Ukukhanyisa Ngobukho BukaKristu
“Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, . . . [“uya kubahlula,” NW] abanye kwabanye.”—MATEYU 25:31, 32.
1. Abefundisi beNgqobhoko baye bawatolika njengathetha ukuthini amazwi akuMateyu 24:3?
KWIINTSUKU ezintathu ngaphambi kokufa kukaYesu, abafundi bakhe abane beza kuye baza ngokunyanisekileyo bambuza bathi: “Sixelele, ziya kubakho nini na ezi zinto? yaye uya kuba yini na umqondiso wokuza [pa·rou·siʹa ngesiGrike] kwakho, nowokupheliswa kwehlabathi?” Kangangeenkulungwane, abefundisi nababhali beNgqobhoko baye bawatolika la mazwi abafundi bakaYesu akuMateyu 24:3 (King James Version) njengathetha ukuba uya kubonakala kwakhona esenyameni ukuze abonwe luluntu lonke. Ngenxa yoko, baye bafundisa ukuba ukubuya kukaKristu kuya kuphelekwa ngumboniso onobuqheleqhele obungathethekiyo. Babhekisela koku njengokuza kukaKristu kwesibini. Kodwa ngaba iingcamango zabo zichanile?
2, 3. (a) UMqulu 2 weStudies in the Scriptures ulahlukanisa njani igama elithi “ukuza” kwelithi “ubukho”? (b) Abantu bakaYehova bayiqonda njani intsingiselo yepa·rou·siʹa kaKristu?
2 Ngowe-1889, abathanjiswa bakaYehova, njengabathwali bokukhanya benkulungwane ye-19, babesele belungisiwe kumbandela wokubuya kukaKristu. KuMqulu 2 weStudies in the Scriptures, iphepha 158 ukusa kwele-161, uCharles T. Russell, umongameli wokuqala weWatch Tower Bible and Tract Society, wabhala oku: “UParousia . . . uthetha ubukho, yaye akafanele aguqulelwe ngokuthi ukuza, njengakwiBhayibhile yesiNgesi eqhelekileyo . . . I-‘Emphatic Diaglott,’ inguqulelo exabiseke kunene yeTestamente Entsha, iguqulela ngokufanelekileyo igama elithi parousia ngokuthi, ubukho . . . , kungekhona ngokuthi ukuza, ngokungathi usendleleni, kodwa ngokuthi ubukho, njengokuba [uYesu] esithi xa selefikile, ‘Njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, yoba njalo neparousia [ubukho] yoNyana womntu.’ Phawula, akuthelekiswa ukuza kukaNowa nokuza kweNkosi yethu . . . Ngoko, kuthelekiswa ixesha lobukho bukaNowa phakathi kwabantu ‘ngaphambi komkhukula,’ nexesha lobukho bukaKristu ehlabathini, ekubuyeni kwakhe kwesibini, ‘ngaphambi komlilo’—inkathazo engathethekiyo yeMini yeNkosi [uYehova] esi sizukulwana esiya kuphela ngayo.”—Mateyu 24:37, NW.
3 Ngoko abantu bakaYehova benkulungwane ye-19 ngokuchanileyo baqonda ukuba ipa·rou·siʹa kaKristu yayiya kuba yengabonakaliyo. Kwakhona baqonda ukuba amaXesha eeNtlanga ayeya kuphela ekwindla ngowe-1914. Njengoko ukukhanya kokomoya kwakusanda, kamva baqonda ukuba uYesu Kristu wayebekwe etroneni ezulwini njengoKumkani woBukumkani kwangaloo nyaka, ngowe-1914.—IMizekeliso 4:18; Daniyeli 7:13, 14; Luka 21:24; ISityhilelo 11:15.
“Ubukho BeNkosi Yethu”
4. “Ubukho beNkosi yethu uYesu Kristu” bubhekisela entwenini?
