Inkqubo Exhaphakileyo YesiZukulwana Esitsha
SIPHILA kwixesha lamanqam. Ngokuzingisileyo imilinganiselo nendlela yokuphila yesithethe iyathandatyuzwa. Umxube ongomelelanga wonqulo neepolitiki usifaka kumanqam amaninzi. Inzululwazi nobugcisa azizisanga zicombululo zisisigxina kwiingxaki zoluntu. Abaninzi beyisekile lelokuba iimeko ezinjalo azinakucombululeka ngaphandle kokuba kubekho inkqubo epheleleyo yehlabathi elitsha.
Kodwa liya kubakho njani ixesha elinjalo? Ngaba liya kubakho ngokungenelela kukaThixo? Ukuba kunjalo, ngaba simele siqhubeke silinde? Okanye ngaba ikho into esinokuyenza ngalo? Ngaba singakwazi ukulizisa eli xesha litsha lifunwa ngamehl’ abomvu? Izigidi zabantu bazo zonke iimvelaphi ehlabathini jikelele zikholelwa kwelokuba zinokuba nendima enkulu ekuziseni eli xesha litsha loxolo nobuzalwana. Zingamalungu enkqubo yesiZukulwana Esitsha seenguqulelo, ibe zifuna ukuba nawe uzithelele!
Inkqubo Yehlabathi Lonke
Ngaba ukhe weva ngale nkqubo yesiZukulwana Esitsha? Kumazwe amaninzi ibinzana elithi “isiZukulwana Esitsha” liye lasetyenziswa ngokukhululekileyo kuhlobo oluthile oluxhaphakileyo loncwadi, umculo nobugcisa. Ewe, kukwakho neevenkile zokutyela zesiZukulwana Esitsha! Amaqhawe ezemidlalo nabantu abadumileyo baseHollywood baxhasa le nkqubo. Amalungu ayo aba neendibano nemiboniso ngokuthe rhoqo. Ibinzana elithi “isiZukulwana Esitsha” liye ngokubanzi lancanyathiselwa kwizinto ezithengwayo, ezinjengezinto zokuthambisa, izithambiso zokuzenza mhle, iivithamini nezinto zokunyamekela impilo. Iincwadi zenkqubo yesiZukulwana Esitsha zithengiswa ngezigidi. Ezinye iivenkile zinecandelo elahlukileyo lazo. Ezininzi kwezi ncwadi zinempembelelo enamandla yonqulo kubafundi bazo.
Kwincwadi yakhe ethi The Cosmic Self—A Penetrating Look at Today’s New Age Movements, umbhali uTed Peters uthi le nkqubo “ifana nebhombu yehydrogen yonqulo ebilindele ukudubula kangangeminyaka ephantse ibe ngamashumi amathathu ngoku.” Wongezelela ngelithi “abaprofeti besizukulwana esitsha baguqula abantu; ibe iimfundiso zabo ziyamkelwa . . . ngamaProtestanti, amaRoma Katolika, amaYuda, ngabantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo kwanalinani elandayo lamaBhuda namaHindu kuMntla Merika.”
IThe Times yaseLondon inikela ingxelo yokuba “Inkqubo yesiZukulwana Esitsha . . . mhlawumbi ngoku iyeyona nto abantu abayikholelwa ngokukhawuleza eNtshona. Kungekudala, kuqikelelwa ukuba ama-25 ekhulwini amaMerika aya kuyamkela ukusa kumlinganiselo othile Inkqubo yesiZukulwana Esitsha.” Iphephancwadi laseSwitzerland iFundamentum laphawula ukuba, eNetherlands, malunga nekhulu labezakwalizwi babehlanganisana rhoqo “ukuze baxubushe ngendlela iingcamango zesiZukulwana Esitsha ezinokungeniswa ngayo kubomi becawa nakwiintshumayelo zabefundisi.” Elinye iphephancwadi livakalisa ukuba “amazwe asehlabathini jikelele aneendlela zawo ezahlukeneyo zokuqhelisela inkqubo yesiZukulwana Esitsha, kodwa inomtsalane kwihlabathi lonke.”
Iinkampani zoshishino ziye zachitha izigidi zeerandi kubacebisi benkqubo yesiZukulwana Esitsha nasekubhaliseni abaqeshwa bazo kwiinkqubo zesiZukulwana Esitsha. ISan Francisco Chronicle inikela ingxelo yokuba “iingcamango zesiZukulwana Esitsha ziye zatyhutyha kwezona nqaba ziphakamileyo zamaziko oshishino aseMerika.” Eli phephandaba longezelela ngelokuba olunye uhlolisiso olwenziwa kwiinkampani ezingama-500 lwatyhila ukuba ngaphezu kwama-50 ekhulwini azo ayebandakanyeke ngandlel’ ithile kwiingcamango zesiZukulwana Esitsha.
Kodwa iyintoni le nkqubo yesiZukulwana Esitsha, yaye yabakho njani? Ngaba ngokwenene iya kuzisa uxolo nemvisiswano emhlabeni? Ifundisa ntoni, yaye ikuchaphazela njani wena?