Indlela Yokulawula Umsindo—Owakho Nowabanye
SIPHILA kwibutho labantu elinengxaki yomsindo. Ukuxinana kwezihamba-ndleleni, iingxwabangxwaba nokuguquka kwemigaqo, ukungavisisani nabanye, ukungabikho kokusesikweni, okanye ezinye izinto ezidanisayo zobomi bemihla ngemihla zibangela ukuxinezeleka okukhulu. Uxinezeleko luyinto efumbayo, yaye phantse wonke umntu uneqondo apho athi angabi nakunyamezela. Ngoko ke, sifanele sifunde ukuzola. Usuku ngalunye sinokuluqalisa ngesimo sengqondo esihle—sibonakalisa umonde, unyamezelo nesimo sengqondo sokuba ngabonwabisayo. Inkoliso yethu sineentsapho ezibonakalisa uthando komnye. AmaKristu anamaKristu angoowawo anyanisekileyo ebandleni, yaye ngaphezu kwako konke, anoMalusi onothando, uYehova uThixo. Ngenxa yoko, akukho mfuneko yoloyiko lwento eqhelekileyo engunobangela womsindo: imvakalelo yokuba lilolo, yokuziva ushiyiwe.—INdumiso 23:1-6; Hebhere 13:5, 6.
Noko ke, ukuba siziva sinomsindo okanye kufuneka sijongene nomsindo womnye umntu, sifanele siwulawule ngendlela efanelekileyo khon’ ukuze silondoloze ulonwabo nempilo yethu. Njani? IBhayibhile iyasixelela: “Ozeka kade umsindo ulunge ngaphezu kwegorha; okulawulayo ukufutha kwakhe ulunge ngaphezu kothimba umzi.” (IMizekeliso 16:32) Kunokuba sidyuduzele sisenza isigqibo “sokukhupha usathana ngomnye,” sifanele siqwalasele into enokwenzeka ngenxa yenyathelo esilithabathayo. Ukuzola kancinane kunokusithintela ekwenzeni into esiya kuthi sizisole ngayo kamva.—IMizekeliso 14:17.
Xa sinomsindo yaye singayazi into ewubangeleyo, simele sithi ngokuzithoba nangokunyanisekileyo sifune uncedo. Ukuthetha kwabanye, ingakumbi kwabo basithandayo, ngento esiyixhaleleyo okanye ngendlela esilufuna ngayo uncedo asibobugwala; kulikhondo lobulumko nelenkalipho. Ngoko sinokufikelela koyena nobangela wale ngxaki. IBhayibhile ithi: “lingcinga ziyatshitsha ngokungabikho kokucweya; ke zona zima ngamaphakathi amaninzi.”—IMizekeliso 15:22.
Ukuzama ukuqonda izizathu zokuba abanye baziphathe ngendlela abenza ngayo kuya kusinceda ukuba sikwazi ukulawula iimvakalelo zethu xa siphendula. Ngaphezu koko, ukuba umntu onomsindo simphendula ngale ndlela, “Ndiyayazi into ekubangela ube nomsindo,” ngokukhawuleza unokuzola. IBhayibhile iluleka ngelithi: “Ingqiqo yomntu imenza azeke kade umsindo; sisihombo sakhe ukulugqitha ukreqo.”—IMizekeliso 19:11.
Ukuba sithi sikhathaze ubani singaqondanga, sifanele sicele uxolo. Ngokomzekelo, ukuba uthile ukunyathela eluzwaneni, usenokuba nomsindo. Kodwa xa ecela uxolo, umsindo wakho uyaphela. Uzwane lwakho lusenokuba lusaqaqamba, kodwa isidima sakho siyahlonelwa. Ngokufanayo, isimilo, xa sinembeko eqhelekileyo kunye nokonwabisa okufanelekileyo, ezo zinto zinokuphelisa intiyo zize zilondoloze intlonelo kulwalamano Iwethu namaqabane ethu omtshato, abantwana, abahlobo namalungu ebandla lamaKristu.—IMizekeliso 16:24; Kolose 4:6; 1 Petros 3:8.
