IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 9/15 iphe. 21-23
  • Wulawule Umoya Wakho!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Wulawule Umoya Wakho!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Phuthuma Ikhondo Lobulumko
  • Yiba Nomoya Ozolileyo
  • Liphephe Ikratshi
  • Yenza Ngobulali
  • Kutheni Umele Uwulawule Umoya Wakho?
  • Ithini IBhayibhile Ngokuba Nomsindo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Indlela Yokulawula Umsindo—Owakho Nowabanye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Umsindo—Uyintoni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Ngaba Kusoloko Kuphosakele Ukuba Nomsindo?
    Vukani!—1994
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 9/15 iphe. 21-23

Wulawule Umoya Wakho!

“ABANTU abanomsindo, abagxekayo banamathuba aphindwe kahlanu okufa beneminyaka engaphantsi kwama-50 kunabantu abazolileyo nabangenasikrokro, ugqirha wezifo zengqondo uye wafumanisa oko.” IThe New York Times kaJanuwari 17, 1989 yanikela loo ngxelo. UGqr. Redford B. Williams, oyinjingalwazi kwiZiko Lonyango leYunivesithi iDuke yaseDurham, eNorth Carolina, “wasekela imiphumo yophando lwakhe kwizifundo ezininzi.” “Wathi, iintliziyo ezingenasikrokro zihlala ixesha elide kuba zikhuselekile ekonakalisweni yinkqubo yemithambo-luvo,” yanikela loo ngxelo iTimes.

Umsindo unokulunyusa uxinzelelo-gazi, ubangele iingxaki zokuphefumla, yaye uneminye imiphumo emibi. Umsindo ovuthayo unokuphazamisa inkqubo yokucinga, yaye umphumo usoloko ukukudandatheka kwengqondo okugqithiseleyo. Imiphumo yokuba nomsindo ikwamibi nakwimpilo yokomoya yomntu. Akumangalisi ukuba iBhayibhile ibe ithi: “Bubomi benyama intliziyo epholileyo.” (IMizekeliso 14:30) Ewe, kuyimpilo ukuwulawula umoya wakho. Kodwa phawula ezinye izizathu zokwenjenjalo.

Phuthuma Ikhondo Lobulumko

Nabani na osezingqondweni ufuna ukwenza ngobulumko. Enye indlela yokukwenza oku kukubonakalisa ukuzeyisa. Malunga noku, IMizekeliso 29:11 icacisa ngolu hlobo: “Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha [“umoya,” NW] kwaso, ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.”

EBhayibhileni igama elithi “umoya” ngokufuthi libhekisela kwisimo sengqondo esesameleyo esishukumisa umntu ukuba aphuthume ikhondo elithile. “Isinyabi” siwukhupha wonke umoya waso, kuba asiwulawuli. Siyawuvumela umsindo waso ukuba ugqabhuke ngaphandle kokuzikhathaza ngemiphumo. Umoya ongaphakathi kwesinyabi usenokuqala ngokusenza sibonakale sinomsindo. Sisenokwandula ke umoya waso siwubhodle ngokuthetha rhabaxa nangezenzo ezibubudenge.

Noko ke, umntu olumkileyo uwudambisela “embilinini” umoya wakhe. Uyawulawula yaye ukuhlolisisa ngenyameko oko kusenokwenzeka ukuba uyawuvumela umsindo. Nokuba yena unesizathu esihle sokuba nomsindo, uyaqonda ukuba ukwenza ngokukhawuleza ngoxa ekuloo meko icaphukileyo yengqondo kusenokubangela umonakalo omkhulu. Ngenxa yoko, uqhelisela ukuzeyisa yaye uyazibamba ekubonakaliseni umsindo wokungakhathali, nongalawulekiyo. Ukhangela kuYehova ukuze amncede, mhlawumbi esenza umthandazo osentliziyweni nokhawulezileyo. Ekugqibeleni, ukwenzela ingenelo yabo bonke ababandakanyekileyo, umntu osisilumko unako ukuwulawula umsindo wakhe aze aqiqe ngokucacileyo ngokuvisisana neZibhalo kwanokuthanda kukaThixo. Ngaphezu koko, umntu osisilumko uyaqonda ukuba akafanele afukame umsindo kuba oko kusenokumqaqadekisela kwikhondo lobuyatha nasekwenzeni isono.

