Ulawulo Lomntu Lulinganisiwe Esikalini
Icandelo 1c—Ulawulo Lomntu Lulinganisiwe Esikalini—Kutheni Kunjalo Nje?
“UVukani!” uyakuvuyela ukupapasha ungcelele lwamanqaku athi “Ulawulo Lomntu Lulinganisiwe Esikalini”
AKUKHO mntu unokuyikhanyela impembelelo oorhulumente—xa siphelelisela ingxubusho yethu kwezobupolitika—abaye banayo kwimbali yehlabathi nakuye ngamnye wethu ngokwabantu ngabanye. Ulwimi oluthethayo, umgangatho wobomi owusukelayo, uhlobo lomsebenzi owenzayo, inkqubo yasekuhlaleni oyinandiphayo, mhlawumbi kwanonqulo okholelwa kulo, ziye ubuncinane nangokuyinxenye zadluliselwa kuwe yimeko yenguqulelo kwezobupolitika.
Ekubeni kuyimfuneko ukuba abekho urhulumente, ngubani kuthi onganqweneli ukuphila phantsi kohlobo lorhulumente oluya kuzanelisa iintswelo zethu mhlawumbi ngeyona ndlela ilungileyo? Kodwa luhlobo luphi lorhulumente ongoyena ulungileyo? Yaye ngaba sikwanalo naluphi na ukhetho kumcimbi wolawulo?
UVukani! uyakuvuyela ukupapasha ungcelele lwamanqaku athi “Ulawulo Lomntu Lulinganisiwe Esikalini.” La manqaku aya kuqhubeka kwiinkupho ezilandelayo zeli phephancwadi. Ebudeni beenyanga eziseleyo zowe-1990, aya kuthetha ngemvelaphi engokwembali yookumkani, ulawulo lwezihandiba, amalungu olawulo lwabantu abambalwa nabalawuli abazizityebi. Aya kuphanda ngokubanzi ngeendidi ezahlukahlukeneyo zolawulo-melo, ndawonye neentlobo ezininzi ezahlukahlukeneyo zoorhulumente beriphabliki. Aya kunikela ingqalelo kurhulumente olawulwa ngumntu omnye, ulawulo lobuzwilakhe, noorhulumente abangavumeli kuchaswa abanjengobuFasi nobuNazi bangaphambi kweMfazwe Yehlabathi II. UbuSoshiyali nobuKomanisi nabo buya kuqwalaselwa.
Izinto ezintsonkothileyo kulawulo lomntu zininzi yaye zinzima, ngoko akunakuthethwa ngazo zonke izinto onqwenela ukuzazi ngorhulumente ezinikelweyo. La manqaku awabhalelwanga ukuba abe yincwadi eneenkcukacha ezininzi ezisisikhokelo kwezobupolitika. Awayi kuxhasa okanye ahambisele phambili izilangazelelo zoorhulumente babantu ngokubanzi okanye naluphi na uhlobo ngokwahlukileyo kwezinye. Nakuphi na ukuthelekisa phakathi kweentlobo ezahlukahlukeneyo zoorhulumente akuyi kuba yinjongo yokuxhasa olunye ngaphezu kolunye. UVukani! uya kubambelela ngokusondeleyo kwizikhokelo zakhe ezikwiphepha 5, apho sifunda oku: “Uphanda nzulu aze alathe kwintsingiselo yokwenene yeziganeko zangoku, kanti uhlala engundilele ngakwezobupolitika.”
Amanqaku athi “Ulawulo Lomntu Lulinganisiwe Esikalini” abhalelwe ukuba yinxalenye yaloo nkqubo yokuphanda “nzulu.” Aya kwalatha “kwintsingiselo yokwenene yeziganeko zangoku,” ziganeko ezo ezibonisa ukuba ulawulo lomntu lujamelene namanqam.
Incwadi ethi The Columbia History of the World iwachaza ngale ndlela la manqam: “Imeko esimfumana ekuyo urhulumente, unqulo, ukuziphatha, unxibelelwano lwasekuhlaleni, ulwimi, ubuchule nesiseko esipheleleyo sobomi bempucuko, ithemba labantu bonke, isivumela ukuba ubuncinane senze isigqibo esinokuba yinyaniso sokuba sesingene nzulu kangakanani na kweli xesha leziganeko zangoku. Urhulumente ungowokuqala eluhlwini ibe ungoyena ubalulekileyo. . . . [Kukho] ukudelelwa komthetho, kuRhulumente onyanzelisayo, nakubalawuli abaseyisekileyo zezi zinto zombini. . . . Imbono yangoku yahluke ngokupheleleyo kuleyo yenkulungwane edluleyo . . . Kwimimandla emininzi yehlabathi imikhosi sele ilindele nje ilizwi ukuze iyivuthulule iholo yesixeko, iyichithachithe inkundla, iyidlakaze iyunivesithi, okanye ukuwuqhushumbisa umzi wabameli besizwe. . . . Kukho ingqumbo engamandla yokufuna inkululeko epheleleyo. . . . Ngokufutshane, usukelo olunye lwezobupolitika nolusebantwini ngokubanzi, intshukumisa yeli xesha yinkqubo ebizwa ngokuba kukuQhekeka kungakhathaliseki enoba intanda-bulumko yangaphambili ivelisa yiphi na inkohliso. Ukuba oku akukabi kuko Ukuwohloka, ngokungenakukhanyelwa Kukuqhekeka.”
Ngaba “Ukuqhekeka” kungekudala kuya kukhokelela ‘Ekuwohlokeni,’ ibe ukuba kunjalo, oko kuya kuba nayiphi imiphumo kwihlabathi esiphila kulo? Kuyinyaniso ukuba, ulawulo lomntu luyagwetywa kodwa alugwetywa ngabantu nje ababehlolisisa oorhulumente babo kangangeminyaka engamawaka baza ngokuphindaphindiweyo babafumanisa besilela. Ngoku uMdali wendalo iphela ufuna baziphendulele. Ngaba ingxelo engolawulo lomntu kangangeenkulungwane ikwenza kube kokulungileyo ukuvunyelwa kwalo ukuba luqhubeke? Okanye ngaba ukulinganiswa kwalo esikalini somgwebo kaThixo kubonisa ukuba lumele lushenxe? Yaye ukuba kunjalo, luya kuthatyathelwa indawo yintoni?
Ungcelele lwamanqaku athi “Ulawulo Lomntu Lulinganisiwe Esikalini” luya kulwandisa ulwazi lwakho ngorhulumente. Yaye luya kukuzalisa ngethemba kuba unesizathu esivakalayo sokuba nethemba. Urhulumente olunge ngakumbi uyeza. Ibe okona kulungileyo kukuba, unokuphila ukuze unandiphe ukuba phantsi kolawulo lwakhe!
[Pictures on page 9]
Xa ingxelo yolawulo lomntu ilinganiswa esikalini sokusesi-kweni kukaThixo, ngaba uThixo uya kulugweba ngobabalo?
[Inkcazelo]
WHO photo/PAHO by J. Vizcarra