Ubukho BukaMesiya Nolawulo Lwakhe
“Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.”—IZENZO 1:11.
1, 2. (a) Izithunywa zezulu ezibini zabathuthuzela njani abapostile bakaYesu xa wanyukela ezulwini? (b) Yiyiphi imibuzo ephakamayo ngedinga lokubuya kukaKristu?
AMADODA alishumi elinanye ayemi kwithambeka elingakwimpuma yeNtaba Yeminquba, ondele emazulwini. UYesu Kristu wayesandul’ ukunyuka ukusuka phakathi kwawo, esiya engabonakali de asithwe lilifu. Kwiminyaka la madoda ayeyichithe enaye, aye abona uYesu esenza izinto ezininzi ezingqina ukuba wayenguMesiya; kwakhona ayekhe aqhiphulw’ umbilini kukufa kwakhe aza afumana novuyo olungathethekiyo lokuvuswa kwakhe. Ngoku wayemkile.
2 Ngequbuliso kwavela izithunywa zezulu ezibini zaza zathetha la mazwi athuthuzelayo: “Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.” (IZenzo 1:11) Hayi indlela okwakuqinisekisa ngayo oko—ukunyukela kukaYesu ezulwini kwakungathethi ukuba wayengayi kuphinda abe nento yokwenza nomhlaba noluntu! Ngokwahlukileyo koko, uYesu wayeya kubuya. Ngokungathandabuzekiyo la mazwi abangela abapostile ukuba bazale lithemba. Kwanezigidi zabantu namhlanje ziligqala libaluleke gqitha idinga lokubuya kukaKristu. Bambi bakubiza ngokuba ‘Kukuza Kwesibini.’ Noko ke, inkoliso yabantu ibonakala ididekile koko ukubuya kukaKristu kukuthethayo ngokwenene. Ubuya ngayiphi indlela uKristu? Ubuya nini? Yaye oku kubuchaphazela njani ubomi bethu namhlanje?
Indlela Abuya Ngayo UKristu
3. Bakholelwa ntoni abantu abaninzi ngokubuya kukaKristu?
3 Ngokutsho kwencwadi iAn Evangelical Christology, “ukuza kwesibini okanye ukubuya kukaKristu (parousia) kuthi ekugqibeleni, ngokubonakalayo nangonaphakade kumisele ubukumkani bukaThixo.” Abantu ngokubanzi bakholelwa ukuba ukubuya kukaKristu kuya kubonakala, kubonwe ngokoqobo ngabantu bonke abakwesi sijikelezi-langa. Ukuze baxhase le ngcamango, abaninzi balatha kwiSityhilelo 1:7, esifundeka ngolu hlobo: “Yabonani, uza namafu; aye eya kumbona amehlo onke, kwanabo bamhlabayo.” Kodwa ngaba le ndinyana imele ithatyathwe ngokoqobo?
4, 5. (a) Sazi njani ukuba ISityhilelo 1:7 asithethi ngokwengqiqo yokoqobo? (b) Amazwi kaYesu akuqinisekisa njani oku kuqonda?
4 Khumbula ukuba incwadi yeSityhilelo ibhalwe ‘ngemiqondiso.’ (ISityhilelo 1:1) Ngoko, esi sicatshulwa simele sibe sesokomfuziselo; ngapha koko, “abo bamhlabayo” banokukubona njani ukubuya kukaKristu? Phantse ibe ziinkulungwane ezingama-20 bafayo! Ngokubhekele phaya, izithunywa zezulu zathi uKristu uya kubuya ‘ngohlobo’ awemka ngalo. Wemka njani? Ngaba wayebukelwe zizigidi zabantu? Akunjalo, libathwana labo babethembekile kuphela elasibonayo eso siganeko. Ibe xa izithunywa zezulu zathetha nabo, ngaba abapostile babondele ngokoqobo lonke uhambo lukaYesu lokuya ezulwini? Akunjalo, uYesu wagqunywa lilifu ababa sambona. Ngaxa lithile kamva, umele ukuba wangena kumazulu okomoya engumntu womoya, engabonakali emehlweni abantu. (1 Korinte 15:50) Ngoko, eyona nto abapostile abayibonayo yayisisiqalo sohambo lukaYesu kuphela; abazange bakwazi ukusibukela isiphelo salo, ukubuyela kwakhe emazulwini apho akhoyo uYise, uYehova. Oku babenokukuqonda kuphela ngamehlo abo okholo.—Yohane 20:17.
