IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g94 4/8 iphe. 27-28
  • Ngaba Kusoloko Kuphosakele Ukuba Nomsindo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Kusoloko Kuphosakele Ukuba Nomsindo?
  • Vukani!—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imbono Elungeleleneyo
  • Umsindo Onobulungisa
  • Ukulawula Umsindo Ngokufanelekileyo
  • Ithini IBhayibhile Ngokuba Nomsindo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Umsindo—Uyintoni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Indlela Yokulawula Umsindo—Owakho Nowabanye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Ingxaki Ngokuba Nomsindo
    Vukani!—2012
Khangela Okunye
Vukani!—1994
g94 4/8 iphe. 27-28

Imbono YeBhayibhile

Ngaba Kusoloko Kuphosakele Ukuba Nomsindo?

“UMSINDO kukuphambana kokwexeshana.” Imbongi yamandulo yaseRome uHorace yayichaza njalo indlela eqhelekileyo ejongwa ngayo eyona mvakalelo inamandla kunazo zonke ezinye. Ngoxa ingenguye wonk’ ubani ovumayo ukuba umsindo kukuphambana kokwexeshana, abaninzi bawujonga njengento embi ngokwemvelo. Ukususela kwinkulungwane yesithandathu yeXesha Eliqhelekileyo, iimonki ezingamaKatolika zenza uludwe oludumileyo ‘lwezono ezisixhenxe ezinzulu.’ Akumangalisi ukuba umsindo wawukho kolo ludwe.

Kulula ukubona isizathu sokuba zivakalelwe ngolo hlobo. IBhayibhile ithi: “Lahla umsindo ushiye ubushushu.” (INdumiso 37:8) Yaye umpostile uPawulos wabongoza ibandla lase-Efese wathi: “Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengxolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke.”—Efese 4:31.

Noko ke, usenokuzibuza, ‘Ngaba imbono yeBhayibhile ngomsindo iphelele apho? Ngapha koko, ngaba uPawulos akazange aphinde aprofete athi “ngemihla yokugqibela” esiphila kuyo kwakuya “kubakho amaxesha anomngcipheko”?’ (2 Timoti 3:1-5) Ngaba ngokwenene uThixo ulindele ukuba siphile kula maxesha anabantu ‘abazizibhoja, abangenakuthanda kulunga, abangenabubele’—size singaze sicaphuke nakancinane?

Imbono Elungeleleneyo

IBhayibhile ayiwugwenguli lo mbandela xa iwuxubusha. Ngokomzekelo, phawula amazwi kaPawulos akumaEfese 4:26: “Qumbani ningoni.” Le ndinyana ibiya kuba yinkohla ngenene ukuba yonke nje into engumsindo ‘ibisisono esinzulu,’ esifanelwe sisohlwayo sikanaphakade.

UPawulos wayecaphula iNdumiso 4:4, efundeka ngolu hlobo: “Qumbani [“caphukani,” NW], ningoni.” Ngokutsho kweVine’s Expository Dictionary of Biblical Words, igama lesiHebhere eliguqulelwe apha ngokuthi “caphukani,” elithi ra·ghazʹ, lithetha “ukungcangcazeliswa yimvakalelo enamandla.” Kodwa yiyiphi le mvakalelo inamandla? Ngaba yayingumsindo? Kwinguqulelo yeSeptuagint yeNdumiso 4:4, igama elithi ra·ghazʹ laguqulelwa ngesiGrike ‘njengokuqunjiswa,’ yaye ngokucacileyo oku koko kwakufunwa nguPawulos.

Kutheni iBhayibhile ivumela umsindo? Kuba asiyiyo yonke imisindo ephosakeleyo. Imbono yokuba, njengokuba omnye ogqabaza ngeBhayibhile eyibeka, “umsindo womntu awulunganga ibe awamkelekanga” ayikho ngokweZibhalo. Umphengululi weBhayibhile uR. C. H. Lenski wagqabaza ngokufanelekileyo ngamaEfese 4:26: “Imithetho eyalela kwanto nje engumsindo nefuna ukuba uzole ungaze uphazamiseke kuzo zonke iimeko yeyamaStoyike yaye asiyoyamaKristu.” Unjingalwazi uWilliam Barclay ngokufanayo waphawula oku: “Kubomi bakhe umKristu ufanele abe nomsindo, kodwa kumele kube luhlobo olufanelekileyo lomsindo.” Kodwa luluphi “uhlobo olufanelekileyo lomsindo”?

Umsindo Onobulungisa

Ngoxa umsindo ungelulo olunye lweempawu zakhe ezibalaseleyo, uYehova ngokuphindaphindiweyo eZibhalweni uchazwa njengoba nawo nowubonakalisayo umsindo wakhe. Noko ke, ngenxa yezizathu ezibini umsindo wakhe usoloko unobulungisa. Esokuqala, akaze abe nomsindo ngaphandle kwesizathu esifanelekileyo. Yaye esesibini, umsindo wakhe uwubonakalisa ngendlela esesikweni nenobulungisa, akaze angakwazi ukuzilawula.—Eksodus 34:6; INdumiso 85:3.

