Kukhuseleke Kangakanani Ukutya Okutyayo?
NGABA utya kathathu ngemini? Ukuba kunjalo, xa uneminyaka engama-70, uya kuba sele utye ngaphezu kwezidlo ezingama-75 000. Kumntu oqhelekileyo waseYurophu oko kuthetha ukutya—phakathi kwezinye izinto—amaqanda amalunga nama-10 000, izonka ezingama-5 000, iingxowa ezili-100 zeetapile, amacala ama-6 enkomo neegusha ezi-2. Ngaba ukutya ngolo hlobo kuyinto enzima? Akunjalo konke konke! Intloko yesikolo sokupheka yada yathi: “Ukutya kuyeyona nto ibalulekileyo ebomini.”
Ixesha elininzi, sisenokutyekela ekubeni singazikhathazi enoba ukutya esikutyayo kukhuselekile okanye kusempilweni kusini na. Kodwa ukuba esinye kwezo zidlo zingama-75 000 besinento eyingozi, besiya kugula ngokwenene. Ngaba sinokuqiniseka ukuba sitya ukutya okukhuselekileyo? Kule mihla, abantu abangakumbi banamathandabuzo kuloo nkalo. Kwamanye amazwe ukukhuseleka kokutya kuyeyona nto ixhalatyelweyo. Ngoba?
Izinto Ezibangela Inkxalabo
Nyaka ngamnye, izigulo ezibangelwa kukutya zithwaxa malunga ne-15 ekhulwini labemi baseYurophu. Ngokomzekelo, ebutsheni beminyaka yee-1980, ioli yokupheka enetyhefu yabulala malunga ne-1 000 labantu eSpeyin yaza yabangela abanye abamalunga nama-20 000 bagula kakhulu. Ngowe-1999 abemi baseBelgium boyika gqitha xa kwanikelwa ingxelo yokuba izinto ezifana namaqanda, inyama yeentaka zasekhaya, isonka samasi nebhotolo kunokwenzeka ukuba zinetyhefu ebizwa ngokuba yidioxin. Kutshanje, abathengi baseBritani bebesoyika—kwaza kwatshona neendawo ezithengisa inyama yenkomo—xa iinkomo zaba nebovine spongiform encephalopathy (isifo imad cow). Kwaphinda kwathi gqi isifo ifoot-and-mouth, esenza ukuba kubulawe izigidi zeenkomo, iigusha, iihagu neebhokhwe.
Nangona kukho iingozi ezinzulu ngolo hlobo, kukho nezinye iinkalo ezikhathaza abantu xa kufikelelwa ekutyeni. Abathengi bakhathazwa ziindlela ezintsha ngoku ezisetyenziswa ekukhuliseni ukutya. IThe European Commission yabhala yathi ngowe-1998: “Iindlela ezintsha ezinjengokusetyenziswa kwemitha ekutyeni nokuxutywa kwemizila yemfuza kwizilimo ziye zabangela embi inkathazo.” Ngaba ezi ndlela zintsha zenzululwazi ziyakuphucula ukutya esikutyayo okanye ziyakungcolisa? Yaye yintoni esinokuyenza ukuze sikhusele ukutya esikutyayo?