5 IBhayibhile ifundisa ukuba uYesu ubuya kanye ngendlela efana naleyo. Ngaphambi nje kokufa kwakhe uYesu wathi: “Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona.” (Yohane 14:19) Kwakhona wathi “ubukumkani bukaThixo abufiki bunokulolongeka.” (Luka 17:20) Ngoko, kungayiphi ingqiqo ‘aya kumbona ngayo amehlo onke’? Ukuphendula oku, kuqala kufuneka siliqonde ngokucacileyo igama uYesu nabafundi bakhe abalisebenzisayo ngokuphathelele ukubuya kwakhe.
6. (a) Kutheni amagama anjengelithi “ukubuya,” “ukufika” nelithi “ukuza” engezonguqulelo zichanileyo zegama lesiGrike elithi pa·rou·siʹa? (b) Yintoni ebonisa ukuba ipa·rou·siʹa, okanye “ubukho,” buthabatha ixesha elide kunaso nasiphi na isiganeko sexeshana?
6 Isibakala kukuba uKristu wenza okungakumbi gqitha ‘kunokubuya’ nje kuphela. Elo gama, njengelithi “ukuza,” okanye elithi “ukufika,” lithetha isiganeko esinye esenzeka kwixeshana elifutshane. Kodwa igama lesiGrike uYesu nabafundi bakhe abalisebenzisayo lithetha okungakumbi kunoko. Elo gama ngupa·rou·siʹa, ngokoqobo elithetha ukuba “ndawonye” okanye “ubukho.” Abaphengululi abaninzi bayavuma ukuba eli gama alithethi nje kuphela ukufika kodwa likwabandakanya ukubakho emva koko—njengokutyelela ngokoqobo kwegosa laseburhulumenteni. Obu bukho abusosiganeko sokwexeshana; bulixesha elikhethekileyo, ixesha eliphawuliweyo. KuMateyu 24:37-39, (NW), uYesu wathi “ubukho [pa·rou·siʹa] boNyana womntu” buya kuba njengokuba yayinjalo “imihla kaNowa” eyaphelela kuMkhukula. UNowa wayesakha umkhombe yaye elumkisa abangendawo amashumi eminyaka ngaphambi kokufika koMkhukula owayitshayela yathi tu loo nkqubo yehlabathi eyonakeleyo. Ngoko, ngokufanayo, ubukho bukaKristu obungabonakaliyo buhlala amashumi athile eminyaka ngaphambi kokuba nabo bufikelele incopho yabo kwintshabalalo enkulu.
7. (a) Yintoni engqina ukuba ipa·rou·siʹa ayibonakali emehlweni abantu? (b) Ziya kuzalisekiswa njani yaye nini izibhalo ezichaza ukubuya kukaKristu njegokubonwa ‘ngamehlo onke’?
7 Ngokungathandabuzekiyo, ipa·rou·siʹa ayibonakali ngokoqobo emehlweni abantu. Ukuba bekunjalo, yintoni eyabangela uYesu wachitha ixesha elininzi kangaka, njengoko siza kubona, enika abalandeli bakhe umqondiso wokubanceda babuqonde obu bukho?a Noko ke, xa uKristu esiza kutshabalalisa inkqubo yehlabathi likaSathana, isibakala sokuba ukho siya kubonakala ngokucacileyo kubo bonke. Kungoko aya kuthi ‘ambone amehlo onke.’ Kwanabachasi bakaYesu baya kuba nako ukuqonda, bekhwankqisiwe, ukuba ulawulo lukaKristu lolokwenene.—Bona uMateyu 24:30; 2 Tesalonika 2:8; ISityhilelo 1:5, 6.
Buqalisa Nini?