4 Ngoko, kumhla wethu, lithetha ukuthini ibinzana leBhayibhile elithi “ubukho beNkosi yethu uYesu Kristu”? (1 Tesalonika 5:23, NW) Enye incwadi ithi igama elithi “ubukho,” pa·rou·siʹa, “laba ligama elingokwasemthethweni lokuchaza utyelelo lomntu okwisigxina esiphakamileyo, ngokukodwa ookumkani nabalawuli abatyelele iphondo.” Ngoko eli binzana libhekisela kubukho basebukhosini beNkosi uYesu Kristu njengoKumkani, ukususela ngowe-1914 ukusa phambili, emva kokuba ebekwe etroneni ezulwini. Ukho ngokungabonakaliyo ukuze ‘abe nobukhosi phakathi kweentshaba zakhe,’ elawula ngenkuthalo njengoKumkani yaye ezalisekisa lo myalelo obuprofeti. (INdumiso 110:2) Kangangeminyaka engama-79 abantu abasemhlabeni bebesiva imiphumo yobukho obungabonakaliyo bukaKristu engukumkani.
5. Yintoni eyenzeka ebudeni bepa·rou·siʹa eza kuxutyushwa kumanqaku amathathu eli phephancwadi?
5 Kolu ngcelele lwamanqaku amathathu, siza kuhlolisisa ubungqina obuhlab’ umxhelo boko kuye kwafezwa buBukumkani bukaKristu ebudeni beli thuba. Okokuqala, siza kuthetha ngeziprofeto zeBhayibhile eziliqela ezixela kwangaphambili iziganeko ezisele zenzekile okanye ezenzekayo ngoku sithethayo. Okwesibini, siza kuchaza umsebenzi omkhulu ophunyezwa ludidi lomkhonzi othembekileyo noqondayo uYesu alusebenzisayo ngalo lonke eli xesha lobukho bakhe njengokumkani. (Mateyu 24:45-47) Inqaku lesithathu liya kusichazela ngokuqosheliswa okuzukileyo, ixesha ‘lembandezelo enkulu.’ Elo lixesha uYesu aya kuza ngalo njengoMtshabalalisi kaYehova ukuze atshabalalise abantu abangemalungisa aze asindise amalungisa. (Mateyu 24:21, 29-31) Elo xesha lentshabalaliso lichazwa ngumpostile uPawulos njengelizisela “nina babandezelwayo, anibuyekeze ngokuniphumza kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo; inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu.”—2 Tesalonika 1:7, 8.
Umqondiso
6. Nguwuphi umqondiso oyintlanganisela ochazwe kuMateyu isahluko 24 nesama-25?
6 Kwiminyaka engamakhulu alishumi elinesithoba eyadlulayo, abafundi bakaYesu ababethwala ukukhanya bathi makabanike umqondiso, okanye ubungqina, wobukho bakhe kwixesha elizayo ekumandla oBukumkani. Impendulo yakhe, ebhalwe kwisahluko sama-24 nesama-25 kuMateyu, inikela umqondiso oyintlanganisela, ozalisekayo ngoku emhlabeni wonke. Ukuzaliseka kwaloo mqondiso kubonisa ukuba eli iya kuba lixesha lembandezelo nelokuvavanywa ngokuqatha. UYesu walumkisa wathi: “Lumkani ningalahlekiswa mntu. Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu, balahlekise into eninzi. Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.”—Mateyu 24:4-6.
7. Ziziphi iimbalasane zomqondiso esiye sazibona zizaliseka ukususela ngowe-1914?
7 Kwakhona uYesu waprofeta ukuba kwakuya kubakho iimfazwe eziya kubangela umonakalo ongathethekiyo. Njengenzaliseko yoko, ezimbini zazo ziye zachazwa njeemfazwe zehlabathi, enye yabakho ukususela ngowe-1914 ukusa kowe-1918 yaye eyesibini ukususela ngowe-1939 ukusa kowe-1945. Ukongezelela, wathi kwakuya kubakho iindlala neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo. AmaKristu okwenyaniso ayeya kutshutshiswa kanobom. Njengenzaliseko yeso siprofeto, amaNgqina kaYehova, abathwali bokukhanya banamhlanje, kula mashumi eminyaka asibhozo adluleyo aye atshutshiswa, ngoxa ebeshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani “kulo elimiweyo liphela zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mateyu 24:7-14) Zizonke iiYearbook of Jehovah’s Witnesses zongezelela kubungqina bokuba ezi nkalo zomqondiso ziyazaliseka.
8, 9. (a) Ubukho bukaYesu njengokumkani bubandakanya ntoni? (b) Isiprofeto sikaYesu esiphathelele ooKristu bobuxoki sibonisa ntoni ngendawo nobunjani bobukho bakhe?
