Iya Kubakho Njani Inkqubo Yokwenene YesiZukulwana Esitsha?
UMBHALI wenkqubo yesiZukulwana Esitsha uShirley MacLaine wavakalisa uluvo oluqheleke gqitha xa wabhala oku: “Ndazifumana ndicinga kakhulu ngoko kwakungahambi kakuhle ehlabathini. Awukwazi kukuphepha xa ubona ubuhlwempu, indlala nentiyo. Xa ndandineminyaka elishumi elinesithoba ndaqalisa ukuhambahamba, ibe ngoku, ndiphakathi kwiminyaka engamashumi amane, ndingatsho ngokuqinisekileyo ukuthi izinto ziye zamaxongo ngakumbi.”
Ngokufanayo, abantu kwiindawo zonke badiniwe luhanahaniso nobuxoki bonqulo. Banxunguphaliswe kukungakhathali nokunganeliswa kweentswelo zabo ngoorhulumente. Baxhalatyiswa sisimo sengqondo esibonakalayo sokungakhathali neempazamo kwezonyango. Yaye abaninzi bangamaxhoba okucalucalulwa ngokobuhlanga okanye ngokwesini.
Ngaba Sikho Isicombululo Sokwenene?
Ngaphandle kwamathandabuzo, silifuna ngokwenene ihlabathi elitsha. Kodwa ngaba ithemba lenkqubo yesiZukulwana Esitsha lelokwenene? Okanye ngaba indlela elichazwa ngayo ikamva ifana nemifanekiso eshukumayo yaseHollywood ebonisa iintsomi zenzululwazi? Ngaba kubonakala kububulumko ukukholelwa kwiziprofeto ezisekelwe kwizithethe ezilityelweyo, iintsomi zamandulo nentelekelelo?
Kuyavunywa ukuba iingcamango ezininzi ezamkelweyo kwinkqubo yesiZukulwana Esitsha zinokubangela impilo-ntle engqondweni nasemzimbeni ngendlela elinganiselweyo. Ukutya okunesondlo, umthambo, ukuphumla nokuxhalabela imekobume konke oku kuziinkalo zobomi ezisengqiqweni. Oogqirha mhlawumbi bebeya kuphumelela ngakumbi ukuba babenikela ingqalelo engakumbi kwiintswelo ezingokweemvakalelo zabagulayo ngoxa benyanga izigulo zabo zasemzimbeni. Kodwa wonk’ ubani uyagula ngamathuba athile, ibe nabona bantu bayimiqabaqaba ekugqibeleni bayafa. Asinakubunandipha ngokupheleleyo ubomi sisazi ukuba kukho ukugula nokufa okusisongelayo. Ngaba abaxhasi benkqubo yesiZukulwana Esitsha banikela isicombululo esisengqiqweni kwezi ngxaki?
Abantu abangakumbi nangakumbi bakhathazekile yaye badandathekile, yaye inkqubo yesiZukulwana Esitsha ayinaluncedo lungako kuloo nto. I-International Herald Tribune yaseLondon yathi: “Ukuba inkulungwane yama-20 izise isiZukulwana Sonxunguphalo, loo nto ithetha ukuba xa iphela kuya kubakho isiZukulwana Sodandatheko.” Eli phephandaba longezelela ngelokuba “uhlolisiso lokuqala lodandatheko olukhulu olwenziwa kwizizwe ngezizwe lutyhila ukuba esi sigulo sandile ehlabathini lonke.”
Inkqubo yesiZukulwana Esitsha, nangona ibonakala inonqulo kuyo ayizanelisi ngokwenene iintswelo zokomoya zebutho labantu lanamhlanje. Nakwezona zinto zilungileyo ezenzayo uncedo lokomoya ekubonakala ilunikela lulolokwexeshana kuphela. Kuyavunywa ukuba unqulo oluqhelekileyo, ngokukodwa iNgqobhoko, alukhange lukuncede ukulamba nje okuqhelekileyo ngokomoya. Elinye iphephancwadi lagxeka ngokuphandle “ukusilela kweCawa ukuzama ukunceda abo baziva bengamalolo, bengakhathalelwe, bengathandwa.” Eli phephancwadi lachaza unqulo lwanamhlanje njengomdodobalisi, “obangele abantu abaziva benolwalamano olungqalileyo noThixo.”
IBhayibhile—Incwadi Yeempendulo
INgqobhoko iye yazingxenga yaza yazigalela amanzi iinyaniso zeBhayibhile. Ngokukwanjalo, iimfundiso ezininzi zenkqubo yesiZukulwana Esitsha zikwachasene neemfundiso zeBhayibhile. Ngokomzekelo, cinga ngembono yenkqubo yesiZukulwana Esitsha yokuba abantu bangazisa isicombululo kwiingxaki zomhlaba. KuYeremiya 10:23 ngokucacileyo iBhayibhile ithi: “Ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” Esinye isibhalo sithi: “Usindiso lolukaYehova.”—INdumiso 3:8.