8. Sisiphi isiganeko esiphawula ukuqalisa kobukho bukaKristu, yaye oku kwenzeka phi?
8 Ubukho bukaMesiya buqalisa ngesiganeko esizalisekisa into ekusoloko kuthethwa ngayo kwiziprofeto ezingoMesiya. Uthweswa isithsaba njengoKumkani ezulwini. (2 Samuweli 7:12-16; Isaya 9:6, 7; Hezekile 21:26, 27) UYesu wabonisa ukuba ubukho bakhe babuya kudibana nokuba ngukumkani kwakhe. Kwimizekeliso emininzi, wazifanisa nenkosi ethile eshiya indlu nabakhonzi bayo ngasemva, ikhenkethe ixesha elide isiya “ezweni elikude” apho ifumana khona “ubukumkani.” Omnye wemizekeliso enjalo wawenza njengenxalenye yempendulo yakhe kumbuzo wabapostile bakhe ongokuqalisa kwepa·rou·siʹa yakhe; omnye wawunikela kuba “babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko.” (Luka 19:11, 12, 15; Mateyu 24:3; 25:14, 19) Ngoko ebudeni bexesha awayesemhlabeni ngalo njengomntu, ukuthweswa kwakhe isithsaba kwakusekude, kwakuza kwenzeka “ezweni elikude” lasezulwini. Kwakuya kwenzeka nini?
9, 10. Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba uKristu ngoku uyalawula ezulwini, ibe waluqalisa nini ulawulo lwakhe?
9 Xa abafundi bakaYesu bambuzayo: “Uya kuba yini na umqondiso wokufika [wobukho, NW] kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?” UYesu wabaphendula ngokubanika inkcazelo eneenkcukacha yelo xesha lizayo. (Mateyu, isahluko 24; Marko, isahluko 13; Luka, isahluko 21; bona kwaneyesi-2 kuTimoti 3:1-5; ISityhilelo, isahluko 6.) Lo mqondiso ufana nomfanekiselo oneenkcukacha wexesha leenkathazo. Lixesha eliphawulwe ziimfazwe zazwenibanzi, ukwanda kolwaphulo-mthetho, ukuwohloka kobomi bentsapho, oobhubhani bezifo, iindlala neenyikima—hayi njengeengxaki zeendawo ezithile kodwa njengeemeko ezimaxongo ezigubungela wonke umhlaba. Ngaba oku kuvakala kuqhelekile? Mhla ngamnye odlulayo uqinisekisa ukuba inkulungwane yama-20 ikufanekisela ngokugqibeleleyo oko kwacaciswa nguYesu.
10 Ababhali-mbali bayavuma ukuba owe-1914 wawungunyaka owaguqula imbali yoluntu, unyaka obalulekileyo ekwathi emva kwawo ezininzi zezi ngxaki zaqalisa ukungalawuleki, zisiya zikhula ehlabathini lonke. Ewe, zonke iziganeko zehlabathi ezizalisekisa isiprofeto seBhayibhile zalatha kowe-1914 njengonyaka waxa uYesu waqalisa ukulawula njengoKumkani ezulwini. Ngokubhekele phaya, isiprofeto esikuDaniyeli isahluko 4 sinikela ubungqina bexesha obusikhokelela kwakuloo nyaka ukwamnye—owe-1914—njengexesha laxa uKumkani omiselwe nguYehova wayeya kuqalisa ulawulo lwakhe.b
Kutheni Ilixesha Leenkathazo?
11, 12. (a) Kutheni kunzima kwabanye ukuba bakholelwe ukuba uKristu uyalawula ezulwini kanye ngoku? (b) Singakuzekelisa njani oko kwenzekayo emva kokuba uYesu ethweswe isithsaba njengoKumkani?
11 Noko ke, bambi bayazibuza, ‘Kutheni kukho iinkathazo ezingaka ehlabathini ukuba uMesiya uyalawula ezulwini? Ngaba ulawulo lwakhe alusebenzi?’ Umzekeliso unokunceda. Ilizwe elithile lilawulwa ngumongameli ongendawo. Uye wamisela inkqubo yokunganyaniseki enwenwela kuzo zonke iimbombo zelo lizwe. Kodwa kubakho unyulo; kuphumelela indoda elungileyo. Ngoku kuza kwenzeka ntoni? Njengoko kunjalo kwamanye amazwe olawulo-melo, kuye kulandele ithuba leenguqulelo leenyanga ezimbalwa ngaphambi kokuba umongameli omtsha abekwe esihlalweni. La madoda mabini aya kuqhuba njani ebudeni bethuba elinjalo? Ngaba le ndoda ilungileyo iya kuthi zisuka nje ihlasele ize iphelise bonke ububi obuye babangelwa ngulowo ingene ezihlangwini zakhe kulo lonke elo lizwe? Kunoko, ngaba ayiyi kunikel’ ingqalelo kwikomkhulu kuqala, imisela isigqeba esitsha yaye iqhawula lonke unxibelelwano nabahlobo abasenyongweni nababeziintonga ezisekhosi abanamaqhetseba bomongameli wangaphambili? Ngaloo ndlela, xa lonke igunya lingakuye, unokulawula ekwitrone ecocekileyo nefanelekileyo. Yena loo mongameli unganyanisekanga, ngaba ebengayi kulisebenzisa ngokuyingenelo ixeshana lakhe eliseleyo ukuze athabathe kwelo lizwe yonke inzuzo embi anokuyifumana ngaphambi kokuba asuswe esihlalweni?
