Ibhunga Lehlabathi Leecawa—Livumelana Ngelithi Elowo Makahambe Ngayibonayo
EBUDENI buka-Agasti 3 ukusa kowe-14, 1993, isixeko saseSantiago, eSpeyin, samkela iqela elingaqhelekanga labahambi ngezonqulo. Kwesi sixeko kwakukho iNkomfa Yehlabathi Yokholo Nesithethe Sonqulo, eyayilungiselelwe liBhunga leHlabathi leeCawa. Usukelo lwezi ndwendwe lwalunzima—lwalukukuhlaziya ilinge elalimi ngxi lokumanyanisa iicawa zeNgqobhoko.
UDesmond Tutu, onguBhishophu omkhulu wamaTshetshi waseMzantsi Afrika wayichaza ngokuphandle le meko ngokuthi “ukumanyaniswa kwecawa akunankqubela. Sifaka iinzwane zethu emanzini, kodwa siyoyika ukungena kuwo,” wakhala ngelitshoyo.
Ukumanyanisa iicawa akuyi kuba lula. Iiyantlukwano phakathi kweendwendwe zabonakala ebudeni betheko lolwamkelo kwindawo yamaKatolika ehlala ubhishophu eSantiago. “ICulo leNgcwele uYakobi,” elaculwa ebudeni baloo nkonzo, lagxekwa njengelizukisa iinkulungwane amaKatolika aseSpeyin awayehlasela ngazo amaYuda, amaSilamsi namaProtestanti, nangona ubhishophu omkhulu wamaKatolika uRouco wayekhuthaze abo babecula ukuba ‘babonise isimo sengqondo sokuzinikela esasiboniswa ngaba bahambi ngezonqulo baze bafune uxolelwaniso phakathi kwamaKristu.’
Ngaba ikho nantoni na enokwenza amaKatolika, amaOthodoki namaProtestanti axolelaniswe? Elinye iqela elenza uhlolisiso ngenyameko lathi iicawa ezahlukahlukeneyo zisijonga iSivumo Sokholo saseNicaea “njengembonakaliso ephambili yokholo lwabapostile.” Eli qela lalinethemba lokuba esi sivumo sokholo sasiya kusebenza “njengento yokufikelela umanyano lokholo,” nangona kusenokubakho “iindlela ezahlukeneyo zokulubonakalisa.”
Ezo “ndlela zahlukeneyo zokulubonakalisa” zabonakala izihlandlo eziliqela ebudeni bale nkomfa. Iindwendwe zamaOthodoki nezamaKatolika zavakalisa indlela ezisichase ngayo isigqibo sakutshanje samaTshetshi sokuvumela ukumiselwa kwabafazi njengabefundisi. Enye into eyabangela ukungavisisani ngumlo ophakathi kweecawa zamaOthodoki nezamaKatolika kumazwe awayesakuba ngawobuKomanisi. UBhishophu Omkhulu uIakovos weCawa yobuOthodoki bamaGrike wathi kwakuphosakele ukuthetha ‘ngokuphinda kushunyayezwe abantu abebengamaKristu kangangeenkulungwane’ kodwa abaye banelishwa lokuphila kangangamashumi eminyaka phantsi kobuKomanisi obungakholelwayo kubukho bukaThixo. Enyanisweni, ingxelo yale nkomfa yakugxeka “ukwenza amaguquka” njengomqobo othintela ubukho bomanyano, nangona yavumayo ukuba kukho imfuneko yokuzuza ‘ukuqonda okucace ngakumbi ngendima yecawa njengehambisa ivangeli.’
USamuel B. Joshua, ubhishophu waseBombay, ngendlela ebonisa ukuphelelwa lithemba waluchaza umanyano lweecawa ‘njengentsomi emini.’ Emva kokuba yena ngokobuqu eye wanengxaki mayela nokumanyanisa iimvaba ezintandathu eIndiya, wathi “iingenelo bezincinane” ngoxa iingxaki “bezinganyamezeleki.” Ukholelwa kwelokuba umanyano lwamaKristu alufanele lufunwe “ngeemfundiso nangesithethe sonqulo secawa.”
Kodwa ngaba umanyano oluzigatyayo iimfundiso ingalumanyano lokwenene? Ngaba iinkonzo ‘ezingekayiqondi indima yecawa njengehambisa ivangeli’ ngokwenene zilandela uKristu? UPawulos wathi abalandeli bokwenyaniso bakaKristu bafanele baqhubeke ‘becinga nto-nye.’ (2 Korinte 13:11) Ukuvumelana ngelithi elowo makahambe ngayibonayo akusondelanga nokusondela kuloo mlinganiselo.