Imbono YeBhayibhile
Umthandazo Kwezemidlalo—Ngaba UThixo Uyaphulaphula?
UMOYA uzaliswe lihlombe njengokuba amawaka abaxhasi bemidlalo bethontelana kwibala lezemidlalo, bentyontyela iqela abalithandayo. Abadlali basandul’ ukugqiba ukwenza imithambo yokubafudumeza, kwaye impempe yokuba kudibane izinto ebekudala zizondana ingakhala nangawuphi na umzuzu. Kwelinye icala lebala, abadlali bangqubene ngeentloko beguqile, yaye esazulwini kuchophe umphathi wabadlali, othandaza esithi: “Thixo, nceda sikelela iqela lethu, siphe ukuba soyise iqela esikhuphisana nalo, uze usikhusele ekwenzakaleni. Amen.” Elo gqugula lahlukana ngomkhwazo omkhulu, abadlali bema ngeendawo zabo ebaleni, impempe iyakhala, kwaye imbuqe yombhodamo elungelelanisiweyo yomdlalo webhola ekhatywayo waseMerika iyaqalisa.
Umthandazo wabantu ngabanye noweqela ngaphambi, ebudeni nasemva kokuthabath’ inxaxheba kwimidlalo eyahlukahlukeneyo uyinto eqhelekileyo. Kodwa ngaba uThixo uyaphulaphula? Okanye njengoko abanye bephikisa, ngaba oku kukuhlekisa ngomthandazo?
“Hlekeza Ummelwane Wakho”
Ehlabathini jikelele, phantse yonke imidlalo yonakaliswa lugonyamelo—ebaleni nakwiindawo zokuhlala ababukeli. Omnye owayesakuba ngumdlali webhola ekhatywayo okudidi lwabahlawulwayo kwelaseUnited States wabhala: “Sinokuthetha litshone ngento yokuba ukuxhimfana kuyeyona nto iphambili kwibhola ekhatywayo, njengokuba kunjalo ngokubulala nangokwenzakalisa emfazweni.” Ugqabaza ngokubhekele phayaa esenjenje: “Ukwenzakalisa okuphenjelelwa ngumoya wokhuphiswano nokulungelelanisiweyo kuyinxalenye yobomi bethu, yaye ibhola ekhatywayo isesinye sezipili ezicacileyo . . . esibonisa indlela ekuchwayitisa nekubuyekeza ngayo ukuhlekeza ummelwane wakho.”
Ngaba ufanale uhlekeze ummelwane wakho? UYesu wathi thanda ummelwane wakho. (Mateyu 22:39) Kuyinto engenakwenzeka ukuthelekelela uThixo wothando ekho yaye esikelela omnye wemidlalo yanamhlanje, egxininisa ekuphumeleleni nokuba sekumnyam’ entla.—1 Yohane 4:16.
Ngaba UThixo Unikela Ingqalelo Kwimicimbi Yezemidlalo?
Omnye uthunywashe okhuthaza umthandazo kwezemidlalo yimfundiso engokonqulo yokuba uThixo usezindaweni zonke, yokuba uThixo, ngamaxesha onke, ukho kuzo zonke iindawo nakwizinto zonke ezikhoyo. Ngokomzekelo, kwincwadi ethi God Goes to Football Games, umfundisi owayesakuba ngumfundisi weqela lezemidlalo uL. H. Hollingsworth uthi: “Nkolelo nganye yesithethe esinayo ngoThixo iquka ingcamango yokubakho Kwakhe ezindaweni zonke; ngcamango leyo, usenokutsho ukuba uyathanda, yokuba ukho ngokuqinisekileyo kubomi bethu bemihla ngemihla . . . Oko kukuthi, uThixo uyaya ecaweni, yaye uThixo uyaya kwimidlalo yebhola ekhatywayo.”
Noko ke, iBhayibhile ayifundisi ukuba uThixo ukho ezindaweni zonke. Umpostile ongumKristu uPawulos wabhala wathi: “UKristu . . . ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.” (Hebhere 9:24) Kukho iingongoma ezimbini ezibalulekileyo le ndinyana esinceda siziqonde: ukuba uThixo ungumntu wokomoya yaye unendawo yokuhlala esisigxina, izulu. (1 Kumkani 8:49; Yohane 4:24) Ngoko akanakuba kuyo nayiphi na enye indawo ngexesha elinye.