12 Ngokungathi kunjalo, oku kuyafana nepa·rou·siʹa kaKristu. ISityhilelo 12:7-12 sibonisa ukuba xa uKristu wenziwa uKumkani ezulwini, waqala wakhahlela uSathana needemon zakhe ngaphandle kwamazulu, ngaloo ndlela ecoca isihlalo sobukhosi sorhulumente Wakhe. Emva kokuba efumene oku koyiswa bekukudala kulindelwe, wenza ntoni uSathana ebudeni ‘bexesha elifutshane’ analo ngaphambi kokuba uKristu asebenzise igunya lakhe elipheleleyo apha emhlabeni? Njengala mongameli unganyanisekanga, uzama ukufumana nantoni na anokuyifumana kule nkqubo indala. Akafuni mali; ufuna ubomi babantu. Ufuna ukwahlukanisa abantu abaninzi kangangoko anako noYehova kunye noKumkani Wakhe olawulayo.
13. IZibhalo zibonisa njani ukuba ukuqalisa kukaKristu ukulawula kuya kuba lixesha leenkathazo apha emhlabeni?
13 Ngoko, akumangalisi ukuba ukuqalisa kolawulo lukaMesiya kuthetha ‘uyeha emhlabeni.’ (ISityhilelo 12:12) Ngokufanayo, INdumiso 110:1, 2, 6 ibonisa ukuba uMesiya uqalisa ulawulo lwakhe ‘phakathi kweentshaba zakhe.’ Kuphela kukamva apho athi azityumze ngokupheleleyo ‘iintlanga,’ ndawonye nazo zonke iinkalo zenkqubo kaSathana eyonakeleyo, ziphele zithi tu!
Xa UMesiya Elawula Umhlaba
14. Yintoni uMesiya aya kukwazi ukuyenza emva kokutshabalalisa inkqubo engendawo yezinto kaSathana?
14 Emva kokuba etshabalalise inkqubo kaSathana nabo bonke abayixhasayo, uKumkani onguMesiya, uYesu Kristu, uya kuthi ekugqibeleni abe kwimeko yokuzalisekisa iziprofeto zeBhayibhile ezimangalisayo ezichaza uLawulo lwakhe lweMinyaka Eliwaka. UIsaya 11:1-10 uyasinceda sibone uhlobo lomlawuli uMesiya aya kuba lulo. Isa 11 Indinyana 2 isixelela ukuba uya kuba ‘nomoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha [nowamandla, NW].’
15. ‘Umoya wamandla’ uya kuthetha ntoni kulawulo lukaMesiya?
15 Khawucinge ngoko kuya kuthethwa ‘ngumoya wamandla’ kulawulo lukaYesu. Xa wayesemhlabeni, wayenomlinganiselo othile wamandla awayewanikwe nguYehova, awamenza wakwazi ukwenza imimangaliso. Ibe wabonakalisa umnqweno osuka entliziyweni wokunceda abantu, esithi, “Ndiyathanda.” (Mateyu 8:3) Kodwa imimangaliso yakhe yezo ntsuku yayisalatha kwangaphambili koko aya kukwenza xa elawula esemazulwini. UYesu uya kwenza imimangaliso ehlabathini lonke! Abagulayo, iimfama, izithulu, izilima neziqhwala ziya kuphiliswa ngonaphakade. (Isaya 35:5, 6) Intabalala yokutya, okwabiwa kakuhle, iya kuligxotha ngonaphakade inxele likaKhetsekile. (INdumiso 72:16) Kuthekani ngezo zigidi zingenakubaleka zabasemangcwabeni uThixo avuyiswayo kukubakhumbula? ‘Amandla’ kaYesu aya kuquka amandla okubavusa, ngamnye wabo enikwa ithuba lokuphila ngonaphakade eParadisi! (Yohne 5:28, 29) Sekunjalo, nangona eya kube enamandla kangako, uKumkani onguMesiya uya kusoloko ethobeke ngokuphawulekayo. ‘Livumba elithozamisayo kuye ukoyika uYehova.’—Isaya 11:3.
