woonogada, mna nomphathi wababhaki. 11 Emva koko sobabini saphupha iphupha ngobusuku obunye. Ngamnye kuthi waphupha iphupha lakhe elahlukileyo. 12 Sasinomfana womHebhere apho, isicaka somphathi woonogada. Sathi sakumxelela, wasitolikela amaphupha ethu. Watolikela ngamnye wethu into ethethwa liphupha lakhe. 13 Kwenzeka kanye le nto wayeyitshilo. Mna ndabuyiselwa kwisikhundla sam, yona enye indoda yaxhonywa.”

w15 2/1 14 ¶4-5

“AsikokukaThixo Na Ukutolika?”

Nokuba umngcamli wamlibala uYosefu, yena uYehova akazange amlibale. Kobunye ubusuku, wanika uFaro amaphupha amabini angenakulibaleka. Kwelokuqala, ukumkani wabona iinkomo ezisixhenxe ezintle nezityebileyo zisithi gqi ngakuMlambo umNayile zilandelwa zezingcakachileyo, zibhitye nokubhitya. Iinkomo ezibhityileyo zaziqwenga ezo zityebileyo. Kamva uFaro waphupha izikhwebu ezihle ezisixhenxe ziphuma eludizeni olunye. Kodwa ezinye ezisixhenxe ezazitshazile zahluma zaza zaqwenga ezo zihle. Ngentseni elandelayo uFaro wavuka ehluphekile ngala maphupha, waza ke wabiza onke amadoda azizilumko nababingeleli abaqhelisela umlingo ukuze beze kumcacisela intsingiselo yawo. Bonke batsho phantsi. (Genesis 41:1-8) Asazi ke nokuba kungenxa yokuba bamxelela izinto ezothusayo okanye isiphithanyongo sezinto. Kodwa bamdanisa uFaro—sekunjalo, wayeyifuna emanzini iintsingiselo yaloo maphupha.

Ekugqibeleni, umngcamli wakhumbula uYosefu! Ethundezwa sisazela, waxelela uFaro ngomfana omangalisayo owachaza ngokuchanileyo iphupha lakhe nelombhaki ngoxa babesentolongweni kwiminyaka emibini eyadlulayo. Ngoko nangoko, uFaro wathumela ukuba kuye kulandwa uYosefu entolongweni.—Genesis 41:9-13.

(Genesis 41:16) UYosefu wathi kuFaro: “Ungade ulindele nto kum! NguThixo oza kuchazela uFaro ngemeko yakhe.”

(Genesis 41:29-32) “Kuza iminyaka esixhenxe yentlutha enkulu kulo lonke ilizwe laseYiputa. 30 Kodwa nakanjani emva kwaleyo, kuza kubakho iminyaka esixhenxe yendlala, kwaye intlutha ebikho elizweni laseYiputa iza kulityalwa ize indlala ilonakalise ilizwe. 31 Iza kulibaleka intlutha ebikhe yakho elizweni ngenxa yaloo ndlala iza kubakho emva kwayo, kuba iza kuba qatha. 32 Ekubeni eli phupha liphindwe kabini kuFaro, oku kubonisa ukuba le nto imiselwe nguThixo wokwenene ayizukujika, ibe sekusondele ukuba uThixo wokwenene ayenze.

w15 2/1 14-15

“AsikokukaThixo Na Ukutolika?”

UYehova uyabathanda abantu abathobekileyo nabathembekileyo kuye. Kungeso sizathu singayothuki into yokuba wanika uYosefu iimpendulo ezawaxaka kwaphela amadoda azizilumko nababingeleli baseYiputa. UYosefu wamcacisela uFaro ukuba omabini amaphupha akhe ayethetha into enye. Isizathu sokuba uYehova awaphindaphinde la maphupha kukuba ‘le nto yayimiswe ngokuqinileyo’—yayiza kwenzeka ngokuqinisekileyo. Iinkomo ezityebileyo nezikhwebu ezihle zazithetha ukuba iYiputa yayiza kutyeba iminyaka esixhenxe, zona iinkomo ezibhityileyo nezikhwebu ezingcakachileyo zazithetha ukuba kwakuya kulandela imbalela iminyaka esixhenxe. Loo mbalela yayiya kubuqwenga bonke ubutyebi belizwe.—Genesis 41:25-32.

