IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 4/8 iphe. 18
  • Ababukeli Abasengozini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ababukeli Abasengozini
  • Vukani!—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Kunomsebenzi Ukuba Luhlobo Luni Lwemifanekiso Eshukumayo Endiyibukelayo?
    Vukani!—1990
  • Ziziphi Iifilimu Wena Oza Kuzibukela?
    Vukani!—2005
  • Ndinokuwukhetha Njani Umfanekiso Oshukumayo Ofanelekileyo?
    Vukani!—1990
  • Nceda Abantwana Bakho Babuqale Kakuhle Ubomi
    Vukani!—2009
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 4/8 iphe. 18

Ababukeli Abasengozini

NGUMBHALI KAVUKANI! EFINLAND

IMIBONISO BHANYABHANYA, umabonwakude, iividiyo, iiDVD, imidlalo edlalwa nge-elektroniki, neInternet yinxalenye yobomi babantwana abaninzi. Ingxelo yakutshanje epapashwe yiFinnish Board of Film Classification ithi: “Xa kuqikelelwa, ixesha elichithwa ngabantwana besebenzisa okanye bephulaphule ezi zinto liliphindaphinda ngama-20 ukusa kuma-30 ixesha abalichitha bekunye nentsapho zakwamawabo.”a Okulusizi kukuba abantwana babona izinto ezisenokuba yingozi kubo.

Kumazwe athile, abasemagunyeni baye bazama ukubakhusela abantwana ngokumisela imiqathango yokuba, abo bakubudala obuthile abamele bazibukele ezinye iinkqubo ezikumabonwakude. Phofu ke, ngokutsho kwale ngxelo, abazali nabantwana abasoloko bekuqonda ukubaluleka kwale miqathango okanye batyekele ekukujongeleni phantsi ukuxabiseka kwayo. Ukongezelela, iindawo zemiboniso bhanyabhanya neendawo eziqeshisa ngeevidiyo ziyibetha ngoyaba imiqathango enjalo. Ngapha koko, ezinye iinkqubo zikamabonwakude neefilimu azinayo kwaukuba nayo loo miqathango.

Omnye utitshalakazi uthi: “Abafundi abasoloko beyijonga njengendlongondlongo into abayibukelayo ukuba akuphalali gazi.” Iividiyo ezininzi nemidlalo edlalwa kwikhompyutha—kwanoopopayi abenzelwe abantwana ngokukhethekileyo—banokuba yingozi ebantwaneni.

Le ngxelo ibonisa ukuba ntsapho nganye “inembopheleleko yokuzazi iifilimu neenkqubo ezikumabonwakude ezibukelwa ngabantwana.” Iqukumbela ngombuzo oxhokonx’ iingcinga othi: “Ngaba thina njengabantu abadala sinawo umnqweno, amandla, nendlela yokukhusela abantwana bethu kwizinto eziyingozi eziboniswa ngamajelo osasazo?”

[Umbhalo osemazantsi]

a Ingxelo ethi “The Age Limits of Visual Programs and Child Protection” yayisekelwe kuhlolisiso olwenziwa kubantwana besikolo abangama-340 kuquka abazali nootitshala.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share