16. UKumkani onguMesiya uya kuba luhlobo olunjani loMgwebi, ibe oko kuya kungqubana njani nezibakala ezingabagwebi babantu?
16 Kwakhona lo Kumkani uya kuba nguMgwebi ogqibeleleyo. ‘Akayi kugweba ngokokubona kwamehlo akhe, angohlwayi ngokokuva kweendlebe zakhe.’ Nguwuphi umgwebi ongumntu, owayekhe waphila okanye okhoyo ngoku, onokuchazwa ngaloo ndlela? Kwanoyena mntu unobuchule bokugweba unokugweba kuphela ngoko akubonayo nakuvayo, esebenzisa nabuphi na ubulumko okanye ukuqonda asenokuba nako. Ngaloo ndlela, xa ijaji nabagwebi beli hlabathi lidala besenza izigqibo basenokuphenjelelwa okanye badidwe ziinkcuba-buchopho, bubuchule beenkundla zamatyala, okanye bubungqina obungqubanayo. Ngokufuthi kuphela iba zizityebi nabantu abanamagunya athile abanokuthethelelwa ngokuphumelelayo, enyanisweni bekuthenga okusesikweni. Akunjalo phantsi koMgwebi onguMesiya! Ufunda iintliziyo. Akukho nanye into eya kudlula nje engayiphawulanga. Okusesikweni, okubangelwa luthando nayinceba, akuyi kuthengiswa. Kuya kusoloko kukho.—Isaya 11:3-5.
Indlela Ulawulo Lwakhe Olukuchaphazela Ngayo
17, 18. (a) Nguwuphi umfanekiso oqaqambileyo wekamva loluntu ozotywe kuIsaya 11:6-9? (b) Sisebenza koobani esi siprofeto ngokuyintloko, ibe kutheni kunjalo nje? (c) Esi siprofeto siya kuba nayo njani inzaliseko yokoqobo?
17 Kuyaqondakala ukuba ulawulo lukaMesiya lunempembelelo enkulu kubalawulwa balo. Luguqula abantu. UIsaya 11:6-9 ubonisa indlela ezinkulu ngayo iinguqulelo ezinjalo. Esi siprofeto sizoba umfanekiso ochukumisayo wezilwanyana zasendle ezinoburhalarhume—iibhere, iingcuka, amahlosi, iingonyama, amaphimpi—zihleli kunye nezilwanyana zasekhaya ezingenabungozi kwanabantwana. Kodwa la marhamncwa awanabungozi! Kutheni? Isa 11 Indinyana 9 iyaphendula: “Aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.”
18 Kakade ke, “ukwazi uYehova” akunakuba namphumo kwizilwanyana zokoqobo; ngaloo ndlela ezi ndinyana ngokuyintloko zimele zibe zisebenza ebantwini. Ulawulo lukaMesiya luxhasa ucwangciso lwemfundo yehlabathi, lufundisa abantu ngoYehova nangeendlela zakhe, lufundisa bonke ukuba baphathe abanye abantu ngothando, ngentlonelo nangesidima. KwiParadisi ezayo, uMesiya uya kuphakamisela uluntu ngokungummangaliso kwimfezeko engokwasemzimbeni nengokokuziphatha. Imizila yobulwanyana eyonakalisa ubume babantu abangafezekanga iya kube ingekho. Kwakhona, ngokwengqiqo yokoqobo, uluntu luya kuba seluxolweni nezilwanyana—ekugqibeleni!—Thelekisa iGenesis 1:28.
