Oko Kwenzekayo Ekungcakazeni
OOMATSHINI bokungcakaza kudla ngokuthiwa bazizigebenga. Kodwa ngokwahlukileyo kwizigebenga zokwenene, ababambi nabani na ngobhongwana besithi makakhuphe imali; ngabantu abenza ungcelele ngokungathi ziigusha ukuze baqongqothwe neyokugqibela isenti.
KwiNtshona Jamani kukho oomatshini abanjalo abangama-420 000, abasenga amaJamani imali engama-R2 550 000 000 minyaka le. Apho abantu abazizigidi ezihlanu bachitha iyure enye veki nganye befaka nje izityhwentywe koomatshini; abantu abangama-80 000 bachitha ngaphezu kweeyure ezintlanu ngeveki besenza okufanayo.
Sithetha nje iSpeyin izigobh’ amacala isithi yona inoomatshini bokungcakaza abangama-750 000. Ukungcakaza kwelo lizwe kwavunywa ngokusemthethweni ngowe-1977. Ngowe-1988, abantu baseSpeyin babesele bechitha ama-R62 500 000 000 ngonyaka kuzo zonke iintlobo-ntlobo zokungcakaza. Kunikelwa ingxelo ethi, abantu baseSpeyin abangama-200 000 abasakwazi kulala bengangcakazanga. AbaseItali bangcakaza ngemali emalunga nama-R30 000 000 000 ngowe-1989—okanye ngemali emalunga nama-R525 umntu emnye, kuquka nabantwana. Ngeveki nje enye ekuqaleni kowe-1990, amaTaliyane achitha ii-R175 lezigidi ngokubheja ngemali kwimidlalo yebhola.
Abantu abangcakazayo eUnited States bachitha ngaphezu kwama-R500 000 000 000 ngonyaka ekungcakazeni nje okuvunyiweyo ngokwasemthethweni! Kutshanje umphathi wamaziko okungcakaza amaninzi uqhayise wathi: “Ukungcakaza kulelona shishini lenza inkqubela ekhawulezileyo kweli lizwe, elinengeniso elingana noqingqo-mali lwaminyaka le [lwezomkhosi waseUnited States].” Wathi uthando lwamaMerika lokungcakaza luphenjelelwa ‘yintanda-bulumko’ nentumekelelo yokudlala ngezinto eziyingozi efanayo naleyo yaqhuba abantu abafumana izinto ezithile namadoda awayegcina imida yeli lizwe ezenzeke kwixesha elidluleyo. Kodwa iphupha lomngcakazi lobutyebi obufumaneka ngomzuzu lahluke ngokupheleleyo kwimizamo nemigudu yokubila izithukuthuku kwabakhenkethi bamazwe nabaphengululi abahlahl’ indlela nabatsala nzima ukuze baphumeze amaphulo abo.
Ingcali kwinzululwazi ngoluntu uVicki Abt wathi: “Abangcakazi badlala bebambelele kwingcamango yokuba imivuzo oyifumanayo ayidibananga nganto nemigudu yakho.” Ukucinga ngaloo ndlela kunokubangela umonakalo omkhulu ekuxabisekeni kobomi. Ityala, ubuhlwempu, imikhwa emibi yokusebenza, iintsapho eziqhekekileyo—le yimiphumo yokungcakaza. Kwizigidi, ubukhulu becala ezibunjwa ngabakwishumi elivisayo, ukungcakaza kuguquka kube ngumnqweno onyanzelayo nongalawulekiyo. Ngokuqinisekileyo, iBhayibhile ichanile xa isithi “ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi.”—1 Timoti 6:10.