IBucharest—Isixeko Esinezakhiwo Ezingafaniyo
NGUMBHALI KAVUKANI! EROMANIA
XA UQALA ukubona isixeko saseBucharest ubona iBhotwe lasePalamente (1), elalisaziwa ngokuba yiNdlu Yabantu ngamaxesha okulawula kwamaKomanisi. Esi sakhiwo singenabugocigoci nesiphakathi kwezona zikhulu ehlabathini lonke, sesona sitsala abakhenkethi abaninzi.
Eli bhotwe lisesinye sezakhiwo zakutshanje zaseBucharest. Kodwa abemi balapha bavakalelwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo ngokuphathelele esi sakhiwo. Bangathanda ukuba abakhenkethi bazixabise nezinye izakhiwo kwesi sixeko—izakhiwo ezihle zakudala.
Ikomkhulu Langaphambili
Ngowe-1862, iBucharest yasekwa njengekomkhulu laseRomania. Kwisiqingatha sesibini senkulungwane ye-19, esi sixeko sahambela phambili ngokukhawuleza. Zaye zisanda izakhiwo ezihle ezazisakhiwa ziingcali zamaFrentshi phakathi kwemithi. Ekubeni iBucharest ineepaki nemiyezo emininzi, yabizwa ngokuba sisixeko esingumyezo. Kwakhona iBucharest yayiphakathi kwezixeko zokuqala ehlabathini ezazinezibane ezikhanyisa izitrato zisebenzisa ioli. Ngowe-1935 kwakhiwa iArch of Triumph (2), kwiKiseleff Avenue entle, kulinganiswa iArc de Triomphe aseChamps-Élysées, eParis. Esi sixeko sihle sasinokukhumbuza ummi waseFransi ngelizwe lakowabo. Eneneni, iBucharest yade yabizwa ngokuba yiParis Encinane yaseMpuma.
Emva kweMfazwe Yehlabathi II, iBucharest, eyayiphantsi kolawulo lwamaKomanisi ngelo xesha, yatshintsha ngeyona ndlela. Inxalenye enkulu kumbindi weso sixeko, neyayinezakhiwo ezininzi zakudala, yadilizwa kwaza kwakhiwa iiflethi. Ebudeni bowe-1960 nowe-1961 kwakhiwa iiflethi ezingama-23 000. Ngowe-1980, kwaqaliswa ukwenziwa kweplani yokwakhiwa kweNdlu Yabantu. Emva kokuba yakhiwe, yafakelwa izibane ezingamakhulukhulu neendawo zokusithela xa kuqhushumba iibhombu ezazikwiimitha ezingama-90 ngaphantsi komhlaba. Esi sakhiwo siziiskwemitha ezizi-3 875 000, sinemigangatho eli-12, namagumbi ali-1 100, kwaye siliphinda kathathu iBhotwe laseVersailles laseFransi. Inxalenye enkulu endala kwesi sixeko yadilizwa ukuze kwakhiwe eli bhotwe nesitrato esikhulu—esikhulu kuneChamps-Élysées—esisinge kwisango lalo. Abantu ababesazi ngaphambili isixeko saseBucharest, abayi kuphinda bakwazi ukusikhomba.
Kubemi abaninzi balapha, eli bhotwe likhulu lizisa iinkumbulo ezingemnandi ngomakhi walo—umlawuli uNicolae Ceauşescu ongasekhoyo. Kuba efuna ukwakha isakhiwo sokuba akhunjulwe xa efile, waqesha abakhi abangama-700 namawaka abasebenzi ababesahlulelana ngeeyure ezingama-24 ngosuku, nto leyo eyashiya ngamnye esebenza iiyure ezisisibhozo. Xa lwaphela ulawulo lakhe ngowe-1989, sasingekagqitywa esi sakhiwo, nangona kwakusele kuchithwe ngaphezu kwamawaka ezigidi zeedola.
Olunye Uhlobo Lwezakhiwo
Kwinxalenye yale dolophu endala, kukho izakhiwo zakudala ezahluke mpela. Zona zakhiwe ngendlela yamandulo yaseBucharest. IMyuziyam Yedolophana (3)—enye yeemyuziyam ezininzi kwesi sixeko—ibonisa indlela ababephila ngayo abantu ababehlala kwiilali zaseRomania. Kwipaki ezolileyo ekufuphi nechibi, kwakhiwa izindlu ezingaphezu kwama-50 ezifana nezo zazihlala amahlwempu nezakhiwo ezazisetyenziswa eRomania. Ndlu nganye iyimyuziyam, kuba ibonisa izixhobo nezinto ezazisenziwa eRomania nendlela yokuphila eyahlukileyo kwiBucharest yanamhlanje.
Kwesi sixeko izakhiwo zakudala nezakhiwo zezi mini zakhiwe endaweni enye. Asinto ingaqhelekanga ukubona kumi kunye izakhiwo ezakhiwa ngamaxesha ahlukahlukeneyo (4). Ngoko kukho izakhiwo ezingafaniyo kwisixeko saseBucharest, izakhiwo zakudala nezakutshanje.
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
1 IBhotwe lasePalamente
2 IArch of Triumph
3 IMyuziyam Yedolophana
4 Kumi kunye izakhiwo ezakhiwa ngamaxesha ahlukahlukeneyo
[Inkcazelo]
© Sari Gustafsson/hehkuva/age fotostock