19. Ulawulo lukaMesiya lubuchaphazela njani ubomi babantu kule mihla yokugqibela?
19 Noko ke, khumbula ukuba uMesiya uyalawula ngoku. Kwanangoku, abalawulwa boBukumkani bakhe bafunda ukuphila kunye ngoxolo, bezalisekisa uIsaya 11:6-9 ngenye ingqiqo. Ngaphezu koko, phantse kangangeminyaka engama-80, uYesu ebezalisekisa uIsaya 11:10: “Kuya kuthi ngaloo mini, ihlumelo likaYese, [“elime njengomqondiso ebantwini,” NW], iintlanga ziquqele kulo; nendawo yokuphumla kwalo ibe bubuqaqawuli.” Abantu bazo zonke iintlanga baquqela kuMesiya. Kutheni? Ngenxa yokuba kususela oko waqalisa ukulawula, ebesoloko ‘emi njengomqondiso.’ Ebesenza ubukho bakhe baziwe ehlabathini ngokubanzi ngocwangciso olukhulu lwemfundo oluchazwe ngasentla. Enyanisweni, uYesu waxela kwangaphambili ukuba umsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke uya kuba ngumqondiso obalaseleyo wobukho bakhe ngaphambi kwesiphelo sale nkqubo indala.—Mateyu 24:14.
20. Sisiphi isimo sengqondo abamele bonke abalawulwa bolawulo lukaMesiya basiphephe, yaye ngoba?
20 Ngoko ubukho bukaKristu esemandleni obuKumkani asingombandela omncinane, into nje ethethwa ngomlomo, into nje ekuphikiswana ngayo kuvavanyo lwengqondo phakathi kwabafundi ngezakwalizwi. Ulawulo lwakhe luchaphazela ibe luguqula ubomi babantu apha emhlabeni, kanye njengoko uIsaya waxela kwangaphambili ukuba lwaluya kwenjenjalo. UYesu uye watsala izigidi zabalawulwa boBukumkani bakhe ukuphuma kule nkqubo yehlabathi eyonakeleyo. Ngaba ungomnye umlawulwa onjalo? Ngoko khonza ngalo lonke ihlombe novuyo olumfaneleyo uMlawuli wethu! Kuyavunywa ukuba kulula gqitha ukutyhafa, ukuthelela kwisikhalo esigxekayo seli hlabathi esithi: “Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe?” (2 Petros 3:4) Kodwa njengokuba uYesu watshoyo, “onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.”—Mateyu 24:13.
21. Thina sonke singalukhulisa njani uxabiso lwethu ngethemba elingoMesiya?
21 Suku ngalunye oludlulayo lusisondeza kwimini enkulu uYehova aya kumyalela ngayo uNyana Wakhe ukuba enze ubukho bakhe bubonakale kulo lonke ihlabathi. Ungaze uvumele ithemba lakho ngaloo mini lifiphale. Camngca ngokuba nguMesiya kukaYesu nangeempawu zakhe njengoKumkani olawulayo. Kwakhona, cinga nzulu ngoYehova uThixo, umyili nombangeli oyintloko wethemba elibalaseleyo elingoMesiya elandlalwe eBhayibhileni. Njengoko usenjenjalo, ngokungathandabuzekiyo uya kuvakalelwa ngakumbi nangakumbi njengoko umpostile uPawulos wavakalelwayo xa wabhala oku: “Hayi, ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo!”—Roma 11:33.
[Imibhalo esemazantsi]
a Emva phaya ngowe-1864 umfundi ngezakwalizwi uR. Govett wakubeka oku ngale ndlela: “Kum oku kubonakala kuzicacele. Ukunikelwa komqondiso woBukho kubonisa ukuba buyimfihlelo. Asifuni mqondiso wokusazisa ngobukho boko sikubonayo.”
b Ukuze ufumane iinkcukacha, bona incwadi ethi “Let Your Kingdom Come,” iphepha 133-9.
Ungaphendula Uthini?
◻ UKristu ubuya ngayiphi indlela?
◻ Sazi njani ukuba ipa·rou·siʹa kaKristu ayibonakali yaye ihlala ixesha elide?
◻ Buqalisa nini ubukho bukaKristu, ibe sikwazi njani oku?
◻ Uluhlobo olunjani loMlawuli wasemazulwini uMesiya?
◻ Kungaziphi iindlela oluthi ulawulo lukaKristu luchaphazele ubomi babalawulwa balo?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ithemba lokuba uYesu uya kubuya lalithetha okukhulu kubapostile bakhe abathembekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Elawula esemazulwini, uYesu uya kwenza imimangaliso ehlabathini lonke
[Inkcazelo]
Earth: Based on NASA photo