Incoko Phakathi Kogqirha Nomguli—Indlela Enokuba Luncedo Ngayo
EKUQALENI kweminyaka yee-1980, kwacaca ukuba kufuneka kwenziwe amalungiselelo okwenene okumisela ulwalamano oluhle phakathi kwamaNgqina kaYehova nabantu bezamayeza. Ngoko iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lamisela inkqubo yokusebenzisana noogqirha nezibhedlele.
Abameli abasuka kwikomkhulu lamaNgqina lehlabathi elikwisiXeko saseNew York batyelela izibhedlele ezininzi kweso sixeko. Oku kwavuyelwa gqitha ngabo basebenza ezibhedlele, yaye kwabeka isiseko sentsebenziswano, kunokuba kubekho idabi. Emva koko aba bameli baqhuba iintlanganiso kwizixeko ezikhulu ezikwelo lizwe. Njengembalasane yezo ntlanganiso, bahamba nabalungiseleli basekuhlaleni bamaNgqina kaYehova ukuya kwiintlanganiso ezaqhutywa kumaziko ezamayeza akummandla lowo, ngaloo ndlela beqeqesha aba balungiseleli ukuba baqhubele phambili nale nkqubo. Xa babeseChicago, eIllinois, eUnited States bahlangana nomhleli weJournal of the American Medical Association. Oku kwaphumela ekubeni kudluliselwe isimemo sokubhalwa kwenqaku elingendlela oogqirha abanokusebenzisana ngayo namaNgqina kaYehova.a
Ekuhambeni kwexesha, kwalungiselelwa uqeqesho nemiyalelo ebhaliweyo ngomlinganiselo omkhulu ukuze amaNgqina akwamanye amazwe akwazi ukuqhuba iinkqubo ezifanayo.b Ngokomzekelo, emva kwentlanganiso yale nkqubo ifundisayo eyaqhutyelwa eKhanada, apho kwasekwa kwaza kwaqeqeshwa iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele (ezithe kamva apho zabizwa ngokuba ziiKomiti Zonxibelelwano Nezamayeza). Ikomiti nganye yayiyilwe ngamaKristu angabadala akulungeleyo nakwaziyo ukuthetha noogqirha, oonontlalo-ntle nabo basebenza esibhedlele.
Kwenziwa amalungiselelo okubonana nabaphathiswa bezempilo, abalathisi bezamayeza nemibutho yezibhedlele, nabanye abanempembelelo kwizinto ezinokuthanani nenyameko yezempilo. Ezi ntlanganiso ziye zanceda ekwenzeni abo basebenza kwezonyango banikele ingqalelo engakumbi kwizinto ezixhalatyelwe ngamaNgqina kaYehova. Ngaloo ndlela kwasekwa isiseko esiqinileyo seengxoxo zexesha elizayo.
Umthombo Osele Ukulungele Kade Ukunceda
Kudala iqondwa into yokuba ulwazi oluchanileyo luluncedo olukhulu ukuthintela izinto ebeziya kubangela idabi phakathi kwamaKristu athembekileyo noogqirha abathembele ekunyangeni ngegazi. Ekuqaleni kweminyaka yee-1960 kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova, kwaqaliswa ukubhalwa uludwe loogqirha abanentsebenziswano kule nkalo. Aba yayingoogqirha ababesele beqhelene nokunyanga ngaphandle kokusebenzisa utofelo lwegazi. Kamva, ukuba ugqirha wasekuhlaleni wayeziva engakhululekanga ngokusingatha umbandela othile, le komiti yayinokuqwalasela amagama abanye oogqirha. Unokwandula ke umguli asiwe kwelinye iqela labezamayeza.
Enye into eyayinokwenziwa yayikukuba iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele zinokulungiselela ukuqhagamshelana phakathi kogqirha wotyando wasekuhlaleni nabanye abanamava asebenzisana nabo. Maxa wambi olu nxibelelwano lukhawulezileyo luye lwabangela ukuba oogqirha baluphucule unyango lwabo, kungakhange kubekho ngozi ezingeyomfuneko kumguli. Ngenxa yoko, ekubeni zisebenza njengomnxibelelanisi phakathi komguli nogqirha, ezi komiti ziye zanobuchule ekuqwalaseleni ngokungakhethi buso oko kuxhalatyelwe ngumguli nangugqirha xa kubonakala ngathi kufuneka igazi.
Ubungqina Bokuba Lo Mthombo Uyasebenza
USonya wayeyintombazana eneminyaka eli-13 ubudala nekrelekrele xa kwathi, ekuqalakeni kowe-1989, wafumanisa ukuba unesilonda somhlaza esikhula phantsi kwelinye iliso lakhe. Ugqirha wotyando wamchazela uSonya nabazali bakhe ukungabi yondlwan’ iyanetha kotyando ekwakufuneka lwenziwe. Ekubeni esi silonda sasikhula ngokukhawuleza, lwalungenakulityaziswa olu utyando. Unyango lwezamachiza lwaluza kufuneka kamva, yaye ugqirha wathi kwakufuneka abazali bakhe banikele imvume yokuba kusetyenziswe utofelo-gazi. Kodwa le ntsapho yayingenakukuvumela oko ngenxa yenkolelo yayo engokonqulo. Ugqirha owazi kakuhle umsebenzi wakhe owayenyamekela uSonya wayekulungele ukususa esi silonda somhlaza, eqinisekile ukuba unokukwenza oko ngaphandle kokusebenzisa utofelo-gazi. Noko ke, ngenxa yenkqubo yesibhedlele, lo gqirha wotyando wayengenakuyifumana ingcali yokudambisa iintlungu eyayinokuncedisana naye.
