Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
‘Banoyolo Abalambileyo Ngokomoya’
UYESU wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3, NW) Abanjalo baya kufuna inkcazelo enik’ ubomi eLizwini likaThixo, iBhayibhile, yaye ukungenisa olu lwazi kuya kubakhokelela kubomi obungunaphakade.—Mateyu 4:4; Yohane 17:3.
◻ Umntu olambileyo ngokomoya kwilizwe elithile laseAfrika wahamba iiyure ezine kubanda yaye kumnyama ukuze afumane umbhalo wencwadi ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Esakufika kwilali awayeshumayela kuyo amaNgqina kaYehova, wadana ngokwenene akufumanisa ukuba incwadi yokugqibela yayihanjisiwe. Wahlala kuloo lali iintsuku ezintathu de kube nokufumaneka isixa esongezelelekileyo seencwadi, yaye ekugqibeleni wavuyela ukuzifumanela le nkcazelo ibalulekileyo yokomoya.
Ebudeni benyanga awayihlala kulo mmandla ukwanti, amaNgqina asasaza iincwadi ezingama-55, iincwadana ezinemifanekiso ezingama-365, namaphephancwadi ali-145, aza afumana imirhumo emi-5. Achukumiseka kukuthi, njengoko ayesimka, abantu abadala nabantwana bawakhwaze ngolwimi lwesiKpelle besithi: “Ngamana uYehova anganani!” Kwenziwa imigudu yokuba kubuyelwe kwabo babonakalise umdla.
Omnye umntu kwakweli lizwe naye wayelambile ngokomoya. Wayengunondyebo ecaweni yakhe yaye ekwangumququzeleli wolonwabo kwinqila awayehlala kuyo. Xa amaNgqina afika kuye, enyembezana wavuma ukuba icawa yayiphambuke kakhulu kwimilinganiselo yeBhayibhile yobuKristu. Loo maNgqina ambonisa kweyakhe iBhayibhile indlela olunokuphawulwa ngayo unqulo lokwenyaniso. Waza ke wabakho kwiintlanganiso ezimbini kwiHolo yoBukumkani waza kamva wathi: “Oko ndikubonileyo ndaza ndakuva kundeyisele ngokwenene ukuba le yinyaniso.” Wayechukumisekile ziintlanganiso nayihambo yabo babekho. Wabona ukuba oko la maNgqina ayemtyelele ayekuthethile kwakungeyonto ayeyiphuphile kodwa kwakuyinto yokwenene. Ukususela ngoko uye wathabatha amanyathelo okwahlukana necawa, yaye oku kuye kwaphumela ekubeni kunikelwe ubungqina obuhle ebuthweni.
◻ Umfundisi ngezokholo oselula waseMelanesia eNew Caledonia wayelambile ngokomoya. Wafumana umbhalo wencwadi ethi iNyaniso eKhokelela kuBomi oBungunaphakade phezu kwetafile endlwini kanina, waza wafunda isahluko 2 nesesi-3. Umbhalo weBhayibhile we-Eksodus 20:4, 5 nokaYohane 4:23, 24 ekuxutyushwa ngayo apho yayichukumisa intliziyo yakhe. Ngenxa yoko ezi zibhalo zikutshoyo, wabuza umfundisi wakhe isizathu sokuba iCawa yamaKatolika ikuvumela ukusetyenziswa kwemifanekiso kunqulo. Umfundisi akazange awuphendule lo mbuzo. Lo mfana waya nakwezinye iicawa “zamaKristu” eziliqela, kodwa azizange ziyiphendule ngokwanelisayo imibuzo yakhe. Ekugqibeleni wagqiba kwelokuba aye kwintlanganiso yamaNgqina kaYehova nonina, owayesele ebonakalise umdla enyanisweni. Uthando awalubonayo phakathi kwamaNgqina neemfundiso zawo ezisekelwe eBhayibhileni zamchukumisa ngokwenene.
Nakubeni umgama wawumde, wayecela rhoqo ukukhweliswa kwiinqwelo-mafutha ezidlulayo ukuya kwiintlanganiso, ngokukhawuleza wamela inyaniso, waza wabhaptizwa. Ngoku usisicaka solungiselelo. Unina noodade wabo ababini bokwenyama nabo baba ngamaNgqina kaYehova. Lo mfana washumayela kubantu besizwe sakhe waza waqalisa izifundo zeBhayibhile ezininzi. Ngoku iqela laba bantu liyeza kwiintlanganiso kulo mmandla—konke oku kwenzeke ngenxa yokuba umfana wabona incwadi echaza iBhayibhile etafileni, waza wayifundisisa, waza wakukholelwa oko wakufundayo.
UYehova unocwangciso lokondla ngokomoya olukhulu oluqhubekayo namhlanje, yaye izigidi ziyangenelwa kulo. UIsaya ngokuchanileyo waprofeta ngalo xa wathi: “Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina [malungu onqulo lobuxoki] niya kulamba.” (Isaya 65:13) Sinoyolo thina ukuba siyawasebenzisa amalungiselelo kaYehova okwanelisa ukulamba kwethu kokomoya.