Umntu osisilumko ukwasebenzisa isiluleko sompostile uPawulos esithi: “Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile; kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo.” (Efese 4:26, 27) Ukuba unokuba nesizathu esihle sokuba nomsindo, musa ukuhlala ucaphukile, kude kutshone nelanga ukuloo meko. Ngoba? Ngenxa yokuba uya kuba ngaloo ndlela umkhwelela indawo uSathana uMtyholi ukuba azenzele kuwe, mhlawumbi ekuqhubela ekwenzeni ububi uze ulahlwe nguThixo. (INdumiso 37:8, 9) Endaweni yoko, wulawule umoya wakho uze uzizinzise ngokukhawuleza iinzima ezisenokuba ziye zavusa umsindo wakho.—Mateyu 18:15-17.

Yiba Nomoya Ozolileyo

Omnye umzekeliso uthi: “Owanqandayo amazwi akhe unokwazi: omoya upholileyo yindoda enengqondo.” (IMizekeliso 17:27) Umntu onolwazi lweLizwi likaThixo ‘uyawanqanda amazwi akhe’ yaye akazivumeli aphume into ngomlomo, ephololoza nje, ingakumbi xa ephazamisekile. Eluphaphele ulwalamano lwakhe noYehova nendawo efanelekileyo akuyo entlanganweni kaThixo, akayi kubuvumela ubushushu bomsindo ukuba bumoyise. Kunoko, “indoda enengqondo” izabalazela ukusoloko izolile yaye ilungelelene ekucingeni. Unomoya onjalo, nawe ungakwazi ukuzilawula kakuhle iimeko ebezinokuqhubela umntu osisidenge esonweni.

Ngokuvisisana noku, siyafunda: “Ozeka kade umsindo unengqondo eninzi; ke yena ozekanekayo ucaphula ukumatha.” (IMizekeliso 14:29) Ukungabi namonde xa uphazamisekile ngokweemvakalelo kunokukhokelela kwizenzo zobudenge. Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukuqwalasela oko kunokuba ngumphumo wentetho okanye ihambo engalawulwayo! Kungenjalo, umntu usenokungabi namonde aze enze okungebobulumko, ngaloo ndlela ‘ecaphula ukumatha.’ Ngoko ke, yiba ‘ngozeka kade umsindo,’ njengokuba uThixo enjalo, yaye uya kukuphepha ukwenza ngokungenamonde nangokungenabulumko.—Eksodus 34:6.

Liphephe Ikratshi

Ngenxa yekratshi, umntu usenokungabacingeli abanye yaye ade abe nomsindo okhawulezayo. Ngoko sifunda oku: “Indoda enomsindo ixhaya ingxabano; umntu onobushushu uzele lukreqo.” (IMizekeliso 29:22) Ukuba ubani akawulawuli umoya wakhe kodwa ‘unomsindo,’ ‘usenokuxhaya ingxabano,’ kwanaphakathi kwabahlobo. Yaye umntu “onobushushu uzele lukreqo.” Ewe, ngokuqinisekileyo uya kusenza isono—into umntu olumkileyo nohlonel’ uThixo anokufuna ukuyiphepha.

Ungaze ulibale ukuba uYehova akakholiswa likratshi nokugqabhuka komsindo okubangelwa kukukhukhumala. (IMizekeliso 16:18) Kulunge ngakumbi ukufuna uncedo lukaThixo ukuze ukwazi ukunyamezela iimvavanyo uze wenze ngokuthobekileyo kunokuyekelela umsindo okanye ubushushu obubangelwa likratshi.—IMizekeliso 29:23.