8 Ekubeni uYesu enguKumkani womhlaba wonke, unqulo lokwenyaniso luyanda kuwo onke amazwekazi. Ubukho bakhe njengokumkani (pa·rou·siʹa) lixesha lokuvelela umhlaba wonke. (1 Petros 2:12) Kodwa ngaba kukho isixeko esilikomkhulu, okanye iziko, anokubonwa kulo uYesu? UYesu wakuphendula oku ngokuxela kwangaphambili ukuba xa kulindelwe ubukho bakhe, kwakuya kuvela ooKristu bobuxoki. Walumkisa wathi: “Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko [uKristu] entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, buya kuba njalo [“ubukho,” NW] [pa·rou·siʹa] boNyana woMntu.”—Mateyu 24:24, 26, 27.
9 UYesu, ‘uNyana womntu,’ wayeyazi kakuhle kunaye nabani na ongomnye emhlabeni indlela awayeya kubonwa ngayo nendawo awayeya kuba kuyo ngexesha lobukho bakhe. Wayengayi kufumaneka apha okanye phaya okanye nakweyiphi na indawo ekhethekileyo emhlabeni. Wayengayi kubonakala kwindawo ethile ekwanti, “entlango,” ukuze abo bafuna uMesiya babe nokubonana naye bengabonwa ngamagunya aseburhulumenteni elo lizwe, nalapho abalandeli babenokuqeqeshwa khona ngaphantsi kokhokelo lwakhe, belungiselela ukuzigqebha olungophiyo ezobupolitika baze bammisele njengoMlawuli onguMesiya wehlabathi. Kwaye wayengayi kuzifihla “emagumbini” athile, indawo akuyo isaziwa ngabambalwa abakhethiweyo kuphela, ukuze apho, engaqondwanga yaye engabonwa, akwazi ukwenza iyelenqe aze aqulunqe indlela yena namahlakani akhe abanokubabhukuqa ngayo oorhulumente behlabathi aze yena athanjiswe njengoMesiya othenjisiweyo. Nakanye!
10. Imibane yenyaniso yeBhayibhile iye yabaneka njani emhlabeni wonke?
10 Ngokwahlukileyo koko, kwakungayi kubakho nto ifihlwayo ngokufika kukaYesu njengoKumkani, eqalisa ubukho bakhe njengokumkani. Njengokuba uYesu waxela kwangaphambili, emhlabeni wonke, imibane yenyaniso yeBhayibhile iyaqhubeka ibaneka kwimimandla emikhulu ukusuka empumalanga ukuya kutsho entshonalanga. Ngokwenene, njengabathwali bokukhanya banamhlanje, amaNgqina kaYehova angqineka ‘esisikhanyiso seentlanga, ukuze usindiso [lukaYehova], lufikelele eziphelweni zehlabathi.’—Isaya 49:6.
Umsebenzi Wezithunywa
11. (a) Izithunywa zisetyenziswa njani ekukhanyiseni ukukhanya koBukumkani? (b) Amalungu odidi lwengqolowa ahlanganiswa nini yaye ahlanganiselwa kweliphi iqela?
11 Ezinye iindinyana ezithetha ngobukho bukaYesu zimchaza njengalowo uphelekwa zizithunywa zezulu okanye ‘ozithumayo.’ (Mateyu 16:27; 24:31) Kumzekeliso wengqolowa nomdiza, uYesu wathi “intsimi lihlabathi” yaye “ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu.” Noko ke, oku akuthethi ukuba, ebudeni bobukho bakhe ekumandla nozuko loBukumkani, usebenzisa kuphela abathunywa abazizithunywa zezulu emhlabeni. Ukususela ngowe-1919, izithunywa eziphantsi kolwalathiso lukaYesu zahlula udidi lwengqolowa lwabathanjiswa abazelwe ngomoya abasesemhlabeni, olwalusasazekile ngenxa yeziganeko zeMfazwe Yehlabathi I, yaye aba balungiselelwa umsebenzi ongakumbi egameni loKumkani. (Mateyu 13:38-43) Ngeminyaka yee-1920 amanye amawaka azimisa ngakuBukumkani bukaThixo obumiselweyo aza athanjiswa ngomoya kaThixo. Aba bathanjiswa bongezelelwa kwizintlu zentsalela eyayikho. Xa bebonke, babumba udidi lomkhonzi othembekileyo noqondayo lwanamhlanje.
