Ubulolo Kwihlabathi Elihambele Phambili Kwezonxibelelwano
UKUFOWUNA ngeselfowuni, ukuthumelelana imiyalezo ngefowuni, iie-mail, ukunxibelelana ngeInternet—namhlanje iindlela zonxibelelwano zininzi yaye zifumaneka lula kunalo naliphi na elinye ixesha. Sekunjalo, kweli hlabathi lihambele phambili kwezonxibelelwano, abantu abaninzi—abadala nabaselula—baziva bengamalolo. Yintoni ebangela loo nto?
Kwincwadi yabo ethi Loneliness—Human Nature and the Need for Social Connection, abaphengululi uJohn T. Cacioppo noWilliam Patrick bathetha bophele ngobulolo. Babhekisela kuphengululo oluthi “ xa kuthabathel’ indawo ezinye iindlela zokunxibelelana, ukuchitha ixesha elininzi kwi-Internet kunokubangela amathuba amaninzi okuba lilolo nokuxinezeleka.”
Ubomi obumaxhaphetshu bezi mini benza kube nzima ukunxulumana nabantu ngokusondeleyo. Uncumo nothando onokulubona emehlweni omntu usenokungaluboni efowunini okanye kumyalezo othunyelwe ngekhompyutha.
Oku kunokwenzeka emsebenzini kodwa kwenzeka nangakumbi ezintsatsheni. Kumakhaya amaninzi amalungu entsapho awafane adle isidlo kunye okanye ancokole. Abantwana abakwishumi elivisayo baneekhompyutha zabo nto leyo ebenza bahlale bebodwa kunokuba bahlale neentsapho zabo. Okumangalisayo kukuba, nangona benezinto zokunxibelelana ze-elektroniki ulutsha oluninzi lungamalolo.
Kule mihla, nabantu abatshatileyo banokuziva bengamalolo. Ukuba abanxibelelani banokuzibona sele bephila ubomi obahlukeneyo nangona behlala kunye. Ukuba lilolo nangona uhlala neqabane lakho lomtshato lolona hlobo lobulolo luxinezelayo.
Ngokukodwa abazali abangenamaqabane kunokufuneka balwe nokuziva bengamalolo. Phakathi kwezinto ezininzi ezibangela ubulolo, ukuchitha ixesha elininzi kwabazali nabantwana kwizinto ezahlukahlukeneyo zokunxibelelana kunokudlala indima enkulu. Kwakhona abantu abaninzi abangatshatanga bayakulangazelela ukuba namaqabane omtshato kodwa oko akwenzeki.
Ukuba lilolo yingxaki enkulu enokubangela ubunxila, ukuzingxala ngokutya, ukusebenzisa kakubi iziyobisi, ukuziphatha vakalala ngokwesini kuquka nokuzibulala. Ngoko ke, kubalulekile ukuzazi izinto ezibangela ubulolo. Elo linyathelo lokuqala elinceda ukuba ukwazi ukumelana nale ngxaki.