Yenza Ngobulali

Intobeko iyafuneka xa kusenzeka ukuba ukhalinyelwe ngumntu othile onegunya. Kwixesha elinjalo, imele ibe njani indlela yokuqala osabela ngayo? Mhlawumbi ungasabela ngentetho ekhawulezileyo, engalumkanga. Kodwa iBhayibhile iluleka ngolu hlobo: “Ukuba ukufutha komlawuli kuthe kwenyuka kwakuchasa, musa ukuyishiya indawo yakho; ngokuba ubulali buleleza izono ezikhulu.” (INtshumayeli 10:4) Hayi indlela ekububulumko ngakumbi ngayo ukuphendula ngobulali! Eneneni, “impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu.” (IMizekeliso 15:1) Kufuna ukuzeyisa ukuze usabele ngobulali, kodwa eli khondo lobulumko lishenxisa iingxaki lize lifak’ isandla kulwalamano olunoxolo.

Ukuba ulixhoba lokukhalinyelwa okungakufanelanga, kukho ithemba lokuba umntu onegunya uya kukuvumela ucacise izinto. Kakade ke, nayiphi na ingcaciso umntu unokuyinikela ngomoya ozolileyo enethemba lokuba imbono ephosakeleyo inokuthi ngaloo ndlela ilungiswe. Umntu onegunya unokufuna ukuwulawula umoya wakhe ukuze avumele ingcaciso enjalo, ibe oku bekuya kubonisa ukuba unobulumko namandla.

Enoba umKristu ukwisikhundla segunya okanye akunjalo, ufanele akhumbule kuba “ngumzi otyhoboziweyo, ongenaludonga, indoda engenakuzibamba umoya wayo.” (IMizekeliso 25:28) Umntu ongenasimo sengqondo sizolileyo nongawulawuliyo umoya wakhe uchanabeka kuhlaselo lweengcinga ezingalunganga ezinokumshukumisela ukuba enze ngeendlela eziphosakeleyo. UYesu Kristu, owamisela umzekelo ogqibeleleyo, ‘wayenobulali, ethobekile ngentliziyo.’ (Mateyu 11:29) Ngaphezu koko, ubulali sisiqhamo somoya oyingcwele kaThixo, lowo amaKristu afanele awuthandazele.—Luka 11:13; Galati 5:22, 23.

Kutheni Umele Uwulawule Umoya Wakho?

Siyawaxabisa amazwi azolileyo, kodwa ngokufuthi asiyazi into ephembelela umsindo ogqabhukayo. Ewe, umntu ongenamilinganiselo mihle usenokude aphumelele ekuwufihleni umsindo wakhe nozimiselo lwakhe lokuziphindezela komnye umntu ngenxa yetyala elenziweyo okanye elithelekelelwayo! Ngokuhanahanisa, usenokulinda ixesha lokuthetha into eyenzakalisayo ngomntu aye wanentiyo ngakuye. Ngokuqinisekileyo, umKristu akamele awuvumele loo moya ukhule ngaphakathi kuye, kuba umpostile uYohane wabhala oku: “Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usebumnyameni, uhamba ebumnyameni. Akazi apho aya khona, ngokuba ubumnyama buwamfamekisile amehlo akhe.” UYohane waphinda wathi: “Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi obungunaphakade buhleliyo kuso.”—1 Yohane 2:11; 3:15.

Ukuba ikratshi, uhanahaniso, okanye naluphi na olunye uphawu olubonisa ukungahloneli uThixo lufihliwe, ukufihla okunjalo akumenzi isidenge uThixo. Kwanokuzibanga ulilungisa ngomlomo okanye ngembonakalo akunakukufihla kuThixo oko kusentliziyweni. IMizekeliso 16:2 ithi: “Zonke iindlela zendoda ziqaqambile kwawayo amehlo; ke yena umlinganisi womoya nguYehova.” UThixo akaze akhohliswe.

Ukwenzela intlalo-ntle yakho nezizathu ezingokweZibhalo esixubushe ngazo, yandula ke, ube njengoYesu nanjengabanye abazizilumko abaye baliphepha ikratshi baza banobulali. Ngazo zonke iindlela, wulawule umoya wakho!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share