12. Izithunywa ziye zabandakanyeka kokuphi ukucoca, yaye ngawuphi umphumo emhlabeni?
12 Omnye umzekelo wokubandakanyeka kwezithunywa ebudeni bobukho bukaYesu nasemva kokubekwa kwakhe etroneni ngowe-1914 ubhalwe kwiSityhilelo 12:7-9: “UMikayeli [uYesu Kristu] nezithunywa zakhe besilwa nenamba, inamba nezithunywa zayo zisilwa; azaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini. Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo.” Ngaloo ndlela, amazulu angasentla ngoku acociwe, ngummandla wasemhlabeni woBukumkani ekusafuneka ucocwe ngokupheleleyo ukuze kungcwaliswe igama likaYehova. Kulo nyaka we-1993, esi silumkiso sobuthixo sisasebenza: “Yeha, abo bawumiyo umhlaba . . . ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.”—ISityhilelo 12:12.
Uvuko Lwasezulwini
13, 14. (a) IZibhalo zibonisa ukuba bekusenzeka ntoni ukususela ngowe-1918 ukusa phambili? (b) UPawulos noYohane batyhila ntoni ngokuphathelele intsalela ethanjisiweyo namhlanje?
13 Enye into emangalisayo eyenzekayo ngexesha lobukho bukaKristu kukuqalisa kovuko lwasezulwini. Umpostile uPawulos wabonisa ukuba loo maKristu athanjisiweyo ekudala elele emangcwabeni ayeya kuba ngawokuqala ukubuyiselwa ebomini aze ahlale noKristu Yesu kummandla wokomoya. Ukutyhubela iminyaka kuye kwanikelwa ubungqina obubonisa ukuba kubonakala ukuba oku kwenzeka ukususela ngowe-1918 ukusa phambili. UPawulos uyabhala: “Nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke. Elowo ke kolwakhe uluhlu: Intlahlela inguKristu, kamva abakaKristu ngexesha lobukho [pa·rou·siʹa] bakhe.” (1 Korinte 15:22, 23, NW) Ukuvuswa kwabathanjiswa ebudeni bobukho bukaKristu kungqinwa kweyoku-1 kwabaseTesalonika 4:15-17 (NW) ethi: “Kuba oku siyakutsho kuni ngelizwi likaYehova, ukuthi thina babudlayo ubomi baya kuba besekho ngexesha lobukho [pa·rou·siʹa] beNkosi asisayi kubaphangela abalele ukufa . . . Abafele kuKristu bavuke kuqala. Sandule thina babudlayo ubomi, kunye nabo, sixwilelwe emafini siye kudibana neNkosi esibhakabhakeni.” Bali-144 000 abangabakaKristu njengabathanjiswa abathi ekugqibeleni bafumane lo mvuzo umangalisayo.—ISityhilelo 14:1.
14 Njengoko uPawulos ebonisa, abo bentsalela ethanjisiweyo basaphilayo namhlanje abangeni kuqala eBukumkanini kunabafeli-nkolo bamandulo ababengamaKristu nababethembekile. Umpostile uYohane uhlabela mgama achaze abo bathanjiswa bafa kulo mhla wethu ngale ndlela: “Banoyolo abafi, abo bafela eNkosini, kuthabathela apha; ewe utsho uMoya, ukuba baphumle ekubulalekeni kwabo; imisebenzi yabo ke ilandelana nabo,” oko kukuthi, xa bevusiwe. (ISityhilelo 14:13) Yaye uPawulos uthi: “Yabonani, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke, ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina.” (1 Korinte 15:51, 52) Hayi indlela okhwankqisa ngayo lo mmangaliso!
15, 16. (a) Nguwuphi umzekeliso owenziwa nguYesu kuLuka 19:11-15, yaye ngasiphi isizathu? (b) Esi siprofeto siye sazaliseka njani?
15 Ngesinye isihlandlo xa uYesu wayeshumayela kwiqela labalandeli bakhe ngoBukumkani bukaThixo, wasebenzisa umzekeliso ukubanceda balungise iingcamango zabo eziphosakeleyo. Le ngxelo ifundeka ngolu hlobo: “Babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko. Wathi ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye. Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike. . . . Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.”—Luka 19:11-15.