UJonathan ngunyana omkhulu kaMichael noValerie. Ekupheleni kowe-1989, xa wayeneminyaka eli-16 ubudala, oogqirha babaxelela ukuba uJonathan unento enkulu ekhulayo esiswini apha ngakubholobholo. Oogqirha babekuthandabuza ukwenza utyando ngaphandle kokutofela igazi, kodwa ngenkalipho benjenjalo, behlonela ukuma kwale ntsapho okungokonqulo. Ebudeni bexesha lokuchacha kwakhe, kwavela iingxaki ekwakungelula konke-konke ukuzinyamekela. Umlinganiselo woxinzelelo lwegazi kaJonathan wehla ngokothusayo, nomlinganiselo wegazi lakhe wehla. Kutyando lwesibini, wopha gqitha, umlinganiselo wakhe wehemoglobin wehla waya kufikelela kwisi-5,5, nto leyo esisithathu kwisinye somlinganiselo oqhelekileyo. Lo gqirha wokutyanda isisu wadanduluka wathi: “Imeko yonyana wenu iya isiba maxongo. Silindele nantoni na enokwenzeka. Ukuba akanakufumana igazi, usenokufa!” Kwakuza kuthiwani?
Iikomiti zokunxibelelana zanikela uncedo olubalulekileyo kuzo zombini ezi meko eKhanada. Enye yaqinisekisa intsapho yakuloSonya ngelokuba ukuba kusenokuba yimfuneko, yayinokunceda ukuze kwenziwe amalungiselelo okuba afuduselwe kwiziko lezamayeza elikwelinye ilizwe. Kodwa ngaba kwakukho into eyayinokwenziwa ukuze ugqirha olibhinqa obesele eqhelene nemeko yakhe aqhubeke notyando lwakhe? Enyanisweni, lo gqirha wotyando wayesele esondelelene gqitha noSonya kangangokuba wavuma ukuba abe kwiqela elaliza kwenza olu tyando naphi na apho laliza kuqhutyelwa khona. Noko ke, akuzange kufuneke ukuba asiwe kwenye indawo. Amalungu ale komiti aphumelela ekubongozeni abasebenzi besibhedlele sasekuhlaleni ukuba basebenzisane nalo gqirha wotyando. Ngokutsho kwaloo gqirha, emva kotyando olwathabatha iiyure ezisibhozo ezinesiqingatha, amazwi okuqala kaSonya yaba ngumbuzo wenkxalabo enoba akazange athiwe igazi ngenkani kusini na. Olunjani lona uvuyo awaba nalo uSonya ukwazi ukuba oko akuzange kwenziwe!
Kwimeko kaJonathan, xa umlinganiselo wegazi lakhe wehla waya kufikelela kwisi-5,5 emva kwezihlandlo ezibini zotyando, oogqirha babeyisekile kwelokuba nakanjani na lwalufuneka utofelo-gazi ukuze kusindiswe ubomi bakhe, yaye babekulungele ukufumana isinyanzeliso senkundla ukuze bamtofele igazi ngenkani. Kodwa ukholo lukaJonathan olomeleleyo nokuxhathisa kwakhe ngokobuqu ukuba kungasetyenziswa igazi kwabangela ukuba kumisw’ ingqondo. UJonathan unikela le ngxelo: “Ndambamba ngesixhanti uGqr.—ndaza ndamjonga ntsho emehlweni ndaza ndathi, ‘NCEDA, ungasebenzisi gazi okanye naziphi na iimveliso zalo!’” Ikomiti yabazalwana abaqeqeshiweyo yanceda ukulungiselela ukuba uJonathan athatyathwe ngenqwelo-ntaka aze asiwe kwesinye isibhedlele esikhudlwana. Ekufikeni kwakhe apho, elinye ilungu lekomiti lalisesibhedlele yaye selithethile kade noogqirha ababeza kumnyamekela. Ngosuku olulandelayo umlinganiselo kaJonathan wehemoglobin waba ngozinzileyo. Umlinganiselo wakhe wegazi waphucula ngokuthe ngcembe, yaye wakhululwa apho emva kwentsuku ezili-15 emva kotyando lokuqala.
Ngokucacileyo, ekubeni lisanda inani labo basebenza kwezonyango noonontlalo-ntle abakulungeleyo ukusebenzisana neeKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele zamaNgqina kaYehova, kunokulindelwa inkqubela entle ngokuqhubekayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Oku kuphindwe kwashicilelwa kwiphepha 27-9 lencwadana ethi Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?, epapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
b Sithetha nje kukho iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele ezili-100 eUnited States, ezingama-31 eKhanada, ezingama-67 eFransi, nezinye ezongezelelekileyo kwamanye amazwe ehlabathini lonke.