UThixo Uyabeva Abahlobo Bakhe
Kaloku, ukuba uThixo akayi kwimicimbi yezemidlalo, ngaba ke ubuncinane uyayiphulaphula loo mithandazo? Ukuze imithandazo iviwe ngulo Thixo wezulu, uYesu awabonakala ebusweni bakhe, ubani othandazayo umele abe nolwazi, azi ngeenjongo zikaThixo, ubuntu bakhe, iimpawu zakhe, iindlela zakhe negama lakhe. (Yakobi 4:3) Egxininisa imfuneko yokwazi uThixo, uYesu wathandaza wathi: “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso.”—Yohane 17:3.
Ukuze umazi ubani kufuneka uthethe naye. UThixo uthetha nomntu ngeBhayibhile, yaye kungeBhayibhile esithi sifikelele ekumazini uThixo wezulu. Isixelela igama lakhe, uYehova. (INdumiso 83:18) IBhayibhile ikwathi uThixo walithanda ihlabathi ngokokude athumele uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, uYesu, apha emhlabeni ukuze umntu abe nethuba lokufumana ubomi obungunaphakade. (Yohane 3:16) Njengokuba sifunda size sifundisise iBhayibhile, uYehova uba ngowokwenene kuthi, yaye sitsalelwa kuye ngoYesu. (Yohane 6:44, 65; Yakobi 4:8) Ngenxa yokuba uYehova engowokwenene, sinokwakha ulwalamano olusondeleyo kunye naye.
Noko ke, ubuhlobo noThixo bubandakanya unxibelelwano olundlela-mbini. Oku kufuna ukuthetha noYehova ngomthandazo. IBhayibhile ithi uThixo ‘ungumphulaphuli wemithandazo’ nokuba ‘akakude kuthi sonke ngabanye.’ (INdumiso 65:2; IZenzo 17:27) Noko ke, oku akuthethi ukuba uThixo uphulaphula yonke imithandazo. (Isaya 1:15-17) Yimithandazo yoobani uThixo akulungeleyo ukuyiphulaphula?
Umdumisi uDavide wathi: “Ubuhlobo obusenyongweni noYehova bobabo bamoyikayo.” (INdumiso 25:14, NW) KwisiHebhere santlandlolo, ingcambu yegama elithi “ubuhlobo obusenyongweni” (sohd) lithetha “ukuqinisa.” Ngenxa yoko, le ndinyana idlulisela ingcamango yokunikwa imvume yokungena kwisangqa esisondeleyo sikaYehova okanye kumnqophiso wobuhlobo kunye naye. Kuphela ngabo banquli babonisa intlonelo efanelekileyo abangeniswayo. Ngaloo ndlela, ubuhlobo bethu obusenyongweni noThixo busibangela soyike ukonakalisa olo lwalamano ngokwenza nantoni na engayi kumkholisa, njengokusebenzisa umthandazo njengekhubalo lokuqinisekisa uloyiso kwezemidlalo.
UYehova uyayiphulaphula imithandazo yabantu abantliziyo zinyanisekileyo abafuna ubuhlobo kunye naye, yaye akakhethi buso. Akathandi okanye abeke iqela lohlanga oluthile, isizwe, okanye kwaneqela lezemidlalo, ngaphezu kwelinye. (INdumiso 65:2; IZenzo 10:34, 35) Ukuba uThixo ebeyiva imithandazo yabadlali abakhuphisanayo aze amaqela omabini athandaze kuye ecela uloyiso, ebeya kusikelela liphi? Okanye ukuba umdlali wayenzakele kakhulu ebudeni bomdlalo, ngaba uThixo ebeya kubekek’ ityala?
Ngoko ke, simele sithandazele izinto ezifanelekileyo. Umpostile uYohane ukucacisa oku ngale ndlela: “Ukuba sithi sicele into ngokuthanda kwakhe, uyasiva.” (1 Yohane 5:14) UYehova uphulaphula imithandazo evisisana nokuthanda kwakhe. Kufuneka sazi ukuthanda neenjongo zakhe ukuze imithandazo yethu ivisisane nazo.
Ukuthanda neenjongo zikaThixo kwanegama lakhe elizukileyo azinxulumananga nemicimbi yezemidlalo enokhuphiswano nenogonyamelo yanamhlanje. UThixo akamkhethi wabuso bamntu. Ngaloo ndlela, xa kusenziwa imithandazo kule micimbi, ngaba uThixo uphulaphule? Akunjalo konke konke!