(Genesis 41:38-40) Ngoko uFaro wathi kwizicaka zakhe: “Singamfumana na omnye umntu onjengalo, onomoya kaThixo?” 39 Emva koko uFaro wathi kuYosefu: “Ekubeni uThixo ekwazise yonke le nto, akakho omnye umntu oqondayo nosisilumko njengawe. 40 Wena lo, uza kuba phezu kwendlu yam, yaye bonke abantu bam baza kukuthobela ngokupheleleyo. Kukumsebenzi wam njengokumkani kuphela apho ndiza kuba mkhulu kunawe.”

w15 2/1 15 ¶3

“AsikokukaThixo Na Ukutolika?”

UFaro wenza ngokwamazwi akhe. Ngokukhawuleza, uYosefu wanxityiswa impahla yelinen. UFaro wamnika intsimbi yomqala yegolide, umsesane wokutywina, inqwelo yasebukhosini kunye negunya lokulikhenketha lonke elaseYiputa, elungisa imicimbi yomsebenzi wakhe. (Genesis 41:42-44) Kusuku nje olunye, uYosefu waphuma entolongweni, waya kuba kwibhotwe likaKumkani. Wavuka elibhantinti, walala engumlawuli olisekela likaFaro. Sicaca gca isizathu sokuba uYosefu wayenokholo olungaka kuYehova uThixo! UYehova wayezibona zonke izinto ezibuhlungu ezazisehlela umkhonzi wakhe kuyo yonke loo minyaka. Wazilungisa zonke iingxaki zakhe ngexesha elifanelekileyo, nangendlela efanelekileyo. UYehova wayengacingi nje kuphela ngokulungisa iingxaki zikaYosefu, kodwa wayecinga nangokulungiselela uhlanga lakwaSirayeli ikamva. Siza kubona ukuba wayenza njani loo nto kwinqaku elilandelayo lolu ngcelele.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Genesis 41:14) Ngoko uFaro wathumela ukuba kuziswe uYosefu, waza wakhutshwa ngokukhawuleza ejele. Wacheba, watshintsha neempahla zakhe, emva koko weza kuFaro.

w15 11/1 9 ¶1-3

Ngaba Ubusazi?

Kwakutheni ukuze uYosefu achebe ngaphambi kokuba aye kuFaro?

Ngokutsho kwengxelo yeGenesis, uFaro wayalela ukuba ibanjwa elingumHebhere uYosefu, lisiwe kuye ngokukhawuleza ukuze limtolikele amaphupha akhe awayemhlupha. UYosefu wayesele evalelwe entolongweni kangangeminyaka eliqela. Nangona umyalelo kaFaro wawungxamisekile, uYosefu wacheba kuqala. (Genesis 39:20-23; 41:1, 14) Kwaukuba umbhali akhankanye le nto ibonakala ingabalulekanga kangako, kusixelela ukuba wayezazi izithethe zamaYiputa.

Kwakuqhelekile ngabantu bamandulo abanjengamaHebhere ukuba babe neendevu ezinde. Ngokwahlukileyo, “amaYiputa ayekuphela kohlanga lwaseMpuma olwalungazikhulisi iindevu,” ngokutsho kweCyclopedia of Biblical, Theological, and Ecclesiastical Literature kaMcClintock noStrong.

Ngaba kwakuchetywa iindevu kuphela? Imagazini iBiblical Archaeology Review ibonisa ukuba ngokwesiko lwamaYiputa umntu wayefanele azilungise xa esiya kuFaro ngendlela ebeya kuzilungisa ngayo xa esiya etempileni. Ngoko ke, kumele ukuba uYosefu kwafuneka achebe intloko nomzimba wonke.