Ekuqhubaneni nemeko esibangela sibe nomsindo, kuyanceda sazi indlela yokuthetha ngomsindo wethu ngaphandle kokuhlasela omnye umntu. Kukho umahluko ophawulekayo phakathi kokuhlasela ngamazwi (“Heyi, sidenge!” okanye uthi, “‘Ndakuqhwaba ngempama!”) nokuchaza kukabani indlela anomsindo ngayo (“Ndicaphuke kakhulu” okanye uthi, “Ndiziva ndikhathazekile”). Ukuhlasela ngamazwi kudla ngokungabi nampumelelo kuba kuxhokonxa omnye umntu ukuba aphindezele, ngoxa ukuchaza indlela ovakalelwa ngayo kungekuko ukuhlasela, yaye omnye umntu usenokushukunyiselwa ukuba acele uxolo. Kunjengokuba iBhayibhile isithi: “Impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu; ilizwi elidubulayo linyusa umsindo. Indoda enobushushu ixhaya ingxabano; ezeka kade umsindo idambisa imbambano.”—IMizekeliso 15:1, 18.
Umsindo Wobulungisa
Kwinkoliso yethu kungokwemvelo ukuziva unomsindo ngamathuba athile. IBhayibhile ithi noYehova uba nawo umsindo. (Zefaniya 2:2, 3; 3:8) Ngoko akunto imangalisayo ukuba umntu, owenziwe ngokomfanekiselo Wakhe, abe unemvakalelo efanayo. (Genesis 1:26) Ngenxa yoko, imvakalelo yomsindo yona ngokwayo ayisiso isono.
Noko ke, xa uYehova enomsindo, usoloko ebangelwa sisizathu esisiso: Xa imigaqo yobulungisa ityeshelwe. Yaye ukusabela kwakhe kusoloko ikokulungileyo yaye kulawulwa ngendlela egqibeleleyo. Kubantu abangafezekanga kuyinto eyahlukileyo. Ngokufuthi siba nomsindo ngenxa yokuba siye sathotywa isidima okanye ngenxa yobuthathaka obuthile bobuntu. Ngenxa yoko kusoloko kufuneka silumke gqitha kwindlela esiwulawula ngayo umsindo wethu. Kunjengokuba umpostile uPawulos walumkisa esithi: “Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile; kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo.” (Efese 4:26, 27) Ewe, uSathana unokuwusebenzisa kakubi umsindo wethu ongalawulwayo. Enyanisweni, “imisindo” idweliswe phakathi ‘kwemisebenzi yenyama’ ethi yenze umntu angabudli ilifa uBukumkani bukaThixo.—Galati 5:19-21.
Kungoko umfundi uYakobi eluleka esithi: “Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, makathi umntu wonke . . . enze kade ukuqumba; kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo.” (Yakobi 1:19, 20) Nokuba umsindo wethu ungowesizathu esithethelelekayo, ukungafezeki kunokusikhokelela ukuba senze ngendlela engalawulekiyo nephosakeleyo. Ngenxa yoko, ngokufuthi sifanele sikhokelwe ngulo mgaqo: “Musani ukuziphindezelela, zintanda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.” (Roma 12:19) Kwakhona, khumbula ukuba njengabantu abangafezekanga, sisenokuzenza iimpazamo. Ngoko ke, kuyingozi ukudyuduzela sigwebe abanye kuba sinoluvo lokuba sinesizathu esibambekayo sokuba nomsindo.—Yakobi 2:13; 4:11, 12; 5:9.
Ngokutsho kweZibhalo, siphila kwixesha lokuphela. Kule mihla yokugqibela, “iintlanga zaqumba” nxamnye noBukumkani bukaThixo, yaye uMtyholi ‘unomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.’ (ISityhilelo 11:17, 18; 12:10-12) Ngoko ke, ukuphila kwethu ngokuvisisana neLizwi likaThixo kuyekuphela kwendlela yokwenene yokusikhusela. (INdumiso 119:105) Kungekudala uThixo uya kuphumeza umgwebo phakathi kweentlanga, yaye umhlaba uya kucocwa kuko konke ukungalungisi. (Isaya 35:10; 65:23; Mika 4:3, 4) Okwangoku ke, kufuneka siqinisekise ukuba asizixelisi iindlela zeli hlabathi linomsindo. Ukuwulawula ngokufanelekileyo umsindo esinawo kuya kusinceda silondoloze uthando lomtshato, umanyano lobuKristu, uxolo nolonwabo lobuqu. Yaye okubaluleke kuko konke, kuya kusinceda siqhubeke sinandipha inkoloseko nentsikelelo kaYehova uThixo.—INdumiso 119:165.