UYehova uyacatshukiswa kukungalungisi ngabom. Ngokomzekelo, waxelela amaSirayeli ukuba ukuba ayexhaphaza abafazi nabantwana abangenakuzinceda, ‘uyokuva ukukhala kwabo.’ Walumkisa wathi: “Uvuthe umsindo wam.” (Eksodus 22:22-24; thelekisa IMizekeliso 21:13.) NjengoYise, uYesu wayebathanda abantwana ngokusuk’ entliziyweni. Xa abalandeli bakhe ababenenjongo entle bakha bazama ukwalela abantwana abathile ukuba bangezi kuye, “uYesu, wacaphuka” waza wabawola abo bantwana. (Marko 10:14-16) Okuphawulekayo kukuba igama lesiGrike elithi ‘ukucaphuka’ ngokwentsusa lalibhekisela “kwintlungu esemzimbeni okanye ukudikwa.” Ngokwenene wayeneemvakalelo ezinamandla!

Ngokufanayo ukucaphuka okunobulungisa kwabakho entliziyweni kaYesu xa wabona abarhwebi nabananisi bemali beguqula indlu yonqulo kaYise beyenza “umqolomba wezihange.” Wazibhukuqa iitafile zabo waza wabakhupha apho! (Mateyu 21:12, 13; Yohane 2:15) Xa abaFarisi nababhali babonisa ukuxhalabela ngakumbi imithetho yabo yeSabatha engabalulekanga kunabagulayo ababefuna uncedo, uYesu waba ‘buhlungu kakhulu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo’ waza ‘wabasingasinga enomsindo.’—Marko 3:5, Phillips.

Ngokufanayo, uMoses othembekileyo wamandulo wayevutha ngumsindo onobulungisa ngenxa yamaSirayeli anganyanisekanga xa walahla amacwecwe amatye oMthetho kaMoses. (Eksodus 32:19) Ibe umbhali olilungisa uEzra waba nomsindo gqitha ngenxa yokuba amaSirayeli ayengayithobeli imithetho kaThixo ngomtshato kangangokuba wazikrazula iingubo zakhe wada wadlathula neenwele zakhe!—Ezra 9:3.

Bonke abo ‘bathanda okulungileyo’ bazama ‘ukuthiya okubi.’ (Amosi 5:15) Ngaloo ndlela, namhlanje amaKristu asenokuziva enomsindo onobulungisa ngaphakathi xa ebona izenzo zenkohlakalo, zohanahaniso, zokungathembeki, zokunganyaniseki, okanye zokungekho sikweni zangabom nezokungaguquki.

Ukulawula Umsindo Ngokufanelekileyo

IBhayibhile ayiphazami xa ifanisa umsindo nomlilo. Njengomlilo, umsindo unendawo yawo. Kodwa ukwanokwenzakalisa ngokumasikizi. Amaxesha amaninzi ngokungafaniyo noYehova noYesu, abantu baba nomsindo ngaphandle kwezizathu ezifanelekileyo okanye bawubonakalise umsindo wabo ngendlela engenabulungisa.—Bona iGenesis 4:4-8; 49:5-7; Yona 4:1, 4, 9.

Kwelinye icala, ukusuka nje ubani awuvalele ngaphakathi umsindo wakhe ezenza ngathi akanawo kusenokungabi yinto elungileyo nako. Khumbula, uPawulos walumkisa wathi: “Ilanga malingade litshone nicaphukile.” (Efese 4:26) Kukho iindlela ezingokweZibhalo zokubonakalisa umsindo, ‘njengokuthetha entliziyweni,’ ukuthetha nomntu oqolileyo omthembileyo ngendlela ovakalelwa ngayo, okanye ude uthethe nalowo ukonileyo ngokuzolileyo.—INdumiso 4:4; IMizekeliso 15:22; Mateyu 5:23, 24; Yakobi 5:14.

Ngoko ke, ngokuqinisekileyo akusoloko kuphosakele ukuba nomsindo. UYehova noYesu baye baba nomsindo—ibe basaza kuba nawo! (ISityhilelo 19:15) Ukuba siza kuxelisa bona, sisenokude sibe kwimeko apho kuphosakeleyo ukungabi namsindo! Undoqo uya kuba kukulandela isiluleko seBhayibhile, siqinisekisa ukuba sinezizathu ezivakalayo zokuba nomsindo yaye siwubonakalisa ngendlela yobulungisa neyobuKristu.

[Umfanekiso okwiphepha 27]

UKayin noAbheli

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share