(Genesis 41:33) “Ngoko uFaro makakhangele indoda elumkileyo neqondayo, ayibeke iphathe ilizwe laseYiputa.

w09 11/15 28 ¶14

Ukubonisa Imbeko Njengabalungiseleli BakaThixo

14 Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile abazali abahlonel’ uThixo babefundisa abantwana babo imbeko. Khawuphawule indlela uAbraham nonyana wakhe uIsake ababebizana ngayo kwiGenesis 22:7. NoYosefu wayebonakala ukuba abazali bakhe bamqeqesha. Xa wayesentolongweni, wayenembeko nakwamanye amabanjwa. (Gen. 40:8, 14) Indlela awathetha ngayo noFaro yabonisa ukuba wayefundiswe indlela efanelekileyo yokuthetha nabasemagunyeni.—Gen. 41:16, 33, 34.

Ufundo LweBhayibhile

(Genesis 40:1-23) Emva kwayo yonke loo nto, umphathi wabangcamli bakakumkani waseYiputa nomphathi wababhaki bayona inkosi yabo, ukumkani waseYiputa. 2 Amcaphukisa uFaro la magosa akhe mabini, umphathi wabangcamli nomphathi wababhaki, 3 waza wabaphosa kwijele esendlini yomphathi woonogada, apho wayevalelwe khona uYosefu. 4 Emva koko, umphathi woonogada wabeka uYosefu ukuba abe kunye nabo aze abahoye, yaye lahamba ixesha besejele. 5 Umngcamli nombhaki kakumkani waseYiputa, ababevalelwe kule jele, baphupha ngobusuku obunye, abe amaphupha abo engathethi nto ifanayo. 6 Kusasa, uYosefu wafika bebonakala bekhathazekile. 7 Ngoko wawabuza la magosa kaFaro awayebanjwe kunye naye endlini yenkosi yakhe, esithi: “Kutheni ninxubile nje namhlanje?” 8 Athi: “Sobabini siye saphupha, kodwa ke ngoku asinatoliki.” UYosefu wathi: “AyingoThixo na otolikayo? Khanindibalisele.” 9 Umphathi wabangcamli wambalisela uYosefu iphupha lakhe, esithi: “Ephupheni lam, ndibone umthi weediliya uphambi kwam. 10 Kulo mthi bekukho amasetyana amathathu. Uthe xa uhluma amathupha, wadubula, kwaphuma izihlahla ezineediliya ezivuthiweyo. 11 Esandleni sam bekukho indebe kaFaro, ndazithatha ezo diliya ndazikhamela kuyo. Emva koko ndayibeka esandleni sikaFaro.” 12 Wathi ke uYosefu kuye: “Nantsi into ethethwa leli phupha: La masetyana mathathu ziintsuku ezintathu. 13 Kwiintsuku ezintathu ukususela ngoku, uFaro uza kukukhulula, akubuyisele kwisikhundla sakho, yaye uza kubeka indebe kaFaro esandleni sakhe njengoko ubusenza ngokuya ubungumngcamli wakhe. 14 Kodwa ke uze undikhumbule xa izinto zikuhambela kakuhle. Ndicela uze undibonise uthando olungagungqiyo, uthethe ngam kuFaro, ukuze ndiphume kule ndawo. 15 Enyanisweni ndaxhwilwa elizweni lamaHebhere, yaye nalapha akukho nto ndiyenzileyo ebangela ukuba bandivalele ejele.” 16 Xa umphathi wababhaki wabonayo ukuba uYosefu uchaze ukuba kuza kwenzeka izinto ezintle, wathi: “Nam bendiphuphile, ndiphuphe ndithwele iibhaskithi ezintathu ezinesonka esimhlophe. 17 Kwibhaskithi engaphezulu bekukho zonke iintlobo zezinto ezibhakiweyo zikaFaro, kukho iintaka ezityayo kuyo.” 18 Wamphendula ke uYosefu wathi: “Nantsi into ethethwa leli phupha: Ezi bhaskithi zintathu ziintsuku ezintathu. 19 Kwiintsuku ezintathu ukususela ngoku, uFaro uza kukunqumla intloko, akuxhome esibondeni, zize iintaka ziyitye inyama yakho.” 20 Ngolo suku lwesithathu ke yayingumhla wokuzalwa kukaFaro, yaye wazenzela itheko zonke izicaka zakhe, waza wakhupha umphathi wabangcamli nomphathi wababhaki, phambi kwezicaka zakhe. 21 Wambuyisela umphathi wabangcamli esikhundleni sakhe sokuba ngumngcamli, waqhubeka enika uFaro indebe. 22 Kodwa wamxhoma umphathi wababhaki, kanye njengoko uYosefu wayetshilo. 23 Kodwa ke umphathi wabangcamli akazange amkhumbule uYosefu. Wayesoloko emlibala.

