IBhunga LeeCawa Zehlabathi—Ngaba Liyasebenzisana Okanye Lididekile?
Ngumbhaleli kaVukani! eOstreliya
INGQUNGQUTHELA yaqala ngoFebruwari 7, 1991, kumabala amahle eAustralian National University eCanberra, eOstreliya, ikomkhulu lelo lizwe. Kweza amarhamente aqikelelwa kuma-4 000 neenkokeli zeecawa ezinokuba ngama-316 ezazivela kumazwe angaphezu kwekhulu. Iingqungquthela ezintandathu ezidlulileyo zeWCC (IBhunga LeeCawa Zehlabathi) zaziqhutyelwe kumazwe awahlukahlukeneyo kwithuba leminyaka engama-35, ukususela ngowe-1948 eAmsterdam, eNetherlands.
Yintoni iWCC? Asiyocawa enkulu. Lumanyano lweecawa, iziko lokuphakelana ngezimvo. Amazwi olwamkelo ngokusesikweni ale ngqungquthela yesixhenxe anikelwa yinkulumbuso yaseOstreliya, uRobert J. Hawke—nangona engumntu ozixelayo ukuba akakholelwa kubukho bukaThixo. Umxholo owanyulelwa le ngqungquthela yeeveki ezimbini wawukwimo yomthandazo usithi: “Yiza Moya Oyingcwele—Hlaziya Yonke Indalo!”
Noko ke, iziganeko ebezingalindelekanga ehlabathini zabangela ukuba isimo sengqondo nolindelo lwabameli ababekho luphambuke kuhlaziyo lomoya oyingcwele luze lube kwiipolitiki nakoko kusisifundo kwimfazwe ebikwiPersian Gulf. Oku kuphambuka kwasekuqaleni kwingxubusho yokomoya kwabangela uMhlekazi uPaul Reeves, ubhishophu omkhulu wamaTshetshi nowayengumlawuli omkhulu waseNew Zealand ngaphambili, ukuba avakalise ukudideka kwakhe: “Kwiingqungquthela ezifana nale, sityekele ekuxambulisaneni ngegunya, nto leyo engenanto yakwenza noMoya Oyingcwele.” Ubhishophu omkhulu waseCanberra wazama ukuqiqa ngonobangela wokungavisisani esithi: “Umanyano lusisipho soMoya Oyingcwele. Ukungavisisani okufanelekileyo kusisipho soMoya Oyingcwele okwamnye.”
Kwakhona uDavid Gill, unobhala-jikelele weBhunga LeeCawa ZaseOstreliya wavakalisa inkxalabo yokuba umanyano lweWCC ngokwalo lwalusesichengeni, esithi le ntlangano yayisiya iwathobela ngokwandayo amaqela aqhway’ inkathazo awayekhangele ithuba lokuvakalisa izikhalazo zawo.
Ukumiselwa Kwabafazi—Ukungavisisani Okungakumbi
Kwakhona indima yabafazi kwiicawa yale mihla yayingomnye umbandela ekwakuza kuxoxwa ngawo, kodwa abafazi babengaxolanga. Abaninzi babeyijonga njengelawulwa ngamadoda. ULois Wilson waseKhanada ngokucaphuka wakushwankathela oku ngale ndlela: “Imicimbi engokulawulwa kweWCC ibole bhutyu ibe andikholwa ukuba oku koko uYesu wayekucinga.” Yintoni eyayibangela olu nxunguphalo? Iphephandaba iCanberra Times yathetha oku: “Bebelila ezimathontsi abafazi xa bekwigumbi labo ngenxa yokuba baye bagrogriswa ukuze bangakwamkeli ukunyulelwa kwikomiti elawulayo yelo bhunga. Elinye ibhinqa laxelelwa ukuba laliya kusikwa ecaweni yalo ngomzamo wokulithintela ukuba lingakwamkeli ukunyulwa.”
Kwenzeke Ntoni Kumxholo Wezinto Zokomoya?
Bambi babexhalabele ukuba kule ngqungquthela ayizange ibethelelwe ngokwaneleyo inkalo yomsebenzi wayo onxulumene neBhayibhile okanye ukufundisa ngezakwalizwi. Oku akumangalisi, kuba imibandela emininzi ekwakuza kuxoxwa ngayo yayiyeyobupolitika. Enyanisweni, kwiingxelo ezibhaliweyo ezingale ngqungquthela, umfundi ufumana kuphela imbekiselo enye emfutshane yeBhayibhile.
Iphephancwadi lonqulo iNational Outlook lathi uDavid Gill “ubonakalisa ukucinga kwabanye ababekho kwiindibano zeWCC kutshanje, yaye nabo, njengoko omnye umntu esandul’ ukutsho, baya benolindelo olukhulu kodwa ulindelo lwabo aluzange luzalisekiswe.”
Ngokwahlukileyo koko, xa abo balambileyo nabanxaniweyo ngokomoya babesiza kuKristu Yesu, babengamshiyi bevakalelwa kukuba ‘ulindelo lwabo alukhange luzalisekiswe.’ Babesimka behlaziyekile: “Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla. Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi nomthwalo wam ulula.”—Mateyu 11:28-30.