IBhayibhile ayifundisi ukuba abantu banomphefumlo ongafiyo ophila kwenye indawo ozimele geqe, owahlukeneyo nomzimba. Ngokutsho kweZibhalo, umphefumlo uyafa, yaye ukufa kuthetha ukuphela kwazo zonke iingcinga nokwenza izinto. (Numeri 23:10; 35:11; INtshumayeli 9:5, 10) Ngokucacileyo oku kuyichitha kuthi tu ingcamango yenkqubo yesiZukulwana Esitsha yokuvela ngokutsha.
Ngokubhekele phaya, akunakunxityelelwana nabafileyo. Ngokutsho kweBhayibhile, nakuphi na koko kucingwa ukuba kukunxibelelana nabafileyo kukunxibelelana needemon—iintshaba eziyimimoya zikaThixo nabantu. Ngoko ke, uMthetho kaThixo wenza ukuba ukuqhelisela ukukhafula, kuquka zonke iintlobo zokuvumisa, ukuvumisa ngeenkwenkwezi, neshologu, kube sisono esohlwaywa ngokufa.—Levitikus 19:31; 20:6, 27; Duteronomi 18:10-12.
IBhayibhile ingumthombo wokuphilisa ngokomoya kokwenyaniso. Ineemfundiso ezininzi ezinceda amaKristu aziqonde wona siqu aze aguqule ubuntu bawo. (Roma 12:2; 2 Korinte 13:5; Efese 4:21-24) Ifundisa ukuziqeqesha, ukuphila engqondweni, ukuzihlonela nokuhlonela abanye.
IBhayibhile isenza siqonde elona gunya liphakamileyo kwindalo iphela, uMdali wethu. (IZenzo 17:24-28) Ibonisa ukuba ngokuba nokholo kwidini lentlawulelo loNyana wakhe, uluntu lusenokufumana ubomi obungunaphakade kwiparadisi esemhlabeni. (Roma 6:23) Inikela iimpendulo ezanelisayo kwimibuzo enjengale: Kutheni uThixo evumele ukubandezeleka okungaka nje? Ngoobani izidalwa ezinamandla ezingabonakaliyo? Ngaba zizo ezi zenza izinto ekuthiwa azizozamvelo?
Kwixesha elizayo, iBhayibhile ithembisa impilo efezekileyo nobomi obungunaphakade nehlabathi elitsha loxolo nemvisiswano, kunye nemekobume ecocekileyo, kanye apha emhlabeni. (Isaya 33:24; 2 Petros 3:13) Kwelo hlabathi litsha, ngokungathandabuzekiyo abantu baya kwandisa ulwazi lwabo ibe, besalathiswa nguThixo, baya kutyhila iimfihlelo ezininzi ngomzimba womntu, isijikelezi-langa sethu nendalo iphela. Konke oku kuya kuphunyezwa ngamandla kaYehova, uThixo othanda abantu.
Ngaba Uya Kube Ulapho?
Noko ke, iBhayibhile ikwafundisa ukuba ezi ntsikelelo zifumaneka kuphela kwabo baphila ngokuvisisana nemithetho kaThixo. Le mithetho ayicinezeli. Kodwa imele ithotyelwe. (IMizekeliso 4:18, 19; 1 Yohane 5:3) Inkomo ingazal’ umntu ukuba ungamkela ingcamango engasekelwanga zibhalweni yenkqubo yesiZukulwana Esitsha uze kwangaxeshanye ukholelwe eBhayibhileni.—1 Korinte 3:18-20; 10:18-22; Yakobi 4:4.
Ngoko ke, amaKristu okwenyaniso ayakuphepha ukurhintyelwa yingcamango engasekelwanga zibhalweni yenkqubo yesiZukulwana Esitsha. Kufuneka kusetyenziswe ingqiqo. Kufanele kuphawulwe ukuba ngokubanzi kusetyenziswa igama elithi “isiZukulwana Esitsha” kwizinto ezingaveliswanga yinkqubo yesiZukulwana Esitsha nezinto ezisenokuba azichasekanga ngokweZibhalo. Oku kuyinyaniso ngokukhethekileyo kwezempilo, ekutyeni, kubugcisa nakumculo. Ngoko ke amaKristu amele asebenzise ukulungelelana ngokwengqiqo nasengqondweni ngoxa eqinisekisa ukuba aphepha nantoni na egwetyiweyo yiBhayibhile. Ngokufanelekileyo, IMizekeliso 14:15 ngobulumko inikela esi siluleko: “Isiyatha sikholwa ngamazwi onke; onobuqili uyakuqonda ukunyathela kwakhe.”
Ewe, iBhayibhile ingundoqo wolona khanyiso lokwenyaniso. Ukungakhathaleli kwamalungu enkqubo yesiZukulwana Esitsha iZibhalo kuphela kunokuzisa ubumnyama obungakumbi ehlabathini. Kodwa iBhayibhile inikela ukukhanya kokomoya nethemba lehlabathi elitsha njengoko lithenjiswe nguThixo: “Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo; azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile. Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo.”—ISityhilelo 21:3-5.