MEYI 25-31

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | GENESIS 42-43

“UYosefu Wazibamba”

(Genesis 42:5-7) Ngoko oonyana bakaSirayeli beza kunye nabanye abantu ababeze kuthenga ukutya, kuba indlala yayifikelele nakwilizwe lakwaKanan. 6 UYosefu wayephethe kwelo lizwe, inguye owayethengisela bonke abantu bomhlaba ukutya okuziinkozo. Ngoko abantakwabo beza baza baqubuda kuye. 7 Uthe nje uYosefu akubabona abantakwabo wabazi, kodwa wabafihlela ukuba ungubani. Wathetha rhabaxa nabo, wathi: “Nivela phi?” Bona bathi: “Sivela kwilizwe lakwaKanan. Sizokuthenga ukutya.”

w15 5/1 13 ¶5

“Ndisesikhundleni SikaThixo Yini Na?”

Ngaba wabazi yena uYosefu? Wabaqaphela zisuka abantakwabo! Ngokungakumbi, xa babequbuda kuye, ingcinga zakhe zabuyela kwezaa mini wayeseyinkwenkwana. Eli bali lisixelela ukuba “ngoko nangoko uYosefu wawakhumbula amaphupha” awawaboniswa nguYehova xa wayeseyinkwenkwana, awayechaza ukuba abantakwabo babeza kuqubuda kuye, kanye njengokuba besenza ngoku! (Genesis 37:2, 5-9; 42:7, 9) Wayeza kuthini uYosefu? Ngaba wayeza kubathakazelela? Okanye afune ukuziphindezela?

w15 5/1 14 ¶1

“Ndisesikhundleni SikaThixo Yini Na?”

Kunqabile ukuba wena ungazibona ukwingxaki enjalo. Sekunjalo, iingxwabangxwaba nokuqhekeka kweentsapho kuxhaphakile namhlanje. Xa sizibhaqa sineengxaki ezinjalo, siye siqhutywe kukungafezeki, senze eqale yafika engqondweni. Kububulumko ukulinganisa umzekelo kaYosefu, sikhangele indlela uThixo afuna siwusingathe ngayo umbandela onjalo. (IMizekeliso 14:12) Khumbula ukuba, nangona kubalulekile ukudala uxolo nabantu abakwintsapho yakho, kubaluleke nangakumbi ukudala uxolo phakathi kwakho noYehova kunye noNyana wakhe.—Mateyu 10:37.

(Genesis 42:14-17) UYosefu wathi kubo: “Ndiyithethile ke le nto kuni, ‘Niziintlola!’ 15 Nantsi indlela eniza kuvavanywa ngayo: Ephila nje uFaro, anizukuhamba apha, de umntakwenu omncinci eze apha. 16 Thumelani omnye wenu ukuba aye kulanda umntakwenu, nina nishiyeke nibotshiwe. Loo nto iza kubonisa ukuba nithetha inyani na. Kungenjalo, ephila nje uFaro, niziintlola.” 17 Ngoko wabavalela bonke iintsuku ezintathu.

w15 5/1 14 ¶2

“Ndisesikhundleni SikaThixo Yini Na?”