16 NguYesu loo “mntu” waya ezulwini, “ezweni elikude,” apho wayeza kufumana ubukumkani khona. Obo Bukumkani wabufumana ngowe-1914. Kungekudala emva koko, uKristu njengoKumkani weza ukuze aphendulise abo babesithi bangabalandeli bakhe ngoko babekwenzile ukunyamekela izilangazelelo zoBukumkani awayebagcinise zona. Abambalwa abathembekileyo bakhethwa ukuba banconywe yinkosi: “Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba waba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi.” (Luka 19:17) Eli xesha lobukho bukaKristu lalibandakanya umsebenzi oqhubekayo wokushumayela ngoBukumkani ngamandla, kuquka nokuvakaliswa kwemigwebo kaThixo kwabangendawo, nokuvelela lo msebenzi kwakuqukiwe kwigunya elanikwa ‘umkhonzi olungileyo.’
Ukushumeyela Ehlabathini Lonke
17. Luluphi uvuyo oluya kubakho ebudeni bepa·rou·siʹa?
17 Yintoni enye eyayiza kwenzeka ebudeni beli xesha lepa·rou·siʹa? Laliza kuba lixesha lokuvuya okukhulu kumsebenzi wokushumayela nokunceda abatsha balungele ukusinda kwimbandezelo enkulu ezayo. Aba ‘besihlwele esikhulu,’ esincedisa intsalela, baba “ziincwadi zoncomelo.” (ISityhilelo 7:9; 2 Korinte 3:1-3, NW) UPawulos uthetha ngovuyo lwalo msebenzi wokuvuna xa esithi: “Kuba liyintoni na ithemba lethu novuyo lwethu nesithsaba sethu soqhayiso—asinini aba na?—phambi kweNkosi yethu uYesu ngexesha lobukho [pa·rou·siʹa] bayo?”—1 Tesalonika 2:19, NW.
Ukuzigcina Ucocekile Yaye Ungenakusoleka
18. (a) Nguwuphi umthandazo kaPawulos othetha ngepa·rou·siʹa? (b) Nguwuphi umoya esimele siwubonakalise sonke ebudeni beli xesha, yaye ngaziphi iindlela?
18 Kwakhona uPawulos wathandazela ukungcwaliswa kwabo baphilayo ngeli xesha lobukho bukaKristu esithi: “Wanga ke uThixo woxolo anganingcwalisa niphelelisekile. Ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba wenu bazalwana ugcinwe ngokungenakusoleka ngexesha lobukho [pa·rou·siʹa] beNkosi yethu uYesu Kristu.” (1 Tesalonika 5:23, NW) Ewe, namhlanje, enoba singabentsalela ethanjisiweyo okanye singabenkitha yezinye izimvu, umoya wentsebenziswano usimanyanisa ngokunyanisekileyo ukuze siqhubeke sicocekile singenakusoleka ebudeni beli xesha likhethekileyo. Ngokufanayo, kufuneka sibe nomonde. UYakobi wabhala oku: “Ngoko ke, yibani nomonde bazalwana, de kube lixesha lobukho [pa·rou·siʹa] beNkosi. . . . Mazizimaseke iintliziyo zenu, kuba ubukho [pa·rou·siʹa] beNkosi busondele.”—Yakobi 5:7, 8.
19. Sisiphi isilumkiso esanikelwa nguPetros ngokuphathelele ipa·rou·siʹa, yaye sifanele sisabele njani?
19 Kwakhona umpostile uPetros wathetha okuthile kuthi baphilayo ngeli xesha. Wasilumkisa ngabagxeki, abaninzi kuzo zonke iindawo zomhlaba. UPetros uthi: “Nikwazi nje oku kuqala, ukuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki begxeka, behamba ngokwezabo iinkanuko besithi: ‘Liphi na kaloku idinga lobukho [pa·rou·siʹa] bakhe? Kaloku, kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.’” (2 Petros 3:3, 4, NW) Phezu kwako nje ukubakho kwabagxeki abaninzi ngeli xesha lobukho bukaKristu, abantu bakaYehova bayaqhubeka bebengezela njengokukhanya kwehlabathi, ukuze kusindiswe abaninzi.
Imibuzo Yempinda
◻ Abantu bakaYehova baye bakhanyiselwa ngokuqhubekayo njani ngokuphathelele ipa·rou·siʹa?
◻ UMateyu 24:4-8 uye wazaliseka njani?
◻ Izithunywa ziye zasebenzisana njani noKristu obekwe etroneni?
◻ Nguwuphi ummangaliso okhwankqisayo owenzeka ebudeni bepa·rou·siʹa?
◻ Luluphi uvuyo olukhoyo ebudeni beli xesha, yaye ngoobani abavuyayo?