UYosefu waqalisa ukubavavanya abantakwabo ukuze abone oko kusezintliziyweni zabo. Waqala ngokuthetha nabo ndlongo-ndlongo, etolikelwa ke phofu, ebatyhola ngokuba ziintlola. Ngelinge lokuzithethelela, bamxelela ngentsapho yabo, bethetha neyona nto uYosefu wayencwase ukuyiva, ukuba umninawa wakhe usaphila. Intliziyo kaYosefu yayixhuma-xhuma, kodwa wayifihla loo nto. Kwakungathi uyaphupha xa wayesiva ukuba umninawa wakhe usaphila. Ngoku uYosefu wayesazi kakuhle oko amele akwenze. Wabaxelela ukuba mabeze naloo mntakwabo bamshiyileyo, esithi: “Ngako oko niza kuvavanywa.” Ekuhambeni kwexesha wavuma ukuba baye kulanda lo mntakwabo, ukuba nje babeza kuvuma ukushiya omnye wabo eseluvalelweni.—Genesis 42:9-20.

(Genesis 42:21, 22) Bathetha bodwa besithi: “Ngokuqinisekileyo siyohlwaywa ngenxa yomntakwethu, kuba sayibona intlungu yakhe ibhalwe ebusweni xa wayesicenga ukuba sibe nenceba kuye, kodwa asizange simamele. Yiloo nto sikule ntlungu nje.” 22 URubhen wabaphendula wathi: “Zange nditsho na kuni ukuba, ‘Sanukumenza nto lo mfana,’ kodwa anamamela? Ngoku, ngokuqinisekileyo liyafunwa igazi lakhe.”

it-2-E 108 ¶4

UYosefu

Emva kokubona iingxaki abakuzo, abantakwaboYosefu bavakalelwa kukuba uThixo uyabohlwaya ngenxa yokuthengisa umntakwabo abe likhoboka. Bengazi ukuba nguYosefu lo umi phambi kwabo, bathetha ngendlela abazisola ngayo. Wathi akubeva ukuba bayazisola, zange akwazi ukuzibamba, wathi gu bucala wayolila. Wabuya waza wathatha uSimeyon wambopha bemjongile, esithi uza kumkhulula xa bebuya nomntakwabo omncinci.—Gen 42:21-24.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Genesis 42:22) URubhen wabaphendula wathi: “Zange nditsho na kuni ukuba, ‘Sanukumenza nto lo mfana,’ kodwa anamamela? Ngoku, ngokuqinisekileyo liyafunwa igazi lakhe.”

(Genesis 42:37) Kodwa uRubhen wathi kutata wakhe: “Ungababulala bobabini oonyana bam ukuba andibuyanga naye. Myeke ahambe nam ndiza kumjonga, yaye ndiza kumbuyisa.”

it-2-E 795

URubhen

Ezinye iimpawu ezintle zikaRubhen zabonakala xa wacenga abantakwabo abayi-9 ukuba bangambulali uYosefu kodwa bamphose equleni elingenamanzi. Eyona nto wayeyifuna yayikukuphinda abuye aze amkhuphe kwelo qula. (Gen 37:18-30) Xa babetyholwa ngokuba ziintlola emva kweminyaka engaphezu kweyi-20, bazixelela ukuba kungenxa yokuba zange bamphathe kakuhle uYosefu. Kulapho uRubhen wabakhumbuzayo ukuba yena akanatyala, wayebanqandile xa babefuna ukubulala uYosefu. (Gen 42:9-14, 21, 22) Kwakhona, ikwanguRubhen owayecenga uYakobi xa wayengafuni ukuba bathathe uBhenjamin babuyele eYiputa naye. Wade wabambisa uYakobi oonyana bakhe esithi: “Ungababulala bobabini oonyana bam ukuba andibuyanga naye [uBhenjamin].”—Gen 42:37.

(Genesis 43:32) Bambekela yedwa, bababekela bodwa nabantakwabo, namaYiputa azityela odwa, kuba amaYiputa ayengenakutya namaHebhere, ayeyenyanya gqitha loo nto.

w04 1/15 29 ¶1

Iimbalasane Zencwadi YeGenesis—II

43:32—Kutheni kwakuyinto ecekisekayo nje kumaYiputa ukudla namaHebhere? Kusenokwenzeka ukuba ubukhulu becala oku kwakubangelwa likhethe lonqulo okanye ukuzingca ngokobuhlanga. Enye into amaYiputa ayebacekisa abelusi. (Genesis 46:34) Kwakutheni? Kusenokwenzeka ukuba umsebenzi wokwalusa wawujongelwa phantsi gqitha eYiputa. Okanye kusenokwenzeka ukuba ekubeni wawunqabile umhlaba wokulima, amaYiputa ayebathiyile abo bakhangela amadlelo emfuyo.

Ufundo LweBhayibhile

(Genesis 42:1-20) “Uthe uYakobi akuva ukuba kukho ukutya okuziinkozo eYiputa, wathi koonyana bakhe: “Kutheni nisuke najongana nje?” 2 Waphinda wathi: “Ndive kusithiwa kukho ukutya okuziinkozo eYiputa. Yihlani niyokusithengela, ukuze sihlale siphila, singafi.” 3 AbantakwaboYosefu abalishumi behla, bayokuthenga ukutya okuziinkozo eYiputa. 4 Kodwa uYakobi akamthumelanga uBhenjamin, umntakwaboYosefu, kunye nabantakwabo, kuba wathi: “Hleze ahlelwe yingozi aze afe.” 5 Ngoko oonyana bakaSirayeli beza kunye nabanye abantu ababeze kuthenga ukutya, kuba indlala yayifikelele nakwilizwe lakwaKanan. 6 UYosefu wayephethe kwelo lizwe, inguye owayethengisela bonke abantu bomhlaba ukutya okuziinkozo. Ngoko abantakwabo beza baza baqubuda kuye. 7 Uthe nje uYosefu akubabona abantakwabo wabazi, kodwa wabafihlela ukuba ungubani. Wathetha rhabaxa nabo, wathi: “Nivela phi?” Bona bathi: “Sivela kwilizwe lakwaKanan. Sizokuthenga ukutya.” 8 UYosefu wabazi abantakwabo, kodwa bona abazange bamazi. 9 Ngoko nangoko uYosefu wakhumbula amaphupha awawaphuphayo ngabo, waza wathi kubo: “Niziintlola! Nize kubona ukuba libuthathaka phi na ilizwe!” 10 Bathi kuye: “Akunjalo nkosi yam, kodwa izicaka zakho zize kuthenga ukutya. 11 Sonke singoonyana bendoda enye. Singabantu abalungileyo. Izicaka zakho azizizo iintlola.” 12 Wathi kubo: “Soz’ uve! Nize kubona ukuba kuphi apho lingomelelanga khona ilizwe!” 13 Bona bathi: “Izicaka zakho zingamadoda ayi-12 azalwa kunye. Singoonyana bendoda enye kwilizwe lakwaKanan ibe oyena mncinci ukutata, kanti omnye akasekho.” 14 UYosefu wathi kubo: “Ndiyithethile ke le nto kuni, ‘Niziintlola!’ 15 Nantsi indlela eniza kuvavanywa ngayo: Ephila nje uFaro, anizukuhamba apha, de umntakwenu omncinci eze apha. 16 Thumelani omnye wenu ukuba aye kulanda umntakwenu, nina nishiyeke nibotshiwe. Loo nto iza kubonisa ukuba nithetha inyani na. Kungenjalo, ephila nje uFaro, niziintlola.” 17 Ngoko wabavalela bonke iintsuku ezintathu. 18 Ngosuku lwesithathu, uYosefu wathi kubo: “Yenzani le nto ukuze niphile, kuba ndiyamoyika uThixo. 19 Ukuba ningabantu abalungileyo, omnye wabantakwenu makahlale apha kule ndlu nivalelwe kuyo, kodwa bonke abanye bangahamba, nise ukutya okuziinkozo, ukuze nigxothe indlala ezintsatsheni zenu. 20 Emva koko yizani nomninawa wenu ukuze kucace ukuba amazwi enu ayinyani, nize ningafi.” Bayenza ke loo nto.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share